Bible Society of South Africa

To The Word – Day 121

2 Kings 21–25, Proverbs 8

Itekisi yeBhayibhile

2 YOOKUMKANI 21

UManase ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 33:1-20)

1UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha. 2Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli. 3Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula. 4Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayeyalele wathi: “Igama lam ndolimisa eJerusalem.” 5Kuzo zombini iinkundla endlwini kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga. 6Unyana wakhe wamfaka emlilweni, esenza idini ngaye. Wayethe phithi yimilingo nokuvumisa, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo, emqumbisa.

7Wathatha intsika ka-Ashera awayeyikrolile, wayifaka endlwini kaThixo, ukanti ke uNdikhoyo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli. 8Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, awuthobela wonke umthetho awawunikwa sisicaka sam uMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.” 9Kodwa akaphulaphulanga, kuba uManase wawalahlekisa ngangokuba wada wabalasela ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

10UNdikhoyo wathetha ngomlomo wezicaka zakhe *abashumayeli, wathi: 11“UManase ukumkani wakwaJuda wenze izono ezilumezayo. Yena ubalasele ekwenzeni okubi kunawo nama-Amori awayelapho ngaphambi kwakhe. Ngale mifanekiso yakhe uJuda umlukuhlele esonweni. 12Ngoko ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: ‘Niyabona, iJerusalem ndawonye noJuda ndiza kuyithobela isithwakumbe esiya kubetha zithi nzwii iindlebe zakhe wonke umntu ophulaphuleyo. 13Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule. 14Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo. 15Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

16Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.

17Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, nayo yonke imisebenzi yakhe ikunye neso sono sakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 18Ke uManase waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa emyezweni wakhe apho ebhotwe – lowo ke ngumyezo kaUza. Unyana wakhe uAmon wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

UAmon ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 33:21-25)

19Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha. 20KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. 21Yena wahamba ekhondweni likayise, akanxaxha; naye wanqula imifanekiso *yezithixo njengoyise, equbuda kuyo. 22Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.

23Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe. 24Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 26Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

2 YOOKUMKANI 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 22

Ukufunyanwa kwencwadi yomthetho

(2 Gan 34:1-2,8-28)

1UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye. Unina yayinguYedida intombi ka-Adaya waseBhozekati. 2Ke yena wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.

3Ngonyaka wakhe weshumi elinesibhozo ukumkani uJosiya wathumela unobhala onguShafan unyana ka-Azaliya kaMeshulam endlwini kaNdikhoyo, wathi kuye: 4“Yiya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, utsho alungise laa mali ibiziswe endlwini kaNdikhoyo, leya ibiqokelelwe ngabagcini-mnyango ebantwini. 5Yitsho bayigcinise kuloo madoda amiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Loo madoda ke wona aze ahlawule abasebenzi abahlaziya indlu kaNdikhoyo: 6abachweli, abakhi, neengcibi. Kananjalo mabathenge imithi namatye akroliweyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo. 7Kambe ke ze bangenzi nkcukacha yangxelo ngaloo mali isezandleni zabo, kuba bangabantu abasebenza ngentembeko.”

8UHilekiya umbingeleli omkhulu ke waxelela uShafan unobhala lowo, wathi: “Apha endlwini kaNdikhoyo ndifumene incwadi yomthetho.” Waza ke wamnika, ke yena uShafan wayifunda. 9UShafan lowo ke waya kukumkani, waza wamazisa wathi: “Izicaka zakho ziyikhuphile imali ebisendlwini kaNdikhoyo, zaza zayinikezela kubasebenzi nakwabo bongamele umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo.” 10Kananjalo ke unobhala lowo unguShafan wathi kukumkani: “Umbingeleli uHilekiya undinike incwadi.” Waza ke wayirhola, wayifundela ukumkani lowo.

11Uthe ke ukumkani akuweva amazwi encwadi leyo yomthetho, suka wazikrazula izambatho zakhe. 12Wamnika lo myalelo, ewubhekisa kumbingeleli uHilekiya, uAhikam unyana kaShafan, uAkibho unyana kaMikaya, uShafan unobhala, kunye noAsaya igosa likakumkani, esithi: 13“Hambani niye kuqondisisa kuNdikhoyo egameni lam, nelabantu, noJuda ephela, nibuzise ngako konke okubhaliweyo kule ncwadi ifunyenweyo. Awunganganto umsindo kaNdikhoyo ngakuthi ngenxa yoobawo abangazange bawathobele amazwi ale ncwadi. Ewe, abenzanga ngokufanelekileyo mayela namazwi athethwa yile ncwadi ngokubhekiselele kuthi.”

14Ke umbingeleli uHilekiya, noAhikam, uAkibho, uShafan, noAsaya, baya kuthetha nomshumayelikazi uHulda owayengumka-Shalum unyana kaTikiwa kaHarase, owayengumgcini wegumbi lezambatho. Yena wayehlala kwisithili sesibini eJerusalem.

15Ke yena wathetha nabo wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni loo mntu unithume kum nithi: 16Utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, le ndawo ndiza kuyizisela isithwakumbe kunye nabantu bayo, ngokwamazwi onke abhaliweyo kule ncwadi ayifundileyo ukumkani wakwaJuda. 17Kaloku bona bandilahlile, basuka benza iziqhumiso, besenzela thixo bambi, nto leyo iwuxhokonxileyo umsindo wam. Ewe, umsindo wam soze uthothe mayela neli lizwe; kaloku abantu balo basuke baxabisa imifanekiso abayenze ngezandla zabo. 18Mxeleleni ukumkani wakwaJuda onithume ukuba nize kubuzisa kuNdikhoyo nithi: La ngamazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokunxulumene namazwi owevileyo. 19Ke ngenxa yokuba wena uhlabekile, waza wazithoba kum wakuweva amazwi endawathethayo ngokubhekiselele kule ndawo nabantu bayo, xa ndandisithi baqalekisiwe, futhi le ndawo iya kwenziwa ibe yinkangala, wena ke ngenxa yokuba usuke walila wazikrazula izambatho zakho, mna Ndikhoyo ndithi ndikuvile. 20Ngoko ke ndiya kukubuyisela kooyihlo, ungcwatywe ngoxolo. Awakho amehlo akasayi kusibona isithwakumbe endiza kusithoba phezu kweli lizwe.’ ”

Loo mpendulo ke bâya kuyixelela ukumkani.

2 YOOKUMKANI 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 23

UJosiya uhlaziya umnqophiso

(2 Gan 34:3-7,29-33)

1Ke ukumkani uJosiya wawaqokelela onke amadoda amakhulu akwaJuda nawaseJerusalem. 2Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo. 3Ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso kunye noNdikhoyo, ethembisa ukulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko ekwenza ngomxhelo wakhe wonke, ngokwamazwi aloo mnqophiso wawubhalwe apho encwadini. Nabantu ke bathembisa bazibophelela apho emnqophisweni.

4Ukumkani wayalela umbingeleli omkhulu uHilekiya, nababingeleli abanganeno kwakhe, nabagcini-mnyango, ukuba bazisuse apho endlwini kaNdikhoyo zonke izinto ezazenzelwe uBhali noAshera neenkwenkwezi. Zonke ezo zinto wazitshisela ngaphandle kweJerusalem kwezo ntili zeKedron; ke lona uthuthu waluthatha walusa eBhetele. 5Wabadenda abo babingeleli banqula *izithixo, abo babemiselwe ngookumkani bakwaJuda ukuze benze iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo zonqulo kwiidolophu zakwaJuda, nakwezo zingqonge iJerusalem. Abo ke babesenzela uBhali iziqhumiso, besenzela ilanga, inyanga, nazo zonke iinkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. 6Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu. 7Wawachitha amagumbi awayehlala amahenyu apho endlwini kaNdikhoyo, apho abafazi babezalukela khona iimpahla zika-Ashera.

8UJosiya wabaqokelela bonke ababingeleli kwiidolophu zakwaJuda, waza wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, eqalela eGebha, wathi xhaxhe ngeBheshebha, ndawo ezo babeqhumisa kuzo ababingeleli abo. Wazidiliza izibingelelo emasangweni phaya, ekungeneni kwisango likaYoshuwa unolali elingasekhohlo kwisango lesixeko. 9Nangona ababingeleli beendawo eziphakamileyo zonqulo babengasebenzi kwiqonga likaNdikhoyo eJerusalem, kodwa babesitya isonka esinganyuswanga kunye noogxa babo abangababingeleli.

10UJosiya wayibhangisa iTofeti eyayikwintili yeBhen-hinom, ukuze ingabi sasetyenziselwa ukwenzela uMoleki amadini ngabantwana. 11Apho esangweni elingena endlwini kaNdikhoyo wawasusa loo mahashe ayenikezelwe ngookumkani bakwaJuda elangeni. Ayesenkundleni ngakwigumbi legosa ekwakuthiwa nguNatan-meleki. Neenqwelo ezazinikezelwe kwilanga wazitshisa.

12Wawadiliza amaqonga awayakhiwe ngookumkani bakwaJuda ngaphezu kwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, kunye naloo maqonga wawakhayo uManase kwiinkundla zombini zendlu kaNdikhoyo. Ewe, wawasusa wawadiliza ayimvuthuluka yenkunkuma awayiphosa kwintili yeKedron. 13Ke kaloku ukumkani wazixabhela neendawo eziphakamileyo zonqulo ezazikwimpuma yeJerusalem, ngezantsi kwenduli yomonakalo, ezo uSolomon ukumkani wamaSirayeli wayezakhele uAshtoreti isikizi lesithixokazi samaSidon, neendawo eziphakamileyo zonqulo zikaKemoshe, isikizi lesithixo samaMowabhi, nesikaMilikom isikizi lesithixo sama-Amon. 14UJosiya wazaphula iintsika zamatye, waza wazigawula iintsika zika-Ashera, waza ezo ndawo zazo wazigquma ngamathambo abantu.

15Walidiliza neqonga eliseBhetele, loo ndawo yonqulo yayenziwe nguJerobhowam unyana kaNebhati, lowo walukuhlela amaSirayeli esonweni, konke nje wakutshabalalisa, loo ndawo yonqulo wayitshisa wayisila yaluthuli, ngokunjalo nentsika ka-Ashera wayitshisa. 16UJosiya wakhangela ngapha nangapha waza wabona amangcwaba awayelapho kwelo thambeka, wathi makakhutshwe kuwo amathambo, waza wawatshisela eqongeni ukulixabhela ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa ngumfo wakwaThixo owazixelayo kwangaphambili ezo zinto.

17Ukumkani wathi: “Elaa litye lengcwaba ndilibonayo lelikabani?”

Amadoda eso sixeko athi kuye: “Eliya lingcwaba lomfo wakwaThixo owayevela kwaJuda, waza waxela ezi zinto uzenzileyo mayela neli qonga laseBhetele.”

18Wathi: “Liyekeni ke; makungaze kubekho mntu uwachukumisayo amathambo akhe.” Ngoko ke bawayeka amathambo akhe kunye nalawo omshumayeli owayevela eSamariya.

19Kwanjengoko wenzayo eBhetele uJosiya wazisusa wazixabela zonke izibingelelo ezindaweni eziphakamileyo zonqulo, ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli kwiidolophu zaseSamariya, nto leyo eyawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo. 20UJosiya wababulalela apho emaqongeni bonke ababingeleli bezo ndawo zonqulo, watshisa amathambo omntu kuloo maqonga. Waza ke wabuyela eJerusalem.

UJosiya umisela iPasika kwakhona

(2 Gan 35:1-19)

21Ke kaloku ukumkani wabanika umyalalelo bonke abantu othi: “Yenzani *iPasika *kaNdikhoyo uThixo wenu njengoko kubhaliweyo kule ncwadi yomnqophiso.” 22IPasika le ke yayingazange yenziwa, kwaukususela kwimihla yeenkokheli ezazikhokela uSirayeli, ingazange yenziwa nakwimihla yookumkani bakwaSirayeli, ngokunjalo nakweyâbo bakwaJuda. 23Kambe ke ngonyaka weshumi elinesibhozo kakumkani uJosiya yabhiyozelwa iPasika kaNdikhoyo eJerusalem.

Eminye imisebenzi kaJosiya

24Ngaphezu koko ke uJosiya wazibhangisa zonke izangoma namagqirha, nayo yonke imilonde-khaya nemifanekiso ezizithixo, nazo zonke izinto ezingamasikizi ezazifumaneka ezweni lakwaJuda naseJerusalem. Yonke ke loo nto wayenza efezekisa imiqathango yomthetho eyayibhalwe kuloo ncwadi yayifunyenwe ngumbingeleli uHilekiya endlwini kaNdikhoyo. 25Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.

26Nakuba kunjalo ke kodwa, yena uNdikhoyo akajikanga kwingcwangu yomsindo wakhe owawuvutha ngakuJuda, ngenxa yezinto awayemxhokonxe ngazo uManase. 27Ngoko ke uNdikhoyo wathi: “Ndiza kumgxotha phambi kwam uJuda kwanjengoko ndenzayo kuSirayeli; ewe, ndoyibukula iJerusalem, isixeko endasinyulayo, nditsho nkqu nayo le ndlu endandithethe ngayo ndathi: ‘Lohlala kuyo igama lam.’ ”

28Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, nayo yonke imizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

Ukufa kukaJosiya

(2 Gan 35:20-27)

29Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa. 30Ke amaphakathi akhe awuthatha umzimba kaJosiya apho eMegido, awuthwala ngenqwelo, aya nawo eJerusalem, afika amfaka engcwabeni lakhe. Abemi belizwe ke bathatha uYowahazi unyana kaJosiya, bamthambisa bammisela wangukumkani esikhundleni sikayise.

UYowahazi ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:2-4)

31Ukuqala kwakhe ukulawula uYowahazi wayeneminyaka emashumi mabini anantathu, walawula apho eJerusalem iinyanga zantathu. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya okhaya laliseLibhena. 32Naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu ngokwenza okubi emehlweni kaNdikhoyo. 33Ukumkani waseJiputa uNeko wamkhonkxa ngamatyathanga eRibhela, umhlaba waseHamati, waza ke akabi nako ukulawula apho eJerusalem. Kananjalo uJuda wammisela irhafu yeekhilogram zesiliva ezimawaka mathathu makhulu mane, kunye neekhilogram zegolide ezimashumi mathathu anane.

34Ke kaloku ukumkani waseJiputa uNeko lowo wathatha unyana kaJosiya uEliyakim wammisela wangukumkani esikhundleni sikayise, igama lakhe elo walijika wathi nguJoyakim. Ke yena uYowahazi wamfudusela eJiputa, apho wafela khona. 35UJoyakim wayeyikhupha loo siliva naloo golide yayimiselwe ngukumkani waseJiputa. Loo mrhumo ke wawukhupha ngokurhafisa abantu belizwe lakhe, bekhupha isiliva negolide ngokwezinto abanazo.

UJoyakim ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:5-8)

36UJoyakim waqalisa ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma. 37Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu.

2 YOOKUMKANI 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 24

1Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo. 2Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli. 3Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase, 4ndawonye nelo gazi limsulwa waliphalazayo. Kaloku iJerusalem wayizalisa ngegazi labamsulwa, ngoko ke uNdikhoyo wayengazimiselanga ukumxolela.

5Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, kunye nemisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 6UJoyakim waya kuphumla kooyise. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uJoyakin.

7Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.

UJoyakin ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:9-10)

8UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu. Unina yayinguNehushta intombi kaElinatan waseJerusalem. 9Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.

10Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga, 11waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe. 12Ke ukumkani wakwaJuda uJoyakin kunye nonina, nezicaka zakhe, izikhulu namagosa akhe, bebonke bazinikezela kukumkani waseBhabheli.

Ke kaloku kwathi kunyaka wesibhozo elawula ukumkani waseBhabheli wamthimba walibanjwa uJoyakin. 13Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli. 14Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.

15UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni. 16Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa. 17Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.

UZedekiya ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:11-12; Jer 52:1-3a)

18Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena. 19KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo. 20Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.

Ukuwa kweJerusalem

(2 Gan 36:13-21; Jer 52:3b-11)

UZedekiya wavukelana nokumkani waseBhabheli.

2 YOOKUMKANI 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 25

1Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Wamisa ngaphandle kwesixeko, wasingqinga ngokusakhela udonga. 2Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.

3Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala ibhokile apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya. 4Ke kaloku wonke umkhosi watyhoboza apho eludongeni ngobusuku, wasaba uphuma ngesango eliphakathi kwezo ndonga zimbini ngakumyezo kakumkani, nakuba wona amaKaledi ayesingqingile isixeko. Wabalekela ngakwintili yeJordan. 5Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wambamba uZedekiya nomkhosi wakhe xa asezinkqantosini zaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka, 6waza yena wathinjwa. Wathathwa wasiwa eRibhela kukumkani waseBhabheli, apho wagwetywa khona. 7Oonyana bakhe uZedekiya babulawa ekhangele. Yena uZedekiya bamtyhaphaza amehlo, baza bamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, baya naye eBhabheli.

Ukudilizwa kweJerusalem

(Jer 52:12-23)

8Ke kaloku kwathi ngomhla wesixhenxe wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli yagaleleka eJerusalem. 9Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izakhiwo zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa. 10Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem. 11UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abantu ababesekhona apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebewelele ngakumaBhabheli. 12Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abantu abahleleleke kakhulu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

13AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu kwakunye neenqwelo, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli. 14Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo. 15Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha neepani zesiqhumiso, kunye nezitya zokufefa, nayo yonke into eyayenziwe ngegolide okanye isiliva.

16Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi. 17Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, intloko elubhedu iyimitha enesithathu ukuphakama. Intloko nganye yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho zinomnatha zinjalo.

Abantu bakwaJuda basiwa eBhabheli

(Jer 52:24-27)

18Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu. 19Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha umphathi womkhosi kunye nesihlanu sabacebisi basebhotwe. Yamthatha nonobhala owayeligosa eliyintloko elihlela abomkhosi, kunye namahlakani akhe angamashumi amathandathu, bantu abo babeselapho esixekweni. 20Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela. 21Khona apho eRibhela kwelaseHamati ukumkani lowo wathi mababulawe.

Ngaloo ndlela ke amaJuda afuduselwa ekuthinjweni, kude lee nelizwe lakowawo.

UGedaliya umlawuli kwaJuda

(Jer 40:7-9; 41:1-3)

22Ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan wangumlawuli wâbo bantu wabashiyayo kwelakwaJuda. 23Ke amagosa omkhosi neqela lawo athi akuva ukuba ukumkani waseBhabheli umisele uGedaliya ukuba abe ngumlawuli, asuka aya kuye uGedaliya eMizpa: uIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan unyana kaKareya, uSeraya unyana kaTanumente umNetofa, noYazaniya unyana kaMahakati, bekunye neqela labo. 24Ke uGedaliya wawaqinisekisa loo madoda efunga esithi: “Musani ukuba naxhala niwoyike amagosa aseBhabheli. Kuphela nina hlalani phantsi nizinze kweli lizwe, nibuse ukumkani waseBhabheli; konke ke konilungela.”

25Kambe ke kwathi ngenyanga yesixhenxe wasuka uIshmayeli unyana kaNetaniya kaElishama, owayengumntwana wegazi, weza neshumi lamadoda, bambulala uGedaliya kunye namadoda akwaJuda namaBhabheli awayekunye naye eMizpa. 26Ngenxa yesi sihelegu ke bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinci bekunye namagosa omkhosi, bathi ngokoyika amaBhabheli basaba baya kwelaseJiputa.

Ukukhululwa kukaJoyakin

(Jer 52:31-34)

27Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe kwinyanga yeshumi elinambini. 28Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli. 29Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ixesha lobomi bakhe. 30Ukumkani lowo ke wathi rhoqo wamxhasa ngokutya uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.

2 YOOKUMKANI 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 8

Kubongwa ubulumko

1Yivani, nâbo ubulumko bumemeza!

Nayo ingqiqo nantso izazisa.

2Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba;

ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela.

3Nabo bungxang' emasangweni edolophu;

ewe, buyamemelela ekungeneni esixekweni:

4“Hoyina, ndibhenela kuni, nina nonke luntu;

ndiyanibiza nani, nzala yakwantu.

5Kambe nani, ziyatha, fundan' ingqiqo,

nani, nina zidenge, qalisan' ukuqonda.

6Phulaphulani, kuba ndiza kutheth' izintw' ezibalaseleyo;

yivani, kuba ndiza kuyixel' imfanelo.

7Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth' inyaniso,

kuba ke mna ndiyithiyil' inkohlakalo emilebeni yam.

8Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;

ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.

9Kumntu oqondayo onke acacile;

kwâbo baziyo onke alungile.

10Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;

ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.

11Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;

nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.

12“Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;

ndixakath' ulwazi kunye nokulungelelanisa.

13Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.

Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,

ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

14Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;

ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.

15Ewe, oozikumkani balawula ngam,

neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.

16Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:

oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.

17Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,

futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.

18Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,

batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.

19Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;

imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

20Ihambo yam bubulungisa bodwa;

iindlela zam zifanelekile.

21Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;

ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.

22“Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;

ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.

23Mna wandiqingqa kwasephakadeni,

kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.

24Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,

tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.

25Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;

neenduli zilibone emva kwam ilanga.

26Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;

ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!

27Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,

xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.

28Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,

nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.

29Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,

xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’

Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.

30Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;

ndandizele yimincili iimini ngeemini,

ndivuya apho ecaleni kwakhe.

31Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;

ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.

32“Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,

kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.

33Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;

sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.

34Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;

nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,

osoloko elindile emasangweni am phaya.

35Ozuze mna ke ubufumene ubomi;

uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.

36Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile;

kanti ke lowo undithiyileyo uthand' ukufa.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-