Bible Society of South Africa

35 – Ukumkani uDavide

Itekisi yeBhayibhile

2 KASAMWELI 5

UDavide ulawula kwaSirayeli

1Ke kaloku izizwe zakwaSirayeli zonke zahlanganisana kuDavide eHebron, zathi: “Mhlekazi, siyazalana; sikwaligazi lakho. 2Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”

3Aya kufika ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza ukumkani wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa uDavide waba ngukumkani wamaSirayeli.

4Ukuqala kwakhe ukulawula uDavide wayemashumi mathathu ubudala. Ulawule iminyaka engamashumi amane. 5Waba minyaka isixhenxe neenyanga ezintandathu ephethe kwaJuda, ehlala eHebron. Waphatha kwaSirayeli nakwaJuda ehlala eJerusalem iminyaka engamashumi mathathu anantathu.

6Ke kaloku ukumkani uDavide wanduluka nomkhosi wakhe ukuya kuhlasela amaJebhusi awayemi eJerusalem. AmaJebhusi athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena! Kwaiimfama neziqhwala ezi zingakujika!” Kaloku ayesithi: “UDavide akangeke abe nako ukutyhoboza.” 7Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.

8Wavakala esithi uDavide ngaloo mini: “Ukuba kukho umntu ozimisele ukuwoyisa la maJebhusi aziintshaba zam makanyuke ngalaa msele wamanzi ungaphantsi komhlaba, aye kubulala eziya ‘ziqhwala neemfama’!” (Savela apho isaci esithi: “Iimfama neziqhwala azinakungena endlwini kaNdikhoyo.”)

9Waya kuhlala apho ke kuloo nqaba uDavide, waza wayibiza ngokuba sisixeko sikaDavide. Wakha isixeko sayijikeleza, esiza nganeno ukusukela kungqameko. 10Waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo onamandla onke wayenaye.

11Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba nabachweli kunye neengcibi zamatye, zaza zamakhela ibhotwe uDavide. 12Ke uDavide waqonda ukuba uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda nokuba uNdikhoyo ulawulo lwakhe uluphakamisile ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

13Ukufika kwakhe eJerusalem, evela eHebron, uDavide waphinda wathatha abanye abafazi namaqadi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi. 14Nanga amagama abantwana bakhe abazalelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon, 15uIbhare, uElishuwa, noNifege, noYafiya, 16uElishama, noEliyada, kunye noElifelete.

Ukoyiswa kwamaFilistiya nguDavide

17Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wemka waya kuhlala kwindawo eyinqaba. 18Afika ke amaFilistiya, ema kwintili yamaRafa, 19waza uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Kufuneka ndiwahlasele na amaFilistiya? Ngaba uza kuwanikela esandleni sam na?”

UNdikhoyo wathi kuDavide: “Ewe, wahlasele; inene, ndowanikela esandleni sakho amaFilistiya.”

20Wasuka ke uDavide, wenjenjeya ukuya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uNdikhoyo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngaphambi kwam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim. 21Ke kaloku amaFilistiya azishiya apho izithixo zawo, bazithatha ooDavide bemka nazo.

22AmaFilistiya aphinda enyuka aya kulaa ntili yamaRafa, ema kuyo, 23waza uDavide wabuzisa kuNdikhoyo kwakhona, ke yena uNdikhoyo wathi kuye: “Sukuya ngqo kuwo, koko warhawule, uwahlasele uvela ngasemva kwawo phaya ngakwimithi yebhalsam. 24Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ngokukhawuleza, kuba yoba ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.” 25UDavide ke wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo, wawuvuthulula umkhosi wamaFilistiya ukusuka eGebha kuye kutsho eGezere.

2 KASAMWELI 6

Ukulandwa kwetyesi yomnqophiso

(1 Gan 13:1-14; 15:25 – 16:6,43)

1Ke kaloku uDavide waphinda wabiza awona magorha omkhosi wakwaSirayeli, amashumi amathathu amawaka ewonke, 2waya nawo eBhali kwaJuda ukuya kulanda khona ityesi yomnqophiso kaThixo, enegama *likaNdikhoyo onamandla onke, ongqendeve phezu kwemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko. 3Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi. 4Ewe, ityesi yomnqophiso kaThixo bayithatha kwindlu ka-Abhinadabhi ephezu kwentaba, bahamba nayo uAhiyo ekhokele. 5Babesombela, bexhentsa, bemathontsi ooDavide kunye namaSirayeli onke, bedumisa uNdikhoyo. Kwakubethwa iihapu neekatala, kuduma amagubu, kukhenkceza iintsimbi namacangci.

6Bathi bakufika ngasesandeni sakwaNakon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wabamba ityesi kaThixo eyixhasa. 7Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza ngenxa yeso senzo sakhe sokungahloniphi. Ke uThixo wambetha u-Uza wafela apho ngakuloo tyesi kaThixo.

8Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

9Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?” 10Akavumanga ke uDavide ukuba sayisa kwakhe kwisixeko sikaDavide ityesi kaNdikhoyo, suka wayijika wayisa endlwini kaObhedi-edom umGati. 11Yahlala apho iinyanga zantathu; uNdikhoyo wamthamsanqela uObhedi-edom nomzi wakhe wonke.

12Waxelelwa ukumkani uDavide kwathiwa: “Uwusikelele uNdikhoyo umzi kaObhedi-edom, nezinto zonke anazo, ngenxa yokugcina kwakhe ityesi kaThixo.” Waya kuyilanda ngemincili apho endlwini kaObhedi-edom ke uDavide ityesi kaThixo, wayisa esixekweni sikaDavide. 13Kwakusithiwa loo madoda ayeyithwele ityesi kaNdikhoyo ehambe nje iinyawo zantandathu, uDavide athi makumiwe, enzele uNdikhoyo idini ngenkunzi yenkomo nangethole elityebileyo. 14Wayexhentsa ngamandla phambi koNdikhoyo uDavide, ethe thande nje kuphela isidanga selinen esinqeni. 15Yada yaya kungena eJerusalem ityesi kaNdikhoyo, uDavide namaSirayeli betsho ngentsholo lihlombe, kukhala nezigodlo.

16Ekungeneni kwabo netyesi kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wayebukele ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa etyityimba phambi koNdikhoyo, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.

17Bahamba nayo ityesi kaNdikhoyo, baya kuyifaka endaweni yayo kwintente eyenzelwe yona nguDavide. Emva koko ke uDavide wamenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelwane. 18Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo onamandla onke. 19Emva koko ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka, nesuntswana leedatile neleerasentyisi. Kwagodukwa ngumntu wonke.

20Uthe akufika ekhaya uDavide, ezimisele ukusikelela indlu yakhe, umkakhe uMikali intombi kaSawule wamhlangabeza, wathi: “Ngxatsho ke, kumkani wamaSirayeli! Yini, wethu, awabi nazintloni ukuhamba ze nangaphambi kwezicakazana zamaphakathi akho? Ubunjengendlavini, yona ihamba izihluba nje naphi na!”

21UDavide waphendula wathi kuMikali: “Mna into ebendiyenza bendidumisa uNdikhoyo ngokuya bendixhentsa, lo ndityunjwe nguye ukuba ndikhokele amaSirayeli endaweni kayihlo kunye nendlu yakhe. Ndiya kumdumisa uNdikhoyo, 22yaye ndizimisele ukuqhubela phambili ukuba ngothobekileyo. Ungandidela wena, kodwa zona ezaa zicakazana zamantombazana zindihloniphile.”

23Intombi kaSawule uMikali ayizange ibe nanzala de kwayimini yokufa kwayo.

2 KASAMWELI 7

Isithembiso sikaThixo kuDavide

1Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo, 2wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”

3UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”

4Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 5“Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo? 6Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba. 7Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’

8“Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli. 9Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni. 10Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili, 11ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho.

“ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho. 12Yakuphela imihla yakho, xa sewuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho oyinyama negazi lakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe. 13Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade. 14Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo. 15Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena. 16Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”

17Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

Umthandazo kaDavide

18Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku? 19Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?

20“Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho. 21Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.

22“Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe. 23Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze azenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha kunye *noothixo bazo, khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa. 24Ubazinzisile abantu bakho amaSirayeli, wabenza bangabakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.

25“Ngoku ke, Thixo Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso mawusigcine ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho 26ukuze igama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo onamandla onke nguThixo kaSirayeli.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.

27“Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo. 28Nkosi yam Ndikhoyo, wena unguThixo, yaye amazwi akho athembekile. Isicaka sakho usenzele esi sithembiso sihle kangakanana. 29Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”

2 KASAMWELI 5:1-7:29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-