Bible Society of South Africa

59 – Umzekeliso ngomSamariya olungileyo

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 10

Umzekeliso ngomSamariya olungileyo

25Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

26UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”

27Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

28UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”

29Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”

30UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa. 31Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya. 32Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya. 33Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye, 34wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. 35Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ”

Waqhuba uYesu wathi: 36“Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?”

37Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.”

Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”

ULUKA 10:25-37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-