Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 41

Ukudinga uncedo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 61

Ukucela ukhuselo

Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umhobe kaDavide.

1Thixo, ndiyakhala;

nceda undiphulaphule.

2Ndibhenela kuwe ndisekudeni;

ndisuke ndanengevane.

Nceda undikhokele,

undise entabeni ephakamileyo.

3Kaloku wena uyinqaba yam;

uyandikhusela ezintshabeni.

4Ndiya kuhlala kwakho njalo-njalo,

ndithi ncwaba phantsi kwaloo maphiko.

5Kaloku, wena Thixo, uzivile izithembiso zam;

undinike ilifa labakuhloniphayo.

IINDUMISO 61:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

Ukuzibika

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Iinyibiba.”

1Awu, khawundihlangule, Thixo!

Ndithe gabhu ngentamo emanzini.

2Ndiyazika eludakeni olubizelayo,

apho kungekho nokuxhathisa.

Ndithe dyumpu esizibeni;

umsinga uyandintywilisela.

3Sendikhale zada zoma,

kungokunje ndom' umqala;

amehlo afiphele kukujong' enkalweni,

ndilangazelela wena, Thixo wam.

4Abo bandithiyileyo ngaphandle kwesizathu

bagqitha inani leenwele zentloko yam.

Zizigantsontso ezifuna ukunditshabalalisa,

ezindihlasela ngokundityhola.

Ndingathini ukuhlawula ndingebanga nje?

5Ke wena, Thixo wam, uyasazi isono sam;

amatyala am' aselubala kuwe.

6Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,

mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;

abakulangazelelayo mabangangcikivwa

ngenxa yam, Thixo kaSirayeli.

7Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;

ngoku sendintywil' ehlazweni.

8Sendaba yintlanga kumawethu;

ndingumhambi kwiinto zikabawo.

9Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;

izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.

10Ndalila ezimathontsi, ndizila ukutya,

kodwa naleyo yaba sisingcikivo.

11Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzila

ndisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.

12Bancokola ngam ezimbuthweni;

sendide ndayingoma yamanxila.

13Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.

Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,

nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,

khawuncede undiphendule.

Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;

naku sendizika eludakeni.

14Ndisindise ezintshabeni zam;

ndikhuphe emanzini anzongonzongo.

15Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;

mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;

mandingaginywa yinzonzobila.

16Hayi ubuhle bezibele zakho!

Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;

ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!

17Musa ukusifulathela isicaka sakho.

Ndibandezelekile; nceda undiphendule.

18Sondela undisindise;

ndikhulule ezintshabeni zam.

19Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;

uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;

uyazazi zonke iintshaba zam.

20Izinyeliso ziwaphule umoya wam;

kungokunje ndivikivekile.

Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!

Nokuthuthuzelwa andakufumana.

21Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;

endaweni yamanzi yaba yiviniga.

22Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,

amatheko abo abe ngumgibe kubo.

23Mabamfanyekiswe bangaboni;

umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.

24Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;

mabatshiswe ngumsindo wakho.

25Mawube linxuwa umzi wabo,

makungahlali nabani kuwo,

26kuba bayamtshutshisa ombethileyo,

baphoxise ngaye omenzakalisileyo.

27Bancine ngesona sohlwayo;

mabaphoswe yinceba yakho.

28Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,

mabangadweliswa namalungisa.

29Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;

ndonyule undisindise, Thixo.

30Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;

ndiya kumncoma ndidomboze.

31Lo ke wona umbulelo ubalasele;

ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,

uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;

abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;

akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

34Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,

nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!

35Kuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon,

aphinde azakhe izixeko zakwaJuda.

Izicaka zakhe ziya kuba ngabemi bakhona,

36izizukulwana zona zidle ilifa,

bathi nabamthandayo bahlale khona.

IINDUMISO 69XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 77

Intuthuzelo yamaxesha eenzima

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu kuJedutun.

1Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo;

ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule.

2Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini;

ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla,

umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka.

3Ndakucinga ngoThixo, ndiba nesingqala;

ndakucamngca, uyatyhafa umoya wam.

4Andisabazi nobuthongo;

ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.

5Hay' imihla yamfamlibe;

ndikhumbul' iminyaka yamandulo.

6Ebusuku ndidliwa ngumva-ndedwa;

ndiyacamngca ndiyicikida intliziyo yam, ndisithi:

7“Ngaba yondilahla kuphele iNkosi,

ingaze ibuye indamkele?

8Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?

Sibhangile na isithembiso sayo?

9Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?

Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:

kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;

ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

12Ndicamngca ngemisebenzi yakho;

ndetyisa izenzo zakho ezikhwankqisayo.”

13Hayi ke beth' ubunyulu bukaThixo!

Thixo wuphi ofana noThixo wethu?

14Wena unguThixo owenza imimangaliso;

amandla akho abonakele phakathi kwabantu;

15Wabakhulula ngamandla akho abantu;

ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.

16Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,

nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.

17Amafu wona atsho avuz' amanzi,

isibhakabhaka sona sagragrama,

imibane yona yaphithizela.

18Izithonga zeendudumo zazihamba nezaqhwithi,

imibane yalikhanyisa lonke ihlabathi,

umhlaba wangcangcazela wanyikima.

19Wena wadabul' ulwandle,

wacand' amanzi anzongonzongo.

Ke wona umkhondo wakho awufumaneki.

20Wabakhokela njengomhlambi abantu bakho

ngesandla sikaMosis noAron.

IINDUMISO 77XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 86

Ukuzibika

Umthandazo kaDavide.

1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;

kaloku mna ndiyimpula kalujaca.

2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;

sihlangule isicaka esikholosa ngawe.

3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.

Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.

Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;

uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9Zonke izizwe owazidalayo

ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,

zibonga zibabaza igama lakho.

10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;

ewe, nguwe wedwa uThixo.

11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,

khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.

Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;

ndikunqule ndingankwalambisi.

12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;

Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;

undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

14Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.

Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;

zona azikukhathalele nganto.

15Kambe ke wena, Nkosi,

unguThixo onenceba nesisa.

Wena ucaphuka kade,

uphuphuma uthando nokunyaniseka.

16Buya uvelane nam;

khawusomeleze isicaka sakho,

umhlangule unyana wesicakazana sakho.

17Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,

ukuze abandithiyileyo babone badane,

kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.

IINDUMISO 86XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-