Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 9

Uhlala Ethembeni

Phakathi kwamagingxigingxi neziphithiphithi zobomi, ubambelela ethembeni lokuba uThixo uyabonelela. Uyakwazi ukujonga ngaphaya kweemeko ajongene nazo ahlale engalahli themba kuba esazi ukuba ungokaYesu Krestu ekuphileni nasekufeni, ngenxa yoko unekamva.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 31

7UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu. 8NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 31:7-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 11

8Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na. 9Ngokholo wahlala engumphambukeli kwilizwe lesithembiso. Wayehlala ezintenteni. Benjenjalo nooIsake noYakobi abakwaziindlamafa zeso sithembiso. 10Kaloku wayenxubile elindele elo lizwe liziseko zingagungqiyo, lakhiwe nguThixo.

KUMAHEBHERE 11:8-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 28

13Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho. 14Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho. 15Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”

16Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.” 17Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

EYEZIQALO 28:13-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 1

20Umnqweno nethemba lam kukuba ndinganikezeli, kodwa ngamaxesha onke, ingakumbi ngoku, ndikhuthale, ukuze ubume bam bonke bunike isidima kuKrestu, ndiphila okanye ndifile. 21Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu. 22Kodwa ke ukuba ukudla kwam ubomi kululutho, ndingakhetha ndithini? 23Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu. 24Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.

KWABASEFILIPI 1:20-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASETESALONIKA 5

1Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba. 2Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku. 3Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala. 4Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela. 5Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni. 6Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili. 7Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila. 8Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko. 9Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu, 10owasifela ukuze sihlale kunye naye, nokuba silele nokuba asilele. 11Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

1 KWABASETESALONIKA 5:1-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-