Bible Society of South Africa

To The Word – Day 117

2 Kings 1–5, Proverbs 6

Itekisi yeBhayibhile

2 YOOKUMKANI 1

UEliya nokumkani uAhaziya

1Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli. 2Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa, esithi kubo: “Hambani niye kubuzisa kuBhali-zabhubhe, uthixo wase-Ekron, ukuba ngaba ndophila na kule ngozi indihleleyo.”

3Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’ 4Naku ke akuthethayo uNdikhoyo: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa!’ ” Waza ke waya uEliya.

5Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”

6Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”

7Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”

8Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”

Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”

9Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”

10UEliya waphendula wathi kwelo gosa lomkhosi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.

11Kwesi sithuba ke ukumkani waphinda wathumela elinye igosa lomkhosi kwakuEliya, likwahamba namanye amashumi amahlanu amadoda. Elo gosa lafika lathi kuEliya: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Khawuleza uhle.’ ”

12UEliya waphendula wathi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, uvela kuThixo, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.

13Kwakhona ukumkani wathumela elesithathu igosa lomkhosi, lihamba namadoda alo angamashumi amahlanu. Eli ke lona igosa lathi lakufika kuEliya laguqa phambi kwakhe, lambongoza lathi: “Mfo wakwaThixo, ndiyakubongoza, yiba nenceba uvelane nam ngenxa yobomi bam nobu bala madoda angamashumi amahlanu, ezi zicaka zakho. 14Kaloku ngaphambili kuye kwehla umlilo ezulwini, wawatshisa amagosa amabini nabo bonke ababehamba nawo. Noko ke ngoku mabuxabiseke kuwe ubomi bam.”

15Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathetha noEliya sathi: “Musa ukoyika wena, hamba uhle nalo.” Ngoko ke uEliya wahamba nalo, wehla waya kukumkani.

16Wafika wathi kukumkani: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo na kwaSirayeli, le nto uthumela abathunywa baye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron? Ngenxa yale nto uyenzileyo ke, akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ” 17Ngenene ke wafa uAhaziya ngokwelizwi likaNdikhoyo elathethwa nguEliya.

Ke kaloku uAhaziya lo wayengenanyana, ngoko ke kwangena uYoram endaweni yakhe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wesibini kaYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaJuda. 18Ke zona iziganeko zolawulo luka-Ahaziya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

2 YOOKUMKANI 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 2

Ukunyuselwa ezulwini kukaEliya

1Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali. 2UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”

Kodwa yena uElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Bahamba ke baya eBhetele.

3Ke abashumayeli ababelapho eBhetele beza kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”

UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

4UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJeriko.”

UElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Ngoko ke bahamba baya eJeriko.

5Ke abashumayeli ababelapho eJeriko baya kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”

UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

6UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJordan.”

Ke yena wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe!” Ngoko ke bahamba bobabini.

7Ke kaloku amashumi amahlanu abashumayeli ahamba afika ema mganyana, ejonge ngakuloo ndawo babefike bema kuyo eJordan uEliya noElisha. 8Ke Eliya wawuthatha umnweba wakhe, wawusonga, waza wawabetha ngawo amanzi. Amanzi ke ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, baza ke bobabini bawela emhlabeni owomileyo.

9Besakuba bewelile ke, uEliya ubuze kuElisha wathi: “Khawutsho, yintoni ofuna ndikwenzele yona phambi kokuba ndahlukaniswe nawe?”

UElisha waphendula wathi: “Mandizuze isabelo esiphindiweyo somoya wakho, sibe lilifa lam.”

10UEliya wathi: “Ùcele into enzima, kambe ke ukuba undibonile xa ndahlukaniswa nawe, woyifumana; kungenjalo ke akunakuyifumana loo nto.”

11Bathe ke besahamba kunye njalo, suka kwee gqi inqwelo yomlilo enamahashe omlilo, yabahlukanisa, uEliya wenyuselwa ezulwini ngesaqhwithi. 12UElisha ke wayibona yonke loo nto, waza wakhala wathi: “Awu, tata wam, tata wam! Nâzo iinqwelo nabamahashe bakwaSirayeli!” UElisha ke akaphindanga ambone uEliya. Wazibamba ke iimpahla zakhe, wazikrazula zaziziqwenge ezibini.

13Wawuchola ke loo mnweba wawuwe kuEliya, waza waya kuma elunxwemeni lomlambo iJordan. 14Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.

15Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe. 16Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.”

UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”

17Kambe ke abo bashumayeli baphikelela ukuyithetha le nto, wada ke naye waneentloni ukubalela, wathi: “Wathumeni.” Bawathuma ke loo madoda angamashumi amahlanu, aza ke amfuna iintsuku zada zantathu, kodwa akamfumana. 18Athe ke akubuya engamfumananga, eza kuElisha owayehlala eJeriko, waza ke yena wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”

Imimangaliso kaElisha

19Ke amadoda eso sixeko athetha noElisha athi: “Mnumzana, uyayibona nawe le dolophu yethu ukuba imi endaweni entle, kodwa ke amanzi ayo mabi, nomhlaba wayo awunamveliso.”

20Wawaphendula wathi: “Yizani nesitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.” Ngenene beza naso ke.

21Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ” 22Nangoku ke loo manzi atsho anempilo unanamhlanje, ngokwelo lizwi lathethwa nguElisha.

23Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”

24Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe. 25Ukusuka apho ke waya kwintaba iKarmele, waza ke wasuka khona wabuyela eSamariya.

2 YOOKUMKANI 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 3

Uvukelo lweMowabhi

1UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini. 2Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke akadanga afike kumgangatho kayise nonina. Walisusa ilitye likaBhali, elo lalenziwe nguyise. 3Kambe ke naye wabambelela kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wayemlukuhlele kuzo uSirayeli; ewe, naye akashenxanga kuzo.

4Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka. 5Kambe ke akuba engasekho ukumkani uAhabhi, ukumkani waseMowabhi wamgwilikela ukumkani wakwaSirayeli. 6Ngoko ke ngelo thuba ukumkani uYoram waphuma eSamariya, wayiqokelela yonke imikhosi kaSirayeli. 7Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?”

Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”

8Waza ke wathi: “Sovela ngaliphi na icala xa sibahlaselayo?”

UYoram waphendula ngelithi: “Ngentlango yase-Edom.”

9Waphuma ke ngoko ukumkani wakwaSirayeli, enokumkani wakwaJuda nowase-Edom. Emva kwendlela ejikelezayo yeentsuku ezisixhenxe umkhosi lowo waphelelwa ngamanzi, akwabikho nala emfuyo. 10Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”

11UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”

Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”

12UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.

13Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!”

Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”

14Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi. 15Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.”

Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo, 16waza wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Yenzani imisele kule ntili.’ 17Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’ 18Leyo ke yinto elula kuNdikhoyo; noMowabhi lowo womnikela esandleni senu. 19Zonke izixeko ezinqatyisiweyo kunye nezo zizezona zibalulekileyo niya kuzoyisa. Yonke imithi emihle niya kuyigawula, niyivingce yonke imithombo, namasimi endyebo onke niwonakalise ngamatye.”

20Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.

21Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni. 22Ukuvuka kwawo kusasa ilanga lalikhazimla emanzini. Ke kaloku ngaphesheya phaya kumaMowabhi amanzi lawo asuka angathi abomvu njengegazi. 23Athi: “Hayi bo, ligazi eliya! Ookumkani abaya fana balwe bodwa babulalana. Phakathi, maMowabhi! Amaxhoba ahlel' odwa!”

24Kodwa ke athi akufika ekampini yamaSirayeli amaMowabhi lawo, suka avuka amaSirayeli, alwa ada awasukela. Hayi ke, amaSirayeli alihlasela elo lamaMowabhi, akawabulala awaxhela. 25Azitshabalalisa iidolophu, aza kuloo masimi anendyebo yayileyo indoda yaphosa ilitye, yaza yaba lilitye nje kuloo masimi. Ayivingca imithombo, ayigawula nemithi emihle. YiKir-hareshete yodwa ekungazange kuchukunyiswe nelitye eli kuyo, kodwa nayo amadoda axhobe *ngeenkwitshi ayingqinga ayihlasela.

26Uthe ke akubona ukuba idabi limongamele ukumkani waseMowabhi, suka wathatha amakhulu asixhenxe amadoda alwa ngeentshuntshe, wazama ukutyhoboza aphumele kukumkani wase-Edom, kambe ke woyiswa nayile into. 27Ngoku ke wathatha unyana wakhe oyinkulu, eyayiza kuba ngukumkani xa yena engasekho, wenza ngaye idini elitshiswayo phezu kodonga lwesixeko eso. Ke kaloku amaSirayeli akhamnqa ngendlela engathethekiyo; aza ke ahlehla agoduka.

2 YOOKUMKANI 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 4

Amafutha omhlolokazi

1Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”

2UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda kanjani ke? Khawutsho, unantoni endlwini yakho?”

Ke yena wathi: “Akukho nto sinayo isicakazana sakho esi ngaphandle kwengqayana yamafutha omnquma.”

3UElisha wathi: “Khawuhamba-hambe ujikeleze ebumelwaneni, ufune iingqayi ezingenanto, zingabi mbalwa, koko zibe ninzi. 4Wakuba uzifumene ke, ngena endlwini yakho noonyana bakho, nizivalele khona. Uze ke ugalele amafutha lawo kwezo ngqayi zonke. Yakuzala enye yibeke bucala.”

5Bahlukana ke, waza wazivalela noonyana bakhe apho endlwini. Bazizisa kuye iingqayi, waza ke yena wamana ezizalisa ngamafutha omnquma. 6Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.”

Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.

7Wahamba ke waya kuxelela umfo wakwaThixo owathi kuye: “Hamba uye kuthengisa loo mafutha, uhlawule amatyala akho. Aseleyo ke nophila ngawo, wena noonyana bakho.”

Ukuphiliswa konyana womShunemikazi

8Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo. 9Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo. 10Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”

11Efikile ke ngenye imini uElisha, wangena apho kwelo gumbi lakhe, wangqengqa. 12Wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Khawubize lo mfazi womShunem eze apha.”

Wambiza ke, waza wafika wema phambi kwakhe. 13UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ”

Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”

14UElisha wathi: “Ngaba angenzelwa ntoni na?”

UGehazi wathi: “Ngathi akananyana, ibe ke nendoda yakhe seyikhulile.”

15UElisha wathi: “Mbize.”

Ngoko ke wambiza, waza wafika wema emnyango. 16UElisha wabhekisa kuye wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo uya kuba usingathe unyana ezandleni zakho.”

Ke kaloku yena wathi: “Hayi, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukusikhohlisa isicakazana sakho.”

17Ewe, umfazi lowo ke wamitha, waza ke kunyaka olandelayo malunga nelo thuba wafumana unyana ngokwelizwi elalithethwe nguElisha.

18Akukhula ke umntwana lowo, ngamhla uthile waya kuyise owayesemasimini nabavuni. 19Wathi kuyise: “Intloko yam; intloko yam!”

Uyise ke wabhekisa kwisicaka sakhe, wathi: “Mthwale umse kunina.” 20Samthwala ke, samsa kunina, umntwana lowo wahlala njalo esingathiwe ngunina, kwada kwasemini, waza ke wasweleka. 21Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.

22Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”

23Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”

Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”

24Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.” 25Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.

Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza! 26Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”

“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.

27Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”

28Umfazi lowo wathi: “Ngaba ndakha ndamcela na umntwana kuwe, nkosi yam? Ndandingatshongo na ukuthi: ‘Musa ukundinika ilize lethemba’?”

29UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”

30Kodwa ke unina womntwana wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ukho nje nawe, andiyi kuhamba ngaphandle kwakho.” Ngoko ke waphakama uElisha wamlandela.

31Ke kaloku uGehazi wabakhokela, wafika wabeka induku leyo phezu kobuso benkwenkwe, kodwa ke kwathi cwaka akwabikho kusabela. Ke uGehazi wajika wahlangabeza uElisha wamxelela esithi: “Laa nkwenkwe ayivuki tu.”

32Ekufikeni kwakhe ke uElisha kwelo khaya, wafumana inkwenkwe leyo isemandlalweni wakhe, iseliswelekile. 33Akufika ke wangena apho egumbini, waza waluvala ucango, basala bobabini, waza ke wathandaza uNdikhoyo. 34Ngoko ke wazolula apho phezu kwaloo nkwenkwe, yangumlomo emlonyeni, neliso elisweni, nezandla ezandleni. Kuthe ke kusenjalo, suka waya ufudumala ngokufudumala umzimba wenkwenkwe leyo. 35UElisha ke wakhe wayishiya, wahamba-hamba apho endlwini, waza ke waphinda wabuya wazolula apho phezu kwenkwenkwana. Ke inkwenkwe leyo yathimla kasixhenxe, yaza ke yawavula amehlo ayo.

36UElisha wayalela uGehazi wathi: “Khawubize umShunemikazi lowo!” Wambiza ke, kwathi akuba efikile wathi: “Thatha, nanko unyana wakho!” 37Wangena ke, wavova, waguqa emhlabeni. Waza ke wasuka wamthatha unyana wakhe lowo, waphuma.

Imbiza enokufa

38Ke uElisha wabuyela eGiligali. Ngelo thuba kwakukho imbalela kuloo ngingqi. Ke kaloku iqela labashumayeli lalihleli phambi kwakhe, waza wathi kwihlakani lakhe: “Thatha imbiza enkulu, uphekele aba bashumayeli isityu.”

39Omnye wâbo bashumayeli waphuma, waya emasimini, wafika waqokelela amathangazana. Wawaqokelela wawaqushula ngesondo lengubo yakhe. Akubuya ke wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, nakuba kwakungekho mntu uwaziyo into ayiyo. 40Isityu eso ke saphakwa sanikwa loo madoda, kodwa ke athe xa aqalayo ukutya akhala athi: “Mfo wakwaThixo, ukufa kusembizeni!” Akaba nako ke ukusitya esi sityu.

41Ke uElisha wathi: “Ndiziseleni umgubo wengqolowa.” Wawuthatha ke, wawugalela apho embizeni, wathi: “Phakelani abantu batye.” Bakutya ke ukutya oko kungenasikhwa.

Ukudliswa kwabantu abalikhulu

42Ke kaloku kwafika umfo othile, evela eBhali-shalisha, ezisele umfo wakwaThixo izonka ezinerhasi ezimashumi mabini. Zazenziwe ngolibo lwerhasi. Kananjalo wayephethe nezikhwebu zolibo olo. UElisha wathi kuye: “Yipha abantu batye.”

43Kambe ke saphendula isicaka sathi: “Ndingathini ukubeka intwana engaka phambi kwabantu abalikhulu?”

Kodwa ke uElisha wathi: “Yipha abantu batye. Kaloku *uNdikhoyo uthi: ‘Baya kutya bade bakushiye.’ ” 44Wakuthatha ke wakunika abantu, baza batya bada bakushiya, ngokomlomo kaNdikhoyo.

2 YOOKUMKANI 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YOOKUMKANI 5

Ukuphiliswa kukaNahaman

1Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa. 2Ke iqela elithile lama-Aram laphuma lahlasela uSirayeli, laza lathimba ntombazana ithile, yaza ke yaya kusebenzela umka-Nahaman. 3Ke yona yathi apho kuloo mfazi: “Akwaba inkosi yam le ibingabonana *nomshumayeli okweliya laseSamariya! Ebengayiphilisayo kweli qhenqa layo.”

4UNahaman waya enkosini yakhe, wayibikela oko kuthethwe yintombazana yakwaSirayeli. 5Ke ukumkani wakwa-Aram wathi: “Kulungile, ungaya; ndokuphathisa neleta eya kukumkani wakwaSirayeli.” Wanduluka ke ngoko uNahaman ephethe amashumi amathathu amawaka esiliva, nesithandatu samawaka egolide, kunye neshumi lezambatho zokutshintsha ezenziwe ngelaphu elihle kunene. 6Loo leta wayisayo kukumkani wakwaSirayeli yayisithi: “Le leta ipheleka iphakathi lam uNahaman, endimthumela kuwe, khon' ukuze umnyange kwelo qhenqa lakhe.”

7Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”

8Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.” 9Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha. 10UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”

11Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke. 12Kanti, ngaba akukho mlambo ngoku eDamasko? Ziye phi iAbhana neFarpare, imilambo yokwenyani edlula nawuphi na okwaSirayeli? Bendingehlambi khona ndihlambuluke?” Wajika, wahamba enomsindo.

13Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!” 14Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.

15Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”

16Ke umshumayeli waphendula wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, lo ndimkhonzayo, andisayi kwamkela nento le!” Ewe, wala kwaphela, nakuba wazamayo ukumcenga uNahaman.

17UNahaman waqhuba wenjenje: “Xa ke ungavumi ke, nkosi yam, mna ke ndiyakubongoza, mna sicaka sakho, mandiphiwe umhlaba ongumthwalo olingene iimeyile ezimbini, kuba kaloku mna sicaka sakho andisoze ndiphinde nditshise madini, ndenze naminikelo kuthixo ongomnye ngaphandle koNdikhoyo. 18Kodwa ke uNdikhoyo makandixolele mna sicaka sakho, ngenxa yale ndawo: kaloku kuza kuthi xa inkosi yam ingena kwisibingelelo sikaRimon, isiya kunqula khona, ide ibambelele nakule ngalo yam, nam kofuneka ndikhahlele. Ewe, into endiyicelayo kukuba ndithi xa ndinqula apho esibingelelweni sikaRimon, uNdikhoyo andixolele mna sicaka sakho ngaloo nto.”

19UElisha wathi kuye: “Hamba ngoxolo!”

Emzuzwini, uNahaman selehambe umgama othile, 20uGehazi ihlakani likaElisha, umfo wakwaThixo, wathetha yedwa wathi: “Hayi khona, inkosi yam le ide yagabadela ukumlungiselela oku lo mAram unguNahaman. Ingathini ukude ingathathi nomrhumo aze nawo lo? Hayi, suka; ekho nje uNdikhoyo, ndiza kumsukela, ukuze ndibe nento endiyifumanayo kuye!”

21Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”

22UGehazi uphendule wathi: “Hayi, akukho monakalo. Nto nje inkosi yam indithumile isithi: ‘Kukho bafana babini beqela labashumayeli abakhov' ukufika, bephuma kweleentaba lakwaEfrayim. Ngoko ke nceda ubaphe amawaka amathathu esiliva nezambatho ezibini zokutshintsha.’ ”

23UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe. 24Akufika endulini uGehazi wawuthatha loo mthwalo apho kwizicaka, waya kuwubeka endlwini. Ke zona izicaka ezo wazindulula zemka. 25Kamva ke wangena waya kwinkosi yakhe uElisha.

UElisha wabuza ke wathi: “Uvela phi na, Gehazi?”

UGehazi waphendula wathi: “Hayi, nkosi yam, isicaka esi sakho asiveli ndawo!”

26Waza ke uElisha wathi kuye: “Andithi na kaloku umoya wam ubukunye nawe okuya laa ndoda ibisihla enqwelweni ikuhlangabeza? Uthi ngaba eli lixesha lokwamkela imali, okanye impahla, izinquma, izidiliya, imihlambi yeegusha neyeenkomo, okanye izicaka ezibhinqileyo nezingamadoda? 27Ngoko ke iqhenqa likaNahaman liya kuthi nca kuwe nakwisizukulwana sakho naphakade.”

Ewe, uGehazi wathi esimka apho kuElisha wayeseleneqhenqa, emhlophe qhwa oku kwephepha!

2 YOOKUMKANI 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 6

Ezinye izilumkiso

1Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu,

wabambana nomnye ngesandla,

2waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho,

wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,

3nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho:

hamba uzithobe kuye,

umbongoze akukhulule.

4Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto,

ungaphumli nokuphumla oku.

5Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli,

okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.

6Yiya embovaneni, vilandini;

qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.

7Kaloku yona ayinankosi,

ingenamlawuli nankokheli,

8kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,

izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.

9Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?

Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?

10Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,

khe ndisonge izandla, ndiphumle.”

11Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi.

Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!

12Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimi

ngungantweni wetshijolo.

13Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo,

egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe.

14Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe;

ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu.

15Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo,

atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka.

16Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo;

gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:

17amehlo endelelo,

ulwimi oluxokayo,

izandla eziphalaza igazi elimsulwa,

18intliziyo eceba amayelenqe,

iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,

19ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso,

nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.

Isiyalo ngabakrexezi

20Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,

ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

21Amazwi abo wamilisele engqondweni yakho nanini nanini,

uwagaxele abe sisihombo entanyeni yakho.

22Ewe, la mazwi aya kukukhokela endleleni yakho,

abe ngumlindi wakho xa ulele,

aze athethe nawe xa uvukile.

23Kaloku imiyalelo isisibane;

zona iziluleko zilukhanyiso;

ingqeqesho ekukhalimelayo ingundoqo wobomi.

24Zizo ezinokukukhwebula kumfazi oziphethe kakubi,

zikuhlangule kumfazi wasemzini olwimi lugudileyo.

25Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe;

sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.

26Ihenyukazi ungalithenga nangesonka,

kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.

27Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umlilo

ize impahla yakho ingatshi?

28Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo

zize zingatshi iinyawo zakho?

29Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu:

akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.

30Aligxekwa kangako isela

xa lisiba kuba lilambile.

31Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,

lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.

32Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;

ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.

33Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;

futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.

34Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu;

ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.

35Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo,

kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-