Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 98

Itekisi yeBhayibhile

1 YEZIGANEKO 18

Uloyiso lukaDavide ezimfazweni

1Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya wawoyisa, wayihlutha iGati namaphandle ayingqongileyo, ayabi sabakho phantsi kwamaFilistiya.

1 YEZIGANEKO 19

UDavide woyisa ama-Amon

(2 Sam 10:1-19)

1Emva koko wafa ukumkani uNahashe wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula unyana wakhe. 2Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.” Wathumela izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanun ngenxa kayise.

Athe ke loo madoda akufika kuHanun kwelama-Amon, eze kumkhuza, 3zasuka izikhulu zama-Amon zathi kuHanun: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; eze kuhlola eli lizwe ukuze akwazi ukulibhukuqa.” 4UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.

5Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo kula madoda, wathumela izigidimi, zawahlangabeza, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”

6Ke kaloku aqonda ama-Amon ukuba azigqwalisile kuDavide, waza ke uHanun enama-Amon ephela bathumela amashumi amathathu anane amawaka eekhilogram zesiliva, ukuze kuqeshwe iingqwelo namajoni eAram-narayim, eAram-maka, naseZobha. 7Baqesha amashumi amathathu anambini amawaka eenqwelo namajoni azo, kwakunye nokumkani waseMaka nomkhosi wakhe. Ke yena waza wafika wamisa ngaseMedeba; abe ke wona ama-Amon ecombuluka ephuma kuzo zonke iidolophu zawo, exhobele imfazwe.

8Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha. 9Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Baye ke bona ookumkani ababeze kuncedisa bethe gingqi bodwa phaya ethafeni.

10Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram. 11Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, aza ahlelwa loo madoda ajongana nama-Amon. 12UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula. 13Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zoThixo wethu. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.” 14UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka. 15Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wajika waya eJerusalem nomkhosi wakhe.

16Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli ama-Aram, athumela amema ama-Aram aphesheya komlambo iEfrati; aza afika ekhokelwa nguShofaki injengele yomkhosi kaHadadizere.

17Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza. 18Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala isixhenxe samawaka amajoni eenqwelo, kunye namashumi amane amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Kananjalo wayibulala nenjengele yomkhosi wawo uShofaki.

19Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zenza uxolo noDavide, zaba phantsi kwakhe.

Ukususela oko ama-Aram akaphindanga avume ukuwanceda emfazweni ama-Amon.

1 YEZIGANEKO 20

Ukuthinjwa kweRabha

(2 Sam 12:26-31)

1Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem. NeRabha leyo wayihlasela uJowabhi, wayishiya ingamabhodlo. 2UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. UDavide wasithweswa eso sithsaba. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko, 3abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda. Wenjenjalo ke uDavide nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.

Imfazwe namaFilistiya

(2 Sam 21:15-22)

4Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.

5Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.

6Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa. 7Wathi esahlekisa ngamaSirayeli wasuka wabulalwa nguJonatan unyana kaShimeya umntakwabo-Davide.

8Esi ke yayisisizukulwana sikaRafa eGati. Kambe ke bawela ezandleni zikaDavide nomkhosi wakhe.

1 YEZIGANEKO 21

UDavide wenza ubalo

(2 Sam 24:1-25)

1Ke kaloku uSathana wavukela uSirayeli ngokuxhokonxa uDavide ukuze awabale amaSirayeli. 2UDavide wathetha noJowabhi nabanye abaphathi bomkhosi, wathi kubo: “Yiyani kubala amaSirayeli, niqale eBheshebha, nime kwaDan. Nakugqiba ke nize nindinike ingxelo, ukuze ndilazi inani lawo.”

3Ke yena uJowabhi wathi: “Ngamana *uNdikhoyo wabandisa kalikhulu abantu bakhe. Mhlekazi kumkani, asingobakho bonke na aba bantu? Ngani ke, mhlekazi, ukuba ufune ukwenza into enje? Ngani ukuba umhlekazi azisele uSirayeli ityala?”

4Kambe ke ilizwi likakumkani lamoyisa uJowabhi, waza wemka uJowabhi wamtyhutyha wonke uSirayeli, kamva ke wabuyela eJerusalem. 5Inani lamadoda omkhosi walixela kuDavide. KuSirayeli ephela yayisisigidi esinekhulu lamawaka, amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwakunye namakhulu amane anamashumi asixhenxe amawaka kwelakwaJuda.

6Kambe ke uJowabhi akambalanga uLevi noBhenjamin, kuba kaloku umyalelo kakumkani wawulumeza kuye. 7Ewe, lo myalelo wawumbi nakuThixo, ngoko ke wasuka wawohlwaya amaSirayeli.

8UDavide wathi kuThixo: “Ewe, ndenze into embi gqitha ngesi senzo. Ngoko ke ndiyakubongoza bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”

9UNdikhoyo wathetha nomshumayeli kaDavide uGadi, wathi: 10“Yiya kuDavide, uthi: ‘Nanga amazwi kaNdikhoyo,’ uthi ndithi makakhethe kwizinto ezintathu, ukuze ndikwazi ukuthatha amanyathelo.”

11UGadi waya ke kuDavide, wafika wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi khetha into amakakwenze yona: 12iminyaka emithathu yembalela, okanye iinyanga ezintathu zinivuthulula ziniwisa ngamakrele azo iintshaba zenu, kungenjalo ke ibe ziintsuku ezintathu uNdikhoyo ethumele isithunywa sakhe ukuze sifake ubhubhani kuwo wonke umhlaba wakwaSirayeli. Cingisisa undinike impendulo emandiyise kulowo undithumileyo.”

13UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele ndiwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”

14Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli, kwaza kwafa amadoda angamashumi asixhenxe amawaka. 15UThixo wathumela isithunywa sakhe ukuze sitshabalalise iJerusalem, kodwa ke sithe sisawenza loo msebenzi, uNdikhoyo wathi akuyibona loo ntlekele suka wazijika iimbono zakhe, wasinqanda ukuze singabatshabalalisi abantu, wathi: “Kwanele, sirhoxise isandla sakho!” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa eso sasimi ngasesandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

16Wathi akukhangela uDavide wasibona isithunywa sikaNdikhoyo, simi phakathi kwezulu nomhlaba, siphethe ikrele ngesandla, silijongise eJerusalem. Ke uDavide namadoda amakhulu banxiba ezirhwexayo, bakhahlela bawa emhlabeni.

17UDavide wathi kuThixo: “Indim nje othe makabalwe amadoda omkhosi! Ewe kaloku, ndim owonileyo ndenza okugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Hayi, Ndikhoyo, Thixo wam, isandla sakho masohlwaye mna kunye nomzi kabawo; ke yena lo bhubhani sukumyeka abatshabalalise abantu bakho.”

UDavide wakha iqonga lamadini

18Isithunywa sikaNdikhoyo sathetha noGadi, sathi makaye kuxelela uDavide ukuba makakhele uNdikhoyo iqonga lamadini kwesiya sanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi. 19Ngoko ke uDavide waya ngokwelo lizwi lalithethwe nguGadi egameni likaNdikhoyo.

20Uthe esabhula ingqolowa uAravena waguquka, wabona isithunywa sikaThixo, baza oonyana bakhe abane ababekunye naye bazimela. 21Wathi akuvela uDavide, uAravena wambona, waza wemka apho esandeni sokubhula, wamhlangabeza, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi koDavide.

22UDavide wathi kuye: “Ndinike lo mhlaba sikuwo esi sanda sokubhula, ukuze ndakhele uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini. Ndithengisele wona ngexabiso lawo.”

23Wathi uAravena kuDavide: “Kulungile, ungawufumana. Inkosi yam ukumkani mayenze ngokubona kwayo; mna ke ndiza kunikela ngeenkabi zeenkomo zokwenza amadini atshiswayo, izileyi zokubhula zoba ziinkuni. Ndonikela nangengqolowa yokwenza umnikelo weenkozo; zonke ezo zinto ndozikhupha.”

24Kambe ke ukumkani uDavide uphendule uAravena wathi: “Ngunotshe lowo! Ndiza kulihlawula lonke ixabiso lazo. UNdikhoyo andinakumnika izinto zakho, ndingayi kwenza mnikelo nadini litshiswayo ngento endingadlekanga ngayo.”

25Ngoko ke uDavide wahlawula uAravena amakhulu amathandathu eegolide ngeso sanda sokubhula. 26UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wanqula uNdikhoyo, waza ke yena waphendula ngokuthobela umlilo ezulwini kwelo qonga lamadini.

27UNdikhoyo ke wathetha naso isithunywa eso, saza salifaka esingxotyeni salo ikrele laso. 28Ngelo xesha ke uDavide akuqonda ukuba uNdikhoyo umphendule apho kweso sanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi, wasuka wanikela amadini apho kuso. 29Ngelo xesha ke isibingelelo sikaNdikhoyo esasenziwe nguMosis entlango kunye neqonga lamadini atshiswayo sasisendaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon. 30Kambe ke uDavide akayanga kubuzisa khona kuThixo, kuba kaloku wayesoyika ikrele lesithunywa sikaNdikhoyo.

1 YEZIGANEKO 22

1Ke kaloku uDavide wathi: “Iza kwakhiwa apha indlu *kaNdikhoyo uThixo kunye neqonga lamadini atshiswayo awenzelwa uSirayeli.”

1 YEZIGANEKO 18:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-