Bible Society of South Africa

To The Word – Day 132

Zephaniah 1–3, Psalms 9 & 11, Proverbs 11

Itekisi yeBhayibhile

UZEFANIYA 1

Intshayelelo

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya. Ngoko ke kwakungethuba lolawulo lukaJosiya unyana ka-Amon owayengukumkani kwaJuda.

Isilumkiso ngentshabalalo

2“Ndosuka nditshayele konke nje,

ndikhucule konke ehlabathini.”

Nguwo lowo umlomo *kaNdikhoyo.

3“Ndotshayela nje umntu nesilwanyana.

Ewe, ndozitshabalalisa iintaka esibhakabhakeni,

ndenjenjalo nasezintlanzini zolwandle.

Ndobasusa abakhohlakeleyo bezizikhubekiso,

ndimnqamle kuphele umntu ehlabathini.”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

4“Isandla sam ndosolulela kuJuda

nakubo bonke abemi beJerusalem,

ndiwanqamle kule ndawo amasalela kaBhali,

ndiwacime amagama abanquli-zithixo kunye nababingeleli bazo –

5nditsho bona abo baguqa phezu kwezindlu benqula iinkwenkwezi,

abo baguqayo bafunge uNdikhoyo,

ukanti ke bakwafunga noMalkam,

6abo bakreqileyo ekulandeleni uNdikhoyo,

abo bangasamfuni nganto uNdikhoyo,

kungekho nanto bayibuzayo kuye.

7Ewe, yithini cwaka phambi kweNkosi uNdikhoyo;

kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango.

Yena ulilungisile idini,

ubangcwalisile abo abamemileyo.

8Ngaloo mini yedini likaNdikhoyo

ndiya kuwohlwaya amatshawe,

ndibabethe oonyana bokumkani

nâbo bavatha impahla yasemzini.

9Ngaloo mini ndiya kubohlwaya bonke abatsiba umgubasi womnyango,

abazalisa indlu yothixo wabo ngogonyamelo kunye nenkohliso.

10“Ngaloo mini,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,

“kovakala isikhalo ngakwiSango leeNtlanzi,

ibe sisijwili ngakuMzi oMtsha,

kuvakale isithonga ngasezindulini.

11Yenzani isijwili, nina bahlala esigingqini.

Bonke abarhwebi botshatyalaliswa,

bavuthululwe abashishina ngesiliva.

12Ngelo xesha ndophath' izibane ndiphicothe iJerusalem,

ndibohlwaye abo bangakhathalele nto,

abo bafana newayini enentlenge,

abathi: ‘UNdikhoyo soze enze nto,

nditsho nokuba intle okanye imbi.’

13Ubutyebi babo buya kuxhatshazwa,

izindlu zabo zona zibhodlozwe.

Boba ngazakha ke izindlu,

kodwa bangaze bahlale kuzo.

Ewe, bozilima izidiliya,

kodwa bangaze basele wayini yazo.”

Imini enkulu kaNdikhoyo

14Isondele imini enkulu *kaNdikhoyo;

ewe, isondele, yaye iza ngokukhawuleza.

Yivani! Isikhalo soba krakra ngemini kaNdikhoyo –

nditsho imikhwazo yamagorha ngaloo mini.

15Leyo yoba yimini yengqumbo,

imini yokuxhwaleka nosizi,

umhla wentshabalalo nembubho,

umhla wobumnyama nesithokothoko,

imini yamafu nomnyam' ombonde-mbonde,

16umhla wesigodlo nentlaba-mkhosi

ebhekisa kwizixeko ezinqatyisiweyo

nakwezo nqaba ziphakamileyo.

17Abantu ndobazisela inkxwaleko;

bosuka bafathule ngathi ziimfama.

Kaloku bamonile uNdikhoyo.

Igazi labo lophalala njengothuli,

imizimba yabo ivuthuluke njengobulongwe.

18Soze yabasindisa igolide nesiliva yabo

ngaloo mini yengqumbo kaNdikhoyo.

Umhlaba wotshiswa wonke ngumlilo wekhwele lakhe.

Uya kubenzela isiphelo esipheleleyo nesikhawulezileyo bonke abemi behlabathi.

UZEFANIYA 2

1Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,

2lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ,

ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo,

ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.

3Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,

nina benza umyalelo wakhe.

Zingelan' ubulungisa nentobeko,

mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.

Intshabalalo kwizizwe eziphahle uSirayeli

4IGaza yolil' ibhungane,

iAshkelon isale ingamabhodlo.

Kanye emin' emaqanda

iAshdode iya kuqongqothwa,

ke yona iEkron incothulwe.

5Yeha ke, nina bemi ngaselwandle!

Yeha ke, nina maKreti!

Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani:

“Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa,

kungabikho namnye umi kuwe.”

6Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,

woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.

7Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;

khona bozuza amadlelo.

Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;

kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,

abenze badle ngendeb' endala.

8“Ndizivile izithuko zikaMowabhi,

ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.

Ewe, babathukile abantu bam,

bangenelela emideni yabo.

9Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”

nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:

“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,

ama-Amon abe njengeGomora,

indawo yokhula nemihadi yetyuwa.

Yoba yinkangala ngonaphakade.

Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;

ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”

10Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,

ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.

11UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,

kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.

Izizwe macala onke ziya kumnqula;

bebonke ke kwimihlaba yabo.

12“Nani ngokwenu, maKushe,

niya kubulawa ngekrele lam.”

13Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla,

ayitshabalalise iAsiriya,

ayenze ibe linxuwa iNiniva,

isale iyinkangala enjengentlango.

14Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi;

ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana.

Soba lapho isikhova nesihulu-hulu,

side silale kuloo miwewe,

zikhwazane kwezo festile,

ibe emnyango iyinkunkuma yodwa,

imiqadi yomsedare isele izé.

15Koba njalo okwesixeko esonwabileyo,

esisoloko sihleli sikhuselekile.

Kaloku sona sasisithi:

“Ndim ndodwa; akukho wumbi.”

Ndlela le singamabobosi ngayo!

Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa.

Ke abadlulayo bobetha umlozi,

babambe ongezantsi.

UZEFANIYA 3

Ikamva leJerusalem

1Yeha ke, mvukelindini uxabhelekileyo,

sixekondini sabacinezeli!

2Kaloku asithobeli mntu;

ewe, asiva kululekwa.

Sona asimthembi *noNdikhoyo;

asisondeli nokusondela kuThixo waso.

3Sitsho ngâbo balawuli baso,

izinto ezibhavuml' okweengonyama.

Abagwebi banjengeengcuka zangorhatya,

izinto ezingashiyi nethambo eli elinokukhukhuzwa ngengomso.

4*Abashumayeli bakhona zizintw' ezingenazimilo,

abafo abaqamela ngobuqhetseba.

Ababingeleli bayayixabhela ingcwele;

ewe, bona bayawuvukela umthetho.

5Ke uNdikhoyo uphakathi kwaso,

yena olilungisa elingenzi bugwenxa.

Uphak' ubulungisa ntsasa zonke;

akukho nanye imini asilela ngayo.

Ke bona abagwenxa abazi nehlazo eli.

6“Mna ndizinqamle izizwe,

ndazivuthulula iinqaba zazo,

ndatsho kwalil' ibhungane ezitalatweni zabo.

Akusekho nomntu lo odlulayo;

ewe, izixeko zabo zitshatyalalisiwe.

Ngenene akusekho bani useleyo,

kungekho namnye ummi kuyo.

7Bendisithi iJerusalem iya kundoyika,

ikwamkele ukululekwa,

nendawo yokuhlala kwayo inganqanyulwa,

nditsho konke endayibonelela ngako.

Kambe ke basuka baxhinela phambili

besenza loo mikhuba yabo mibi.

8“Ngoko ke lindelani kum,”

utsho uNdikhoyo,

“nijonge usuku endothimba ngalo.

Ndosuka ndiziqokelele izizwe,

ndizihlanganisele ndawonye izikumkani,

ndizigalele ngomsindo wam,

ndiyibhokoxele kuzo ingqumbo yam eshushu,

ihlabathi liphela litshabalale,

ndililenye ngomlilo womsindo wekhwele lam.

9“Nezizwe ke ndosuka ndiziguqule

ukuze zonke zimnqule uNdikhoyo;

ewe, zimbuse ngamxhelo mnye.

10“Abakhonzi bam, abantu bam abasarhazekileyo,

bophuma phesheya komlambo waseKushe,

bandizisele iminikelo.

11“Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum,

kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi.

Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.

12Ke kaloku ndonishiyela abantu abanobulali nabathobekileyo,

abantu abakholosa ngegama likaNdikhoyo.

13“Amasalela kaSirayeli soze anxaxhe.

Akasayi kuthetha buxoki,

kungàfunyanwa nankohliso emilonyeni yabo.

Aya kutya angqengqe,

kungabikho bani unokuwoyikisa.”

Ingoma yemincili

14Khawuhlabel' ingoma, ntombi inguZiyon;

uyiyizele, wena Sirayeli!

Vuya uchwayite ngentliziyo yakho yonke –

ndixela wena, ntombi inguJerusalem!

15*UNdikhoyo usirhoxisile isigwebo sakho,

neentshaba zakho uzijikile.

Ke yena uNdikhoyo, uKumkani kaSirayeli, ungakuwe;

soz' uphinde uboyike ububi.

16Ngaloo mini kothiwa kwiJerusalem:

“Musa ukoyika, Ziyon!

Mazingabi namkhinkqi izandla zakho.

17UNdikhoyo uThixo wakho unawe;

uligorha elisindisayo.

Yena unemihlali ngawe, enovuyo;

uya kukuthulisa ngothando lwakhe;

ugcoba ngawe eyiyizela,

18ngathi ngabantu ngomhla wetheko.”

Kaloku uNdikhoyo uthi:

“Ndonikhusela kuyo intlekele,

ningabi saba sisingcikivo.

19Uyabona, ngelo xesha ndiya kuphathana nabo abo bakucinezeleyo.

Ndiya kusihlangula isiqhwala,

ndibaqokelele abo basarhazekileyo.

Ndiya kubanika udumo nokuhlonelwa

kuloo mazwe onke ababehlaziswa kuwo.

20Ngelo xesha ndoniqokelela;

ewe, ndinibuyisele ekhaya,

ndinithi jize ngesidima nendumiso

kuzo zonke izizwe zehlabathi,

xa ndinibuyisela kundalashe.

Nani ke noyibona loo nto ngala wenu amehlo!”

Utsho uNdikhoyo.

IINDUMISO 9

Ukubulela uThixo umgwebi olilungisa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ukufa konyana.”

1Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,

ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2Ndomemelela ngemincili,

ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

3Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,

zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.

4Kaloku undigwebele ityala lam;

ungqendeve esihlalweni sakho,

wena mgwebi olungileyo.

5Uzikhalimele iintlanga,

wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,

waliphanzisa kwaphela igama labo.

6Iintshaba zethu zibhangile mpela,

uzidilize didli izixeko zazo;

sele zacimayo nasezingqondweni.

7Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;

selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.

8Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;

azigwebe kakuhle zonke iintlanga.

9NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;

nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

10Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;

kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

11Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;

zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.

12Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;

akasilibali isikhalo sabo baselusizini.

13Ndenzele inceba, Ndikhoyo;

bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,

wena ondihlangula ethunzini lokufa.

14Mandiluxele udumo lwakho

phakathi kwabantu bakho eJerusalem.

Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.

15Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,

zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.

16Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;

izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.

17Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,

neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.

18Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;

ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.

19Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;

mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.

20Zenze zikoyike, Ndikhoyo,

ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.

IINDUMISO 11

Ukuthembela ngoThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Ndithembele *ngoNdikhoyo nje,

ningathini ukuthi: “Balekela ezintabeni zenu njengentaka!

2Kaloku abantw' abagwenxa sebejolisile ngesaphetha esinotolo,

bajolisel' ukulidubul' emnyameni ilungisa.

3Xa sekudilike neziseko nje,

lingenzani ke lona ilungisa?”

4UNdikhoyo ukwibhotwe lakhe elilodwa,

uhlel' esihlalweni sakhe ezulwini.

Uyabagqala oonyana babantu,

uyazibona izintw' abazenzayo,

5uyabavavany' abalungileyo nabagwenxa,

abathiye ngentiyokazi enkulu abaphalazi-gazi.

6Uya kubabetha ngesichotho sesalfa namalahl' avuthayo abantw' abagwenxa;

iziphango nezaqhwithi ziba sisabelo sabo.

7Kaloku ulilungisa uNdikhoyo;

uyazithanda izenzo ezilungileyo.

Abo balungisayo bobonana naye ubuso ngobuso.

IINDUMISO 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 11

1UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;

kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.

2Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;

kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

3Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,

kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

4Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;

sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

5Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;

ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.

6Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;

kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,

nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –

endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

9Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;

ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

10Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;

kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.

11Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;

kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

12Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;

ke yona ingqondi ithi cwaka.

13Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;

kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

14Isizwe esingenamcebisi siyawa;

kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.

15Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;

ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.

16Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;

ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17Umntu onobubele uyazimaseka;

kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,

phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19Ubulungisa obububo busingisa ebomini;

ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;

kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;

kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

22Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqo

bufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.

23Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;

ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.

24Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;

kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.

25Umntu ophayo uba nenkqubela;

ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

26Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;

kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.

27Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;

phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.

28Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;

ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.

29Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;

sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.

30Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;

umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.

31Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;

kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-