Bible Society of South Africa

To The Word – Day 156

Nehemiah 8–13

Itekisi yeBhayibhile

UNEHEMIYA 8

1bonke abantu baqokelelana ebaleni phambi kweSango laManzi. Baza ke babiza umchazi-mthetho uEzra, bathi makeze nencwadi yomthetho kaMosis, lowo wagunyaziswa *nguNdikhoyo kumaSirayeli.

2Ngoko ke ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe umbingeleli uEzra weza nayo ebandleni incwadi yomthetho – ibandla elo ke yayingamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. 3Wawufunda ukusukela kusasa kwada kwasemin' emaqanda, emile ejonge apho ebaleni phambi kweSango laManzi, esiva amadoda, abafazi, nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. Bonke ke abo bantu bayiphulaphula ngomdla loo ncwadi yomthetho yayifundwa.

4Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi kwiqonga elenziwe ngamaplanga, lenzelwe eso siganeko. Ngasekunene kwakhe kwakumi uMatitiya, uShema, uAnaya, u-Uriya, uHilekiya, noMaseya; ngasekhohlo inguPedaya, uMishayeli, uMalkiya, uHashum, uHashbhadana, uZakariya, noMeshulam.

5UEzra wayivula ke incwadi leyo. Bonke ke abantu babembona, kuba wayemi ebavelele. Uthe ke akuyivula, bema ngeenyawo abantu. 6UEzra ke watyibela, encoma uNdikhoyo, uThixo omkhulu. Ke bona abantu baphakamisa izandla, baza bathelela bathi: “*Amen! Makube njalo!” Baza ke bagoba banqula uNdikhoyo bejonge phantsi.

7Ke abaLevi uYeshuwa, uBhani, uShrebhiya, uJamin, uAkubhi, uShabhetayi, uHodiya, uMaseya, uKelita, uAzariya, uJozabhadi, uHanani, noPelaya, babafundisa umthetho abantu, besamile njalo apho. 8Babefunda encwadini yomthetho kaThixo, baze ke batolike beyichaza ukuze ivakale ebantwini loo nto ifundwayo.

9Ke umlawuli uNehemiya, ekunye nombingeleli ongumchazi-mthetho uEzra, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke: “Le yimini eyodwa kuNdikhoyo uThixo wenu. Ngoko ke musani ukulila nenze isijwili.” Kaloku bonke abantu babentywizisa ngoku bawaphulaphuleyo amazwi omthetho.

10Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”

11Ke abaLevi babazolisa abantu, besithi: “Le yimini eyodwa, zolani. Sanukuba lusizi.”

12Ngoko ke bonke abantu baya kwenza itheko, batya, basela, besabelana ngokutya benemincili, kuba kaloku ngoku bewaqondile amazwi ababewacaciselwe.

13Ngomhla wesibini wenyanga leyo ke iinkulu zemizi zinababingeleli nabaLevi zaqokelelana kuEzra umchazi-mthetho ukuze ziqwalasele amazwi omthetho. 14Apho kuloo mthetho wayalelwa nguNdikhoyo ngoMosis bafumanisa kubhaliwe kwathiwa amaSirayeli makahlale kumaphempe ngethuba letheko lenyanga yesixhenxe, 15kananjalo balishumayele ilizwi elo linwenwele kuzo zonke iidolophu naseJerusalem, besithi: “Phumani niye kweleentaba, nibuye namahlamvu omnquma, nalowo wasendle, awemetile, nawesundu, naweminye imithi, ukuze ngawo kwenziwe amaphempe njengoko kubhaliweyo.”

16Baphuma ke abantu, baza babuya namahlamvu emithi, bazakhela ngawo amaphempe kumaphahla abo, kwiinkundla zemizi yabo, nakwiinkundla zendlu kaThixo, ngokunjalo nasebaleni elingakwiSango laManzi nelingakwiSango likaEfrayim. 17Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.

18Ukuqalela kwimini yokuqala mihla le uEzra wayefunda incwadi yomthetho kaThixo. Elo theko ke balibhiyozela iintsuku ezisixhenxe, baza ke ngosuku lwesibhozo bahlangana belibandla ngokommiselo womthetho.

UNEHEMIYA 9

AmaSirayeli ayazohlwaya

1Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine kwakuloo nyanga amaSirayeli aqokelelana, azila, anxiba ezirhwexayo, ezigalela ngomhlaba entloko. 2AmaSirayeli omthonyama azahlukanisa neentlanga, ema ngeenyawo, azivuma izono zawo ndawonye nobugwenxa booyise. 3Ema ezindaweni zawo, afunda kwincwadi yomthetho *kaNdikhoyo uThixo wawo isithuba sesahlulo sesine semini, aza ke ngesinye isahlulo sesine avuma izono enqula uNdikhoyo uThixo wawo. 4Ke bona abaLevi uYeshuwa, uBhani, uKademiyeli, uShebhaniya, uBhuni, uSherebhiya, uBhani, noKenani, bema eqongeni, bedanduluka bebiza kuNdikhoyo uThixo wabo. 5Aba baLevi bangooYeshuwa, uKademiyeli, uBhani, uHashabeneya, uSherebhiya, uHodiya, uShebhaniya, noPetaya, basuka bathi: “Phakamani nibonge uNdikhoyo uThixo wenu, umahlal' ehleli ngonaphakade kanaphakade, nithi:

“Malibongwe igama lakho elidumileyo;

ngamana laphakanyiselwa phezulu kunayo yonke intsikelelo nezibongo.

6Nguwe wedwa uMahlalekho,

nguwe umenzi wamazulu,

nalawo asemajuku-jukwini,

nelo hlokondiba leenkwenkwezi zawo,

nkqu nehlabathi nako konke okukulo,

oozilwandle nako konke ezikufumbathileyo.

Iinto zonke uzithi jize ngobomi,

neendimbane zamazulu zinqula wena.

7“Wena unguNdikhoyo uThixo.

Nguwe owanyula uAbram,

wamkhupha eUre yelamaKaledi,

waza wamthiya elinguAbraham.

8Wena wamfumanisa enyanisekile,

waza wenza umnqophiso naye

wokunika izizukulwana zakhe

umhlaba wamaKanana namaHiti,

ama-Amori namaPerezi,

amaJebhusi namaGirgashi.

Waza ke waligcina elo dinga,

kuba wena ulilungisa.

9“Wakubona ukubandezeleka koobawo-mkhulu kwelaseJiputa;

phaya kuLwandle oluBomvu wasiphulaphula isikhalo sabo.

10Wathumela imiqondiso emangalisayo,

ukumkani waseJiputa wamenzela izimanga,

nawo onke amaphakathi akhe,

nabantu belizwe lakhe,

kuba wena uyazi inkohlakalo yawo amaJiputa kubantu bakho.

Wena wazenzela igama eliqaqambileyo unanamhlanje!

11Wena walahlula-hlula ulwandle phambi kwabo bebukele,

baza ke bona bawela kulo kumhlaba owomileyo.

Ke zona iintshaba zabo suka wazintywilisela enzulwini;

suka zee loce zanyamalala ngathi lilitye litshona esizibeni.

12Emini wabakhokela ngomqulu welifu,

ebusuku wabakhokela ngelangatye lomlilo,

suka wena wabakhanyisela kuloo ndlela babeyihamba.

13“Wena wehla wathi ngcu kwintaba iSinayi,

wathetha nabo usezulwini,

waza wabanika imiqathango

nemithetho elunge kwaphela,

izimiso neziyalo ezifanalekileyo.

14Wawazisa kubo umhla wakho owodwa wokuphumla,

wabathi jize ngemiyalelo,

imimiselo, kwanemithetho,

ngesicaka sakho uMosis.

15Bakulamba wabanika ukutya,

ukutya okuvela ezulwini.

Bakunxanwa wabanika amanzi,

amanzi aphuma eliweni.

Wena wabayalela usithi mabalithathe elo lizwe,

umhlaba owabafungela ngawousithi sobanika isandla sakho.

16“Kodwa ke bona oobawo-mkhulu

suka bakhukhumala banenkani,

abayithobela imiyalelo yakho.

17Abavumanga kuphulaphula,

bayilibala imimangaliso yakho

owayenza phakathi kwabo.

Suka bankaniza bagwilika,

bazinyulela inkokheli,

befuna ukuphindela ebukhobokeni.

Kambe ke wena unguThixo oxolelayo,

wambeth' isisa novelwano,

ucaphuka kade,

uphuphum' uthando.

Ewe, wena akubalahlanga.

18Nangona sebezenzele umfanekiso,

baqingqa ithole, besithi:

‘Nanko uThixo wakho

owakukhupha kwelo laseJiputa;’

naxa babesenza amanyundululu.

19Ngenxa yobukhulu benceba yakho

akubashiyanga kuloo ntlango;

awunqumamanga umqulu welifu.

Emini wabakhokela endleleni yabo,

lenjenjalo nelangatye lomlilo,

ebusuku labakhanyisela indlela yabo.

20“Wabathi jize ngoMoya wakho olungileyo,

Moya lowo wabafundisayo ke.

Akubavimbanga ukutya okuyimana;

suka wabanika amanzi bakunxanwa.

21Iminyaka yaba ngamashumi amane,

wena ubalondolozile kuloo ntlango.

Ewe, zange baswele lutho:

izivatho zabo zange ziguge;

azidumbanga neenyawo zabo.

22“Wabanikela izizwe nezikumkani,

wababela nezo zisekudeni,

suka bawuthatha umhlaba kaSihon,

bawuthatha umhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan.

23Wena wayandisa inzala yabo, yanjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni,

waza wabangenisa kwelo lizwe wawuthe mabangene kulo balithabathe ooyise-mkhulu.

24Ewe, oonyana babo bangena kulo, balithabatha laza lalelabo.

Waboyisela amaKanana awayemi kwelo lizwe;

wawanikela kubo amaKanana, ndawonye nezikumkani zawo,

nezo ntlanga zaloo mhlaba, ukuze benz' unothanda kuzo.

25Bahlasela izixeko ezinqatyisiweyo,

bayithatha imihlaba yendyebo.

Ewe, bazithimba nezindlu ezazizele ngooni nooni,

oomaqula selembiwe kade,

oozidiliya noozinquma,

ooziqhamo ngendlu yazo.

Ewe, batya bathi mpu,

batsho baba ngabondlekileyo,

bexhamla ukulunga kwakho.

26“Kodwa bathelela ngentswela-mbeko,

suka bavukelana nawe,

umthetho wakho bawufulathela.

Ewe, bababulala *abashumayeli bakho,

nditsho abo babebaluleka, bezama ukubabuyisela kuwe,

benza izinto ezimanyumnyezi.

27Waza ke wena wabanikezela ezintshabeni

ezasuka zabaphatha kabuhlungu.

Bathe bekuloo ngcinezelo ke,

suka bahlahlamba bazibika kuwe.

Ke wena weva usezulwini,

waza ke ngaloo mfobe yakho

wabathi jize ngabahlanguli,

ke bona babakhulula ezintshabeni.

28“Bathe ke bakuphumla,

basuka baphindela ebubini.

Suka ke wena wabalahla,

wabanikela ezintshabeni zabo,

zaza ke zona zabalawula.

Baphindile ke bazibika kuwe,

waza weva wena usezulwini

yaphindelela imfobe yakho,

ubahlangula umhla nezolo.

29Ke wena wabatyityimbisela umnwe,

usithi mababuyele emthethweni wakho.

Kodwa ke basuka bakhukhumala,

bazidela iziyalo zakho.

Bazinyathela ngeenyawo izimiso zakho,

ezo zibubomi bomntu wonke othi yena azithobele.

Basuka bakufulathela bekhukhumele,

bankaniza, abakuphulaphula.

30“Yaba liqela leminyaka wena ubanyamezele.

NgoMoya wakho wena wabaluleka,

usebenzisa abashumayeli bakho.

Kodwa ke bona abakhathalanga,

waza ke wabanikezela kwizizwe ezingabamelwana.

31Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;

wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.

32“Ngoko ke, Thixo wethu,

Ngangalalandini yengangamsha,

wena Thixo owoyikekayo,

uwugcinayo umnqophiso wokubonelela,

yijonge le nkxwaleko ingaka,

ingabi yintw' engento kuwe.

Nditsho iinkathazo ezasihlelayo,

ezehlela ookumkani neenkokheli zethu,

ababingeleli nabashumayeli,

oobawo kunye nabantu bakho bebonke,

ukusukela kwimihla yookumkani baseAsiriya,

ukuza kuthi ga ngoku.

33Kwezo zinto zasihlelayo wena uhleli ulungile;

wasoloko usenza ngentembeko, ke thina sibhatyaza.

34Izikumkani neenkokheli zethu,

ababingeleli noobawo-mkhulu,

abawuthobelanga umthetho wakho,

abazikhathalelanga iziyalo zakho nezilumkiso owabanika zona.

35Nangethuba babesembusweni wabo,

bexhamla ukulunga kwakho okungaka,

kulo mhlaba uphangaleleyo wendyebo,

lo wena wabavava ngawo,

abavumanga ukukukhonza,

abajikanga ezindleleni zabo ezimbi.

36“Naku ke thina singamakhoboka namhlanje;

ewe, singamakhoboka kulo mhlaba

wawuwunike oobawo-mkhulu

ukuze baxhamle imveliso yawo

kunye namaqithi-qithi owavelisayo.

37Ngoku ngenxa yobutyala bethu

loo ntaphane yemveliso iyaxhatshazwa

zizikumkani ozibeke phezu kwethu.

Zilawula iziqu zethu nemfuyo yethu;

ewe, zenz' unothanda!

Hay' imbandezelo esikuyo!”

Isivumelwano esibhaliweyo

38“Ngenxa yale ngcombolo ingaka ke, thina ngoku sizibophelela ngesivumelwano – nasi sisibhalile – ke iinkokheli zethu, abaLevi nababingeleli bethu, basitywine ngophawu lwabo.”

UNEHEMIYA 10

1Owokuqala ukusayina isivumelwano ibingumlawuli uNehemiya unyana kaHakaliya, emva koko yaba nguZedekiya.

2Basayina ke naba: ababingeleli:

    uSeraya noAzariya noJeremiya,
    3uPashure noAmariya noMalekiya,
    4uHatushe noShebhaniya noMaluki,
    5uHarim noMeremoti no-Obhadiya,
    6uDaniyeli noGineton noBharuki,
    7uMeshulam noAbhiya noMiyamin,
    8uMaziya noBhilegayi noShemaya;

9abaLevi:

    uYeshuwa unyana ka-Azaniya, uBhinuwi koonyana bakaHenadadi, noKademiyeli,
    10namawabo uShebhaniya noHodiya noKelita noPelaya noHanan,
    11uMika noRehobhi noHashabhiya,
    12uZakure noSherebhiya noShebhaniya,
    13uHodiya noBhani noBheninu;

14iinkokheli zabantu:

    uParoshe noPahati-mowabhi noElam noZatu noBhani,
    15uBhuni noAzegadi noBhebhayi,
    16uAdoniya noBhigwayi noAdin,
    17uAtere noHezekiya na-Azure,
    18uHodiya noHashum noBhezayi,
    19uHarifi noAnatoti noNebhayi,
    20uMagepiyashe noMeshulam noHezire,
    21uMeshezabheli noZadoki noYaduwa,
    22uPelatiya noHanan noAnaya,
    23uHosheya noHananiya noHashubhi,
    24uHaloheshe noPileya noShobheki,
    25uRehum noHashabhena noMaseya,
    26uAhiya noHanan noAnan,
    27uMaluki noHarim noBhana.

28Xa bebonke ke abantu, ababingeleli, abaLevi, abalindi-masango, iimvumi, izicaka zendlu kaThixo, nabo bonke abazahluleyo kwiintlanga ezingabamelwana, loo nto beyenza ngenxa yomthetho kaThixo, bekunye nabafazi babo nabo bonke oonyana neentombi zabo, abo sebeqabuke ingqondo, 29bonke ke aba ngoku bazibandakanya namawabo azizikhulu, bazibophelela ngeshwangusha kunye nesifungo sokuthobela umthetho kaThixo awawukhupha ngesicaka sakhe uMosis, imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yeNkosi yethu *uNdikhoyo.

30Babhambathisa besithi: “Soze iintombi zethu sizendisele kwiintlanga esimelene nazo; noonyana bethu soze bazithathe iintombi zeentlanga.

31“Izizwe esimelene nazo xa zishishina zisithengisela nantoni na, noba yingqolowa, *ngoMhla wokuPhumla, asisoze sithenge nto kuzo ngoMhla wokuPhumla nangaluphi na usuku olungcwele. Njalo ngonyaka wesixhenxe asiyi kuwulima umhlaba; kananjalo siya kuwatshitshisa onke amatyala.

32“Kunyaka ngamnye sizibophelela ngesifungo sokuthobela umyalelo wokuba sinikele ngesiliva eziigram ezintlanu ukuxhasa umsebenzi wendlu kaThixo. 33Sonikela ukuze sibe khona isonka esihlala sihleli etafileni, umnikelo ohlala uhleli weenkozo, namadini atshiswayo, amadini oMhla wokuPhumla, amatheko okuthwasa kwenyanga, namatheko amisiweyo, iminikelo eyodwa, amadini esono okungxengxezela uSirayeli, kwenziwe yonke imisebenzi yendlu kaThixo wethu.

34“Thina babingeleli nabaLevi noluntu luphela, siwenzile amaqashiso okumisela indlu nganye ithuba layo kunyaka ngamnye lokuzisa umrhumo weenkuni zomlilo weqonga likaNdikhoyo uThixo wethu njengoko kubhaliwe emthethweni.

35“Kunyaka ngamnye siya kuluzisa ulibo lwemveliso yamasimi ndawonye nesiqhamo somthi ngamnye endlwini kaNdikhoyo.

36“Kwanjengokuba kubhaliwe emthethweni amazibulo ezindlu zethu, aweenkomo zethu, awemfuyo enkulu nemfutshane, xa ewonke siya kuwazisa endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abasebenza kuyo.

37“Ngaphezu koko siya kugalela koovimba bendlu kaThixo wethu, sinikezele kubabingeleli umgubo wolibo lwengqolowa, iminikelo yeenkozo, kunye neziqhamo zayo yonke imithi esinayo, kananjalo newayini entsha namafutha omnquma. Kananjalo sonikela ngesishumi semveliso yethu kubaLevi; kaloku ngabaLevi abaqokelela izishumi kuzo zonke iidolophu esisebenza kuzo. 38Umbingeleli womlibo ka-Aron wobapheleka abaLevi xa besamkela izishumi. Ke bona abaLevi bokhupha isishumi sezo zishumi basise endlwini kaThixo wethu, sifakwe engxoweni koovimba. 39AmaSirayeli ndawonye nabaLevi bokhupha umnikelo wokutya okuziinkozo nowolibo lwewayini namafutha omnquma, bawuse koovimba apho zigcinwa khona izinto zeNdawo eNgcwele, apho bahlala khona ababingeleli abalungiselelayo, abalindi-masango, kunye neemvumi.

“Soze siyilahle indlu kaThixo wethu.”

UNEHEMIYA 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNEHEMIYA 11

Abemi baseJerusalem

1Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo. 2Abantu babancoma abo bazinikelela ukuya kuma eJerusalem.

3Nazi iinkokheli zephondo ezaya kuhlala eJerusalem: Ke amanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nezicaka zendlu kaThixo, nenzala yezicaka zikaSolomon, yahlala kwiidolophu zelakwaJuda; yangulowo nalowo wahlala emzini wakhe kwezo dolophu zahlukeneyo; 4babe ke abanye abakwaJuda nabakwaBhenjamin behleli eJerusalem.

Kwinzala kaJuda yaba nguAtaya unyana kaUziya, kaZakariya, ka-Amariya, kaShefatiya, kaMahalaleli, inzala kaPerezi, 5noMaseya unyana kaBharuki, unyana kaKolihoze, kaHazaya, ka-Adaya, kaYoyaribhi, kaZakariya, inzala kaShela. 6Iyonke inzala kaPerezi, eyayihlala eJerusalem, yayingamagorha angamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibhozo.

7Inzala kaBhenjamin yayinguSalu unyana kaMeshulam, kaJowedi, kaPedaya, kaKolaya, kaMaseya, kaItiyeli, kaYesaya, 8nabalandeli bakhe, uGabhayi noSalayi, bebonke bengamadoda angamakhulu alithoba anamashumi amabini anesibhozo. 9Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.

10Kubabingeleli yayinguYedaya unyana kaJoyaribhi, uJakin, 11uSeraya unyana kaHilekiya, kaMeshulam, kaZadoki, kaMareyoti, ka-Ahitubhi owayongamele indlu kaThixo, 12namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya, 13namahlakani akhe, iinkulu zezindlu, bengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amane anesibini; uAmashesayi unyana ka-Azarele, ka-Azayi, kaMeshilemoti, kaImere, 14namahlakani akhe, iinto ezingamagorha, ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo. Inkokheli yabo yayinguZabhediyeli unyana kaHagedolim.

15KubaLevi yayinguShemaya unyana kaHashubhi, ka-Azerikam, kaHashabhiya, kaBhuni; 16uShabhetayi noYozabhadi, bobabini iziinkulu zabaLevi ezazongamele umsebenzi wangaphandle kwindlu kaThixo; 17uMataniya unyana kaMika, kaZabbedi, ka-Asafu, umbhexeshi kwezokubulela nezokuthandaza; uBhakebhukiya owayelisekela kumahlakani akhe; noAbheda unyana kaShamuwa, kaGalali, kaYedutun. 18Bebonke abaLevi kwisiXeko esiNgcwele babengamakhulu amabini anamashumi asibhozo anane.

19Abalindi-masango yayinguAkubhi, uTalmon, namahlakani abo awayelinda amasango, amadoda alikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini.

20Amanye ke amaSirayeli nababingeleli nabaLevi ayekuzo zonke iidolophu zakwaJuda, ulowo nalowo ekumzi olilifa looyise-mkhulu.

21Izicaka zendlu kaThixo zazihlala kwinduli iOfeli, uZiha noGishpa beziinkokheli zazo.

22Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo. 23Iimvumi ezi zaziphantsi kwemiyalelo kakumkani, umsebenzi wazo wemihla ngemihla uxhomekeke kuye.

24UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.

25Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo, 26eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete, 27eHazare-shuwali, eBheshebha neelali zayo, 28eZikelage, eMekona neziphaluka, 29e-En-rimon, eZora, eYamuti, 30eZanowa, eAdulam neelali zazo, eLakishe namasimi ayo, eAzeka neziphaluka. Ewe, babethe qwelele kuwo wonke loo mmandla ukusuka eBheshebha kuye kwintili yeHinom.

31Inzala kaBhenjamin eyayivela eGebha yayihlala eMikmas, eAya, eBhetele neziphaluka, 32eAnatoti, eNobhi, eAnaniya, 33eHazore, eRama, eGitayim, 34eHadide, eZebhoyim, eNebhalati, 35eLodi, eOno, nakwiNtili yeeNgcibi.

36Amanye kumaqela abaLevi akwaJuda ema kwaBhenjamin.

UNEHEMIYA 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNEHEMIYA 12

Uludwe lwababingeleli nabaLevi

1Naba ababingeleli nabaLevi ababuya noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli kunye noYeshuwa: uSeraya, uJeremiya, uEzra, 2uAmariya, uMaluki, uHatushe, 3uShekaniya, uRehum, uMeremoti, 4uIdo, uGineton, uAbhiya, 5uMiyamin, uMadiya, uBhilega, 6uShemaya, uJoyaribhi, uYedaya, 7uSalu, uAmoki, uHilekiya, noYedaya. Ezi ke ziinkokheli zababingeleli kunye namahlakani azo ngexesha likaYeshuwa.

8AbaLevi yayinguYeshuwa, uBhinuwi, uKademiyeli, uSherebhiya, uJuda, kunye noMataniya. Yena kunye namahlakani akhe babejongene neengoma zokubulela. 9UBhakebhukiya noUni namahlakani abo babemi bekhangelene nabo ezinkonzweni.

10UYeshuwa yayinguyise kaYoyakim, uYoyakim enguyise kaEliyashibhi, uEliyashibhi enguyise kaJoyada, 11uJoyada enguyise kaJonatan, uJonatan enguyise kaYaduwa.

12Nazi iinkulu zemizi yababingeleli ngemihla kaYoyakim:

    kwaSeraya nguMeraya;
    kwaJeremiya nguHananiya;
    13kwaEzra nguMeshulam;
    kwa-Amariya nguYehohanan;
    14kwaMaluki nguJonatan;
    kwaShebhaniya nguJosefu;
    15kwaHarim nguAdena;
    kwaMerayoti nguHelekayi;
    16kwaIdo nguZakariya;
    kwaGineton nguMeshulam;
    17kwa-Abhiya nguZikri;
    kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;
    18kwaBhilega nguShamuwa;
    kwaShemaya nguJonatan;
    19kwaJoyaribhi nguMatenayi;
    kwaJedaya ngu-Uzi;
    20kwaSalayi nguKalayi;
    kwa-Amoki nguHebhere;
    21kwaHilekiya nguHashabhiya;
    kwaYedaya nguNataniyeli.

22Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya. 23Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali. 24Iinkokheli zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya, uYeshuwa unyana kaKademiyeli namahlakani abo, awayesima ekhangelene nabo esenza iindumiso nemibulelo, elinye iqela lithelela elinye ngokomyalelo kaDavide umfo wakwaThixo.

25UMataniya, uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalmon, noAkubhi, babengabalindi-masango ababegada oovimba ngasemasangweni. 26Babelungiselela ngemihla kaYoyakim unyana kaYeshuwa, kaYozadaki, nangemihla kaNehemiya umlawuli, noEzra umbingeleli ongumchazi-mthetho.

Ukunikezelwa kodonga lwaseJerusalem

27Ngethuba lonikezelo lodonga lwaseJerusalem abaLevi baya kufunwa apho babehlala khona, baza baziswa eJerusalem, ukuze balubhiyozele ngemihlali unikezelo olo ngeengoma zokubulela, becula bekhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. 28Neemvumi zaqokelelwa kummandla ojikeleze iJerusalem, nakwiilali zamaNetofa, 29naseBhete-giligali, nakummandla waseGebha, naseAzemavete. Kaloku iimvumi ezo zazizenzele iilali kummandla ojikeleze iJerusalem. 30Akuba ezihlambulule wona ngokwawo abaLevi ahlambulula nabantu, amasango, kwanodonga.

31Iinkokheli zakwaJuda ndazidibanisa phezu kodonga. Ndamisela neekwayala ezinkulu zambini, zatsho ngemibongo. Enye yaqabela phezu kodonga, yajonga ngasekunene ekuyeni kwiSango lobuLongwe. 32UHoshaya nesiqingatha seenkokheli zakwaJuda zalandela 33kunye noAzariya, uEzra, uMeshulam, 34uJuda, uBhenjamin, uShemaya, uJeremiya, 35kunye nabanye ababingeleli, bephethe amaxilongo, uZakariya unyana kaJonatan, kaShemaya, kaMataniya, kaMikaya, kaZakure, ka-Asafu, 36namahlakani akhe, uShemaya, uAzarele, uMilalayi, uGilalayi, uMayi, uNataniyeli, uJuda, noHanani, benezikhalisi ezamiselwa nguDavide umfo wakwaThixo. Ke loo mngcelele wawukhokelwa nguEzra umchazi-mthetho. 37Xa bekwiSango loMthombo bathi ngqo ngezinyuko zesixeko sikaDavide, benyuka bekhangele eludongeni, bayidlula ngasentla indlu kaDavide, bajonga empuma kwiSango laManzi.

38Ikwayala yesibini yona yaqhuba iyifulathele leyo yokuqala. Ndalandela ndiphezu kodonga ndinesiqingatha sabantu, sadlula iNqaba yamaZiko, saya kuDonga oluBanzi, 39salidlula iSango lakwaEfrayim, nelikaYeshana kunye neleeNtlanzi, neNqaba kaHananeli, naleyo yeKhulu, see xhaxhe ngeSango leeGusha. Yaza ke yema kwiSango labaLindi.

40Ke ezo kwayala zazisenza imibongo, zema ngeendawo zazo endlwini kaThixo, ngokunjalo nam ndinesiqingatha samagosa, 41kunye nababingeleli – uEliyakim, uMaseya, uMiniyamin, uMikaya, uEliyohenayi, uZakariya, noHananiya, namaxilongo abo – 42kanti ke noMaseya, uShemaya, uElazare, u-Uzi, uYohanan, uMalkiya, uElam, noEzere. Ikwayala yayintyiloza ibhexeshwa nguYezeraya. 43Ngaloo mini ke benza amadini amaninzi bevuya, kuba uThixo ebathe jize ngovuyo olukhulu. Abafazi nabantwana nabo babechulumacha. Intsholo yemincili apho eJerusalem yayivakala nasekudeni.

44Ngelo thuba ke kwamiselwa amadoda okujonga oovimba bemirhumo, ulibo, kunye nezishumi. Kumasimi angqonge iidolophu ayeza kuthatha isabelo sababingeleli nabaLevi, asizise koovimba ngokommiselo womthetho. Kaloku uJuda wayanelisekile lulungiselelo lwabo babingeleli nabaLevi. 45Babemlungiselela uThixo wabo, beyenza nenkonzo yentlambululo, kwanjengeemvumi nabalindi-masango, ngokomyalelo kaDavide nonyana wakhe uSolomon. 46Kaloku kwakudala ngemihla kaDavide noAsafu kwakukho ababhexeshi-kwayala xa kuculwa awokudumisa nokubonga uThixo. 47Ngoko ke ngemihla kaZerubhabheli noNehemiya uSirayeli ephela wayikhupha imirhumo yemihla ngemihla, wanika iimvumi nabalindi-masango. Wazikhupha nezabelo zabanye abaLevi, kananjalo nabaLevi bazikhupha izabelo zenzala ka-Aron.

UNEHEMIYA 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNEHEMIYA 13

Uhlaziyo lukaNehemiya

1Ngaloo mini ke incwadi kaMosis yafundwa ngokuvakalayo, besiva nabantu, kwaza ke kwafumaneka kubhaliwe apho kuyo kwathiwa akukho m-Amon namMowabhi uya kuze angeniswe ebandleni likaThixo. 2Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa. 3Bathe ke abantu bakuwuva lo mthetho, basuka bamchwethela phaya wonke umntu osondele kuSirayeli kodwa engowomlibo weentlanga.

4Ngaphambi koku ke uEliyashibhi umbingeleli yayinguye ojonge oovimba bendlu kaThixo. Wayeqhogene noTobhiya, 5wada ke wamnika nendlu enkulu eyayinguvimba weminikelo yeenkozo, isiqhumiso kunye nezinto zendlu kaThixo. Zazilapho nezishumi zeenkozo, iwayini entsha, kunye namafutha omnquma, zinto ezo ke zazimiselwe ukuba sisabelo sabaLevi, iimvumi, nabalindi-masango, kwanemirhumo esisabelo sababingeleli.

6Ke kaloku ngeli thuba kwenzeka ezi zinto, mna ndandingekho eJerusalem. Kaloku ngonyaka wamashumi amathathu anambini wolawulo lukakumkani uAtashasta waseBhabheli ndakhe ndabuyela komkhulu eBhabheli. Emva kwethutyana ke ndabuya ndacela, 7ndaza ke ndabuyela eJerusalem. Ngoko ke ndaba nokubuva ububi obabenziwe nguEliyashibhi ngokunika uTobhiya indlu ephakathi enkundleni yendlu kaThixo. 8Ndakhathazeka gqitha, ndaza ke iimpahla zendlu kaTobhiya ndazithatha ndaziphosa ngaphandle kwaloo ndlu. 9Ndanika umyalelo wokuba ahlanjululwe loo magumbi, ndaza ke emva koko ndayibuyisela kwakuwo impahla yendlu kaThixo kunye neminikelo yeenkozo neziqhumiso.

10Kananjalo ndafumanisa ukuba izabelo zabaLevi abasazinikwa, kuba bona kunye neemvumi ezilungiselelayo, xa bebonke babebuyele emasimini abo. 11Ngoko ke ndawakhalimela amagosa, ndawabuza ndathi: “Ngani ukuba ingakhathalelwa kangaka indlu kaThixo?” Ndababiza ke ndabaqokelela, ndabamisa ngeendawo zabo.

12Xa ewonke uJuda wazizisa izishumi zeenkozo, iwayini entsha, namafutha omnquma, wazifaka koovimba. 13Ndamisa umbingeleli uShelemiya, umchazi-mthetho uZadoki, nomLevi ogama linguPedaya, bajonga oovimba, bencediswa nguHanan unyana kaZakure, kaMataniya. Kaloku la madoda ayesaziwa ngokuthembeka. Yayingawo athwele uxanduva lokwabela amawawo.

14Thixo wam, uze undikhumbule ngale nto, ungawucimi umsebenzi ongaka endiwenze ngentembeko enje ngenxa yendlu kaThixo wam neenkonzo zayo.

15Ngaloo mihla ke kwelakwaJuda ndabona amadoda exovula iwayini *ngoMhla wokuPhumla, ethwele ukudla okuziinkozo, ekulayisha ezidonkini kunye newayini, idiliya, amakhiwane, nezinye iindidi zemithwalo. Zonke ke ezo zinto ayezizisa eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. Ke kaloku ndawalumkisa ukuba angathengisi kutya ngaloo mhla. 16Amadoda aseTire awayehlala eJerusalem ayesiza neentlanzi nazo zonke izinto ezithengiswayo ezithengisa kubantu bakwaJuda apho eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. 17Ndazikhalimela izikhulu zakwaJuda, ndisithi kuzo: “Yinkohlakalo yani le niyenzayo – ukuxabhela uMhla wokuPhumla? 18Andithi nooyihlo benza kwaloo nto, ukuze nje uThixo athobe esi sithwakumbe phezu kwethu nakwesi sixeko? Ngoku ke nina uSirayeli nisamqhwayela ingqumbo engaphezulu ngokuxabhela uMhla wokuPhumla.”

19Kwakusithi xa athi rhece amathunzi kumasango aseJerusalem ngomhla owandulela uMhla wokuPhumla, ndiyalele ukuba zivalwe iingcango, ze zingavulwa ude udlule uMhla wokuPhumla. Amanye amadoda am ndawamisa emasangweni ukuze agade kungangeniswa mthwalo ngoMhla wokuPhumla. 20Ngamathuba athile abashishini nabathengisi beendidi zonke babebuchithela ngaphandle kweJerusalem ubusuku. 21Ke kaloku ndabakhalimela ndathi: “Ngani ukuba ubusuku nibuchithele ngaphandle kodonga? Ndiya kuniphatha ngezandla ukuba nikhe naphinda.” Ukusukela ngelo thuba ke abaphindanga beze ngoMhla wokuPhumla. 22Ke abaLevi ndabayalela ukuba bazihlambulule, baze baye kulinda amasango, ukuze uMhla wokuPhumla uhlale ukhethekile.

Nangale nto ke uze undikhumbule, Thixo wam, undenzele inceba ngokobukhulu bezibele zakho.

23Kananjalo ke ngaloo mihla ndafumanisa ukuba kukho amaJuda athathe iintombi zaseAshodode, ezakwa-Amon, nezaseMowabhi. 24Isiqingatha sabantwana babo sasithetha ulwimi lwaseAshdode okanye olunye lweelwimi zeentlanga, sona isiJuda bengakwazi kusithetha. 25Ndabakhalimela ndabaqalekisa. Amanye aloo madoda ndawabetha, ndawaxhwitha iinwele amanye. Ndathi makafunge egameni likaThixo, ndisithi: “Aniyi kuzinikela iintombi zenu zithathwe ngoonyana babo, ningayi kubayeka noonyana benu bathathe iintombi zabo, ukanti nani ngokwenu. 26Andithi na kaloku ukumkani kaSirayeli uSolomon wôna kwangale mitshato? Kuzo zonke izizwe akukho kumkani wayefana naye. Wayethandwa nguThixo wakhe, waza wamenza ukumkani phezu koSirayeli ephela, kodwa ke abafazi abaziintlanga bamrhuqela esonweni. 27Ke ngaba nithi nathi masihambe kweli khondo lenu, senze le nkohlakalo yokungathembeki kuThixo wethu ngokuthatha abafazi abaziintlanga?”

28Omnye koonyana bakaJoyada unyana kaEliyashibhi umbingeleli omkhulu wayethathe intombi kaSanebhalati umHoron. Ke mna ndamgxotha uJoyada.

29Uze ubakhumbule, Thixo wam, kuba babuxabhele ububingeleli kunye nomnqophiso wobubingeleli nowobuLevi.

30Ngoko ke ndabahlambulula ababingeleli nabaLevi kuzo zonke izidyobho zeentlanga, ndaza ke elowo nalowo kubo ndamnika umsebenzi wakhe. 31Ndamisela amathuba okuziswa kweenkuni ndawonye nawokuziswa kolibo.

Uze undikhumbule undazelelele, Thixo wam.

UNEHEMIYA 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-