Bible Society of South Africa

To The Word – Day 104

Isaiah 48–51, Matthew 14–15

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 48

Ikamva lilawulwa nguThixo

1*UNdikhoyo uthi:

“Khanibek' iindlebe,

ndlu kaYakobi;

nditsho nina babizwa ngoSirayeli,

nina bomnombo kaJuda,

nina bafunga igama likaNdikhoyo,

nina bathi banqula uThixo kaSirayeli,

kodwa ngenene nisitsho nje ngomlomo!

2Kanti kwanina niyazidla,

niqhayisa ngokuthi nina ningabemi besixeko sikaNdikhoyo;

nithi nina nixhomekeke kuThixo kaSirayeli,

ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

3“Kudala-dala ndatsho kwangonoquku;

ewe, ndazixela izinto eziza kuhla,

kamva ke ndatsho suka zenzeka njengoko.

4Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,

ntondini eqinis' intamo,

lityendini lenyengane!

5Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,

izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,

khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.

6Konke endakuxelayo kwenzekile.

Vuma kaloku!

Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,

imfihlakalo eningazange nayazi.

7Ewe, ndiyidala ngoku;

into enje zange yenzeke ngaphambili.

Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.

8Zange uve uqonde nakuqonda,

kuba ubungenako kakade.

Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;

ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.

9Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;

ngenxa yodumo lwam ndiyazithibaza

ukuze ndingakutshabalalisi.

10Andinivavanyanga eziko okwesiliva,

kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.

11Kungenxa yam ukuba ndenjenje;

soze ndiliyekele ngehlazo igama lam,

kungekho bani wosizuza neso sihomo.

Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”

UKoreshi umiswe nguNdikhoyo

12*UNdikhoyo uthi:

“Bek' iindlebe uphulaphule, Yakobi,

nditsho wena, Sirayeli endakubizayo.

Mna ndinguNdikhoyo: ndingowokuqala,

ndikwangowokugqibela.

13Ndim owamisa iziseko zehlabathi;

ndim lo owawatwabululayo amazulu.

Ndithetha ngelizwi, zisuke zibekho.

14Qokelelanani niphulaphule xa ninonke.

Kakade sisiphi *isithixo esinokuvakalisa into enjengale?

Ndinyule oza kuhlasela iBhabheli.

Yena uza kwenza oko kufunwa ndim.

15Kaloku ndim ngokwam endathethayo,

ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.

16Khawusondele ke uphulaphule.

Kwasekuqaleni ndathetha ngokuphandle,

futhi nokufezeka kwazo kokwam.”

Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo undithumile,

wandixhobisa ngoMoya wakhe.

Injongo kaNdikhoyo ngabantu bakhe

17Utsho ke *uNdikhoyo,

uMkhululi wakho,

uYedwa kaSirayeli:

“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.

Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;

ndikufaka endleleni ekufaneleyo.

18Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.

Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,

budlobe okwamaza ubulungisa bakho.

19Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,

lingaze linqanyulwe igama lakho,

kananjalo lingaze litshabalale.”

20Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!

Bhengezani ngemihlali;

ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:

“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”

21Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyo

abantu bakhe zange bafe lunxano;

wabakhuphela amanzi eliweni,

suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!

22Ewe, uNdikhoyo uthi:

“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

UISAYA 49

Ukhanyiso lwezizwe

1I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!

Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!

*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;

ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.

2Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;

ewe, yena wandifumbatha ngesandla,

wandicikiza ngathi uhombisa utolo,

wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.

3Ke yena wathetha nam, wathi:

“Wena usisicaka sam, Sirayeli;

ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”

4Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;

umzabalazo wam ungamampunge.

Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;

nguThixo wam oya kundibuyekeza.”

5UNdikhoyo owandibumba esizalweni,

wandenza isicaka sakhe,

ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,

ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.

Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;

amandla am ampompoza kuThixo wam.

6UNdikhoyo uthethe wenjenje:

“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,

uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,

koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,

ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.

7UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,

lowo unguMkhululi wakhe,

uthi kulowo udelwe mpela-mpela,

nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,

lowo usisicaka seziphathamandla:

“Izikumkani ziya kukubona;

ewe, ziya kuphakama zikhahlele,

namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”

Yonke loo nto ke iza kwenzeka

kuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,

nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.

Abasayi kunxanwa balambe

8*UNdikhoyo uthi:

“Ayeza amathuba akholekileyo,

imihla yokusindiswa.

Ke mna ndiya kukusiza,

ndisabele ndakuva uzibika.

Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,

ngawe ndenze umnqophiso nabantu.

Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,

ndilabe eliyinkangala libe lilifa,

9amabanjwa uwathethele uthi:

‘Yinkululeko; khululekani;’

uthi kwabo basebumnyameni:

‘Phumani, nize ekukhanyeni.’

“Bona baya kutya ngasezindleleni

njengeegusha ezitya ezindulini.

10Abayi kubuya balambe banxanwe;

ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.

Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,

abakhokelele kwimithombo empompozayo.

11Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,

abantu bam ndibahlahlel' indlela.

12Bona bothi gqi kwelikude –

nditsho kwelasentla nasentshonalanga –

bophum' eSinim kwelasezantsi.”

13Memelelani ngovuyo, nina mazulu;

yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;

hlokomani nivume, nina zintaba!

Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;

uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.

14Ke yena uZiyon uthi:

“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;

iNkosi isuke yandilibala.”

15Waphendula ke esithi:

“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,

ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?

Noba ke yena angade amlibale,

okokwam ke mna soze ndikufulathele,

16kuba igama lakho ndilivambile,

ndilithe tyaba esandleni sam;

iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.

17Bayeza oonyana bakho;

baza kuphinda bakuvuse;

abakutshabalalisayo bayemka.

18Khawulaqaze uqwalasele:

nâbo oonyana bakho bexhontelana;

nâbo bebuya begxalathelana.

Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,

nawe wozingca ngoonyana bakho,

uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.

19“Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha,

kodwa ngoku loba lincinane kunabo,

lingabalingani abo babuyela kulo;

abo balibhukuqayo boba sebekude.

20Abantwana obazalele ekuxhwalekeni

ngeny' imini baya kuthi kuwe:

‘Lo mhlaba mncinane gqitha;

sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’

21Uya kwandula ke uthi:

‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?

Ndandingaphathi, ndiludlolo;

kaloku ndathinjwa ndagxothwa.

Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?

Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,

ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”

22UMhlekazi uNdikhoyo uthi:

“Ndiya kuzikhweba iintlanga,

ndiziphakamisele imbasa yam izizwe,

zitsho zize nalo usapho lwakho,

zibabeleke oonyana bakho,

zizifunqule iintombi zakho.

23Ookumkani boba ngabondli bakho,

ookumkanikazi babe ziineni zakho;

bothi vovololo, benik' imbeko kuwe,

borhuqa phantsi ngentlonipho,

utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo,

soze badane abo bathembela ngam.”

24Ungalohlutha na ixhoba lejoni?

Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?

25Kambe yena uNdikhoyo uthi:

“Yiloo nto kanye eza kwenzeka:

amaxhoba othathwa kumajoni,

abathinjwa bakhululwe kubathimbi.

Baxabene nam abo balwa nawe;

usapho lwakho lona ndiluhlangule.

26Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane;

boqumba babe ngoomnqay' ulambile,

noluntu lonke lutsho lundiqonde

ukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo,

mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”

UISAYA 50

Ukuthinjwa kungenxa yezono

1*UNdikhoyo uthethe wathi:

“Ùthi abantu bam ndabagxotha

okomfo esahlukana nomfazi wakhe?

Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano?

Ngaba ndanithengisa kubani

njengomfo othengisa ngekhoboka lakhe?

Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu;

nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.

2Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;

ndaba ngamemeza akwasabela mntu.

Ngaba imfutshane na ingalo yam?

Ngaba andinako na ukukukhulula?

Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?

Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,

imilambo itsho ibharhe,

iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;

yeka ke elo phunga!

3Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,

amazulu anxibe ezokuzila.”

Intobeko yesicaka sikaNdikhoyo

4UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,

ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.

Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphule

njengalowo ufundiswayo.

5UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;

nam ke zange ndivukelane naye,

ngenene zange ndirhoxe kuye.

6Ndazinikezela kwabo bandibethayo,

kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,

bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;

ngoko ke andiyi kuhlazeka.

Ndikulungele ukunyamezela;

ewe, andisayi kudana.

8UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;

yena wosuka andigwebele.

Ngubani ke ongade andimangalele?

Makeze kaloku, siye enkundleni;

makachaze izityholo andibeka zona.

9Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.

Ngubani ke onako ukundigweba?

Abandimangalelayo boguga njengengubo;

nabo baya kumemethwa ngamanundu.

10Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,

abasiphulaphulayo isicaka sakhe?

Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,

makathembele ngoNdikhoyo;

ewe, makakholose ngoThixo wakhe.

11Nina baphembi bamayelenqe,

isikhuni sobuya nomkhwezeli.

NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,

ke wena ufe ungcungcuthekile.

UISAYA 51

Intuthuzelo eJerusalem

1*UNdikhoyo uthi:

“Phulaphulani, nina banxanel' ubulungisa,

nina babongozana noNdikhoyo.

Khangelani kwiliwa enathwetyulwa kulo,

kuloo mqhokro navunjululwa kuwo.

2Khanicinge ngoAbraham inyange,

nangoSara yena ungumawokhulu.

Ndambiza eyedwa kuphela,

ndaza ndamsikelela waba sisizwe.

3Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon,

akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo.

Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo,

nentlango ibe njengomyezo waseIdeni,

khona kulawule uvuyo nemincili,

ibe yintsholo yengoma yokudumisa.

4“Ndiphulaphuleni ke, bantu bam,

nibek' iindlebe, sizwe sam.

Mna ndowisa umthetho;

ulawulo lwam lukhanyisele izizwe.

5Ngokukhawuleza ndiza kuhlengahlengisa;

usindiso lwam lusendleleni;

izizwe zolawulwa ndim ngenkqu.

Kaloku nezikude zindilindele;

nazo zikholose ngamandla am.

6Khanijonge amazulu phezulu,

nijonge umhlaba phantsi.

Amazulu othi pheselele njengomsi,

umhlaba uguge njengengubo,

abantu bafe njengeempukane.

Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;

ubulungisa bam soze buthini.

7“Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,

luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.

Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,

ningazidubi nangabo banithukayo.

8Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,

ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.

Ubulungisa bam bona boma bumi;

usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”

9Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!

Xhoba ngamandla akho usihlangule;

makube njengemihla yamandulo.

Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;

nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.

10Nguwe owalomisayo nolwandle;

nguwe owavula indlela enzonzobileni,

baza badlula abakhululwa bakho.

11Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyo

baya kungena eJerusalem bechulumacha,

bengqungqa bememelela ngemihlali,

bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade,

bonwabe babe nemincili,

bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.

12UNdikhoyo utsho ukuthi:

“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;

ngani ke ukuba woyike umntu –

into evuthuluka njengengca?

13Kanti umlibele na uNdikhoyo uMenzi wakho,

yena wawatwabululayo amazulu,

yena walisekayo ihlabathi?

Ngani ukuba uhlale ngedyudyu,

usoyika ingqumbo yomcinezeli?

Lowo uzungula ukukutshabalalisa

soze abe nako ukukuchukumisa.

14Abo babanjiweyo sebeza kukhululwa;

abayi kufa, koko bodla ubomi obude,

bangalambi, koko baxhamle intlutha.

15Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho;

mna ndiyalushukumisa nolwandle,

amaza alo atsho agragrame.

Igama lam nguNdikhoyo uSomandla-onke.

16Mna ndawatwabulula amazulu,

ndazaneka iziseko zehlabathi.

KwiZiyon ke ndithi:

‘Ke wena ungowam;

imfundiso yam ndikunikile,

futhi ke ndiyakukhusela.’ ”

Isiphelo sentlupheko yeJerusalem

17Vuka! Vuka, Jerusalem!

Phaphama ude uphakame!

Kaloku usizekile isohlwayo akuphathele sona *uNdikhoyo;

usiqongqoloze sada sakunxilisa.

18Ngoku ke akakho okukhokelayo –

namnye kubantu bakho –

engekho nakoonyana obazeleyo;

tu umntu wokukurhuqa.

19Kuwe ilishwa lishwabene ngokuphindiweyo:

umhlaba wakho uvukuzeliswe yimfazwe;

abantu bakho bamemethwa yindlala.

Ngubani ke onokukuthuthuzela?

20Oonyana bakho zizigede eziyobayo;

bathe tywaa ezitalatweni phaya.

Sebefana nenxala emgibeni.

Batyakatywa yingqumbo kaNdikhoyo;

umsindo woThixo wakho uphezu kwabo.

21Yiva, Jerusalem ebandezelekileyo,

wena ugxadazela ungaselanga.

22Utsho uMhlekazi uNdikhoyo,

nditsho uThixo wakho lo ukuthethelelayo:

“Ngoku ndiyayisusa kuwe le ndebe,

ingqumbo le ndakuseza yona,

le isuke yakugxadazelisa;

ngoku sobe ube sayixhamla.

23Ndoyinika abakuphakele ingcinezelo,

abo bakwenze umgaqo wokuhamba,

abo bakuxangxathe ngeenyawo,

abo bakuxovule njengomhlaba.”

UMATEWU 14

Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi

(Marko 6:14-29; Luka 9:7-9)

1Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu, 2waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.”

3Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe. 4UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye. 5UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo.

6Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode, 7waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela. 8Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.” 9Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe; 10wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho. 11Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina. 12Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu.

UYesu wandisa ukutya

(Marko 6:30-44; Luka 9:10-17; Yoh 6:1-14)

13UYesu, evile ngokufa kukaYohane, wemka ngesikhitshana, waya kwindawo engenabantu eyedwa. Bekuvile oku abantu, baya kuye ngeenyawo, bevela ezidolophini. 14Ehlile ke esikhitshaneni, uYesu wabona isihlwele sabantu, wavelana naso, wabaphilisa abagulayo ababekuso.

15Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.”

16Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.”

17Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”

18Wathi: “Ziziseni apha.” 19Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu. 20Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. 21Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

(Marko 6:45-52; Yoh 6:15-21)

22Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. 23Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho. 24Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.

25Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle. 26Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika. 27Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”

28Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”

29UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu. 30Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”

31Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?”

32Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya; 33baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”

UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete

(Marko 6:53-56)

34Beluwelile uLwandle lwaseGalili, bâfika ezweni laseGenesarete. 35Amqonda amadoda alapho ukuba nguYesu, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke abagulayo, 36ambongoza okokuba abagulayo bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Bathi ke abo bawuchukumisáyo baphila mpela.

UMATEWU 15

Isithethe samanyange

(Marko 7:1-13)

1Kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho kuYesu, bevela eJerusalem, bambuza besithi: 2“Kutheni abafundi bakho bengasilandeli nje isithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”

3Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo? 4Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’ 5Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo, 6akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo. 7Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, esithi:

8“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,

kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.

9‘Bafumana bendihlonela,

kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’

Ezona zinto zimngcolisayo umntu

(Marko 7:14-23)

10UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde. 11Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”

12Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”

13Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa. 14Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.”

15Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.”

16UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi? 17Aniqondi na ukuba konke okungena emlonyeni, kuya esiswini, kuze kulahlwe ngasese? 18Ke zona izinto ezithethwa ngomlomo, zisuka entliziyweni. Zezo zinto ke ezimenza angcole umntu. 19Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa. 20Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.”

Ukukholwa komKananekazi

(Marko 7:24-30)

21Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon. 22Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.”

23Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.”

24Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”

25Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”

26Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”

27Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”

28Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha.

UYesu uphilisa abantu abaninzi

29Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi. 30Kweza kuye ke izihlwele zabantu, zizisa iziqhwala, neemfama, nezilima, nezimumu, nabanye abaninzi ababeyimilwelwe, zababeka phambi koYesu, waza yena wabaphilisa. 31Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli.

UYesu wandisa ukutya kwakhona

(Marko 8:1-10)

32UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.”

33Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?”

34Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?”

Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.”

35UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; 36wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. 37Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. 38Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

39Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-