Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 51

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 9

Iinkani zamaSirayeli

1“Niyabona ke, maSirayeli, seniza kuwela iJordan, ningene kwilizwe elimiwe zezinye izizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. Izixeko zazo zikhulu, futhi zibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu. 2Nabantu bakhona bade, bomelele, bayinzala ka-Anaki, ibe ke niyazi ukuba kuthiwa akukho mntu unokumelana nama-Anaki. 3Kambe ke nina niza kuzibonela ngokwenu, kuba *uNdikhoyo uThixo wenu uza kunandulela engumlilo odangazelayo. Ezo zizwe úya kuzoyisa azithobe, nize nina nizigxothe nizitshabalalise ngokukhawuleza ngokwesithembiso sakhe.

4“Xa uNdikhoyo uThixo wenu selenigxothele ezi zizwe, ze ningacingi ukuba nifanelekile. Hayi, akunjalo, nto nje uNdikhoyo ezigxotha nje ezi zizwe kungenxa yenkohlakalo yazo. 5Isizathu asikuba nina nilungile, nigqibelele, le nto uNdikhoyo anivumeleyo nawuthatha umhlaba yazo, nangenxa yokuba ezimisele ukusigcina isithembiso awayesenze nooyihlo-mkhulu ooAbraham, uIsake, noYakobi, ngokufunga. 6Ngenene mayicace mhlophe into yokuba uNdikhoyo uThixo wenu eninika eli lizwe lihle kangaka nje akukho ngenxa yobulungisa benu, kuba kambe nina nisisizwe esineenkani.

7“Nokhumbula kaloku ukuba nina namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu entlango. Ukusukela kwimini enemka ngayo eJiputa nada naza kufika apha, namvukela okokoko. 8Nakwintaba iHorebhe namcaphukisa, wada waphantse wanitshabalalisa uNdikhoyo. 9Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. 10UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo. 11Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.

12“Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13“UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo. 14Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

15“Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo. 16Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo. 17Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.

18“Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo. 19Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula. 20UNdikhoyo wayecatshukiswe kakhulu nanguAron, yaye ke naye wayeseza kumtshabalalisa, koko ke naye ndamthandazela kwangelo thuba. 21Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.

22“Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu. 23NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele. 24Okoko ndanaziyo mna nasoloko nivukelana naye uNdikhoyo. 25Ewe, kuloo mashumi mane eentsuku ndahlala ndizikhahlele phantsi phambi koNdikhoyo, kuba ndandisazi ukuba seletshilo ukuthi uza kunitshabalalisa. 26Ndadanduluka ndathi: ‘Awu, Ndikhoyo, Nkosi yam! Ndiyakubongoza, musa ukubatshabalalisa abantu abalibango lakho, owabahlangula wabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa. 27Khawukhumbule izicaka zakho, ooAbraham, uIsake, noYakobi, ungabasi so aba bantu baneenkani, bazizikhohlakali ezigwenxa, 28okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.” 29Andithi na kaloku, Nikhoyo, aba ngabantu abalibango lakho, abantu bakho ncakasana, owabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa?’ ”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 10

Umnqophiso uyahlaziywa

(Mfud 34:1-10)

1“Ngelo thuba ke *uNdikhoyo wandiyalela wathi: ‘Qingqa amanye amacwecwe amabini amatye, afane nalawa okuqala, uwenzele ityesi ngomthi. Nyuka intaba, uze kum, 2ukuze apho kuloo macwecwe ndibhale laa nto ndandiyibhale kulawa wawaphulayo, uze ke uwafake apho etyesini.’

3“Ke kaloku ndayenza ityesi leyo ngomngampunzi, ndaza ndaqingqa namanye amacwecwe amabini amatye afana nalawa okuqala, ndenyuka nawo apho entabeni. 4UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo, 5ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.

6“AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare. 7Ukuphuma kwawo ke apho aya kugaleleka eGudegoda, aza agqithela eYotebhata, umhlaba owawunemisinga yamanzi. 8Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikhoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku. 9Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.

10“Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa. 11Wathi ke kum uNdikhoyo: ‘Phakama uye kubakhokela abantu, khon' ukuze bangene balithathe elo lizwe ndibathembise ngalo ooyihlo ngesifungo.’ ”

UNdikhoyo makahlonelwe

12“Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, 13nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni. 14Kaloku amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, ngakaNdikhoyo uThixo wenu, nehlabathi lelakhe, ngokunjalo nako konke okukulo. 15Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla. 16Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani. 17Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu nguThixo woothixo, iNkosi yeenkosi; nguThixo oyingangamsha; uyingangalala ehloniphekileyo engakhethi cala, ibe ke akanyobeki. 18Yena uyazikhusela iinkedama ndawonye nabahlolokazi. Nabangeneleli uyabathanda, ababonelele ngokutya nangempahla yokunxiba. 19Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa. 20Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe. 21Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona. 22Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 11

Ubungangamsha bukaNdikhoyo

1“Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini. 2Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe, 3nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela. 4Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya. 5Ngokunjalo yaziwa nini indlela anilondoloze ngayo entlango nada naza kufika kule ndawo. 6Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele. 7Ewe, ngenene nazibonela ngawenu amehlo zonke ezi zigigaba azenzileyo uNdikhoyo.”

Uyolo lwezwe ledinga

8“Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu. 9Niya kuzinza kwelo lizwe lendyebo wayebathembise ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo-mkhulu ndawonye nenzala yabo. 10Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya; 11kambe ke lona eli lizwe niza kungena kulo ngumhlaba weentaba neentili, ilizwe lemvula. 12Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.

13“Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke. 14Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma; 15ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’

16“Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi. 17Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.

18“Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo. 19Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo. 20Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu. 21Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.

22“Le miyalelo ndininike yona ze niyithobele ngenyameko; ze nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nibambelele kuye, nihambe ngendlela yakhe. 23Ke yena ekungeneni kwenu uya kuzidudula azigxothe zonke ezo zizwe, nize ke nina nohluthe umhlaba wezizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. 24Uya kuba ngowenu wonke umhlaba enithe nanyathela kuwo. Imida yenu iya kusuka ezantsi entlango ityhutyhumeze iyokutsho kwiintaba zeLebhanon ngasentla; empuma iya kuthatha kumlambo iEfrati iyokuthi xhaxhe ngolwandle ngasentshonalanga. 25Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.

26“Niyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso. 27Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje, 28kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili. 29Akuba enifikisile uNdikhoyo uThixo wenu kweli lizwe niya kuma kulo, ze nithamsanqele phezu kwentaba iGerizim kanti ke niqalekise phezu kwentaba iEbhali. 30Ezi ntaba zimbini zisentshona kumlambo iJordan, kummandla wamaKanana ame kwintili yeJordan. Zingasentshona kude kufuphi nemioki yaseMore ngaseGiligali. 31Sekumbomvu niyiwele iJordan, ningene kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu. Nakuba ningenile nema kulo ke, 32ze nincede niyithobele ngenyameko le mimiselo nale migaqo ndininike yona namhlanje.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 9:1-11:32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-