15Wathi uNawomi: “Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele ebantwini bakhe nakoothixo bakhe. Nawe goduka kunye naye.”
16Waphendula uRute wathi: “Sukundinyanzela usithi mandikushiye. Apho uya khona, nam ndiya kuya, ndiye kuhlala nalapho uhlala khona, amawenu abe ngamawethu, noThixo wakho abe nguThixo wam. 17Ndiya kufa apho ufa khona, ndingcwatyelwe apho nam. *UNdikhoyo aze andihlisele elona shwangusha xa ndinokwahlulwa nto nawe; ewe, nditsho nokufa!”
18UNawomi akabanga saphinda awuvule owakhe umlomo, akubona okungako kona ukuzimisela kukaRute ukungahlukani naye.
The book of Ruth: a story of suffering and loss giving way to hope and new beginnings