Bible Society of South Africa

44 – Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 1

Ukubaluleka kwezafobe

1Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

2Ezi zafobe ziluncedo:

umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,

abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.

3Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,

abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.

4Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,

nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.

5Isilumko siyeva, sivune ulwazi;

kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,

6khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe,

nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.

Isiseko sobulumko

7Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,

kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

Icebiso kubafana

8Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,

ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

9Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho,

oku kwentsimbi ehombisa intloko,

nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.

10Nyana wam, sukuvuma

xa uwexulwa ngoongantweni.

11Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala,

ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”

12Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,

abe ngathi uginywe lelabafileyo,

13size ke thina sizithathele konke okunexabiso,

izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.

14Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;

yoba nye ingxowa yethu sonke.”

15Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,

ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.

16Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;

bayakhawuleza ukuphalaza igazi.

17Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intaka

xa isibona isabatha eso,

18kodwa bona balalela elabo igazi;

ewe, bazonda owabo umphefumlo.

19Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa:

ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.

Musa ukubudela ubulumko

20Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni;

kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.

21Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni;

ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:

22“Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni?

Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa?

Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?

23Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,

bendinganiphokozela umoya wobulumko,

ndabelane nani ngolwazi lwam.

24Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli;

ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!

25Ewe, anilikhathalele icebiso lam;

anivumi kusamkela nesilumkiso sam.

26Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;

ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.

27Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,

lunihlasela njengesaqhwithi;

seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,

imbandezelo neenzingo zinifikele.

28“Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.

Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.

29Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,

anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.

30Ewe, anilamkelanga icebiso lam,

anivumanga naxa ndinilumkisa.

31Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;

amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.

32Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;

zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.

33Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;

ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”

IZAFOBE 2

Umvuzo wobulumko

1Mfo wam, wathathele ingqalelo amazwi am,

ungaze uyishiye imiyalelo yam.

2Ewe, bubazele iindlebe ubulumko,

nentliziyo yakho uyilahlele ekwazini.

3Kubizele kuwe ukuqiqa,

uliphakamisele ilizwi lakho ekuqondeni.

4Ubulumko buzingele njengesiliva,

ubufune njengobutyebi obombelweyo.

5Ukuba uyenzile loo nto uya kukuqonda into okuyiyo ukuthobela *uNdikhoyo,

utsho ufikelele ekumazini uThixo.

6Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;

luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

7Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,

aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.

8Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,

aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.

9Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,

ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.

Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.

10Kaloku ubulumko buya kuhlala entliziyweni yakho,

umphefumlo wakho uchwayite lulwazi.

11Ukuba neembono eziphangaleleyo kuya kukugcina;

ukuqonda kuya kukukhusela,

12utsho ukhwebuke ekwenzeni izinto ezigwenxa,

usinde kubantu abaphembelela iinkathazo –

13nditsho asebazilahlayo iindlela ezithe ngqo,

asebehamba ngeendlela zobumnyama.

14Abo ke bangabantu abavuyayo xa besenza into embi,

abayichwayitelayo imikhwa ephuthileyo yobubi.

15Ewe, aba bantu ngamaqhophololo;

iindlela zabo zingamagoso-goso.

16Ngenene uya kutsho usinde kumfazi ongakwaziyo ukuziphatha,

umfazi wasemzini omazwi alalanisayo.

17Nditsho lowo ungathembekanga nasendodeni awazimanya nayo kwasebutsheni bakhe,

ongawukhathalelanga nomnqophiso awawenza phambi koThixo wakhe.

18Kaloku indlela eya emzini wakhe iya ekufeni,

nabo bonke ke abahamba ngayo basinga kwelabafileyo.

19Ewe, kuloo mzi wakhe akuyi lubuyayo;

uthi umntu angangena khona angaze aphinde ayifumane indlela yobomi.

20Ngoko ke hamba ekhondweni labantu abalungileyo,

uziphathe ngeendlela zamalungisa.

21Kaloku ngabantu abanyanisekileyo abaya kuma kweli lizwe;

ewe, ngâbo bamsulwa abaya kuhlala behleli kulo.

22Ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kunqanyulwa elizweni;

abo bangamatshijolo baya kuncothulwa kulo.

IZAFOBE 3

Icebiso kulutsha

1Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,

koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.

2Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,

ikwandisele iminyaka noxolo.

3Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.

Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.

Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.

4Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,

ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

5Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,

ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.

6Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,

waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

7Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;

ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.

8Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,

atsho omelezeke amathambo akho.

9Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;

ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

10Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo;

kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.

11Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,

ungasicekisi isiluleko sakhe.

12Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,

kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.

13Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;

nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.

14Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;

nditsho negolide ayithathi nto kubo.

15Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo.

Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.

16Kaloku isandla sabo sokunene siqhelezela bubomi,

kanti kwesokhohlo buxakathe ubutyebi nesidima.

17Iindlela zabo ziindlela ezimnandi;

ewe, xa zizonke zizisa uxolo.

18Bungumthi wobomi kwababambelela kubo;

bonwabile abo babuzuzileyo.

19Kaloku uNdikhoyo ihlabathi waliseka ngobulumko,

namazulu ngokwawo wawazinzisa ngengqiqo yakhe.

20Bubugcisa bakhe obagqabhuza iinzonzobila,

namafu atsho afukama avuza umbethe.

21Mfo wam, buxabise ubuchule ndawonye nobulumko bokuvisisana;

ezi zinto mazingasitheli emehlweni akho.

22Ziya kukuthi jize ngobomi,

zibe sisihombiso sentamo yakho,

23utsho uhambe ungenaxhala,

unyawo lwakho lungenakukhubeka ntweni.

24Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,

ulale uthi yoyi ubusuku bonke.

25Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,

ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.

26Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;

soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.

27Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,

ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28Musa ukuthi kummelwane wakho:

“Hamba, uze uphinde ubuye;

ndiya kukunika ngomso,”

kanti unalo uncedo kuwe.

29Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;

kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.

30Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,

engakwenzanga nto imbi.

31Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;

ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.

32Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;

kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

33UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;

kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.

34Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,

aze abenzele isisa abo bazithobayo.

35Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;

ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.

IZAFOBE 4

Iziqhamo zobulumko

1Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;

yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.

2Ndininika eyona mfundiso iyiyo,

ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.

3Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,

ndiselula, ndinguyedwa kamama,

4utata wayendiyala athi:

“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,

ungayilibali imiyalelo yam;

yigcine imithetho yam, uphile.

5Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!

Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!

6Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.

Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.

7Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!

Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.

8Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa;

bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo.

9Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho,

bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.”

10Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,

uze udle ubomi iminyaka emininzi.

11Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,

ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

12Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa,

ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka.

13Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;

yilondoloze, kuba ibubomi bakho.

14Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,

ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.

15Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.

Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.

16Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.

Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.

17Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;

ubundlobongela yiwayini abayiselayo.

18Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,

yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.

19Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.

Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.

20Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,

uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.

21Amazwi am makangacimi emehlweni akho,

koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

22Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo;

ayimpilo kumzimba xa uwonke.

23Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,

kuba yona ingumthombo wobomi.

24Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,

nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.

25Makathi ntshoo phambili amehlo akho,

neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

26Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,

ukuze ihambo yakho iqiniseke.

27Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;

unyawo lwakho malubucezele ububi.

IZAFOBE 1:1-4:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-