Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 13

WEEK 2 – To Google God

Itekisi yeBhayibhile

2 YEZIGANEKO 6

Intetho kaSolomon

1Ke kaloku uSolomon wathi: “*UNdikhoyo wayethe uza kuhlala kwilifu elimnyama; 2ke mna ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo oya kuhlala kuyo kude kube ngonaphakade.”

3Lithe lisemi apho lonke elo bandla likaSirayeli, ukumkani wee guququ walithamsanqela, 4wathi:

“Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, yena othe ngesandla sakhe wasifezekisa isithembiso awasenza ngomlomo wakhe kubawo uDavide. Kaloku yena wathi: 5‘Ukusukela kwimini endabakhupha ngayo abantu bam eJiputa, andizange ndizikhethele sixeko nakwesiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam, kananjalo andizange ndinyule mntu ukuze akhokele abantu bam amaSirayeli. 6Kambe ke ngoku ndinyule iJerusalem ukuze libe kuyo igama lam, ndaza ndanyula uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’

7“Ubawo uDavide wayezimisele ngomxhelo wakhe ukuba igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli alakhele indlu. 8Kambe ke uNdikhoyo wathi kubawo uDavide: ‘Ibe yinto entle ukuba uzimisele ukulakhela indlu igama lam. 9Noko ke kambe asinguwe oza kulakhela indlu igama lam, koko yoba ngunyana wakho; nditsho kanye owesinqe sakho – nguye oya kulakhela indlu igama lam.’

10“UNdikhoyo ke usigcinile eso sithembiso wasenzayo. Naku ngoku ndingene esikhundleni sikabawo uDavide. Ewe, ndichophe kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo, ndaza ndalakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 11Kuyo ndayibeka ityesi equlethe umnqophiso kaNdikhoyo awayewenze namaSirayeli.”

2 YEZIGANEKO 6:1-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 6

UmKrestu edabini

10Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo. 11Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana. 12Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama. 13Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.

14Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. 15Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. 16Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. 17Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.

KWABASE-EFESE 6:10-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-