Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 61

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 8

Ukutshatyalaliswa kweAyi

1Ke kaloku wathi *uNdikhoyo kuYoshuwa: “Uze ungoyiki, ungankwantyi. Thatha wonke umkhosi wakho, uhlasele iAyi. Ukumkani waseAyi, kunye nabantu bakhe, nesixeko sakhe, kunye nalo mhlaba wakhe, ndimnikele ezandleni zakho. 2Nalapha eAyi uze wenze laa nto wawuyenze eJeriko nakukumkani wakhona. Kodwa ngoku amaxhoba eenkomo kunye nezinye izinto nize nizithathele zona. Nize nizilungiselele ukuyiqubula loo dolophu, nibe nabalaleli ngapha kwayo.”

3UYoshuwa waxhabashela ukuya eAyi kunye nomkhosi wakhe. Wakhetha amawaka amashumi mathathu awona angamakhalipha kumadoda omkhosi, wawakhupha ngobusuku 4nalo myalelo: “Phulaphulani! Zimelani ngapha kwesixeko, ningabi kude, nihlale nichophe phezu kwezikrweqe. 5Mna kunye namadoda ahamba nam sosivelela ngaphambili isixeko. Xa amadoda aseAyi asihlangabezayo thina siya kujika sibaleke njengokwesihlandlo sokuqala. 6Wona ke osisukela de athi qelele esixekweni, eba siyabaleka njengakuqala. Besasisukela njalo ke 7nina niya kuphuma kuloo ndawo benizimele kuyo, nihlasele isixeko, nisithimbe. UNdikhoyo uThixo wenu wosinikela ezandleni zenu. 8Nakuba nisithimbile eso sixeko, ze nisintumeke umlilo ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ze nenjenjalo; ndiyaniyalela!” 9Wawandulula ke loo madoda uYoshuwa, ahamba aya kulinda ezimele ngasentshonalanga yeAyi, phakathi kweAyi neBhetele. Yena uYoshuwa wasala apho babekhulule khona ngobo busuku.

10Wavuka ekuseni uYoshuwa, wahlanganisa elakhe iqela lomkhosi. Wenjenjeya ewukhokelela eAyi kunye neenkokheli zawo. 11Lo mkhosi wahamba ujonge ngqo eAyi, wafika wagxumeka iintente zawo emantla esixeko, ahlulwe naso yintili. 12Ngelo xesha uYoshuwa wayeselethathe amawaka amahlanu amadoda, wawafihla ngakwintshonalanga yesixeko, phakathi kweAyi neBhetele.

13Amiswa ngeendawo zawo ke loo madoda, elungele idabi, iintente zawo zimi ngasemantla esixeko, amanye amadoda ezifihlile ngasentshonalanga. Ngobo busuku uYoshuwa wangena kuloo ntili.

14Akabanga saphozisa maseko ukumkani waseAyi akuwubona ekuseni umkhosi kaYoshuwa. Wesuka kwangoko, wawuhlangabeza kunye namadoda akhe kuloo ntili ikhangelene nentlango, engaqondi phofu ukuba kukho amadoda alaleleyo ngaphaya kwesixeko. 15UYoshuwa namadoda omkhosi wakhe yena wanga uyabaleka, wabheka ngasentlango. 16Kwahlatywa umkhosi, aphuma onke amadoda aseAyi, awusukela umkhosi kaYoshuwa. Lo gama asukelayo wawuya usithi tyishi umgama ophakathi kwawo nesixeko. 17Akwasala nanye indoda eBhetele naseAyi engawasukelanga amaSirayeli, yaza iAyi yasala ingenabani wakuyikhusela.

18UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Khomba eAyi ngomkhonto wakho, kuba ndiyinikezela kuwe loo dolophu.” Wenjenjalo uYoshuwa. 19Uthe nje akusiphakamisa isandla, laa mkhosi wakhe wawuzimela wesuka iindulumbane wangena esixekweni, wasintumeka umlilo. 20Athe akubheka amadoda aseAyi abona kufunquza intshinyela yomsi ngasesibhakabhakeni. Akazange abe nakubalekela ndawo, kuba amaSirayeli awayezenza ngathi ayabaleka ajika angena kuwo. 21Kaloku wathi uYoshuwa neqela lakhe bakuqonda ukuba isixeko sithinjiwe liqela elalizimele, yaye sasisele silidangatye ngumlilo, bajika bawahlasela amadoda aseAyi. 22AmaSirayeli awayethimbe isixeko afika aza kunceda edabini. Aba ke amadoda aseAyi angqingwe macal' onke ngamaSirayeli, abulawa onke. Akubangakho mntu usindayo, kungazange kuphuncule bani, 23ngaphandle kokumkani waseAyi yedwa. Kanti ke naye wabanjwa wasiwa kuYoshuwa.

24AmaSirayeli, akuba ewabulele onke loo madoda ayeleqwe ngawo emasimini nasentlango, abuyela kwaseAyi, afika abulala yonke into engumntu apho. 25Ngaloo mini kwabulawa yonke into engumntu eAyi, kwafa ishumi elinambini lamawaka lamadoda nabafazi. 26UYoshuwa wayesoloko umkhonto wakhe ewukhombe eAyi, akasithoba kwada kwaba kufe umntu wonke apho.

27AmaSirayeli azithathela imfuyo kwanamanye amaxhoba njengoko uNdikhoyo wawayalelayo ngomlomo kaYoshuwa. 28UYoshuwa wayintumeka umlilo iAyi, yasala ingamabhodlo. Iseyiloo nto unanamhla oku. 29Ukumkani waseAyi yena waxhonywa emthini, wayekwa apho kwada kwarhatyela. Kwathi ngorhatya wathi uYoshuwa isidumbu sikakumkani masithulwe siye kulahlwa emasangweni esixeko. Kwafunjwa phezu kwaso ingqumba yamatye asekho apho unanamhla.

Ukuhlaziywa komnqophiso kwintaba iEbhali

30Emva koko ke uYoshuwa wenzela *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, iqonga lamadini phezu kwentaba iEbhali, 31elenze njengoko uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wayeyalele. Walenza ngamatye angaqingqwanga, ngokomyalelo osencwadini yomthetho kaMosis. Kwelo qonga kwakusenziwa amadini atshiswayo kunye nawobudlelane. 32UYoshuwa wawakhuphela umthetho kaMosis, ewukrola ematyeni, amaSirayeli ejongile. 33AmaSirayeli onke, amadoda amakhulu, amagosa, nabalamli, kwakunye nabangeneleli, bema bephahle ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bejongene nababingeleli bomlibo ka-Aron ababeyithwele. Elinye iqela lalimi ngakwintaba iGerezim, elinye limi ngakwintaba iEbhali. Kaloku uMosis, isicaka sikaNdikhoyo, wayethe maze benjenje lakufika ithuba lokubhengeza amathamsanqa uNdikhoyo awanika abantu bakhe amaSirayeli.

34Kwesi sithuba ke uYoshuwa wabafundela umthetho uphela, nditsho iintsikelelo neziqalekiso njengoko zibhaliwe encwadini yomthetho. 35UYoshuwa ke wayifundela elo bandla liphela imiyalelo kaMosis, engashiyanga nesuntswana eli. Ayekho namakhosikazi, nabantwana, kwakunye nabangeneleli abemi phakathi kwamaSirayeli.

UYOSHUWA 9

UYoshuwa ukhohliswa ngamaGibheyon

1Imbali yokutshatshela kwamaSirayeli yaya kuvakala nakwiikumkani ezazimi ngasentshonalanga kweJordan: kweleentaba, emazantsi eentaba, nasemantla konxweme lolwandle, ukuya kutsho eLebhanon. Ezo ke yayiziikumkani ezazilawula amaHeti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 2Zonke zabuthelana ngamxhelo mnye ukuze zilwe noYoshuwa namaSirayeli.

3Abantu baseGibheyon, ababengamaHivi, bayiva imbali yezigigaba zikaYoshuwa eJeriko naseAyi, 4baza bagqiba ekubeni mabenze iqhinga. Bathume izigidimi zilayishe ukutya ezimbongolweni ngeengxowa ezigugileyo. 5Zanxiba amadlavu, neembadada ezikrazukileyo, zathatha isonka esomileyo esingundileyo 6Zenyuka zaya esikhululweni eGiligali, zafika zathi kuYoshuwa namaSirayeli: “Singabantu abavela kwilizwe elikude. Size kucela kuni imvisiswano yokuhlalisana ngoxolo.”

7AmaSirayeli athi: “Singathini na ukunqophisana nani? Kusenokwenzeka ukuba nisuka kwalapha kufuphi.”

8Bathi kuYoshuwa: “Thina sizizicaka zakho.”

Wababuza uYoshuwa wathi: “Ningamani, yaye nivela phi?”

9Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa, 10kwakunye nakwenze kwiikumkani ezimbini zama-Amori ngaphesheya kweJordan, kukumkani uSihon waseHeshbhon kunye nokumkani uOgi waseBhashan owayemi eAshtoreti. 11Amadoda amakhulu akuthi, kunye nabemi bonke belakowethu, bathi kuthi: ‘Zenzeleni umphako wendlela, nihambe niye kubo, nithi: “Sizizicaka zenu. Visisanani nathi, sihlalisane ngoxolo.” ’ 12Khangela umphako wethu wesonka. Ukunduluka kwethu ekhaya sisiza apha, esi sonka sasiseshushu. Ngoku sesomile, singunde nokungunda. 13Iimvaba zewayini zazizele, zintsha, ngoku sezikrazukile. Neempahla zethu kunye neembadada zigugile luhambo olude.”

14Amadoda akwaSirayeli angcamla kumphako waloo madoda, kodwa akakhange abhekise kuNdikhoyo. 15NoYoshuwa ke wasivuma isicelo sawo soxolo, wanqophisana nawo ngelithi akayi kubulawa. Zafunga iinkokheli zebandla lamaSirayeli, zathi loo mnqophiso aziyi kuwutyeshela.

16Kwathi kungekadluli neentsuku ezintathu senziwa isivumelwano, eva amaSirayeli ukuba abo bantu yayingabamelwane bawo, behlala kufuphi nawo. 17Anduluka ke amaSirayeli, athi emva kweentsuku ezintathu agaleleka apho kwakuhlala khona loo madoda. Izixeko zawo yayiyiGibheyon, iKefira, iBheroti, kunye neKiriyati-yarim. 18Kambe ke amaSirayeli akazange ababulale aba bantu, kuba kaloku iinkokheli zebandla lawo zazibenzele isifungo ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Lonke ibandla lakwaSirayeli lazikhalazela iinkokheli, 19zaza iinkokheli zathi: “Kaloku safunga ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwaba bantu. Ke ngoko asinakubenza nto konke. 20Naku emasikwenze: masingabachukumisi, hleze sihlelwe yingqumbo ngokutyeshela isifungo. 21Masibayeke baphile ngokwesifungo sethu, kodwa ngabo abaza kusikhelela amanzi, basicandele iinkuni.”

22UYoshuwa wathi mabeziswe kuye abantu baseGibheyon, wabhekisa kubo wathi: “Nisikhohlisele ntoni nisithi nivela kude nje, kanti nihlala kufuphi? 23Niqalekisiwe ngenxa yento eniyenzileyo. Niya kuhlala ningamakhoboka, nithuthe amanzi, nicande neenkuni zomzi woThixo wam.”

24Bathi ukuphendula bona: “Mhlekazi, sibangwe kukuva ukuba kuyinyani ukuba uNdikhoyo uThixo wenu wayalela uMosis ukuba wonke lo mhlaba makawunike nina, batshabalalise bonke abemi bawo, ke ngoko sasoyikela nobomi bethu. 25Ngoku ke siphantsi kwegunya lakho; yenza loo nto wena ucinga ukuba ilungile.”

26Nantsi ke into awayenzayo uYoshuwa: wabakhusela, akawavumela ukuba amaSirayeli ababulale, 27kodwa wathi mababe ngamakhoboka okukha amanzi nokucanda iinkuni zamaSirayeli nezeqonga lamadini kaNdikhoyo. Loo msebenzi basawenza unanamhla kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo.

UYOSHUWA 10

Ukoyiswa kwama-Amori

1UAdoni-zedeki ukumkani waseJerusalem weva ukuba uYoshuwa wayithimba iAyi wayitshabalalisa, waza nekumkani yalapho wayibulala kanye njengoko wayenzile naseJeriko nakukumkani walapho. Weva nokuba amaGibheyon anqophisene namaSirayeli, yaye ngoku ahlalisana nawo ngoxolo. 2Abemi baseJerusalem yabaxhalisa kakhulu le meko, kuba kaloku iGibheyon yayisisixeko esibalulekileyo esilingana nezinye ezingamaziko olawulo. IGibheyon le yayingaphezulu kweAyi, nomkhosi wakhona unamagorha amadoda. 3Ngoko ke ukumkani uAdoni-zedeki wathumela izigidimi kukumkani uHoham waseHebron, nakukumkani uPiram waseYamuti, nakukumkani uYafiya waseLakishe, nakukumkani uDebhiri wase-Eglon, esithi: 4“Khanize kundincedisa siyihlasele iGibheyon, kuba amaGibheyon enze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.” 5Zasuka ke ezi kumkani zintlanu zama-Amori – eyaseJerusalem neyaseHebron, eyaseYamuti neyaseLakishe kunye neyase-Eglon – zahlanganyela iGibheyon, zayihlasela.

6Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”

7Wesuka kwangoko eGiligali uYoshuwa namagorha onke omkhosi wakhe. 8Waza *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uze ungaboyiki. Sendibanikele esandleni sakho. Akukho nanye kwezo kumkani enokumelana nawe.” 9UYoshuwa nomkhosi wakhe wahamba ubusuku bonke ukusuka eGiligali besiya eGibheyon, bafika bawaqubula ama-Amori. 10UNdikhoyo wawenza adideka ama-Amori ukufika komkhosi wamaSirayeli. AmaSirayeli abaswantsulisa eGibheyon, abasukela ukunyuka inkalo yaseBhete-horon ukubheka eAzeka naseMakeda. 11Ngeli xesha babaleka amaSirayeli ukuhla ithambeka, uNdikhoyo wabatyhumfuza ngesichotho konke ukwenjenjeya ukuya eAzeka. Abaninzi bafa sisichotho ngaphezu kokubulawa ngamaSirayeli.

12Ngaloo mhla uNdikhoyo amaSirayeli wawoyisela ngawo ama-Amori uYoshuwa wabhekisa kuNdikhoyo phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi:

“ ‘Langa, yima phezu kweGibheyon.

Wena nyanga, yima phezu kwentili iAyalon.’

13Lema bhunxe ilanga,

nenyanga nayo ayahamba,

kwada kwaba aloyisile utshaba amaSirayeli.”

Oku kwenzeka njengoko kuxeliwe kwiNcwadi kaYashare. Ilanga lema bhunxe embindini wesibhakabhaka, alakhawuleza ukutshona isithuba esingangemini iphela. 14Akuzange kubekho umhla onjalo ngaphambili. Nangasemva koko awuzange ubekho konke umhla awathi uNdikhoyo waliphulaphula ilizwi lomntu. Wawalwela ke khona uNdikhoyo amaSirayeli!

15Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.

UYoshuwa ubulala ookumkani bama-Amori

16Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda. 17Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa. 18Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda. 19Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.” 20Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda. 21Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.

22UYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba, nizizise kum zontlanu ezo kumkani.” 23Wavulwa ke umqolomba, zaza zasiwa kuYoshuwa iikumkani zaseJerusalem, eHebron, eYamuti, eLakishe, nase-Elon. 24UYoshuwa wawabiza ke onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi-mkhosi: “Yizani apha nizinyathele entanyeni ezi kumkani.” Benjenjalo, 25wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”

26UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya. 27Kwathi ngongcwalazi uYoshuwa wayalela ukuba zithulwe izidumbu zazo. Zaphoswa kwakuloo mqolomba bezizimele kuwo, kwavalwa ngamatye amakhulu apho. Aselapho unanamhla.

UYOSHUWA 8:1-10:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-