Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 96

Itekisi yeBhayibhile

1 YEZIGANEKO 11

Ukungena kukaDavide embusweni

1Ke kaloku onke amaSirayeli ahlanganiselana kuDavide eHebron, athi: “Mhlekazi, siyazalana; sikwaligazi lakho. 2Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo wakho wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”

3Aya kufika ke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa waba ngukumkani wamaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo esivakaliswe nguSamweli.

4UDavide namaSirayeli ephela baphuma baya eJerusalem – yiJebhusi ke leyo. Abemi bakhona, amaJebhusi, 5athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena!” Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.

6UDavide ke wayethe: “Nabani na othe wakhokela xa kuhlaselwa amaJebhusi uya kuba yinjengele.” Ke uJowabhi, unyana kaZeruya, yaba nguye ophumayo, waza ke wenziwa injengele yomkhosi.

7Waya kuhlala apho kuloo nqaba uDavide, yaza yabizwa ngokuba sisixeko sikaDavide. 8Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi. 9UDavide ke waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo onamandla onke wayenaye.

Amagorha kaDavide

10Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo. 11Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:

UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.

12Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu. 13Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya. 14Kambe ke uElazare namadoda akhe bema baqingqa apho phakathi kuloo ntsimi. Ewe, bahlanganisa babetha kwajub' ugodo kumaFilistiya, waza uNdikhoyo waba ngotshatsheleyo.

15Isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide saya kuye kwiliwa elikumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise kwintili yamaRafa. 16Ngelo xesha uDavide yena wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem. 17UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.” 18Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni leBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi: 19“Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.

Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.

20UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu. 21Waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywa kuloo magorha mathathu.

22Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama. 23Wabulala umJiputa owayelufafa oluziimitha ezimbini ezinekota ubude. UmJiputa lo wayephethe umkhonto ongangesibonda, uBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa. 24Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu. 25Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.

26Nanga loo magorha:

    NguAsayeli umntakwabo-Jowabhi, uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
    27uShamoti waseHarori, uHeleze wasePelon,
    28uIra unyana kaIkeshe waseTekowa, uAbhiyezere waseAnatoti,
    29uSibhekayi waseHusha, uIlayi waseAhoyi,
    30uMaharayi waseNetofa, uHelede unyana kaBhana waseNetofa,
    31uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin, uBhenaya wasePiraton,
    32uHurayi wamaxandeka aseGahashe, uAbhiyeli waseBhete-arabha,
    33uAzemavete waseBhawurim, uEliyabha waseShalebhon,
    34oonyana bakaHashem waseGizon, uJonatan unyana kaShage waseHarari,
    35uAhiyam unyana kaSakare waseHarari, uElifali unyana kaUre,
    36uHefere waseMekera,
    uAhija wasePelon,
    37uHezero waseKarmele, uNarayi unyana kaEzebhayi,
    38uJoweli umtakwabo-Natan, uMibhare unyana kaHagri,
    39uZeleki umAmon, uNaharayi waseBheroti, umphathi-zikrweqe zikaJowabhi unyana kaZeruya,
    40uIra waseItri, uGarebhe waseItri,
    41u-Uriya umHeti, uZabhadi unyana ka-Alayi,
    42uAdina unyana kaShiza, umRubhen owayeyinkulu yamaRubhen, enamadoda angamashumi amathathu kunye naye,
    43uHanan unyana kaMahaka, uYoshafati waseMeten,
    44u-Uziya waseAshterati, uShama noYeyeli oonyana bakaHotam waseArohere,
    45uYediyali unyana kaShimri, umntakwabo uYowa waseTizi,
    46uEliyeli waseMahavi, uJeribhayi noYoshaviya oonyana bakaElnam, uItema umMowabhi,
    47uEliyeli, no-Obhedi, noYasiyeli waseMezobhaya.

1 YEZIGANEKO 12

Abazibandakanye noDavide eZikelage

1La ngamadoda awaya kuDavide eZikelage, ngokuya wayegxothiwe nguSawule unyana kaKishe. Yayingamanye kumajoni awayesima nawo edabini. 2Ayexhobe ngeentolo *neenkwitshi, iinto ezidubula ngazo zozibini esokunene nesasekhohlo. Yayingamadoda endlu kaBhenjamin, izizalwana zikaSawule.

3Ewe, la madoda iingqwayi-ngqwayi zawo yayinguAhizene noYowashe, oonyaba bakaShemawa waseGibheya; wona inguYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; uBheraka, uYehu waseAnatoti, 4noIshmaya waseGibheyon, igorha kulaa mashumi mathathu elaliyingqwayi-ngqwayi yawo; uJeremiya, uYaziyeli, uYohanan, uYozabhadi waseGedera, 5uEluzayi, uJerimoti, uBheliya, uShemariya, noShefatiya umHarufi, 6uElikana, uYeshiya, uAzarele, uYowezere, noYashobhewam, amaKora; 7noYowela noZebhadiya oonyana bakaJeroham zaseGedore.

8Namanye kumaGadi awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe entlango. Yayingamatsha-ntliziyo aqule aligangatha, iinto ezinesandla ngakumkhonto nekhaka. Yayizizinto ezibuso bungwanyalala okwengonyama, izinto ezisantya ngathi yimbabala yentaba.

9Ayekhokelwa nguEzere, esalekelwa nguObhadiya, kulandele uEliyabhi, 10owesine inguMismana, owesihlanu inguJeremiya, 11uAtayi ingowesithandathu, uEliyeli ingowesixhenxe, 12owesibhozo inguYohanan, uElizabhadi ingowethoba, 13uJeremiya ingoweshumi, oweshumi elinanye inguMakebhanayi.

14La maGadi yayiziingqwayi-ngqwayi zomkhosi, nelona tyutyusi kuwo sasingeyontanga yalo nekhulu, noyena makhonya kuwo engeyontanga yalo newaka. 15Ngawo la awela umlambo iJordan ngenyanga yokuqala, ingazele iphuphuma, aza abaswantsulisa bonke ababemi kwiintili zayo empuma nasentshona.

16Kananjalo namanye amaBhenjamin ekunye nabathile bakwaJuda awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe. 17UDavide waphuma wawahlangabeza, wathi kuwo: “Ukuba ngaba nize ngoxolo apha kum, ngenjongo yokundincedisa, ndiyanamkela, singamanyana. Kambe ke, ukuba kuthe kanti nize ngeenjongo zokundintama ezintshabeni zam, ngoku ndingasenanxa namntu, ngamana anganibona uThixo woobawo, anibuyekeze.”

18Ke uMoya wehla phezu koAmasayi ingqwayi-ngqwayi yaloo mashumi mathathu, waza wathi:

“Thina singabakho, Davide!

Singabakho, mfo kaJese!

Makube yimpumelelo kuwe,

baphumelele nabo bakuxhasayo,

kuba uThixo wakho uza kukunceda!”

Ngoko ke uDavide wawamkela, wawenza iingqwayi-ngqwayi zamabutho okuhlasela.

19Namanye kumadoda akwaManase awelela kuDavide xa wayekunye namaFilistiya, besilwa noSawule. Kambe ke yena naloo madoda akhe zange bade bawancedise amaFilistiya lawo, kuba athi akuba ethetha-thethene, umlawuli wawo wamgxotha, esithi: “Le nto ingangumngcipheko kwakuthi – hleze asuke akreqe kuthi, axhase inkosi yakhe uSawule.”

20Ke ekuyeni kwakhe eZikelage, nanga amaManase azibandakanya noDavide: uAdena, uYozabhadi, uYediyali, uMikayeli, uJozabhadi, uElihu, noZiletayi, iingqwayi-ngqwayi zamabutho akwaManase. 21UDavide amnceda kumabutho ahlaselayo. Kaloku onke ayengoompondo-zihlanjiwe, eziingqwayi-ngqwayi emkhosini wakhe. 22Amadoda aphikela ukuwelela kuDavide mihla le, wada ke wanomkhosikazi owomeleleyo.

Abazibandakanye noDavide eHebron

23La ngamanani amadoda omkhosi awazibandakanya noDavide eHebron, ukuze umbuso kaSawule awubhukuqe uwele kuDavide ngokomlomo *kaNdikhoyo:

    24awakwaJuda, iinto eziqule zaligangatha, zixhobe ngomkhonto nekhaka, yayingamawaka amathandathu namakhulu asibhozo;
    25awakwaSimon, iinto eziqule zaligangatha, zilindele umayenzeke, yayingamawaka asixhenxe nekhulu;
    26awakwaLevi, ingamawaka amane namakhulu amathandathu, 27ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe, 28noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
    29awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;
    30awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;
    31awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;
    32awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;
    33awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;
    34awakwaNafetali yayiliwaka lamagosa kunye nezinto eziphath' ikhaka nomkhonto, zingamashumi amathathu anesixhenxe amawaka;
    35awakwaDan, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amabini anesibhozo amawaka namakhulu amathandathu;
    36awakwa-Ashere, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezilindele umayenzeke, yayingamashumi amane amawaka;
    37awangaphesheya kweJordan, kwaRubhen noGadi nesiqingatha sikaManase, izinto ezixhobe ngeendidi zonke, yayingamawaka alikhulu namashumi amabini.

38Onke la yayingamajoni azinikelayo ukuze angene emabuthweni. Wona aya eHebron ezimisele ukuba uDavide amenze ukumkani phezu kwakhe ewonke uSirayeli. Ewe, amaSirayeli xa ewonke jikelele ayemoya mnye wokuba uDavide abe ngukumkani wawo. 39Loo madoda ke ahlala iintsuku zantathu apho esitya esela oko akulungiselelwe ngamawabo. 40Kaloku noogxa bawo ababevela kwaIsakare, kwaZebhulon, nakwaNafetali, beza nokutya, bekuthwele ngeedonki, iinkamela, iimeyile, neenkabi zeenkomo. Ukutya kwakudlal' abantwana: umgubo wengqolowa, amaqebengwane amakhiwane naweerasentyisi, iwayini, amafutha omnquma, iinkomo, neegusha. Kaloku yayiyimincili kwaSirayeli.

1 YEZIGANEKO 13

Ityesi yomnqophiso ilandwa eKiriyati-yarim

1Ke kaloku uDavide wathetha-thethana namaphakathi akhe onke, lawo aphethe amajoni aliwaka nalawo aphethe alikhulu. 2Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi. 3Kambe masiyibuyise ityesi kaThixo wethu, kuba kakade asizange sibuzise kuye ngalo lonke ithuba lolawulo lukaSawule.” 4Xa lilonke ibandla lavumelana kwezi mbono, kuba le nto yafumaneka ilungile kumntu wonke.

5Ngoko ke uDavide wahlanganisa uSirayeli wonke jikelele ukusukela kumlambo iShikore kwelaseJiputa kuye kwinkalo yaseHamati, ukuze kulandwe ityesi kaThixo eKiriyati-yarim. 6UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.

7Bayithatha ke ityesi kaThixo endlwini ka-Abhinadabhi, beyithwele ngenqwelo entsha, ikhokelwa ngu-Uza noAhiyo. 8UDavide namaSirayeli ephela babebhiyoza ngamxhelo mnye phambi koThixo, becula iingoma, bekhalisa iihaphu, iikatala, amagubu, amacangci, namaxilongo.

9Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa. 10Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.

11Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

12Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?” 13Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati. 14Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.

1 YEZIGANEKO 11:1-13:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-