Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 26

Intsindiso

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 31

Umthandazo wokuthembela ngoThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1*Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!

Wena lungisa, uzundihlangule!

2Ndibekele iindlebe, ukhawulez' undihlangule.

Yiba yinqaba endizimela kuyo,

nomkhuseli wam ondisindisayo.

3Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;

ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

4Ndikhulule kwisabatha ebendigcayiselwe ngaso,

kuba ungamandla am wena.

5Ndiwunikela ezandleni zakho umoya wam;

kaloku undihlangule wena, Ndikhoyo, Thixo othembekileyo.

IINDUMISO 31:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 31

15Imihla yam isesandleni sakho;

ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

IINDUMISO 31:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 40

Ingoma yombongo

Umhobe kaDavide.

1Ndakhala ndijonge *kuNdikhoyo,

wada wandiva ndakuzibika kuye.

2Wandikhupha emhadini onengozi, nasemgxobhozweni,

wandibeka endaweni eyomileyo,

ndatsho ndee ngxishishi, ndema.

3Wandifundisa ingoma yombongo entsha,

ingoma yokubonga uThixo wethu.

Boyika abaninzi bakuyiqonda loo nto,

balibeka kuNdikhoyo ithemba labo.

IINDUMISO 40:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56

11ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

12Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,

ndenze umbingelelo wokukubulela;

13kuba undihlangule ekufeni,

undisindise ekoyisweni,

ukuze ndibe phambi koThixo,

ndidle ubomi njalo-njalo.

IINDUMISO 56:11-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 86

Ukuzibika

Umthandazo kaDavide.

1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;

kaloku mna ndiyimpula kalujaca.

2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;

sihlangule isicaka esikholosa ngawe.

3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.

Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.

4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.

Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.

5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;

uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

9Zonke izizwe owazidalayo

ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,

zibonga zibabaza igama lakho.

10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;

ewe, nguwe wedwa uThixo.

11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,

khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.

Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;

ndikunqule ndingankwalambisi.

12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;

Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,

13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;

undihlangule enzonzobileni yengcwaba.

14Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.

Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;

zona azikukhathalele nganto.

15Kambe ke wena, Nkosi,

unguThixo onenceba nesisa.

Wena ucaphuka kade,

uphuphuma uthando nokunyaniseka.

16Buya uvelane nam;

khawusomeleze isicaka sakho,

umhlangule unyana wesicakazana sakho.

17Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,

ukuze abandithiyileyo babone badane,

kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.

IINDUMISO 86XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 30

Umthandazo wokubulela

Umhobe kaDavide; iculo lokuvulwa kwendlu *kaNdikhoyo.

1Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,

akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.

2Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;

kuba wena undihlangule ekufeni.

3Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;

wandikhetha kwabo behlela emhadini.

4Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,

nilibonge igama lakhe elingcwele.

5Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;

ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.

Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,

kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

6Xa izinto zazindilungele,

ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”

7Ewe, ndandithe zinzi njengentaba

ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

Suka wena wasithela;

ndaza mna ndakhathazeka.

8Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;

ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.

9Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?

Lunganako na ukukudumisa uthuli?

Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?

10Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;

Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.

11Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;

wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.

12Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;

ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!

IINDUMISO 30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-