Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 90

Itekisi yeBhayibhile

2 KASAMWELI 7

Isithembiso sikaThixo kuDavide

1Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo, 2wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”

3UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”

4Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 5“Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo? 6Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba. 7Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’

8“Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli. 9Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni. 10Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili, 11ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho.

“ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho. 12Yakuphela imihla yakho, xa sewuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho oyinyama negazi lakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe. 13Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade. 14Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo. 15Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena. 16Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”

17Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

Umthandazo kaDavide

18Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku? 19Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?

20“Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho. 21Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.

22“Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe. 23Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze azenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha kunye *noothixo bazo, khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa. 24Ubazinzisile abantu bakho amaSirayeli, wabenza bangabakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.

25“Ngoku ke, Thixo Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso mawusigcine ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho 26ukuze igama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo onamandla onke nguThixo kaSirayeli.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.

27“Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo. 28Nkosi yam Ndikhoyo, wena unguThixo, yaye amazwi akho athembekile. Isicaka sakho usenzele esi sithembiso sihle kangakanana. 29Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”

2 KASAMWELI 8

Uloyiso lukaDavide ezimfazweni

(1 Gan 18:1-17)

1Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya, wawoyisa, wabuhlutha ubukhosi esandleni sawo.

2Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi. Uwalalise phantsi emhlabeni, wathatha intambo, wawalinganisa ngayo, isibini sobude bawo wasibulala, ke sona esesithathu sisonke wasiyeka saphila. AmaMowabhi aba phantsi kukaDavide ke, amnika imirhumo.

3Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi, xa kanye wayezama ukubuyisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati. 4UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.

5Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo. 6Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo konke apho ahamba khona. 7UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayengawamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem. 8Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neBherotayi ukumkani uDavide wathimba intaphane yobhedu.

9Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyi iindaba zokoyiswa komkhosi kaHadadizere nguDavide. 10Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.

11Ezo zipho uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo nangesiliva negolide awayeyithimbe kwizizwe zonke azoyisileyo: 12ama-Aram, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, kunye nama-Amaleki. Wanikezela nangamaxhoba awawathimba kukumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi.

13UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa. 14Wamisa amabutho akhe kulo lonke elase-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.

Amagosa kaDavide

15Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe. 16UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku. 17Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala. 18UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengabacebisi bakakumkani.

2 KASAMWELI 9

UDavide noMefibhoshete

1UDavide wathi: “Ngaba akusekho nampunde na iseleyo kumzi kaSawule? Ndifuna ukuyenzela inceba ngenxa kaJonatan.

2Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?”

Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.”

3Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.”

UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.

4Ukumkani wathi kuye: “Uphi apho akhoyo?”

UZibha wathi kukumkani: “Uhlala kwaMakire, unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.”

5Ke ukumkani uDavide wamsusa uMefibhoshete endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLodebhare.

6Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!”

Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”

7Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”

8Ubuye wakhahlela uMefibhoshete, wathi: “Mhlekazi, uyintoni na umkhonzi wakho ukuba uthathe ingqalelo ngenja efileyo enjengam nje?”

9Ukumkani wabiza uZibha isicaka sikaSawule, wathi kuye: “Yonke into yakwaSawule inkosi yakho ndiyinika umzukulwana wakhe uMefibhoshete. 10Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka.

11UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani. 12Wayenomntwana oyinkwenkwe uMefibhoshete, ogama linguMika. Bonke abantu ababehlala kwaZibha baba zizicaka zikaMefibhoshete. 13Yena uMefibhoshete wayehlala eJerusalem, esitya njalo kwitafile kakumkani. Wayelimele kuzo zombini iinyawo.

2 KASAMWELI 10

UDavide woyisa ama-Amon

(1 Gan 19:1-19)

1Emva koko wafa ukumkani wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula uHanun unyana wakhe. 2Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanum unyana kaNahashe njengoko wandenzelayo ububele uyise.” Wathuma izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanum ngenxa kayise.

Athe ke loo madoda kaDavide akufika kwelama-Amon 3izikhulu zama-Amon zathi kuHanun inkosi yazo: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe, esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; athunywe nguDavide ukuza kuhlola esi sixeko ukuze akwazi ukusibhukuqa.”

4UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu icala elinye, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula. 5Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo, wathumela izigidimi, zawahlangabeza loo madoda, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”

6Ke kaloku ama-Amon aqonda ukuba amkhubekisile uDavide, aza aya kuqesha amashumi amabini amawaka amadoda omkhosi ahamba ngeenyawo kuma-Aram kwimimandla yaseBhete-rehobhi naseZobha. Kukumkani waseMahaka aqesha iwaka lamadoda, laza ishumi elinambini lamawaka laqeshwa eTobhi.

7Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha. 8Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Ama-Aram aseZobha nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi naseMaka, athi gingqi odwa phaya ethafeni.

9Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram. 10Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, waza wawahlela loo madoda ajongana nama-Amon. 11UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula. 12Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.” 13UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka. 14Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe.

15Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli, ama-Aram aphinda aqokelelana. 16Ukumkani uHadadizere wathi makulandwe ama-Aram angaphesheya komlambo iEfrati. Aya kuma eHelam, ekhokelwa nguShobhaki, injengele yomkhosi kakumkani uHadadizere.

17Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza. 18Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala amakhulu asixhenxe amajoni eenqwelo, namashumi amane amawaka amajoni akhwela amahashe. Wangxwelerhwa uShobhaki injengele yomkhosi wawo, waza wafa.

19Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zeza zenza uxolo namaSirayeli, zaba ngaphantsi kwawo.

Ukususela oko ama-Aram oyika ukuwanceda emfazweni ama-Amon.

2 KASAMWELI 11

UDavide noBhashebha

1Kwathi ngentlako-hlaza ngexesha iikumkani zazidla ngokulwa iimfazwe ngalo, uDavide wandulula uJowabhi kunye namaphakathi nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli. Bawachitha-chitha ama-Amon, basingqinga nesixeko sawo iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.

2Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo. 3Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”

4UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe. 5Wamitha ke loo mfazi, waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.”

6UDavide usuke wathumela umyalelo kuJowabhi, wathi: “Mthumele kum apha u-Uriya umHeti.” Ke uJowabhi wamthumela kuDavide u-Uriya. 7Akufika u-Uriya uDavide wambuza ngempilo kaJowabhi, nempilo yomkhosi, nokuba imfazwe iqhuba njani na. 8Emva koko uDavide uthe ku-Uriya: “Hamba uye endlwini yakho, ukhe uhlambe iinyawo.” Waphuma ke u-Uriya komkhulu, kwalandela isipho esivela kukumkani, sasiwa kwakhe. 9Akazange agoduke yena u-Uriya; wasuka waya kulala phaya ngasesangweni lakomkhulu kunye nezicaka zikakumkani.

10Waxelelwa uDavide kwathiwa: “U-Uriya akayanga emzini wakhe.” Waza uDavide wathi ku-Uriya: “Ubuseluhambeni ithuba elide; kutheni ungayanga kulala kwakho nje?”

11U-Uriya wathi kuDavide: “Ityesi yomnqophiso kunye namadoda omkhosi akwaSirayeli nakwaJuda ahlala ezintenteni, kanti noJowabhi inkosi yam kwakunye namaphakathi akho, mhlekazi, aphaya endle, ube wena usithi mna mandigoduke nditye, ndisele, ndilale nomkam! Uhleli nje, inene, andisokuze ndiyenze into enjalo, mhlekazi.”

12Uthe ke uDavide ku-Uriya: “Sewuhlala ke okwanamhlanje; ndiza kukukhulula uhambe ngomso.” Wahlala ke apho eJerusalem ngaloo mhla u-Uriya, nangomhla olandela lowo. 13UDavide wammema, waza watya wasela kunye naye, wamnxilisa. Kodwa nangobo busuku akazange agoduke u-Uriya, suka yena waya kulala kwindawo yakhe ngakwizicaka zakomkhulu.

14Kwakusasa ngengomso uDavide wabhalela uJowabhi incwadi, wayithumela kwangoUriya. 15Udaba lwalusithi: “U-Uriya lowo uze umbeke ngaphambili emsini apho lishushu idabi, nize nihlehle, aze yena angxwelerhwe afe.” 16Kwathi ke ekusingqingeni kwakhe isixeko uJowabhi, wambeka kwelona cala linamagorha u-Uriya. 17Waphuma umkhosi esixekweni, walwa nokaJowabhi. Apho kwawa iqela lamajoni omkhosi kaDavide, wafela apho naye u-Uriya umHeti.

18Emva koko uJowabhi wathumela ingxelo kuDavide malunga nemfazwe, 19wasiyalela isigidimi wathi: “Xa ugqibayo ukumbalisela ukumkani ngako konke okwenzeke edabini, 20ngahle abe nomsindo, akubuze athi: ‘Benisondelelani kangaka kwisixeko sotshaba lwethu? Beningaqondi na ukuba zinganidubula ngeentolo zazo zisithele ngodonga? 21Ngubani na owabulala uAbhimeleki unyana kaJerubhesheti? Akafanga na eTebheze ngokugityiselwa ngumfazi ngelitye lokusila, emi ngaphezu kodonga. Benisondelelani kangaka kudonga lwesixeko?’ Uze ke uthi: ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.’ ”

22Eso sigidimi ke saya kufika kuDavide, safika samxelela wonke loo myalelo kaJowabhi. 23Wenjenje loo mfo ukuthetha noDavide: “Mhlekazi, ziphumile iintshaba zethu esixekweni, saqubisana endle. Zithande ukusigqwesa, kodwa sazibetha zahlehla zaya kungena ngesango esixekweni. 24Zithe xa silapho ngasesangweni zasidubula ngeentolo zimi eludongeni, zawachana amanye amajoni akho, mhlekazi. Ngokunjalo nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.”

25UDavide wathi kwisigidimi eso: “Uze uthi kuJowabhi: ‘Uzungavumi ukuba le nto ikutyhafise; kakade ikrele eli lidla kulo nakulowaa. Sihlasele ngamandla isixeko, usichithe.’ Uze utsho ke, umomeleze.”

26Ke umka-Uriya weva ngokusweleka komyeni wakhe, waza wamzilela. 27Lakudlula ixesha lenzila, uDavide wathi makaye kuthathwa, aze kuhlala ebhotwe, abe ngumkakhe. Wafika apho, wazala umntwana oyinkwenkwe. Kambe ke sona isenzo sikaDavide saba sibi emehlweni *kaNdikhoyo.

2 KASAMWELI 7:1-11:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-