Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 7

Patience, Peace & Self-Control

Itekisi yeBhayibhile

EKAYAKOBI 5

Umonde nomthandazo

7Mawethu, yibani nomonde ide ifike iNkosi. Thathani umzekelo kumlimi: yena usilinda ngomonde isivuno asixabisileyo somhlaba wakhe. Ewe, yena uzilinda ngomonde iimvula zasentlakohlaza ngokunjalo nezasekwindla. 8Ngoko ke nani yibani nomonde, ningatyhafi; kaloku iMini yokufika kweNkosi ikufuphi.

9Mawethu, musani ukukhalazelana ukuze ningagwetywa nguThixo. Ngenene yena uMgwebi usemnyango. 10Nanku ke umzekelo, mawethu: ndixela *abashumayeli bamandulo, abo babethetha egameni leNkosi. Bona mababe ngumzekelo wenu wokunyamezela ngomonde naxa kunzima. 11Ewe, sithi banoyolo abo banyamezelayo. Seniyivile indlela awayenomonde ngayo uYobi; niyayazi indlela eyambuyekeza ngayo iNkosi. Kaloku iNkosi inenceba novelwano.

EKAYAKOBI 5:7-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 26

3Ke wena ubathi jize ngenzolo

abo banjongo zingajika-jikiyo,

kuba behlala bekholose ngawe.

KWABASEFILIPI 4

6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.

KWABASEFILIPI 4:6-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 2

Imfundiso ephilileyo

1Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo. 2Amadoda amakhulu makangabi ngomanxila; makazimaseke, abe ngcathu; enokholo, nothando, nonyamezelo. 3Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa, 4ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo. 5Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.

6Kanti nabo abafana bafundise ukuziphatha ngobungcathu. 7Kuyo yonke into oyenzayo yiba ngumzekelo omhle kubo. Xa ufundisa, mababone ukuzimisela nokundiliseka kwakho. 8Yonke intetho yakho mayibe ngamazwi akhethiweyo, ukuze okuphikisayo akhohlwe kukuthetha, axakeke, angabi nandawo yakugxeka.

9Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, 10zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.

KUTITO 2:1-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-