Ukulingwa kukaYesu
1UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya 2iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
3Ke umtyholi wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho eli litye libe sisonka.”
4UYesu wamphendula esithi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa.’”
5Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; 6wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. 7Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.”
8UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”
9Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; 10kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’ 11Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
12Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
13Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.