Bible Society of South Africa

To The Word – Day 105

Isaiah 52–55, Matthew 16

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 52

IJerusalem yohlangulwa

1Vuka! Vuka, Ziyon!

Khawuvath' amandla nokomelela;

khawufak' ezingayiwayo ngokundileka.

Awu, Jerusalem, sixekondini esingcwele,

kula masango soze babe sangena abangalukanga nâbo *bagqwalisekileyo.

2Vuk' uvuthulul' uthuli olo;

mbanjwandini Jerusalem, khululeka.

Thukulul' amakhamandel' akukhonkxileyo,

ungqendeve, mthinjwandini Ziyon.

3UNdikhoyo uthi:

“Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe,

ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”

4Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi:

“Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa;

kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.

5Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo.

“Kaloku abantu bam baqweqwedisiwe

bangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo,

nabaphathi babo baphoxisa ngabo.

Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.

6Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam,

baqonde ukuba ndim owatshoyo,

ewe, ndim kanye!”

7Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,

sipheth' iindaba ezimnandi,

sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!

Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”

Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:

“UThixo wakho uyalawula.”

8Abalindi batsho ngentswahla,

batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye.

Kaloku ngoku sebebona ngamehlo;

nanko uNdikhoyo engena eZiyon!

9Dandulukani ngemivuyo nemincili

nani ke, mabhodlo aseJerusalem.

UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe,

ayikhulule iJerusalem.

10Yena wosebenza ngamandla awodwa,

zibone zonke izizwe,

usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.

11Ke nina phumani, hambani nimke apho,

ningachukumisi nento le *enomlaza.

Phumani ningenabala nimsulwa,

baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.

12Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha.

Kaloku animki ngakuba nibhaca,

koko nikhokelwa nguNdikhoyo.

UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.

Isicaka soyisa kwiimbandezelo

13*UNdikhoyo uthi:

“Isicaka sam sophumelela;

siya kuphakamela phezulu ngendumasi.

14Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona;

suka santleke-ntleke asazeka,

imbonakalo yaso ingachazeki,

singasafani nanyana wamntu.

15Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi,

izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo.

Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”

UISAYA 53

1Ke abantu bophendula bathi:

“Ngubani ongékholiwe ludaba esiluvileyo?

Ngubani ongéwuqondile umnwe kaNdikhoyo?

2Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo,

suke asabi namfaneleko nabunganga,

saba ngasijonga asabi namtsalane.

3Abantu basidelile basibukula,

saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.

Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;

saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

4“Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,

inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.

Ngenene thina besiba ubandezelekile,

sisithi uyabethwa nguThixo.

5Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;

ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.

Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;

thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

6Sonke salahleka njengeegusha,

elowo wabhadula ngeyakhe indlela;

ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.

7“Ewe, yena waphathwa gadalala,

kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.

Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,

wathi cwaka njengegusha ichetywa;

ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.

8Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.

Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?

Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;

wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.

9Engcwabeni walala nezikhohlakali,

ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,

nakuba wayengenzanga lugonyamelo,

engazange waba ngokhohlisayo.

10Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,

khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.

Ngoko ke wobona nezizukulwana;

uya kukhula ade akhokhobe;

ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.

11Ngenxa yembandezelo yakhe

wobuya axhamle ulonwabo.

Uthi uNdikhoyo:

“Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayo

abaninzi bofumana ubulungisa.

Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.

12Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho,

abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha.

Kaloku waziqongqothela ekufeni,

wada wabalwa nabakreqi.

Kaloku usithwele isono sabaninzi,

wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”

UISAYA 54

Ukuthandwa kweJerusalem

1Danduluka utyibele, ludlolondini Jerusalem!

Ewe, hlabel' ingoma umemelele kaloku,

nawe, wen' ungazange wayiva inimba.

Kaloku lona usizana loba ngunobantwana;

loba ngaphezu kwakhe umfaz' onendoda.

Ewe, *nguNdikhoyo oyithethileyo loo nto.

2Yandise loo ndawo uhlala kuyo;

sukuthandabuza, yolule nemikhusane yentente yakho;

zandise iintsontelo, uzibethelele ziqine izikhonkwane.

3Kaloku uza kunabela macalana onke;

isizukulwana sakho siya kuzithimba izizwe,

umhlaba ubuyele kuso,

size sime kwezo zixeko zingamabhodlo.

4Musa ukuxhala, awuyi kungena hlazweni;

ungaphithizeli, awusayi kuthotywa.

Ihlazo lobutsha bakho lona lolibaleka,

ungabi sasikhumbula nesingcikivo sobuhlolokazi.

5Kaloku nguMenzi wakho indoda yakho;

igama lakhe ke nguNdikhoyo uSomandla.

NguYedwa kaSirayeli uMkhululi wakho;

kuthiwa nguThixo wehlabathi jikelele.

6Ngoku uNdikhoyo uphinde wakubuyela,

njengomfazi osel' enomvandedwa kukushiywa,

nditsho umfazana owaliweyo.

Kodwa ke uThixo wakho uthi:

7“Ndakulahla okomzuzwana nje kuphela;

ngoku ke ndikubuyisa sendiyimvuze-mvuze luthando.

8Ndakufulathela ndinengqumbo okomzuzwana nje;

ngoku ke ndikuthanda ngothando olungenabuyambo;

ewe, ndiyavakalelwa ngenxa yakho.”

Utsho ke uNdikhoyo uMkhululi wakho.

9“Ngexesha likaNowa ndenza isifungo

sokungaphindi ndilintywilisele ihlabathi.

Nangoku ke ndithi soze ndiphinde ndicaphuke;

andiphindi ndikukhalimele ngoburhalarhume.

10Ewe, iintaba zingadilika,

ke zona iinduli zinyamalale,

kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,

nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”

Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.

Ukuhlaziywa kweJerusalem

11“Jerusalem exhwalekileyo, sixekondini siselusizini,

nkedamandini engenaye nomthuthuzeli,

mna ndiza kukwakha ngamatye odidi,

iziseko zakho ndizizinzise ngamatye anqabileyo.

12Iinqaba zakho ndozakha ngeerubhi,

amasango ndiwakhe ngamatye abengezelayo,

iindonga ndizijikeleze ngamatye anqabileyo.

13Oonyana bakho baya kufundiswa *nguNdikhoyo,

ikamva labo ndilithi jize ngenkqubela noxolo.

14Ndokuxhasa ngobulungisa nolungelelwano;

ingcinezelo sobe ibe sakuchukumisa,

futhi akusayi kugrogriswa mntu konke.

15Nabani na okuhlaselayo uchasene nam;

umntu olwa nawe akasayi kuphumelela.

16“Kaloku umtyhidi udalwe ndim lo;

ubasa umlilo aze atyhide izixhobo.

Kwankqu nejoni elitshabalalisayo lidalwe kwandim lo,

nditsho elo lisebenzisa ezo zixhobo.

17Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,

uya kumphendula nabani na okumangalelayo.

Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;

ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”

Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!

UISAYA 55

Inceba kaThixo sisisa

1*UNdikhoyo unimema esenjenje:

“Yizani nonke nina ninxaniweyo;

yizani xa ninonke, nanga amanzi.

Yizani nonke, nabo bangenamali;

thengani, naku ukutya nitye.

Yizani nizenzele kwiwayini nobisi;

xa iyonke loo nto sisimahla.

2Sanukuchitha imali ngento engahluthisiyo.

Ngani ukuba nibulaleke ninganeli noko?

Ndiphulaphuleni nize nindithobele,

khon' ukuze nixhamle ubuncwane obanelisayo.

3Bekani indlebe, nize kum;

phulaphulani, nixhamle ubomi.

Ndonenzela umnqophiso waphakade,

ndiniphathe ngezibele endazithembisa uDavide,

4endammiselayo waba lingqina lam ezizweni,

inkokheli nomlawuli ezintlangeni.

5Ngoku niya kumema iintlanga eningazaziyo;

izizwe ezinganaziyo ziya kunilangazelela

ngenxa kaNdikhoyo uThixo wenu.

Lowo ke nguYedwa kaSirayeli.

Kaloku yena unithe jize ngesihomo.”

6Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;

bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

7Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,

netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.

Maliguquke, lize kuNdikhoyo;

yena wosuka abe novelwano lilo.

Malize kuThixo wethu,

kuba yena uxolela kangangoko.

8“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,

neendlela zenu azifani nezam,”

utsho yena uNdikhoyo!

9“Njengokuphakama kwezulu emhlabeni

ziphakamile neendlela zam kunezenu,

kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.

10Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula:

ziphuma esibhakabhakeni,

kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba,

zikhulise izityalo,

umlimi zimnike imbewu,

olambileyo zimnike ukutya.

11Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:

alibuyi lilambatha,

koko liyawufezekisa umnqweno wam,

liliqaqambise icebo lam.

12Nophuma nimemelela ngovuyo,

nihambe ningumngcelele owonwabileyo.

Iintaba neenduli phakathi kwenu

zosuka zingqokole zitsho ngengoma,

amahlathi nemithi atsho ngentswahla luvuyo.

13Endaweni yomqaqoba kovela imipayini,

kukhule imetlani endaweni yobobo.

Loo nto ke yoba ludumo lukaNdikhoyo –

umqondiso ongasoz' uthini!”

UMATEWU 16

AbaFarasi nabaSadusi bafuna umqondiso

(Marko 8:11-13; Luka 12:54-56)

1*AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini. 2Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’ 3Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?] 4Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.

Igwele labaFarasi nabaSadusi

(Marko 8:14-21)

5Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka; 6waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”

7Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.”

8UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane? 9Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu? 10Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe? 11Yini na okokuba ningaqondi ukuba bendingathethi sonka xa bendisithi kuni: ‘Lilumkeleni igwele labaFarasi nabaSadusi’?” 12Baqonda ke ngoko ukuba uYesu ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka, koko wayesithi mabalumkele imfundiso yabaFarasi nabaSadusi.

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

(Marko 8:27-30; Luka 9:18-21)

13UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?”

14Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.”

15Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”

16Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”

17Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini. 18Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa. 19Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.” 20Wabayala ke abafundi bakhe ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKrestu.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

(Marko 8:31 – 9:1; Luka 9:22-27)

21Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu. 22UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.”

23Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.”

24UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele; 25kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. 26Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe? 27Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo. 28Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-