Bible Society of South Africa
Gawie van Jaarsveld

Book of Philippians – Day 7

Joy means being positive about life

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEFILIPI 1

Ubomi bunguKrestu

12Ndifuna nazi, mawethu, ukuba izinto ezandihlelayo zanceda ekuziqhubeleni phambili, endaweni yokuzidodobalisa, iindaba ezingoKrestu. 13Ngenxa yaloo nto ke bonke abalindi bebhotwe, kunye nabo bonke abanye abalapha, bayazi ukuba ndisentolongweni nje kungenxa yokuba ndisisicaka sikaKrestu. 14Loo nto ke ibangela ukuba amakholwa ayithembe iNkosi, athathe unyawo ukulishumayela oku ilizwi likaThixo.

15Kanti ke abanye uKrestu bamshumayela ngomona nangolunya, bambi ke bona bamshumayela ngomoya omhle. 16-17Abo ke baqhutywa luthando, kuba bayazi ukuba uThixo undiphathise umsebenzi wokukhusela udaba olungoKrestu. Kodwa abanye aba bona uKrestu abamshumayeli benyanisekile, koko bamshumayela ngomoya wokuzigwagwisa, becinga ukuba bangandivusela inkathazo engaphezulu ngoku ndibanjiweyo kakade.

18Akukhathaliseki! Nokuba bamshumayela ngomoya ombi okanye benyanisekile, oko nje eshunyayelwa uKrestu, ndiyavuya mna, ndaye ke ndisaya kuvuya. 19Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.

KWABASEFILIPI 1:12-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

• Which verse or word would you like to reflect about more?
• What do we learn about (a) courage and (b) unselfishness in this passage?

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-