Bible Society of South Africa

The Bible teaches us how to live – Day 8

Freedom

Itekisi yeBhayibhile

KUMAGALATI 5

10Ukumanyana kwethu eNkosini kundenza ndinithembe ukuba aniyi kuhamba naluvo lulolunye. Naye loo mntu uniqunga-qungayo, nokuba ungubani na, uya kohlwaywa nguThixo.

11Mna ke, mawethu, ngaba ndisatshutshiselwa ntoni ukuba ndisashumayela ukuba ulwaluko luyimfuneko? Ukuba ibiyinyaniso loo nto, ukushumayela kwam umnqamlezo ngekungesiso isikhubekiso. 12Akwaba abo baniqunga-qungayo bebeya kusele beyihamba yonke loo ndlela, bazisike ngokwabo.

13Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando. 14Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” 15Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele.

UMoya kaThixo nesimo somntu

16Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

KUMAGALATI 5:10-16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-