Bible Society of South Africa

The Bible teaches us how to live – Day 6

Perseverance

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 1

6Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo. 7Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane. 8Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo. 9Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”

UYOSHUWA 1:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 4

7Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile.

2 KUTIMOTI 4:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 12

Ukunyamezela ingqeqesho

1Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.

KUMAHEBHERE 12:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-