Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 92

Itekisi yeBhayibhile

2 KASAMWELI 14

Ukuxolelaniswa kuka-Abhasalom noDavide

25Kwakungekho bani wayenokufaniswa noAbhasalom ngobunzwana kuye wonke uSirayeli. Wayeyinzwana engenasiphako ukusuka entendeni yonyawo lwakhe kuye kutsho phezulu entloko. 26Wayesithi akucheba intloko (nto leyo wayeyenza minyaka le, kuba zazisuka zibe nde kakhulu iinwele zakhe) aziveyishe ezo nwele, zibe sisibini seekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo owawusetyenziswa komkhulu. 27Wayenoonyana abathathu uAbhasalom, kunye nentombi eyayinguTamare igama, inzwakazi enomkhitha.

28Kwadlula iminyaka emibini eseJerusalem uAbhasalom, kodwa engekabonani nokumkani. 29Ke uAbhasalom wabiza uJowabhi ukuze amthume kukumkani. Wala ukuza yena uJowabhi. Waphinda wathumela okwesibini, wala kwakhona uJowabhi. 30Uthe ke kwizicaka zakhe uAbhasalom: “Intsimi kaJowabhi nantsiya inengqolowa ngakuleya yakuthi; yiyani niyintumeke umlilo.” Zaya, zayitshisa intsimi kaJowabhi izicaka zika-Abhasalom.

31Wasuka ke uJowabhi waya kwa-Abhasalom, wafika wathi kuye: “Ziyitshiseleni izicaka zakho intsimi yam?”

32UAbhasalom wathi kuJowabhi: “Bendithumele abantu kuwe ndisithi mawuze apha ukuze ndikuthume kukumkani undibuzele uthi: ‘Ndibuyele ntoni eGeshuri? Bekukuhle ndibe ndiselapho nangoku.’ Ngoku ke ndifuna ukubonana nokumkani, ukuze athi, ukuba ndisenetyala, andibulale, ndife kube kanye.”

33UJowabhi undulukile waya kukumkani, wafika wamxelela oko. Uthe ukumkani makabizwe uAbhasalom. Uthe akufika kukumkani uAbhasalom waqubuda phambi kokumkani ekhahlela ubuso ebujongise emhlabeni, waza yena ukumkani wamanga.

2 KASAMWELI 15

UAbhasalom uceba ukuvukela umbuso

1Emva koko uAbhasalom wazifunela inqwelo namahashe kunye namashumi amahlanu amadoda awankcunkca phambili. 2Wayedla ngokuvuka ekuseni, aye kuma ngasendleleni eya esangweni lesixeko. Wayedla ngokuthi xa kufika umntu oze nesimangalo komkhulu, ambize, ambuze imvelaphi. Kuthi loo mntu akuba ezilandile echaza isizwe sakwaSirayeli avela kuso, 3uAbhasalom athi: “Ewe, umthetho uyakungqinela, nomcimbi wakho uyavakala, kodwa ukumkani akanaye umntu ongachophela eli tyala.” 4Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.” 5Kwakusithi kwakufika umntu aze akhahlele, uAbhasalom amthi hlasi ngesandla, amphakamise, amwole, amange. 6Loo nto wathi rhoqo ukuyenza kuwo onke amaSirayeli awayesiza komkhulu ematyaleni. Waba ke uyaziba iintliziyo zamaSirayeli ngaloo ndlela.

7Emva kweminyaka emine uAbhasalom ubhekise kukumkani wathi: “Mhlekazi, ndiyakucela ndikhulule ndiye kuzalisekisa isibhambathiso endasenza *kuNdikhoyo eHebron. 8Kaloku ndandenze isifungo ngokuya ndandisahlala eGeshuri kwelama-Aram, ndathi uNdikhoyo ndiya kumenzela idini xa andibuyisele ekhaya eJerusalem.”

9Ukumkani wathi kuye: “Hamba ngoxolo.”

Wesuka ke wemka uAbhasalom waya eHebron. 10Kanti wayeshiye ethume oongcothoza kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli esithi: “Xa nithe neva umtyangampo wesigodlo, ze nithi: ‘UAbhasalom ungukumkani eHebron!’ ” 11UAbhasalom wakhatshwa ngamakhulu amabini amadoda ukuya kwakhe eHebron esuka eJerusalem. Ahamba ngesimemo engazi nto wona phofu ngeli yelenqe. 12Kwathi xa uAhitofele waseGilo, iphakathi likakumkani uDavide, laliye kokwalo eGilo, lisiya kunyusa amadini, uAbhasalom wathuma isigidimi kuye, embiza. Iyelenqe lokuvukela ukumkani laya likhula, namanani eqela lika-Abhasalom aya esanda ngokwanda.

UDavide uyasaba eJerusalem

13Kwafika isigidimi kuDavide, sathi: “Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zijikile, zilandela uAbhasalom.” 14Ke uDavide wathi kumaphakathi akhe onke awayeseJerusalem: “Masibaleke kusengoku, kuba asiyi kusinda kuAbhasalom. Masikhawuleze simke, hleze asihlasele ngephanyazo, asihlisele ububi, abulale abemi balo mzi ngekrele.”

15Aphendula ngelithi amaphakathi kuDavide: “Makube njengokubona kwakho, mhlekazi; thina zicaka zakho sesilungile.” 16Wanduluka ke ukumkani nalo lonke usapho lwakhe. Kwasala ishumi labafazi elalingamaqadi, agcina umzi wakomkhulu. 17Ukumkani kunye nabantu awayehamba nabo bathi bakufika ngakwindlu yokugqibela bakha bathi xha apho. 18Onke amaphakathi akhe ema ngakuye lo gama abalindi bakhe abangamaKreti namaPleti badlulayo ngaphambi kwakhe. Emva koko kuze amakhulu amathandathu amadoda omkhosi owamlandela ukusuka eGati.

19Kwesi sithuba ke ukumkani uthe kuItayi waseGati: “Ulapha nawe? Ufunani emva kwam? Hamba uye kungenelela kulaa kumkani mtsha; kaloku ungumntu wasemzini wena, imbacu eyasaba amawayo. 20Hayi, mandingambhadulisi umntu ofika izolo! Andikazi nalapho ndiya kuphelela khona. Jika, wena kunye nala madoda akuni. Akwaba inceba nenyaniso yaba nawe.”

21UItayi wamphendula ukumkani wathi: “Mhlekazi, ekho nje *uNdikhoyo, ikho nje inkosi yam ukumkani, inene, apho iya khona inkosi yam ukumkani, nam sicaka sakho ndiya kuya khona, nditsho nokuba kusebomini nokuba kusekufeni.”

22UDavide wathi kuItayi: “Kulungile ke, yitsho ungena endleleni.” Waba ke njalo uItayi kunye namadoda eqela lakhe nosapho lwakhe lonke balandela uDavide. 23Kwahlokoma ilizwe sisikhalo ekumkeni kukaDavide nabantu bakhe. Wenjenjeya ukumkani ukuya kuwela umlanjana iKedron, elandelwa ngabantu bonke, baya kutsho entlango.

24Wayelapho phakathi kwabo uZadoki umbingeleli, ekunye nabaLevi, bethwele ityesi yomnqophiso kaThixo. Bayibeka phantsi ngakuAbhiyatare, bayilinda kwada kwaphuma wonke umntu esixekweni. 25Emva koko wathi kuZadoki ukumkani: “Le tyesi kaThixo yibuyisele kwasesixekweni. Ukuba uNdikhoyo undigcinile ndobuya ndiyibone kwakhona isendaweni yayo. 26Kodwa ke ukuba uNdikhoyo uthe kum: ‘Andaneliseki nguwe,’ ndim lo, makandenze loo nto ikholekileyo emehlweni akhe.”

27Uqhube wenjenje ukumkani ebhekisa kuZadoki umbingeleli: “Uyayibona imeko, wena ungahamba ngoku, ubuyele esixekweni kunye noAbhiyatare, nihambe kunye nâbo bafana babini, lowo wakho uAhimazi kunye noJonatan unyana ka-Abhiyatare. 28Uyabona, mna ndiya kulinda phaya emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuwe lokundazisa.” 29Ke uZadoki noAbhiyatare babuyela eJerusalem, bethwele ityesi yomnqophiso, baza bahlala apho.

30UDavide wahamba elila ukunyuka kwakhe iNtaba yemiNquma, egqubuthele, engafakanga nto nasezinyaweni. Bonke ababehamba naye nabo babegqubuthele, behamba belila.

31Waxelelwa uDavide kwathiwa: “Naye uAhitofele ukwicala labavukeli kunye noAbhasalom.” Ke uDavide wathandaza wathi: “Uzuwaphanzise, Ndikhoyo, amacebo ka-Ahitofele!”

32Uthe uDavide xa aqabela encochoyini yenduli, efika apho kwakunqulwa khona, wafika elindelwe nguHushayi umArki, etsho ngezambatho ezikrazukileyo, intloko inomhlaba. 33UDavide wathi kuye: “Akukho nto uya kundinceda ngayo xa uhamba kunye nam. 34Kanti ke xa ubuyela kwasesixekweni uya kundinceda uphanzise amacebo ka-Ahitofele, ufike uthi kuAbhasalom: ‘Ndisisicaka sakho, mhlekazi kumkani! Bendifudula ndisisicaka sikayihlo, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’ 35UZadoki noAbhiyatare ababingeleli uya kufika bekho nako; uze uyixele kubo yonke intshukumo yakomkhulu. 36Bakho nabo ooAhimazi unyana kaZadoki noJonatan unyana ka-Abhiyatare; wondazisa ngako konke okuvileyo komkhulu.”

37Wenjenjeya uHushayi, umhlobo kaDavide, ukuya esixekweni, waya kufika kanye xa uAbhasalom angenayo eJerusalem.

2 KASAMWELI 16

UDavide noZibha

1Wathi uDavide esand' ukuthi tyishi nje eyishiya incopho, wagagana noZibha iphakathi likaMefibhoshete. Wayeqhuba iidonki ezimbini zibotshiwe zithwele amakhulu amabini ezonka, nekhulu lezikhinkci zeerasentyisi, nekhulu lezikhinkci zeziqhamo ezisand' ukukhiwa, kunye nemvaba ezele yiwayini. 2Ukumkani wambuza uZibha wathi: “Wenza ntoni ngezi zinto?”

Lithe elikaZibha: “Ezi donki ndizizise ukuze usapho lukakumkani lukhwele kuzo. Izonka kunye neziqhamo ndiziphathele amadoda kakumkani ukuze azixhase ngazo, athobe nangewayini xa aziva ephelelwe entlango.”

3Uqhube wathi ukumkani: “Uphi uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, inkosi yakho?”

UZibha wathi: “Usele eJerusalem. Kaloku uthi: ‘Namhlanje indlu kaSirayeli iza kububuyisela kum ubukhosi bukabawo-mkhulu uSawule.’ ”

4Waqokela wathi ukumkani kuZibha: “Iza kuba yeyakho yonke into ebikade iyeyikaMefibhoshete.”

UZibha wathi: “Ndohlala ndisisicaka sakho, mhlekazi; bendinga ndingasoloko ndisenzelwa inceba nguwe.”

UDavide noShimeyi

5Uthe ukumkani uDavide akuya kufika eBhawurim, kwavela uShimeyi, unyana kaGera, owayezalana noSawule, eze kumhlangabeza, emthuka wonke lo gama aya kuye. 6UShimeyi usuke wagxoga uDavide ngamatye, ekunye naloo maphakathi akhe, engqongwe macala ngamadoda omkhosi nabalindi bakhe. 7Wayemthuka esithi: “Mka apha; hamba sigebengandini setshijolo! 8*UNdikhoyo uya kukubuyekeza ngenxa yegazi lendlu kaSawule othe wena waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ubukhosi uNdikhoyo ubunike uAbhasalom unyana wakho. Hayi ke, sigebengandini, isikhuni sibuye nomkhwezeli!”

9Kwavela uAbhishayi owayezalwa nguZeruya, wathi kukumkani: “Mhlekazi, uyamyeka lo mfi wenja akuthuke wena kumkani? Ndiyeke mna ndiye kumnqumla intloko.”

10Ukumkani wathi: “Ayifuni nina le nto, bonyana bakaZeruya. Ukuba undithuka ngokuthunywa nguNdikhoyo, ngubani onegunya lokuthi kuye: ‘Uyenzela ntoni le nto?’ ” 11Uqhube wathi uDavide, ebhekisa kuAbhishayi nakumaphakathi akhe onke: “Ingunyana wam ozelwe ndim nje lo ufuna ukundibulala, nothuswa yintoni kule nto yenziwa ngulo mBhenjamin? NguNdikhoyo othe makandithuke; myekeni ke andithuke. 12UNdikhoyo angahle ayibone le ntlupheko ndikuyo, andithamsanqele endaweni yesiqalekiso salo mntu.”

13Bahamba indlela yabo ke ooDavide. Wahamba ngaphezu kwenduli leyo uShimeyi eshwabula, egxoga ngamatye, eqhumisa uthuli. 14Ukufika kukakumkani neqela lakhe eJordan babesebefile kukudinwa, bakha baphumla apho.

UAbhasalom eJerusalem

15Wagaleleka eJerusalem uAbhasalom, ehamba namaSirayeli onke, kukho noAhitofele. 16Wathi uHushayi umArki, umhlobo othembekileyo kaDavide, akuthi thu uAbhasalom, wakhahlela esithi: “Huntshu-u-u! Khul' ud' ukhokhobe, kumkani!”

17UAbhasalom wathi kuHushayi: “Tyhini, yindlela obonakalisa ukuthembeka kwakho kumhlobo wakho uDavide le! Kutheni ungahambanga naye nje?”

18UHushayi wathi kuAbhasalom: “Ndingayenza njani into enjalo? Mna ndingakwicala lalowo utyunjwe *nguNdikhoyo nangabantu nangamaSirayeli ephela. Ndiza kuhamba nawe. 19Kakade ke ndingathoba phantsi kukabani xa ingenguye unyana wenkosi? Ndiza kuthoba phantsi kwakho ngoku njengoko bendisenza kuyihlo.”

20Ubuzile ke kuAhitofele uAbhasalom wathi: “Ucebisa ntoni ke? Ngaba masithini?”

21UAhitofele wathi kuAbhasalom: “Yiya kungena kumaqadi kayihlo, lawa awagcinise ibhotwe. Ngaloo ndlela indlu yonke kaSirayeli iya kuqonda ukuba uzinukisile kuyihlo, babe nesibindi ke ngoko abakulandelayo.” 22Kwamiswa intente phezu kophahla lwebhotwe, waza uAbhasalom wawangena amaqadi kayise ejongwe ngamaSirayeli onke.

23Icebo lika-Ahitofele lalithathwa njengelizwi elivela kuThixo ngenkqu. Lalingadli ngakuwa phantsi kuDavide, kanti nakuAbhasalom kwakukwanjalo.

2 KASAMWELI 17

UHushayi ulahlekisa uAbhasalom

1Wathi uAhitofele kuAbhasalom: “Ndivumele ndikhethe ishumi elinambini lamawaka amadoda, ndiphume ngobu busuku, ndimsukele uDavide. 2Ndifuna ukumhlasela esadiniwe nje, emi nematha. Ndifuna ukuwothusa abaleke la madoda ahamba naye. Ndifuna ukubulala ukumkani kuphela, 3ndiwazise kuwe onke amanye amadoda. Andithi mnye qha lo mntu ufuna ukumbulala, bonke abanye babuye bephila?” 4Lavakala njengecebo eliphilileyo eli kuAbhasalom nakumadoda amakhulu akwaSirayeli xa ewonke.

5Uthe uAbhasalom: “Khanibize kwanoHushayi umArki, silive nelakhe icebo.” 6Uthe akufika uHushayi uAbhasalom wamchazela iqhinga lika-Ahitofele, waza wathi: “Utsho ke uAhitofele; uthini wena?”

7UHushayi wathi kuAbhasalom: “Hayi, mhlekazi, kwesi sihlandlo kum ngathi alilihle iqhinga lika-Ahitofele konke. 8Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku. 9Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’ 10Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.

11“Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini. 12UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye. 13Uya kuba ngaya dolophini ithile, sifike nalapho singamaSirayeli, sithandele ngeentambo, sizitsale ezo ndonga zidilike, ziye kuthi didli ezantsi entilini, kude kungabikho nalinye ilitye apho.”

14UAbhasalom namadoda onke akwaSirayeli bathi: “Icebo likaHushayi umArki lelona lilungileyo kunelika-Ahitofele.” Yayisisigqibo *sikaNdikhoyo kakade ukuba maliphanze icebo lika-Ahitofele, khon' ukuze aze kuhlelwa lishwangusha uAbhasalom.

UDavide uyasaba akulunyukiswa

15Usuke apho uHushayi waya kwazisa ooZadoki noAbhiyatare ababingeleli ngeqhinga yena acebise ngalo uAbhasalom namadoda amakhulu akwaSirayeli kwanangelo lalivela kuAhitofele. 16Uqhube wathi: “Ke ngoko khawulezani nithumele kuDavide, nithi kuye: ‘Uze ungahlali phaya ngakumazibuko asentlango ngobu busuku. Welela ngaphesheya kweJordan, hleze ukumkani nabantu bonke abanaye bacinywe.’ ”

17UJonatan kunye noAhimazi babehlala belinde kulaa mthombo wase-En-rogele, kuba bekungafuneki babonwe bengena esixekweni. Kwathunywa isicakazana, saya kubaxelela, baza bona baya kwazisa ukumkani uDavide. 18Kodwa babhaqwa yinkwenkwana eyaya kuxelela uAbhasalom. Bakhawuleza ke bemka kuloo ndawo, baya kuzimela mzini wasemathileni eBhawurim. Kwakukho iqula ngakuloo mzi, baza ke baya kuhlala ngaphakathi kwalo. 19Inkosikazi yalapho yathatha into, yaligquma ngayo, yaneka imbewu ngaphezulu, ukuze kungabikho bani urhanela nto. 20Afika apho kuloo mzi amaphakathi ka-Abhasalom, athi kuloo mfazi: “Baphi ooAhimazi noJonatan?”

Waphendula ngelithi loo mfazi: “Bagqithe apha, baya ngasemlanjeni.” Loo maphakathi afuna, afuna, ada ancama, abuyela kwaseJerusalem.

21Akuba emkile loo madoda, baphuma kwelo qula ooAhimazi noJonatan, basa udaba ababeluthunyiwe kuDavide. Bamxelela ngeyelenqe lika-Ahitofele, batsho besithi: “Phakama ukhawuleze uwelele ngaphesheya komlambo.” 22Bawela ke ooDavide namaphakathi, kwathi kusisa babe bengaphesheya kweJordan bonke.

23Uthe akubona uAhitofele ukuba iqhinga lakhe alisiwanga so, suka wakhwela idonki yakowabo, wagoduka esinga kweyakubo idolophu. Uthe nje ukuba agqibe ukulungisa imicimbi yakhe, waya wazixhoma wafa. Ungcwatyelwe apho kumangcwaba ooyise-mkhulu.

24Wayeselefikile uDavide kwidolophu yaseMahanayim, ngexesha yena uAbhasalom namaSirayeli onke awayenaye bawela iJordan. 25UAbhasalom wenza uAmasa injengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi. UAmasa wayengunyana kaYetere umSirayeli, ezalwa nguAbhigeli intombi kaNahashe, engudade boZeruya unina kaJowabhi. 26UAbhasalom namaSirayeli bazimisa iintente zabo kummandla waseGiliyadi.

27UDavide ukufika kwakhe eMahanayim wayehlangatyezwa nguShobhi unyana kaNahashe owayevela kwidolophu iRabha kwelama-Amon, nanguMakire unyana ka-Amiyeli waseLodebhare, noBhazilayi umGiliyadi waseRogelim. 28Babephethe iimandlalo, izitya, neengqayi, kunye nengqolowa, nerhasi, nomgubo, nogcado, neembotyi, neentlumayo, nokunye ukutya okugcadiweyo, 29nobusi, nebhotolo, neegusha, netshizi yobisi lweenkomo. Konke oku babekuphathele ukuxhasa uDavide nabantu bakhe, kuba babesithi: “Aba bantu balambile, badiniwe, banxaniwe nokunxanwa apha entlango.”

2 KASAMWELI 14:25-17:29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-