Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 28

Imvumo yezono

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 32

2Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,

umnt' ongenayo konke inkohliso.

3Ndithi ndakungasivumi isono sam,

amandla atsho andiphelele,

ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,

ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,

ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:

“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”

wandixolela wena ityala lam.

IINDUMISO 32:2-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 38

3Nditsho ndayingxwelerha ngenxa yomsindo wakho;

ndiyafa ziintlungu ngenxa yezono zam.

4Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni;

zindisinda oku komthwal' onzima.

5Zitsho zabhidla izilonda zam,

kuthi phuu ngenxa yobudenge bam.

6Ndibandezelekile, ndiphelile,

kangangokude ndizile imini yonke.

7Ndiyapena-pena ziintlungu;

andinampilo konke.

8Ndoyisakele kwaphela;

ndiyagcuma ziintlungu nalixhala.

9Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,

uyaziva zonke iincwina zam.

10Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,

namehlo am selebona kaluzizi.

11Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,

nkqu nentsapho yam le icezela phaya.

IINDUMISO 38:3-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 38

18Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

IINDUMISO 38:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 38

22Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!

IINDUMISO 38:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 65

Elokudumisa nokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo kaDavide.

1Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,

zifezekiswe kuwe izibhambathiso.

2Wena uyawugqala umthandazo;

bonke baya kuza kuwe.

3Ngenxa yobugwenxa bethu

iziphoso zethu ziyasongamela,

kodwa wena uyasixolela.

IINDUMISO 65:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-