Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 18

Ukudakumba nokuphelelwa lithemba

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 22

Isililo nengoma yokubonga

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Uvunywa ngokwengoma ethi: “Inxala lomsobomvu.”

1Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?

Kudala ndizigixa, ndicel' uncedo,

kodwa andikalufumani unangoku!

2Thixo wam, emini ndikhalela kuwe, kodwa akundiva.

Nasebusuku ndiyakhala,

ndingafumani kuphumla phezu koko.

IINDUMISO 22:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 22

4Babekholose ngawe ookhokho bethu;

babekuthembile, wabahlangula wena.

5Bakhala kuwe, wabakhulula wena;

babethembele ngawe, akwabadanisa.

IINDUMISO 22:4-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 22

24Kaloku akazideli engazicekisi iintsizi zehlwempu;

uyaziva izicelo zalo, angalifulatheli.”

IINDUMISO 22:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

Ukuzibika

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Iinyibiba.”

1Awu, khawundihlangule, Thixo!

Ndithe gabhu ngentamo emanzini.

2Ndiyazika eludakeni olubizelayo,

apho kungekho nokuxhathisa.

Ndithe dyumpu esizibeni;

umsinga uyandintywilisela.

3Sendikhale zada zoma,

kungokunje ndom' umqala;

amehlo afiphele kukujong' enkalweni,

ndilangazelela wena, Thixo wam.

IINDUMISO 69:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

29Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;

ndonyule undisindise, Thixo.

30Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;

ndiya kumncoma ndidomboze.

31Lo ke wona umbulelo ubalasele;

ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,

uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;

abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;

akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

IINDUMISO 69:29-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 31

9Ndenzele inceba, Ndikhoyo, ndibandezelekile.

Atsho adumba kukulila amehlo am,

nam ndiphelile kukudinwa.

10Ziyandaluphaza iinkxwaleko zam,

nemihla yam iphelela ekungcungcuthekeni.

Ndiphelelwe ngamandla ngenxa yeentlupheko,

namathambo am selegugile.

11Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,

isigculelo kubamelwane bam.

Abandaziyo bayandoyika, bandibaleke,

xa badibana nam esitalatweni.

12Sele ndalityalwa mpela;

ndinjengomfi ongasakhunjulwayo;

sendalahlwa kwesinomhlwa.

13Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye;

kuthe saa luloyiko macal' onke,

lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.

IINDUMISO 31:9-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 130

Ukukhululwa esonweni

Iculo labahambi.

1*Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;

ndikhala kuwe ndibindekile.

2Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,

usiphulaphule isikhungo sam.

3Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,

ngubani obengasindayo?

4Kambe ke wena uyaxolela,

khon' ukuze uhlonitshwe.

5Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;

ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

6Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,

ngaphezu komlindi ojonge ukusa,

nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.

7Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,

futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.

8Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli

kuzo zonke izono zakhe.

IINDUMISO 130XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-