Bible Society of South Africa

To The Word – Day 124

Jonah 1–4, Haggai 1–2

Itekisi yeBhayibhile

UJONA 1

Ukubaleka kukaJona

1Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uJona unyana ka-Amitayi, lisithi: 2“Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, usishumayeze, kuba inkohlakalo yaso seyide yaza kufika nakum.”

3Kambe ke yena uJona wambaleka uNdikhoyo, wasabela eTashishe. Wehla waya eJopa, apho wafumana inqanawa eya eTashishe. Akuba ke eyihlawule imali yendlela, wakhwela wasinga eTashishe, ebaleka uNdikhoyo.

4Ke kaloku uNdikhoyo wathumela umoyakazi omkhulu apho elwandle; yaba sisaqhwithi esayitsho yasemngciphekweni wokuqhekeka inqanawa leyo. 5Abaqhubi benqanawa leyo baphakuzela, yangulowo nalowo wakhala *kuthixo wakhe. Umthwalo wenqanawa bawuphungulela elwandle, bezama ukuba ibe khaphukhaphu.

Ke yena uJona wayesuke wehla wangena kumagumbi asezantsi, walala obentlombe. 6Ingqwayi-ngqwayi yenqanawa leyo ke yaya kuye, yafika yathi: “Ngani ukuba ulale, thongorhandini? Vuka, ubize uThixo wakho! Mhlawumbi angasikhumbula, size singatshabalali.”

7Ke bathi omnye komnye: “Yizani senze *amaqashiso ukuze sibhaqe lo mntu ungunobangela wale ntlekele.” Benjenjalo ke, laza iqashiso laphuma noJona. 8Baza ke bathi kuJona: “Khawutsho! Ngubani unobangela wale ntlekele? Uzokwenza ntoni apha? Khona, uvela phi? Liphi ikowenu? Ungumni kakade?”

9UJona waphendula wathi: “Mna ndingumHebhere. Ndinqula uNdikhoyo uThixo wamazulu, lo udale ulwandle kunye nomhlaba.”

10Ke kaloku loo madoda othuka gqitha, kuba uJona wawachazela ukuba elapho nje ubaleka uNdikhoyo, aza athi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo?” 11Ke lona ulwandle lwaqhubela phambili ukulwa. Baza ke bathi kuJona: “Masenze ntoni ngawe ukuze ulwandle luzole?”

12UJona waphendula wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, ukuze luzole. Kaloku ndiyaqonda ukuba ndim lo unizisele olu qhwithela.”

13Kambe ke abaqhubi bazama kangangoko ukuyisa elunxwemeni inqanawa leyo. Kodwa ke nelo icebo lafadalala kuba ulwandle lwaya luthatha unyawo ngokulwa. 14Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”

15Amfunqula ke uJona, amphosa elwandle, lwaza ke ulwandle olulwayo lwadamba. 16Le nto ke yawatsho amhlonela uNdikhoyo loo madoda, aza amenzela idini, enza nezibhambathiso kuNdikhoyo.

17Kambe ke uNdikhoyo wayalela intlanzi enkulu, yaza yamginya uJona. Wahlala apho kuyo ke iimini ezintathu nobusuku bazo.

UJONA 2

UJona uyathandaza

1Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe, 2wathi:

“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,

waza ke yena wandiphendula.

Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,

waza ke wena waliva ilizwi lam.

3Wena wandiphosa enzonzobileni,

phakath' enzulwini yolwandle,

yaza ke imisinga yandigubungela,

amaza akho alatyuza andisibekela.

4Ndathatha ndibeka ndisithi:

‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’

Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.

5Andigubungela phants' andirhaxa amanzi,

ndathi zwabhabha enzonzobileni.

Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.

6Ndatshona ndehla mpela,

ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba.

Ndafika nakwelo lizwe

elivalwe mfamlibe ngemivalo.

Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam,

wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.

7“Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka,

suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo,

umthandazo wam wanyukela kuwe,

waya kutsho endlwini yakho engcwele.

8Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto,

balahlekana nenceba yakho.

9Ke mna ndonikela kuwe ngedini,

ndihlabele iculo lokukudumisa.

Ndosifezekisa isibhambathiso sam.

Usindiso lukuNdikhoyo.”

10Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.

UJONA 3

UJona uya eNiniva

1Liphinde lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJona, lisithi: 2“Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, ufike ushumayele olu daba ndikunike lona.”

3Ke uJona walithobela ilizwi likaNdikhoyo, waya eNiniva. INiniva le ibisisixeko esikhulu gqitha. Bekumthatha umntu iintsuku ezintathu ukuphumela kuyo. 4Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.” 5Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.

6Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini. 7Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi. 8Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo. 9Mhlawumbi uThixo angayijika ingqondo yakhe, abuye nganeno ngengqumbo yakhe, size ke thina singatshabalali.”

10Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.

UJONA 4

Ukucaphuka kukaJona nenceba kaThixo

1Ke kaloku esi sehlo samkhathaza uJona, wacaphuka gqitha. 2Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo. 3Ngoko ke ndiyakubongoza, Ndikhoyo, buthathe ubomi bam, kuba kum ukufa kungcono kunokudla ubomi.”

4UNdikhoyo waphendula wathi: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe?”

5Ke kaloku uJona waphuma waya empuma yeso sixeko, waza ke wahlala phantsi. Wazakhela iphempe, waza wahlala emthunzini walo ukuze ayibukele kakuhle loo nto yayiza kwehla apho eNiniva. 6Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi. 7Kambe ke ekuseni ngengomso uThixo wawuthumela ngombungu loo mthi, wawugrenya watsho wabuna. 8Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”

9Ke kaloku uThixo wathi kuye: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe ngenxa yalo mthi?”

UJona wathi: “Ndifanele ukuvutha ngumsindo, nditsho onokude undise ekufeni!”

10UNdikhoyo wathi kuye: “Lo mthi uwukhathalele ngani, ungakhange ubulaleke nje ngawo, futhi ungakhuliswanga nanguwe? Lo mthi ukhule ngobusuku, wabuya wafa kwangobusuku. 11Ke, uthi kukangakanani kum mayela nesi sixekokazi siyiNiniva? Uthi mandingavelani naso ngoku sinabantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini lamawaka, abangekawazi umahluko phakathi kwesandla sasekunene nesasekhohlo, kwakunye ke nemfuyo eninzi?”

UHAGAYI 1

Umyalelo wokwakhiwa kwendlu kaThixo

1Ngomhla wokuqala kwinyanga yesithandathu kunyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi. Lalibhekiswa kwirhuluneli yamaJuda uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, kunye nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, lisithi: 2“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Aba bantu bathi: “Eli alikabi loxesha lokuyakha indlu kaNdikhoyo.” ’ ”

3Ke ilizwi likaNdikhoyo lafika kumshumayeli uHagayi lisithi: 4“Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa? 5Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu. 6Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’

7“Utsho ke uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu. 8Khaninyuke ezintabeni, nize nemithi, niyakhe indlu yam. Ndokholiswa yiyo, ndize ndizimaseke,’ utsho uNdikhoyo. 9‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu. 10Kungenxa yenu ke ngoko ukuba izulu liwubambe umbethe walo, nomhlaba utsho ungavelisi nto. 11Ke ndinizisele imbalela emasimini, emadlelweni, kwingqolowa, kwiwayini, namafutha omnquma, nayo nayiphi na into eveliswa ngumhlaba. Ikho ezinkomeni, nasebantwini, nakuwo wonke umsebenzi wezandla zenu.’ ”

Abantu bathobela umyalelo

12Ke kaloku uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nabo bonke abantu abangamasalela, bawuthobela bawenza umyalelo *kaNdikhoyo uThixo wabo, ngokwamazwi *omshumayeli uHagayi.

13Ke uHagayi, isigidimi sikaNdikhoyo, waluthetha udaba lukaNdikhoyo ebantwini, wathi: “Ndiya kuba nani.” 14Ke uNdikhoyo wawuvuselela umoya werhuluneli uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nowombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nowabo bonke abantu abangamasalela, beza ke bawuqalisa umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo onamandla onke uThixo wabo 15ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yesithandathu ngonyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo.

UHAGAYI 2

Ubunewu-newu bendlu entsha kaNdikhoyo

1Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yesixhenxe ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi: 2“Thetha kunyana kaShelatiyeli uZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, nakunyana kaYozadaki uYeshuwa umbingeleli omkhulu, nasebantwini bonke abaseleyo, uthi: 3‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto? 4Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. 5‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’

6“Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Kungekudalanje, ngaso isihlandlo esinye, ndiya kunyikimisa izulu nehlabathi, ndigungqise ulwandle nomhlaba owomileyo. 7Ndiya kuziphithizelisa zonke izizwe, ubutyebi bazo buziswe apha, le ndlu yam ndiyizalise ngesihomo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. 8‘Isiliva yeyam; kanti negolide yeyam,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. 9‘Indlu entsha yoba nesihomo esingaphezulu kunesihomo saleya indlu yangaphambili,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ukanti ke kuyo le ndawo ndiya kunika uxolo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

Umshumayeli uthetha nababingeleli

10Ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba ngonyaka wesibini wokulawula kukaDariyo ilizwi likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi: 11“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buza ababingeleli ukuba umthetho uthini na. 12Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ”

Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”

13Ke uHagayi wathi: “Ukuba umntu *unomlaza kukuphatha isidumbu, ngaba xa echukumise ukutya nako kutsho kube nomlaza?”

Ababingeleli baphendula bathi: “Ewe, kuba nomlaza.”

14Ke uHagayi waphendula wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ekuboneni kwam bakwanjalo aba bantu kwakunye nolu hlanga. Ewe, unjalo wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abanikela ngayo khona apho inomlaza.’ ”

UNdikhoyo uthembisa ngentsikelelo

15“ ‘Ke ngoku kugqaleni okwakusenzeka kwimihla edlulileyo xa beningekaqalisi ukubeka ilitye phezu kwelitye nisakha indlu kaNdikhoyo. 16Kaloku benisiya kwisitha sengqolowa nilindele isivuno esingamashumi amabini, nisuke nizuze ishumi elinye kuphela. Benisiya esixovululweni sewayini nilindele ukuzuza imilinganiselo emashumi mahlanu, kodwa nizuze amashumi amabini kuphela. 17Wonke umsebenzi wezandla zenu ndawubetha ngerusi, nesihumba, nesichotho, kodwa noko akubangakho namnye kuni ubuyela kum,’ utsho uNdikhoyo. 18‘Gqalani ke ukususela namhlanje kulo mhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba, suku olo zigqitywe ngalo iziseko zendlu kaThixo. Ze niqwalasele ke niyibone into eza kwenzeka. 19Ngaba isekho imbewu eseleyo koovimba? Kude kube ngoku izidiliya zenu, namakhiwane enu, ngokunjalo nemirharnati kunye neminquma yenu, ibingathwali ziqhamo, kodwa ke ukusukela namhlanje ndiza kunithamsanqela.’ ”

UNdikhoyo uthembisa uZerubhabheli

20Ilizwi *likaNdikhoyo laphinda lafika kuHagayi isihlandlo sesibini ngosuku lwamashumi amabini anesine lwaloo nyanga, lisithi: 21“Thetha kuZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, uthi: ‘Ndiza kulinyikimisa izulu nehlabathi, 22ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo. 23Ngaloo mini,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke, ‘ndiya kukuthabatha wena mkhonzi wam Zerubhabheli, nyana kaShelatiyeli,’ utsho uNdikhoyo, ‘ndikwenze ube ngumsesane wophawu lwam, kuba ndikunyule,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-