Bible Society of South Africa

God’s Concern – Day 136

Five days of readings, covering the story of Jonah in which God declares judgement yet shows great mercy.

Itekisi yeBhayibhile

UJONA 1

11Ke lona ulwandle lwaqhubela phambili ukulwa. Baza ke bathi kuJona: “Masenze ntoni ngawe ukuze ulwandle luzole?”

12UJona waphendula wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, ukuze luzole. Kaloku ndiyaqonda ukuba ndim lo unizisele olu qhwithela.”

13Kambe ke abaqhubi bazama kangangoko ukuyisa elunxwemeni inqanawa leyo. Kodwa ke nelo icebo lafadalala kuba ulwandle lwaya luthatha unyawo ngokulwa. 14Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”

15Amfunqula ke uJona, amphosa elwandle, lwaza ke ulwandle olulwayo lwadamba. 16Le nto ke yawatsho amhlonela uNdikhoyo loo madoda, aza amenzela idini, enza nezibhambathiso kuNdikhoyo.

17Kambe ke uNdikhoyo wayalela intlanzi enkulu, yaza yamginya uJona. Wahlala apho kuyo ke iimini ezintathu nobusuku bazo.

UJONA 1:11-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-