Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 41

WEEK 6 – Cultivate the right appetite

Itekisi yeBhayibhile

UZAKARIYA 1

Ukubizelwa enguqukweni

1Ke kaloku kwathi kwinyanga yesibhozo yonyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.

2Lalisithi: “UNdikhoyo wayebaqumbele gqitha ooyihlo-mkhulu. 3Yithi ke kubo: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. 4Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo. 5Ngoku ke baphi ooyihlo abo? Bona abashumayeli baphila ngonaphakade na?

UZAKARIYA 1:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ISITYHILELO 21

Izulu elitsha nehlabathi elitsha

1Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu. 2Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni. 3Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. 4Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

5Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.” 6Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi. 7Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

ISITYHILELO 21:1-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-