Bible Society of South Africa

God’s Concern – Day 139

Five days of readings, covering the story of Jonah in which God declares judgement yet shows great mercy.

Itekisi yeBhayibhile

UJONA 4

6Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi. 7Kambe ke ekuseni ngengomso uThixo wawuthumela ngombungu loo mthi, wawugrenya watsho wabuna. 8Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”

9Ke kaloku uThixo wathi kuye: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe ngenxa yalo mthi?”

UJona wathi: “Ndifanele ukuvutha ngumsindo, nditsho onokude undise ekufeni!”

10UNdikhoyo wathi kuye: “Lo mthi uwukhathalele ngani, ungakhange ubulaleke nje ngawo, futhi ungakhuliswanga nanguwe? Lo mthi ukhule ngobusuku, wabuya wafa kwangobusuku.

UJONA 4:6-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-