Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 8

Ukugula okumandla okanye ukufa

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 39

4“*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bam

nenani lemihla yokuphila kwam.

Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.

5Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;

àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;

umntu ufana nomphunga nje kuwe.

6Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;

ubila esoma nje ngenxa yelize;

uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.

7“Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?

Elam ithemba likuwe.

IINDUMISO 39:4-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 116

Osindisiweyo ekufeni ubonga uThixo

1*UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;

uyasabela ndakuzibika kuye.

2Njengoko endiphulaphula nje,

ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.

3Izabatha zokufa zandibhijela,

izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;

latsho laxubayela ndangcungcutheka.

4Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:

“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”

5Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;

hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!

6UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;

nam ndandingenamandla wandihlangula.

IINDUMISO 116:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 86

Ukuzibika

Umthandazo kaDavide.

1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;

kaloku mna ndiyimpula kalujaca.

2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;

sihlangule isicaka esikholosa ngawe.

3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.

Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.

Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;

uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9Zonke izizwe owazidalayo

ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,

zibonga zibabaza igama lakho.

10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;

ewe, nguwe wedwa uThixo.

11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,

khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.

Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;

ndikunqule ndingankwalambisi.

12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;

Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;

undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

IINDUMISO 86:1-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 88

Ukukhalela uncedo

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo woonyana bakaKora; umbongo kaHeman umEzra; umva-ndedwa womntu ogulayo.

1Emini ndibhenela kuwe, *Ndikhoyo, Msindisi wam;

nasebusuku ndizibika kuwe, Thixo wam.

2Mawuvakale umthandazo wam kuwe;

ndive xa ndikhala kuwe, Thixo wam.

3Kuba ndiphahlwe ziinkxwaleko;

sendimi phezu kwengcwaba.

4Ewe, sendibalelwa kubafi;

akusekho yam kwaphela.

5Sendinikelwe kwabafileyo;

sendifana nowoselweyo othe gangalala engcwabeni.

Ndinjengâbo ungasabakhumbuliyo,

abo bangasenakuncedakala.

6Undithe tywa kwelimnyama ingcwaba,

ezantsi emathunjini omhlaba.

7Ingqumbo yakho indisibekele,

amaza alatyuzayo andongamele.

8Undihluthe izihlobo zam ezisenyongweni;

kungokunje ziyandenyanya.

Ndixinekile, futhi andisenakuphuncula;

9ndiyayengezelisa ngenxa yembandezelo.

Ndikhoyo, ndikhala kuwe yonke imihla;

ndiphakamela kuwe ngomthandazo.

10Imimangaliso ngaba uyenzela abafileyo na?

Boze bavuke bakudumise na?

11Uthando lwakho luxelwa ngabafileyo na?

Ukunyaniseka kwakho kwaziwa kwantshabalala na?

12Ngaba imimangaliso yakho yaziwa enzonzobileni na?

Okanye usindiso lwakho lusebenza kwelokulibala na?

13Hayi bo! Ndikhoyo, ndibhenela kuwe;

ntsasa zonke ndizibika kuwe.

14Awu, Ndikhoyo, ngani ukuba undilahle?

Ngani ukuba undifulathele?

15Ndaxhwaleka ndasemngciphekweni kwandisemtsha;

ndiyangcungcutheka, andisento yanto.

16Ingqumbo yakho iyandigubungela;

ewe, izithonga zakho zindicim' igama,

17zindirhawula njengamanzi imini yonke,

zindigubungela ngeenxa zonke.

18Undihluthe izihlobo nezizalwane zam;

ngoku sendihlobene nobumnyama kuphela.

IINDUMISO 88XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 102

Umthandazo womntu osebunzimeni

Umthandazo womntu osebunzimeni ophalaza intlungu yakhe *kuNdikhoyo.

1Ndikhoyo, wuve umthandazo wam,

nesikhalo sam masifike kuwe!

2Sukundizimela xa ndisebunzimeni;

ndiphulaphule undive kamsinya ndakukhala.

3Imihla yam ithe shwaka okomsi;

ndiyathuthunjelwa ziingqaqambo.

4Ndixusheke ndada ndalityéba;

senditsho ndaphelelwa nangumdla wokutya.

5Ndiyagcuma kukugula;

andibhitye nditsho ndangamathambo.

6Ndifana nesikhova enkangala;

ndinjengesihulu-hulu senxiwa.

7Ndilal' obentaka kukumana ndiphuthelwa;

ndifana nentak' ehleli yodwa exhantini.

8Ziyandigxibha yonk' imini iintshaba zam;

ziphoxisa ngam, ziqalekisana ngegama lam.

9Ndinesingqala, ukutya akuvumi kuhla;

intw' endiyiselayo seliziinyembezi zam.

10Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;

kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.

11Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;

selide yabuna okwengca elahliweyo.

12Kodwa wena, Ndikhoyo,

uya kulawula kude kube ngunaphakade;

ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.

13Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;

ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,

seligalelekile.

14Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;

ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.

15Zolihlonel' igama likaNdikhoyo zonk' iintlanga,

neekumkani zonke zisibeke isihomo sakhe.

16Kuba kaloku uNdikhoyo woyivusa iZiyon,

sicace ke isidima nesithozela sakhe.

17Uyawuva umthandazo weendwayi,

azisabele nezicelo zazo.

18Le mbali mayibhalelwe isizukulwana esizayo

ze bamdumise uNdikhoyo nâbo bangekazalwa.

19Kaloku wakhangela phantsi yena ephezulu uNdikhoyo,

nditsho uNdikhoyo *esesibingelelweni sakhe;

wajong' emhlabeni esezulwini yena,

20ukuze akuve ukuncwina kwababanjiweyo,

nokuze abakhulule abo bagwetyelwe ukufa.

21Yiyo ke loo nto baya kuyivakalisa eZiyon indumiso yakhe,

bambonge naseJerusalem uNdikhoyo,

22apho sukuba zihlangen' iintlanga nezizwe,

zize kudumisa zinqule uNdikhoyo.

23Mna uNdikhoyo wandaphul' iimpondo ndiselula,

wayifinyeza imihla yobomi bam.

24Kodwa ndazibika ndathi: “Thixo wam,

sukundithatha kwangoku ndingekaluphali.

“Wena uzityhutyha zonke izizukulwana;

25ladalwa nguwe kwantlandlolo ihlabathi;

enziwa nguwe nawo amazulu.

26Xa zizonke ziya kudlula, ube wena usahleli;

ziya kuguga njengeempahla,

uzisonge njengeengubo.

Zona ziya kutshintshwa njengesambatho,

27ube wena ungaguquki, ube wena ungagugi.

28Iintsapho zethu zohlala zikhuselekile,

nenzala yabo yohlala phantsi kwekhusi lakho.”

IINDUMISO 102XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 142

Ukucela uncedo

Umthandazo kaDavide xa wayesemqolombeni.

1Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;

ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.

2Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;

ndimbikela zonke iingxaki zam.

3Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.

Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.

4Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;

ayikho indawo yokuzimela,

kungekho namntu undikhathaleleyo.

5Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;

kaloku wena uyinqaba yam,

nguwe ibango lam kweli lizwe.

6Sibazele iindlebe isikhalo sam,

kuba kaloku ndixhwalekile.

Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;

kaloku bona bomelele kunam.

7Ndikhulule kula makhamandela,

ukuze ndilibonge igama lakho.

Amalungisa aya kundiphahla,

kuba wena undithamsanqele.

IINDUMISO 142XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-