Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 3

WEEK 1 – When God whispers

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 14

15UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Sesani ke esi sikhalo nisenzayo? Yitsho amaSirayeli ahambele phambili. 16Wena yolula ingalo yakho, uphakamise induku phezu kolwandle. Amanzi aya kuhlukana kubini, aze amaSirayeli awele ehamba emhlabeni owomileyo. 17AmaJiputa ndiya kuwenza abe neenkani, atyhudise emva kwamaSirayeli. Ke mna olwam uloyiso luya kuqaqamba phezu kokumkani nemikhosi yakhe, ngokunjalo neenqwelo zakhe. 18Ndiya kuthi ndakumoyisa ukumkani wamaJiputa nomkhosi wakhe, abantu bakhe batsho bandazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

19Kwesi sithuba ke isithunywa sikaThixo esasiwakhokele amaSirayeli sajikela ngasemva salandela. Ngokunjalo nomqulu welifu owawuwakhokela 20wajika wema phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ilifu elo lasitha kwatsho kwasebusuku kumaJiputa, kodwa kwakukhanya kumaSirayeli. Loo nto ke yatsho ayabi nakuhlangana loo mikhosi mibini bonke obo busuku.

21Ngenene ke uMosis wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, waza uNdikhoyo wathumela umoya onzima wasempuma, walududula ulwandle, kwavela umhlaba owomileyo. Umoya lowo wabhudla ubusuku bonke, aza ahlukana kubini amanzi. 22AmaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi eziindonga ngapha nangapha. 23Ke kaloku amaJiputa xa ewonke, neenqwelo kunye namahashe okumkani, axhabasha angena elwandle esukela amaSirayeli. 24Ekuzeni kokusa uNdikhoyo ekwelo lifu neso sithatha somlilo wayijonga imikhosi yamaJiputa, yatsho yaphithizela. 25Amavili eenqwelo amomana, baza baba ngathini abaqhubi zaxinga. AmaJiputa akhala athi: “UNdikhoyo uyawalwela amaSirayeli; masiwayeke sisabe.”

26Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.” 27UMosis wenza ngokomyalelo lowo, kwaza kwathi ke ngomsobomvu amanzi athi wayi-wayi abuyela endaweni yawo. Athi ke esaduntsuza ezama ukubaleka amaJiputa, uNdikhoyo wawagubungela ngolwandle. 28Ewe, amanzi adibanisa abuyela kwindawo yawo yesiqhelo, aza ke wona amaJiputa neenqwelo zawo nawo wonke umkhosi kakumkani owawuleqa amaSirayeli wantywiliselwa lulwandle, akwasala nomnqongo lo! 29Kanti ke wona amaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi aludonga ngapha nangapha.

30Ngaloo mini ke uNdikhoyo wawasindisa amaSirayeli kumaJiputa. AmaSirayeli ayibona imizimba yamaJiputa iqungquluze elunxwemeni lolwandle. 31Athi amaSirayeli akukubona ukusebenza kwamandla kaNdikhoyo ngokoyisa amaJiputa, angenelwa luloyiko, amhlonela. Ewe, azinikela kuNdikhoyo, akholelwa kwisicaka sakhe uMosis.

EYEMFUDUKO 14:15-31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 1

Ukubhaptizwa kukaYesu nokulingwa kwakhe

9Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho. 10Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe. 11Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”

12Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu. 13Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.

Ukubizwa kwabafundi bokuqala

14Emva kokubanjwa kukaYohane, uYesu waya eGalili, evakalisa iindaba ezimnandi ezivela kuThixo, 15esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”

16Ke kaloku kwathi ehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uSimon noAndreya umninawe wakhe bephosa umnatha elwandle. Kaloku bona babengabalobi beentlanzi. 17UYesu wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.” 18Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

19Uthe ke, ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi noYohane umninawe wakhe, oonyana bakaZebhedi, besesikhitshaneni sabo, belungisa iminatha yabo. 20Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.

UMARKO 1:9-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-