Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 1

Ukuxhomekeka kuThixo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 123

Ukutarhuzisa

Iculo labahambi.

1*Ndikhoyo, ndikhangela kuwe,

wena ohlala emazulwini.

2Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo,

nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana.

Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,

ude wena usenzele inceba.

3Awu, Ndikhoyo, sikwa yimfesane;

velana nathi, siyakubongoza!

Koda kube nini sisisigculelo?

IINDUMISO 123:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 146

3Musa ukukholosa ngamanene;

sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.

4Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;

ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.

5Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,

lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;

IINDUMISO 146:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu

Iculo labahambi.

1Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;

yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?

2Umncedi wam *nguNdikhoyo,

yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

3Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;

kaloku akozeli, walusa mna.

4Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,

engalali nokulala oku.

5Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –

nguye okwenzela umthunzi.

6Emini ilanga aliyi kukugqatsa;

kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.

7NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;

ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.

8Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,

xa uhambayo naxa ubuyayo,

kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 121:1-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-