Bible Society of South Africa

To The Word – Day 153

Ezra 7–10, Psalms 33 & 35

Itekisi yeBhayibhile

UEZRA 7

Ukufika kukaEzra eJerusalem

1Kamva ke, ngethuba lolawulo lukakumkani wasePeshiya uAtashasta, kwagaleleka uEzra, ephuma eBhabheli. UEzra lo wayengunyana kaSeraya, ka-Azariya, kaHilekiya, 2kaShalum, kaZadoki, ka-Ahitubhi, 3ka-Amariya, ka-Azariya, kaMerayoti, 4kaZeraya, kaUzi, kaBhuki, 5ka-Abhishuwa, kaPineyasi, kaElazare unyana wombingeleli omkhulu uAron. 6Ke yena uEzra lo owagalelekayo ephuma eBhabheli, wayengumchazi-mthetho ochubekileyo kwezomthetho kaMosis, mthetho lowo wakhutshwa *nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Ke kaloku ukumkani wayemnike konke awayekufuna, kuba isandla sikaNdikhoyo, uThixo wakhe, sasiphezu kwakhe. 7Ngonyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAtashasta kwabakho namanye amaSirayeli abuyela eJerusalem, phakathi kwawo kukho ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango nezicaka zendlu kaThixo.

8UEzra wafika eJerusalem kwinyanga yesihlanu, kunyaka wesixhenxe, wolawulo lukakumkani uAtashasta. 9Kolu hambo lwakhe waphuma eBhabheli ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, waza wagaleleka eJerusalem ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu, kuba kaloku isandla esikulunga sikaThixo wakhe sasiphezu kwakhe. 10Kaloku uEzra wayezinikezele ekufundeni nasekuthobeleni umthetho kaNdikhoyo, ezimisele ukufundisa amaSirayeli yonke imimiselo nemiqathango yawo.

Ileta kakumkani eya kuEzra

11Nantsi ke ikopi yeleta eyanikwa uEzra ngukumkani uAtashasta. UEzra lo wayengumchazi-mthetho, umfo ofundileyo ngakwimibandela yemiyalelo nemimiselo *kaNdikhoyo awayinikela uSirayeli:

12“UAtashasta ukumkani wezikumkani, ubhalela umbingeleli uEzra, ongumchazi-mthetho kaThixo wezulu.

“Ndiyabhotisa.

13“Ngoku ndiwisa umyalelo wokuba onke amaSirayeli alapha kulo mbuso wam, afuna ukuya nawe eJerusalem, angahamba ndawonye nababingeleli nabaLevi. 14Wena uthunywa ngukumkani ndawonye nabacebisi bakhe abasixhenxe, ukuba uye kuqonda ngoJuda neJerusalem malunga nomthetho kaThixo wakho, lowo uwuphethe ngesandla. 15Ngaphezu koko ke thatha isiliva negolide engumnikelo wokuqhutywa yintliziyo kakumkani nabacebisi bakhe, abawunika uThixo kaSirayeli ondlu yakhe iseJerusalem. 16Uze uthathe nayo yonke isiliva negolide ongayifumanayo kweli phondo laseBhabheli, ndawonye neminikelo yabantu nababingeleli yokuqhutywa yintliziyo, besenzela indlu yoThixo wabo eseJerusalem. 17Ngale mali ke uze ungaphazami ukuthenga iinkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namaxhwane angamaduna, kananjalo ufune nezinto zeminikelo yeenkozo naleyo ithululwayo, wenze ngazo amadini eqongeni lendlu yoThixo wakho eJerusalem.

18“Ngeseleyo ke isiliva negolide, ungadibana namawenu amaJuda nenze loo nto niyibona ifanelekile ngokwentando yoThixo wenu. 19Zonke izinto ozinikelweyo zonqulo kwindlu yoThixo wakho uze uzinikezele kuThixo waseJerusalem. 20Nantoni na eyenye efunekayo kwindlu yoThixo wakho leyo kufuneka uyikhuphile yophuma koovimba bakomkhulu.

21“Ke mna kumkani uAtashasta ndiwisa umyalelo wokuba yonke into efunwa ngumbingeleli uEzra, umchazi-mthetho kaThixo wezulu, ize iqwalaselwe ikhutshwe koovimba bakwelentshona ye-Efrati. 22Ewe, angánikwa kude kuye kuma kwisiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, nengqolowa ebunzima buziikhilogram ezilishumi lamawaka, namawaka amabini eelitha zewayini, namafutha omnquma aziilitha ezingamawaka amabini, ityuwa ke yona kangangoko ifunekayo. 23Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo? 24Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.

25“Ke wena, Ezra, ngokobulumko onabo obuphiwe nguThixo wakho, misela oomantyi nabagwebi ukuze bajonge ucwangco kubo bonke abantu abalapho kwelentshona ye-Efrati – bonke abawaziyo umthetho woThixo wakho. Bonke ke abangawaziyo uze ubafundise. 26Wonke umntu ongawuthobeliyo umthetho woThixo wakho, makohlwaywe ngokubulawa, ukugxothwa, ukuhluthwa izinto anazo, okanye ke avalelwe entolongweni.”

27Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo woobawo, yena wenza ukumkani wayihlonela ngale ndlela indlu kaNdikhoyo eJerusalem, 28nothe wandenza ndamkeleka kukumkani nabacebisi bakhe, nawo onke amaphakathi akhe aphambili. Ngenxa yokuba ke sasiphezu kwam isandla sikaNdikhoyo uThixo wam, ndatsho ndomelela ndaqokelela amadoda aphambili kwaSirayeli, sahamba kunye.

UEZRA 8

Ababuye kunye noEzra ekuthinjweni

1Nazi iinkulu zezindlu ezabuya kunye nam, zikunye namawazo awayebhaliswe nazo, zivela eBhabheli ngemihla kakumkani uAtashasta:

    2Kwinzala kaPineyasi nguGershom,
    kwinzala kaItamare nguDaniyeli,
    kwinzala kaDavide nguHatushe 3kaShekaniya;
    kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;
    4kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;
    5kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;
    6kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;
    7kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;
    8kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;
    9kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
    10kwinzala kaBhani nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;
    11kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;
    12kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;
    13kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;
    14kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.

Ukubuyela eJerusalem

15Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi. 16Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi. 17Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu. 18Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda, 19kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda. 20Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.

21Khona apho ngakumlambo waseAhava ndamisela uzilo, ukuze sizithobe phambi koThixo wethu, simcele asithi jize ngohambo olukhuselekileyo, thina neentsapho zethu nako konke esinako. 22Kambe ke ndaba neentloni ukucela ukuba ukumkani asinike amajoni nabakhweli-mahashe ukuze asikhusele ezintshabeni zendlela; kaloku apho kukumkani sasithe: “Isandla esikulunga sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abakhangela kuye ukuze balungelwe; ke wona amandla akhe nengqumbo yakhe iyabachasa bonke abo bamlahlayo.” 23Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

24Ndamisela ababingeleli abaphambili abalishumi elinambini, inguSherebhiya noHashabhiya neshumi kubantakwabo. 25Ndabalinganisela umnikelo wesiliva negolide nezo zinto zazinikelwe ngukumkani, abacebisi bakhe, amaphakathi akhe, naye wonke umSirayeli owayekhona, benikelela indlu kaThixo wethu.

26Nanku ke umlinganiso wezinto endabanika zona:

    Isiliva: ama-22 eetoni;
    izitya zesiliva ezili-100: ama-70 eekhilogram;
    igolide: ama-3 400 eekhilogram;
    27iindebe zegolide ezingama-20: isi-8 esinesiqingatha seekhilogram;
    iindebe zobhedu ezi-2: zazilingana neendebe zegolide ngexabiso.

28Ndathi kubo: “Nina ke ningcwalisekile *kuNdikhoyo; zikwanjalo nezi zitya. Isiliva negolide zinikezelwe kuNdikhoyo uThixo wooyihlo zingumnikelo wokuqhutywa yintliziyo. 29Ngoko ke zigcineni ngenyameko nide nizifake emlinganisweni kumagumbi endlu kaNdikhoyo eJerusalem phambi kwababingeleli abaziinkokheli nabaLevi neenkulu zezindlu zakwaSirayeli.”

30Ababingeleli nabaLevi ke bayamkela isiliva negolide nezitya ezingcwele ezazifakwe emlinganisweni ziza kusiwa endlwini kaThixo eJerusalem.

31Ke kaloku ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yokuqala sanduluka kumlambo waseAhava, sasinga eJerusalem. Isandla sikaThixo wethu saba phezu kwethu, wasikhusela ezintshabeni zethu nakwizikrelemnqa zendlela. 32Saya kufika eJerusalem, saza ke saphumla iintsuku zantathu.

33Ke kaloku ngosuku lwesine sayilinganisa isiliva negolide nezinto ezingcwele, sazinikela kuMeremoti unyana kaUriya umbingeleli endlwini kaThixo wethu. UElazare unyana kaPineyasi wayekunye naye, ngokunjalo naba baLevi: uYozabhadi unyana kaYeshuwa noNowadiya unyana kaBhinuwi. 34Yonke ke into eyayilapho yabalwa ngamanani nangobunzima, kwaza ke kwangelo thuba kwabhalwa phantsi.

35Ke kaloku abathinjwa ababuyayo benzela uThixo kaSirayeli amadini atshiswayo: ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo ngenxa kaSirayeli ephela, iinkunzi zeegusha ezimashumi alithoba anesithandathu, namashumi asixhenxe anesixhenxe amaxhwane angamaduna, kunye neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zokwenza idini lesono. Yonke loo nto ke yayiyeyokwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.

36Bayinikezela nencwadi eyayiphuma kukumkani, bayinika iirhuluneli nabalawuli bakwelentshona ye-Efrati; ke bona babancedisa abantu, bafaka igxalaba nakumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo.

UEZRA 9

Umthandazo kaEzra ngemitshato

1Ke kaloku emva kwezi zinto iinkokheli zeza kum, zathi: “AmaSirayeli la ndawonye nababingeleli nabaLevi abazahluli kwizizwe ezingabamelwana ngokubhekiselele kunqulo lwazo olungamasikizi olufana nolwamaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaJebhusi, ama-Amon, amaMowabhi, amaJiputa, nama-Amori. 2Basuke bathatha iintombi zazo zangabafazi babo noonyana babo. Olu hlanga lulodwa baluxube nezi ntlanga zibangqongileyo. Ewe, ziinkokheli namagosa kanye ezi zihamba phambili koku kunganyaniseki.”

3Ndakuyiva le nto, ndasuka ndazikrazula iimpahla endandizinxibile, ezangaphantsi nezingaphezulu, ndazixhwitha iinwele neendevu zam, ndaza ndahlala phantsi ndimatshekile. 4Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.

5Ngelo thuba lamadini amatshona ndaphakama kuloo ndawo yokuzithoba kwam, nezo mpahla zam zidlaka-dlaka zinjalo, ndaza ndaguqa ngamadolo, izandla ndaziphakamisela *kuNdikhoyo uThixo wam, 6ndathandaza ndathi: “Yhoo, Thixo wam! Ndidanile, ndineentloni, ndingenako nokubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam. Kaloku izono zethu zisuke zayinkabankaba esiveleleyo; ubutyala bethu sebufikelele emazulwini. 7Ukususela kwimihla yoobawo-mkhulu kude kube kalokunje sinetyala elikhulu. Ngenxa yobugwenxa bethu thina nookumkani bethu nababingeleli bethu sesaba sisisulu sekrele, ukuthinjwa, ukuhluthwa izinto zethu, nokuhlazeka ezandleni zookumkani beentlanga, njengoko kusenjalo nanamhla.

8“Kodwa ke ngoku okwalo mzuzu, wena Ndikhoyo Thixo wethu, usibabale ngokusishiyela amasalela, wasizinzisa nakule ndawo ingcwele. Ewe, Thixo wethu, usenzele umnyinyiva nebuya-mbo ekuthinjweni. 9Nangona singamakhoboka, wena Thixo wethu akusilahlanga ekuthinjweni. Izikumkani zasePeshiya uzenze zanobubele kuthi. Usithe jize ngebuya-mbo lokuba sivuse indlu kaThixo wethu, siwavuse namabhodlo, waza ke wasikhusela thina bakwaJuda naseJerusalem.

10“Ngoku ke, Thixo wethu, sothini kodwa xa kunje? Kaloku sisuke sayidela imiyalelo 11owasinika ngezicaka zakho *abashumayeli usithi: ‘Lo mhlaba ningena nisiya kuma kuwo udyobhekile kukonakala kwabantu bawo. Ngemikhuba yabo emasikizi bawutsho waphuphuma kukungcola. 12Ngoko ke nina ze ningazendiseli koonyana babo iintombi zenu, noonyana benu bangazithathi iintombi zabo. Naphantsi kwaziphi na iimeko ningaze niyikhuthaze intlalo nenkqubela yabo, khon' ukuze nomelele nikuxhamle ukulunga kweli lizwe, kananjalo libe lilifa labantwana benu ngonaphakade.’

13“Le nto isihleleyo sisiphumo sezenzo zethu ezingcolileyo, neli tyala lethu lingaka. Kodwa naxa kunjalo, wena Thixo wethu akusohlwayanga ngokwezono zethu, koko usuke wasithi jize ngala masalela. 14Singathini ke ngoku thina ukubuya siyaphule imiyalelo yakho ngokuzibandakanya ngomtshato nabantu abamikhuba imanyumnyezi kanje? Khona, ubungathini wena ukungakhathazeki ude usitshabalalise angabikho naloo masalela asindileyo? 15Ewe, wena Ndikhoyo Thixo kaSirayeli, ulunge kwaphela! Namhlanje thina sinawo amasalela. Nakuba sinobutyala sinjalo, kodwa silapha. Phofu ngenxa yeli tyala lethu akukho namnye kuthi ungemayo phambi kwakho.”

UEZRA 10

Abafazi abaziintlanga bayagxothwa

1Ke kaloku ngoku athandazayo uEzra evuma izono, elila egqusha phantsi phambi kwendlu kaThixo, kwabakho isihlwele samaSirayeli esaqokelelana kuye – amadoda, abafazi, nabantwana. Babelila ngokubindeka okukhulu. 2Ke uShekaniya unyana kaYehiyeli oyinzala kaElam wathetha noEzra, wathi: “Ngokuthatha abafazi kwiintlanga esimelene nazo sonile kuThixo wethu. Kodwa nakuba kunjalo lisekho ithemba ngoSirayeli. 3Ngoku ke masenze umnqophiso noThixo wethu wokuba siza kubagxotha aba bafazi ndawonye nabantwana babo, ngokwesigqibo senkosi yam, nabo bonke abayoyikayo imithetho kaThixo wethu. Ewe, makwenzeke ngokomthetho. 4Ngoko ke phakama; lo mcimbi usezandleni zakho. Thina siza kukuxhasa. Yomelela wenze.”

5Ke kaloku waphakama uEzra, waqokelela bonke ababingeleli abaphambili nabaLevi noSirayeli ephela, wathi mabafunge ukuba baza kwenza njengoko sekuthethiwe. Basenza ke isifungo. 6Waza uEzra waphuma endlwini kaThixo, waya endlwini kaYohanan unyana kaEliyashibhi. Ngoko alapho ke wayengatyi engaseli manzi, kuba esazilele ukunganyaniseki kwabathinjwa. 7Ke kaloku kwenziwa isihlokomiso kuye wonke uJuda neJerusalem, kusithiwa abathinjwa mabahlangane eJerusalem. 8Nabani na ongezanga kwithuba leentsuku ezintathu, kwathiwa uza kuthathelwa izinto anazo. Eso ke isisigqibo samaphakathi namadoda amakhulu; umntu onjalo ke wayeza kusikwa kwibandla labathinjwa.

9Ngezo ntsuku zintathu ke onke amadoda akwaJuda nawakwaBhenjamin aqokelelana eJerusalem. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yethoba bonke abantu babesebehleli kwibala eliphambi kwendlu kaThixo, bengcangcazela ngenxa yalo mbandela nangenxa yemvula. 10Umbingeleli uEzra ke waphakama wathi: “Nenze ukunganyaniseki; ityala likaSirayeli nilongezelele ngokuthatha abafazi abaziintlanga. 11Ngoko ke, sivumeni isono senu phambi *koNdikhoyo uThixo wooyihlo, nenze ukuthanda kwakhe. Zahluleni kwezi ntlanga ziningqongileyo, ngokunjalo nakwaba bafazi benu baziintlanga.”

12Ke lonke ibandla laphendula likhwaza lisithi: “Unyanisile! Siza kuyenza le nto uyithethayo. 13Kambe ke sibaninzi gqitha apha, ibe ke ngoku lixesha lemvula; asinako ukuma apha phandle. Ngaphezu koko ke lo mbandela awunako ukugqitywa ngemini enye nezimbini, kuba ngenene sone sagqithisa kulo mbandela. 14Amaphakathi ethu makamele ibandla lilonke. Kwiidolophu zethu wonke umntu othathe intombi yeentlanga makamiselwe ixesha, aze eze kunye namadoda amakhulu nabagwebi bedolophu nganye, ide le ngqumbo kaThixo wethu ngalo mbandela ibe nokususwa phezu kwethu.”

15Ke kaloku yaba nguJonatan unyana ka-Asayeli kunye noYazeya unyana kaTikwa, bexhaswa nguMeshulam noShabhetayi umLevi, abasichasayo eso sigqibo.

16Ngoko ke abathinjwa abo benza ngokwezo zigqibo. Umbingeleli uEzra wanyula amadoda aziinkulu zemizi, yanye kumzi ngamnye, onke ke akhankanywa ngamagama. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeshumi bahlala phantsi, benza uphando ngalo mbandela, 17baza ke kumhla wokuqala wenyanga yokuqala bawufeza umcimbi wawo onke amadoda awayethathe abafazi abaziintlanga.

Amadoda awayethathe abafazi abaziintlanga

18Kwinzala yababingeleli naba abathathe abafazi abaziintlanga:

    Kwinzala kaYeshuwa kaYozadaki nabantakwabo nguMaseya noElezere noYaribhi noGedaliya. 19Bona bathembisa ukuba bobagxotha abafazi, baza banikela ngenkunzi yebhokhwe ngenxa yetyala labo.
    20Kwinzala kaImere nguHanani noZebhadiya.
    21Kwinzala kaHarim nguMaseya noEliya noShemaya noYehiyeli noUziya.
    22Kwinzala kaPashure nguEliyohenayi noMaseya noIshmayeli noNataniyeli noYozabhadi noElasa.
    23KubaLevi nguYozabhadi noShimeyi noKelaya, lo ugama limbi linguKelita, noPetaya noJuda noElizere.
    24Kwiimvumi nguEliyashibhi.
    Kubagcini-masango nguShalum noTelem noUri.
    25Kwamanye amaSirayeli ngâba:
    Kwinzala kaParoshe nguRamiya, noIziya noMalekiya noMiyamin noElazare noMalekiya noBhenaya.
    26Kwinzala kaElam nguMataniya noZakariya noYehiyeli noAbhedi noJeremoti noEliya.
    27Kwinzala kaZatu nguEliyohenayi noEliyashibhi noMataniya noJeremoti noZabhadi noAziza.
    28Kwinzala kaBhebhayi nguYohanan noHananiya noZabhayi noAtelayi.
    29Kwinzala kaBhani nguMeshulam noMaluki noAdaya noYashubhi noSheyali noJeremoti.
    30Kwinzala kaPahati-mowabhi nguAdena noKelali noBhenaya noMaseya noMataniya noBhezaleli noBhinuwi noManase.
    31Kwinzala kaHiram nguElizere noIshiya noMalekiya noShemaya noSimon 32noBhenjamin noMaluki noShemariya.
    33Kwinzala kaHashum nguMatenayi noMatata noZabhadi noElifelete noJeremayi noManase noShimeyi.
    34Kwinzala kaBhani nguMadayi noAmram noUweli 35noBhenaya noBhedeya noKeluwi 36noVaniya noMeremoti noEliyashibhi 37noMataniya noMatenayi noYayasu.
    38KwekaBhinuwi nguShimeyi 39noShelemiya noNatan noAdaya 40noManadebhayi noShashayi noSharayi 41noAzarele noShelemiya noShemeriya 42noShalum noAmariya noJosefu.
    43Kwinzala kaNebho nguYehiyeli noMatitiya noZabhadi noZebhina noYadayi noJoweli noBhenaya.

44Bonke abo babethathe abafazi abaziintlanga. Kwaba bafazi bekukho ababezele oonyana.

IINDUMISO 33

Ingoma yokubonga

1Mdumiseni *uNdikhoyo, nina malungisa!

Ewe, afanele ukumdumisa uNdikhoyo amalungisa.

2Mbetheleni uhadi uNdikhoyo,

nimenzele ingoma ngeehapu ezingcingo zilishumi.

3Mombeleleni ingoma entsha uNdikhoyo;

mdlaleleni ngobuchule nimemelela.

4Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,

nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

5UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;

lizele ihlabathi zizibele zakhe.

6Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,

wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

7Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,

wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.

8Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,

bamhlonele bonke abemi balo.

9Wathetha kaloku, laza ladalwa;

wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.

10Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,

awaphanzise amacebo eentlanga.

11Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;

zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,

eso asinyule sangabantu bakhe.

13Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,

ababone bonke oonyana babantu.

14Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,

engqendeve kwibhotwe lakhe.

15Zidalwe nguye iintliziyo zabo;

uyazazi zonke izinto abazenzayo.

16Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;

asimandla agorha alisindisayo.

17Akuthenjelwa ngahashe edabini,

kungemandla alo amsindisayo umntu.

18UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo

nabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19aze abahlangule ekufeni,

abondle ngelixa lendlala.

20Thina sithembele kuNdikhoyo,

kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,

kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,

njengoko kaloku sithembele kuwe.

IINDUMISO 33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 35

Umthandazo wokucela uncedo

Umhobe kaDavide.

1*Ndikhoyo, ndilamlele kwabo bandivuyelelayo,

undilwele kwabo balwa nam.

2Qubula ikhaka lakho nesikrweqe sakho,

undincede undilamlele.

3Wurhole umkhonto nentshuntshe yakho,

ubavalele indlela abo bandileqayo,

uthi kum: “Ndim umhlanguli wakho.”

4Mabahlazeke, badane abandizungulayo;

mabajike bedidekile abo bandenzela amayelenqe.

5Mababe njengenkunkuma ephetshethwa ngumoya,

sibaqweqwedise isithunywa sikaNdikhoyo.

6Mayingacaci indlela yabo, mayibe mtyibilizi;

masibasukele isithunywa sikaNdikhoyo.

7Kaloku bebendigcayisele ndingenzanga nto,

befun' ukunditshonisa emhadini kungekho sizathu.

8Mabatshabalale ngequbuliso bengekaqondi,

barhintyelwe nguloo mgibe bebendigcayisele ngawo,

beyele kuwo, batshabalale.

9Ndovuya ke, ndichulumache,

kuba uNdikhoyo undihlangule.

10Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.”

Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo,

ukhusele indwayinge kubacinezeli.

11Kuvele amangqina athetha ulwimi ngam,

andinkqangisa ngezinto endingazaziyo;

12andibuyekeza ubuhle ngobubi,

ndatsho ndaphelelwa lithemba.

13Kodwa mna, okuya babegula, ndambatha ezirhwexayo,

ndazicinezela nangokuzila ukutya, ndithandaza ngentobeko.

14Ndangathi ndithandazela umhlobo wam nomntakwethu;

ndathokombisa intloko ngokungathi ndizilela umama.

15Ndithe ke ndakuba sengxakini,

baqokelelana bandihleba,

ndanyeliswa nazizinto endingazaziyo.

16Bandenza intlekisa, bandingcungcuthekisa,

bendijamela ngentiyokazi enkulu.

17Koda kube nini na kodwa ubukele, Ndikhoyo?

Nceda ndihlangule kwabandiqwengayo;

busindise ubomi bam kwezi ngonyama.

18Ndokubonga phakathi kwebandla,

ndikuncome esidlangalaleni.

19Mazingandivuyeleli ngobuxoki iintshaba zam,

bangandisinekeli abo bandithiya ndingenatyala.

20Bona abathethi ngemibandela yoxolo,

koko bayila ubuxoki ngabathand' uxolo.

21Bandivuyelela besithi: “Heke! Sikubhaqile!”

22Ndikhoyo, nguwe ingqina lam, mus' ukuthi tu!

Nkosi yam, mus' ukuchasela!

23Lamla, Nkosi, ndiphendulele;

Thixo wam, ndithethelele!

24Ndikhoyo, Thixo olilungisa, ndigwebele;

mazingandinyevuleli iintshaba zam.

25Mazingandigcolotheli zithi: “Nantso ke!

Simgqibile ngoku!”

26Mabadane badideke abavuyiswa yinkxwaleko yam;

mabadane baphoxeke abazikhukhumalisayo.

27Makube yimincili kwabo bafuna ndigwetyelwe;

mabamemelele bathi: “Makabongwe uNdikhoyo,

yena ofuna impumelelo yesicaka sakhe.”

28Ke mna ndovakalisa ukulunga kwakho,

ndikubonge imini yonke.

IINDUMISO 35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-