Bible Society of South Africa

To The Word – Day 144

2 Chronicles 1–5, Psalm 72

Itekisi yeBhayibhile

2 YEZIGANEKO 1

USolomon ucela ubulumko

(1 Kum 3:1-15)

1Ke kaloku uSolomon unyana kaDavide wazinza embusweni wakhe, kuba *uNdikhoyo uThixo wakhe wayengakuye, waza wamphakamisa kakhulu.

2Ke uSolomon wathetha noSirayeli ewonke, iingqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, abagwebi, nawo onke amadoda aphambili kwaSirayeli kunye neenkulu zezindlu. 3Yena uSolomon nebandla lonke baya endaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon, kuba kaloku yayilapho intente *yesibingelelo yokuhlangana noThixo, leyo yayenziwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo entlango. 4Kaloku yena uDavide wayeyithathile ityesi kaThixo eKiriyati-yarim waya nayo kuloo ndawo wayeyilungiselele yona, njengoko wayeyimisele intente eJerusalem. 5Kodwa lona iqonga lamadini lobhedu elalenziwe nguBhezaleli unyana kaUri unyana kaYuri laliseseGibheyon phambi kwesibingelelo sikaNdikhoyo. Ngoko ke uSolomon nebandla elo babuzisa kuNdikhoyo khona apho. 6Ewe, uSolomon waya kuNdikhoyo kwelo qonga lobhedu apho esibingelelweni sokuhlangana noNdikhoyo, wanikela kuso apho amadini atshiswayo aba liwaka.

7Ngobo busuku uThixo wabonakala kuSolomon, wathetha naye wathi: “Cela nantoni na ofuna ndikuphe yona.”

8USolomon ke uphendule uThixo wathi: “Umenzele ububele obukhulu ubawo uDavide, waza nam lo wandenza ukumkani esikhundleni sakhe. 9Ngoku ke, Ndikhoyo Thixo wam, idinga owalimilisela ubawo uDavide khawuncede ulibethelele lifezeke, kuba kaloku undenze ukumkani wenyambalala engaka yabantu abaninzi njengothuli lomhlaba. 10Ke mna ndiphe ubulumko nokuqonda ukuze ndikwazi ukubakhokela aba bantu; kaloku akukho mntu unganako ngokwakhe ukuyilawula le nginginya yabantu bakho.”

11UThixo ke uthe kuSolomon: “Ngenxa yokuba lo ke ingumnqweno wentliziyo yakho, ungacelanga butyebi, nabunhanha, okanye ubuhandiba, ungatsho nokuba manditshabalalise iintshaba zakho, ewe, awucelanga nabomi bude, koko ucele ubulumko nokuqonda ukuze ube nako ukulawula abantu bam endikwenze ukumkani wabo, 12ngoko ke ndiza kukunika ubulumko nokuqonda, kananjalo ndikuthi jize ngobutyebi nobunhanha, ube sisihandiba sokumkani ekungekho wumbi wakha wanjengawe ngaphambili, engayi kubakho nasemva kwakho.”

Iinqwelo zokulwa zikaSolomon

(1 Kum 10:26-29)

13Ke uSolomon waya eJerusalem ukusuka kwakhe apho kwindawo ephakamileyo yonqulo eGibheyon, apho phambi kwaloo ntente yesibingelelo. Waza ke wamlawula uSirayeli.

14USolomon waqokelela iinqwelo namahashe; ishumi elinesine lamakhulu eenqwelo, neshumi elinesibini lamawaka amahashe; zinto ezo wazigcina kwizixeko zeenqwelo, ezinye ke wazigcina kwakumkani eJerusalem. 15Ukumkani lo ke isiliva negolide wayiqokelela eJerusalem yaninzi njengamatye, umthi womsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni. 16USolomon amahashe wayewathenga eJiputa naseKewe. Abarhwebi bakomkhulu babewathenga eKewe ngexabiso ekuvunyelwene ngalo. 17Babethenga iinqwelo eJiputa, ixabiso layo nganye liziisiliva ezimakhulu mathandathu, nehashe ngeesiliva ezilikhulu elinamashumi amahlanu. Kananjalo babewathengisa kookumkani bamaHiti nabama-Aram.

2 YEZIGANEKO 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 2

Amalungiselelo okwakha indlu kaThixo

(1 Kum 5:1-18)

1Ke kaloku uSolomon wazimisela ukwakhela igama *likaNdikhoyo indlu, kunye nelakhe ibhotwe. 2Wamisa amadoda angamawaka angamashumi asixhenxe ukuze athwale izinto zokwakha, namanye angamashumi asibhozo amawaka awayeza kuqingqa amatye ezindulini phaya, kunye neenduna ezingamawaka amathathu anamakhulu amathandathu.

3USolomon wathumela umyalezo kukumkani uHiram waseTire, esithi: “Nam khawundithumele izikhuni zomsedare kwanjengoko wenzayo kubawo uDavide ngokuya wayeza kuzakhela ibhotwe. 4Ngoku mna ndiza kwakhela igama likaNdikhoyo uThixo wam indlu. Yona ndoyinikela kuye, kuyo kutshiswe iziqhumiso ezivumba limnandi, kusenzelwa yena. Kwalapho kuyo kohlala kubekwa isonka esinikelwa kuye, kwenziwe namadini atshiswayo mihla le kusasa nasemalanga, *ngeMihla yokuPhumla, nangamathuba okuthwasa kwenyanga, nangamatheko amisiweyo kaNdikhoyo uThixo wethu. Lowo ke ngummiselo wakwaSirayeli ongasoze waphela.

5“Le ndlu ndiza kuyakha iza kuba yimbalasane, kuba uThixo wethu akalingani nathixo ngobukhulu. 6Ewe, akukho namntu ungamakhela ndlu; kuba kaloku namazulu, nditsho amazulu asemajuku-jukwini, akanako ukumqulatha. Bendingubani ke mna, ukuba ndide ndimakhele indlu, ngaphandle nje kokuba ndakhe indawo yokutshisa amadini phambi kwakhe?

7“Ngoko ke nceda undithumele indoda elichule ngokusebenza ngegolide nesiliva, ubhedu nentsimbi; ichule kumalaphu amsobo, amfusa, naluhlaza; nditsho ingcali yokukrola; ukuze isebenze kwaJuda naseJerusalem ikunye nezam iingcali, ezo zafunwa ngubawo uDavide.

8“Kananjalo ndithumele izikhuni zomsedare, ipayini, nom-algumi, kuloo mahlathi aseLebhanon. Kaloku ndiyazi ukuba amadoda akho ziingcali ekugawuleni imithi apho eLebhanon. Amadoda am osebenzisana nawakho, 9andilungiselele intaphane yemithi, kuba le ndlu ndiza kuyakha kufuneka ibe nkulu, ibe yinzwakazi. 10Izicaka zakho ezigawula imithi ndozinika amawaka amabini eetoni zengqolowa, namawaka amabini eetoni zerhasi, kunye namakhulu amane amawaka eelitha zewayini, namakhulu amane amawaka eelitha zamafutha omnquma.”

11Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”

12Waqhuba uHiram wathi: “Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, umenzi wamazulu nehlabathi! Ukumkani uDavide umphe unyana osisilumko, othiwe jize ngengqiqo neliso elibukhali, yena oza kwakhela uNdikhoyo indlu, naye azakhele ibhotwe.

13“Ngoko ke ndikuthumelela uHuram-abhi, indoda elichule kunene. 14Unina ngowakwaDan, uyise ngumTire. Uqeqeshelwe ukusebenza ngegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, ilitye, nomthi, kanti nangamalaphu elinen amsobo, aluhlaza, namfusa, nditsho nacikizekileyo. Unamava kuwo wonke umsebenzi wokukrola; akukho plani imxakayo. Ke uya kusebenza naloo machule akho kunye nalawo omhlekazi uDavide uyihlo.

15“Ngoko ke umhlekazi makathumelele izicaka zakhe ingqolowa abethethe ngayo, kunye nerhasi, namafutha omnquma, newayini. 16Ke thina sokugawulela eLebhanon yonke imithi oyifunayo, siyenze iinyanda, siyifake elwandle, idade iyokutsho eJopa. Ke wena woyithatha khona, uyise eJerusalem.”

17USolomon wazibala zonke iintlanga ezazihlala apho kwaSirayeli, ngokoluya balo lwalenziwe nguyise uDavide, zafumaneka zingamawaka alikhulu elinamashumi amahlanu anantathu anamakhulu amathandathu. 18Amashumi asixhenxe amawaka kuzo wawamisela ukuthwala izinto zokwakha, amashumi asibhozo amawaka wawamisa angabaqingqi bamatye, aza ke amawaka amathathu anamakhulu amathandathu aziinduna zokujonga ukuba umsebenzi uqhubeke.

2 YEZIGANEKO 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 3

USolomon wakha indlu kaThixo

(1 Kum 6:1-38)

1Ke kaloku uSolomon waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo eJerusalem kwintaba iMoriya, apho uNdikhoyo wayebonakele khona kuyise uDavide. Kwakuloo ndawo yalungiselelwa nguDavide esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi. 2Ke ukwakha oko wakuqala ngomhla wesibini kwinyanga yesibini ngonyaka wakhe wesine engukumkani.

3Isiseko sendlu kaThixo eyakhiwe nguSolomon sasiziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ubude, siziimitha ezilithoba ububanzi. 4Ke yona ivaranda phambili phaya yayiziimitha ezilithoba ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezingamashumi amahlanu anane. Umphakathi lo ke wona wawutyatyekwe ngegolide. 5Igumbi elikhulu laloo ndlu walaleka ngompayini, walityabeka ngegolide, walihombisa ngemifanekiso yamasundu nemixokelelwana. 6Ewe, indlu kaThixo wayihombisa ngamatye axabisekileyo. Wayesebenzisa igolide yasePavayim. 7Imiqadi, imigubasi, iindonga, neengcango, zonke wazityabeka ngegolide; ezindongeni wakrola *izithunywa ezimaphiko.

8Walakha negumbi eliyingcwele kangcwele. Ubude balo babulingana nobubanzi bendlu iyonke, liziimitha ezilithoba ubude nobubanzi. Iindonga zalo wazityabeka ngegolide engaphezu kweetoni ezingamashumi amabini. 9Izikhonkwane zegolide ezazisetyenziswa zazinobunzima obungamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe eegram. Kananjalo namagumbi aphezulu wawatyabeka kwangegolide.

10Ngaphakathi apho kwigumbi eliyingcwele kangcwele wakrola izithunywa ezimaphiko zazibini, wazityabeka ngegolide. 11-12Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana. 13Amaphiko ezi zithunywa ayethathe umgama oziimitha ezilithoba. Zazimi ngeenyawo, zikhangele ngaphakathi.

14Umkhusane wawenza ngelaphu eliluhlaza, nelimsobo, nelimfusa, waza wawuhombisa ngemifanekiso ethungiweyo yezithunywa ezimaphiko.

Iintsika ezimbini

(1 Kum 7:15-22)

15Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota. 16Wenza nemixokelelwana ephotheneyo, wayithi cwa kwezo ntloko zezo ntsika. Kuloo mxokelelwano wanxibelela iirharnathi ezilikhulu. 17Ezo ntsika wazimisa apho phambi kwendlu kaThixo, enye ngezantsi enye ngasentla. Le ingezantsi kwathiwa nguJakin, le ingentla yona kwathiwa nguBhowazi.

2 YEZIGANEKO 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 4

Impahla yendlu kaThixo

(1 Kum 7:23-51)

1USolomon wenza iqonga lamadini lobhedu liziimitha ezilithoba ububanzi nobude, liziimitha ezine ezinesiqingatha ukuphakama. 2Wenza nechibi elingqukuva ngobhedu. Laliziimitha ezilishumi elinesithathu nekota xa ulijikeleza. 3Phantsi komphetho lalijikelezwe yimifanekiso yeenkunzi zeenkomo. Ezo nkunzi zaziyimiqolo emibini, ziyinto enye nechibi elo.

4Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, ezintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo. 5Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nowekomityi, kanye oku kwenyibiba edubulayo. Lwalungena iilitha ezingamawaka angamashumi amathandathu.

6Kananjalo wenza nezitya zokuhlambela zalishumi, isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, esinye isihlanu wasibeka ngasentla. Apho kuzo kwakuza kuhlanjwa izinto zokwenza amadini atshiswayo; kodwa ke apho echibini kwakuza kuhlamba ababingeleli.

7Wenza neziphatho zezibane zegolide ezilishumi, ezenza ngokwemilinganiselo yazo; waza ke wazibeka apho endlwini kaThixo. Isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, waza esinye isihlanu wasibeka kwicala langasentla.

8Kwakhona wenza neetafile zalishumi, wazifaka apho endlwini kaThixo, ezintlanu ngasezantsi, ezintlanu ngasentla. Kananjalo wenza neendebe zegolide zokufefa zalikhulu.

9Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu. 10Ichibi elo walibeka kumazantsi-mpuma endlu kaThixo.

11Kananjalo wenza iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.

Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebezi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:

    12Yayiziintsika ezimbini;
    iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;
    amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zezo ntsika;
    13iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombise ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
    14izixhaso nezitya zazo;
    15ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
    16iimbiza, iifotsholo, iifolokhwe zenyama, nezinye izixhobo ezikolo didi.

Zonke ke ezo zixhobo ezazenziwe nguHuram-abhi, ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo, zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo. 17Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan. 18Ubunzima bazo xa zizonke ezi zinto wazenzayo uSolomon babubukhulu ngangokuba abuzange bube namlinganiso.

19Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaThixo:

    iqonga lamadini legolide;
    iitafile zesonka esinikelwa kuThixo;
    20iziphatha-zibane ezazenziwe ngegolide ecikizekileyo kunye nezibane zazo, ezazimiselwe ukusoloko zivutha phambi kwendawo engcwele;
    21iintyatyambo zegolide nezibane nezitya zokugcina imitya yezibane – zonke ziyigolide;
    22izikhwezeli-zibane ezenziwe ngegolide;
    iindebe zokufefa;
    izitya zesiqhumiso;
    iipani zamalahle;
    neengcango zegolide zendlu leyo: nditsho iingcango ezingena kwigumbi eliyingcwele kangcwele, kunye neengcango zegumbi elingaphandle.

2 YEZIGANEKO 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 5

1Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide (isiliva, igolide, nazo zonke ezinye izinto zokusebenza) waza ke wazifaka koovimba bendlu kaThixo.

Ityesi iziswa endlwini kaThixo

(1 Kum 8:1-9)

2Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide. 3Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.

4Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi, 5kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto. 6Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.

7Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko. 8Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha. 9La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje. 10Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.

11Ke kaloku ababingeleli abo baphuma apho endaweni engcwele. Bonke ababingeleli ababelapho – nditsho abeendidi zonke – babezihlambulule. 12Bonke abaLevi ababeziimvumi – uAsafu, uHeman, noJedutun, noonyana babo, nezizalwane zabo – babemi kwicala lasempuma apho eqongeni, bevethe ezelinen entle kunene, bakhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. Babekhatshwa likhulu elinamashumi amabini lababingeleli behlokomisa amaxilongo. 13Abo bamaxilongo ngokunjalo nabaculayo batsho ngoncuthu oluyondeleleneyo, ngazwi-nye bedumisa bebulela uNdikhoyo. Babekhatshwa ngamaxilongo, amacangci, nezinye izikhalisi. Ewe, badanduluka ngendumiso bebonga uNdikhoyo besithi:

“Hayi ke bethu ukulunga kwakhe;

izibele zakhe zimi ngonaphakade!”

Ke kaloku indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu. 14Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu leyo kaThixo.

2 YEZIGANEKO 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 72

Umthanjiswa kaThixo

Indumiso kaSolomon.

1Mthi jize ngobulumko bokulawula ukumkani, Thixo;

mabele ukunyaniseka kwakho umntwan' egazi;

2ukuze abaphathe ngobulungisa abantu bakho,

abalawule ngokubazelelela abahlelelekileyo.

3Mazihlaziyeke iinduli neentaba ziqhame;

makube yinzolo inkqubela nobulungisa.

4Ngamana yena wawakhusela amahlwempu,

abancede abo bahlelelekileyo,

abanyhashe abacinezeli.

5Abantu mabambuse bamkhonze

xa lisaman' ukuvela ilanga,

lo gama isakhanyisa nenyanga,

kuye kwizizukulwana ngezizukulwana.

6Makabe njengemvula emasimini,

abe njengomvimbi emhlabeni.

7Makande amalungisa ngemihla yakhe;

ewe, axhamle inzolo de ingabi sabikho inyanga.

8Ngamana olwakhe ulawulo

lwasuka elwandle lwesa elwandle,

lusuke emlanjeni iEfrati

luse eziphelweni zehlabathi.

9Ngamana baqubuda kuye abasentlango,

iintshaba zakhe zity' umhlaba.

10Ngamana ookumkani baseTashishe nabeziqithi bakhuph' imirhumo,

abaseSheba nabaseSebha bakhuph' isithabathaba.

11Bonk' ookumkani mabakhahlele kuye,

zonk' izizwe zimbuse.

12Uyabahlangula abakhalayo,

amahlwempu nabangenabani.

13Uyavelana nababuthathaka neentsizana,

abasindise abahlelelekileyo.

14Ubakhulula kwingcinezelo nakwizibhovubhovu;

kuye lixabisekile igazi labo.

15Kuye sithi: “Mpilo-nde-ntle!”

Mayize kuye igolide yaseShebha;

makathandazelwe njalo-njalo,

iintsikelelo zihlale zivuza phezu kwakhe.

16Ngamana kwayindyebo emhlabeni,

neencopho zeentaba ziqhame,

kuchume njengaseLebhanon.

Mabanyakazele abantu ezixekweni,

baxel' ingca emadlelweni.

17Igama lakhe malingaze liphele;

malibe sisimakade lixel' ilanga.

Ngamana bonk' abantu bamdumisa;

ewe, mabamnqwenelele iintsikelelo,

zonk' izizwe zimthamsanqele.

18Ngamana wadunyiswa *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,

ekukuphela kwakhe owenza imimangaliso enje.

19Huntshu-u-u!

Masibongwe isidima segama lakhe kude kube nini nanini!

Ngamana waphuphuma umhlaba sisihomo nesithozela sakhe!

Huntshu-u-u!

( 20Iyaphela apha incwadi yemihobe kaDavide unyana kaJese.)

IINDUMISO 72XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-