Bible Society of South Africa

Ruth – Day 228

Itekisi yeBhayibhile

URUTE 3

10“*UNdikhoyo makakuthamsanqelise, ntombi yam,” watsho uBhowazi. “Ubonakalisa intembeko engaphezulu kuleya yangaphambili. Akuzifunelanga umyeni osemtsha – nokuba ngosisityebi, nokuba ngongesiso. 11Thoba uvalo ke, ntombi yam. Yonke into oyifunayo ndoyenza, kuba kaloku nkqu nomzi uphela uyazi ukuba ungumfazi onesidima. 12Yinyaniso ukuba ndisisizalwana esisondeleyo, kodwa ke kukho esinye isizalwane esingumkhululi esisondeleyo kuwe ngaphezu kwam. 13Lala apha obu busuku. Kusasa ngomso siya kuva kuye ukuba uya kuncedwa nguye na okanye hayi. Ukuba ùza kukhululwa nguye, koba kulungile; kanti ke xa kungenjalo, ndifunga uNdikhoyo ongasoze afe, ndim oya kukukhulula. Lala ke, ntombi yam, kude kube kusasa.”

URUTE 3:10-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

The book of Ruth: a story of suffering and loss giving way to hope and new beginnings

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-