Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 39

Itekisi yeBhayibhile

EYASENTLANGO 7

Iminikelo yeenkokheli

1Mhla wagqiba uMosis ukumisela *isibingelelo, wasithambisa, wasinikezela, sona nezixhobo zaso ndawonye neqonga lamadini nokwalo. 2Zaza iinkokheli zezindlu zakwaSirayeli, kwaezo zazongamele ubalo, 3zezisa iminikelo yazo esibingelelweni *kuNdikhoyo. Yaba ziinqwelo ezintandathu ezineetentyi neenkabi zeenkomo ezilishumi elinambini. Iinkokheli zadibana ngenqwelo ngambini, yaza yayileyo yakhupha inkabi yenkomo.

Zakuba zizinikele ke, 4uNdikhoyo wathi kuMosis: 5“Ezi zipho zamkele ze zisetyenziswe esibingelelweni. Zigqithisele kubaLevi ngokwemisebenzi abajongene nayo.”

6Ngoko ke uMosis wathatha ezo nqwelo kwakunye neenkabi ezo, wazinika abaLevi. 7AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine. 8Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron. 9AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.

10Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini. 11Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”

12-83Ezo zipho ke zanikezelwa ngolu hlobo:

Xa zizonke ke zezisa izipho ezifanayo ngolu hlobo: isitya sesiliva esibunzima buyikhilogram enesiqingatha, nesitya segazi lokutshiza sesiliva esibunzima bungamakhulu asibhozo eegram ngokomlinganiselo ovunyiweyo, zozibini zizele ngumgubo oxutywe namafutha wokwenza idini leenkozo; isityana segolide esibunzima buziigram ezilikhulu elineshumi sizele sisiqhumiso; inkunzana yenkomo, inkunzi yegusha, nexhwane, zokwenza idini elitshiswayo; inkunzi yebhokhwe yedini lesono; neenkabi zeenkomo ezimbini, iinkunzi zeegusha ezintlanu, isihlanu seebhokhwe, namaxhwane amahlanu, zedini lobudlelwane.

84-88Ke zizonke izipho ezeziswa zezi nkokheli kumsebenzi wokunikezelwa kweqonga zazimi ngolu hlobo:

    Yayingamashumi amabini anane ezitya zesiliva ezibunzima buziikhilogram ezimashumi mabini anesixhenxe namakhulu amathandathu eegram;
    ishumi elinambini lezityana zegolide ezibunzima buyikhilogram enamakhulu amathathu namashumi amabini eegram zizele sisiqhumiso;
    ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo, ishumi elinambini leenkunzi zeegusha, ishumi elinambini lamaxhwane, ngokunjalo nomnikelo weenkozo wedini elitshiswayo;
    ishumi elinambini leebhokhwe zedini lesono;
    amashumi amabini anesine eenkunzi zeenkomo, namashumi amathandathu eenkunzi zeegusha, amashumi amathandathu eebhokhwe, namashumi amathandathu amaxhwane, okwenza idini lobudlelwana.

89UMosis wathi akungena esibingelelweni wathetha noNdikhoyo owavakala ethetha phezu kwesivalo setyesi enobungqina bomnqophiso phakathi kwezo *zithunywa zimaphiko.

EYASENTLANGO 8

Ukumiswa kwesibane

1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makaxelele uAron ukuba xa ebeka esaa sibane sizibane zisixhenxe, aze asimise ngohlobo lokuba ilitha laso liwe ngaphambili. 3UAron wawuthobela loo myalelo, wasimisa njengoko kutshiwo isibane. 4Wasibumba sonke ngegolide ngokomfanekiso awayewubonisiwe nguNdikhoyo uMosis.

Ukuhlanjululwa nokumiselwa kwabaLevi

5*UNdikhoyo wayalela uMosis 6ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule 7ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka. 8Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono. 9Qokelela ibandla lamaSirayeli ephela, uze bona abaLevi ubemise phambi *kwesibingelelo. 10AmaSirayeli ke aya kubeka izandla zawo phezu kweentloko zabaLevi. 11Ke uAron uya kusuka abanikezele abaLevi abo kum, babe ngumnikelo owanga-wangiswayo ovela kumaSirayeli, ukuze bawufanele umsebenzi wam. 12AbaLevi ke baya kubeka izandla phezu kwezaa nkunzi zimbini. Enye yazo yeyedini lesono, kanti ke enye yeyedini elitshiswayo, khon' ukuze abaLevi bacanyagushelwe.”

13UNdikhoyo waqhuba wathi: “AbaLevi mababe ngumnikelo owanga-wangiswayo, baze bonganyelwe nguAron noonyana bakhe. 14Ngale ndlela ke bakhethe abaLevi kumaSirayeli, babe libango lam. 15Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni. 16Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. 17Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo. 18Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli; 19abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

20Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo. 21AbaLevi bazicoca bahlamba neempahla zabo, waza ke uAron wabanikezela baba sisipho esiwanga-wangiswayo sikaNdikhoyo, waza wabahlambulula ngokuwacamagushela. 22Mayela nabaLevi amaSirayeli alungisa konke ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Baba ke ngoko ngolu hlobo abaLevi bafikelele kwibanga lokubusa esibingelelweni phantsi koAron noonyana bakhe.

23UNdikhoyo wanika uMosis 24ummiselo othi: “Ixesha lokuqala komLevi ngamnye ukubusa esibingelelweni loba kuxa aneminyaka engamashumi amabini nantlanu, 25aze aphumle xa anamashumi amahlanu. 26Phofu ke angákhe aqhube encedisa oogxa bakhe, kodwa ke yena siqu engenamsebenzi uthe ngxishi. Nantso ke indlela baya kusebenza ngayo abaLevi.”

EYASENTLANGO 9

IPasika yesibini

1Kwathi ke kaloku xa amaSirayeli akwintlango yaseSinayi, kwinyanga yokuqala kunyaka wesibini aphumayo kwelaseJiputa, *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2-3“Emalanga ngomhla weshumi elinesine wale nyanga kofuneka amaSirayeli aqalise umbhiyozo wesikhumbuzo *sePasika, ngokwezimiso nemigaqo yayo.” 4Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika, 5aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

6Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron, 7bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”

8UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”

9UNdikhoyo ke wathi kuMosis: 10“Xelela amaSirayeli ukuba xa omnye wawo okanye intsapho igqwaliseke kukuphatha isidumbu, okanye ekude eluhambeni, usenako ukuwubhiyozela umhla wePasika. 11Makawubhiyozele ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yesibini ngorhatya. Mawubhiyozelwe ngesonka esinganyuswanga nemifino ekrakrayo. 12Oku kutya makungabekwa mbeko, namathambo enyama leyo angàkrotyozwa. Umhla lowo ke wobhiyozelwa ngokwemiqathango yawo. 13Nabani na ke ongenasizathu, futhi engekho luhambeni, aze angawubhiyozeli lo mhla, uya kusikwa kumaSirayeli, kuba enganikelanga ngedini lePasika kuNdikhoyo ngexesha elimisiweyo. Uya kohlwaywa ngesono sakhe.

14“Ukuba owasemzini ophakathi kwenu ufuna ukuba nenxaxheba kulo mbhiyozo wePasika, uvumelekile, kodwa yonke into makayenze ngokwemimiselo nemigaqo. Wonke umntu wohamba kwangalo mthetho, noba ngumngeneleli okanye ngowothuthu.”

Ilifu phezu kwesibingelelo

(Mfud 40:34-38)

15-16Ke kaloku kwathi mhla yagxunyekwa yemiswa intente *yesibingelelo enobungqina bomnqophiso lasuka lakhakhaba layambathisa ilifu. Ngokuhlwa kude kube kusasa ke eli lifu lalisuka libe ngumlilo odangazelayo. 17AmaSirayeli ayesithi lakuzisonga liphakame ilifu elo, afuduke, aze aye kumisa apho lihle lafukama khona. 18AmaSirayeli la ayefuduka ngomyalelo *kaNdikhoyo, kanti ke nokumisa kwawo kwakukwaxhomekeke kuwo. Xa lisahleli lifukamile apho esibingelelweni ilifu elo, amaSirayeli ayehlala alinde. 19Naxa lihleli ithuba elide apho esibingelelweni lingemki, amaSirayeli ayethobela uNdikhoyo ahlale. 20Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo. 21Kanti kwakusenzeka nokuba lifike lifukame ngorhatya, lize ngentsasa elandelayo licombuluke. Phofu ke wona amaSirayeli ayengadubeki koko; ayelilandela nanini na licombuluka, nokuba kusemini okanye kusebusuku. 22Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka. 23Ngokupheleleyo ke ukunduluka nokumisa kwamaSirayeli kwakuxhomekeke kwisikhokelo esinikwe uMosis nguNdikhoyo.

EYASENTLANGO 10

Amaxilongo enziwe ngesiliva

1*UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi: 2“Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe. 3Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo. 4Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa. 5Xa ufuna kunduluke izindlu ezikwicala lasempuma, uze ulivuthele litsho ngezinqam. 6Xa uziphinda ezo zinqam zexilongo, kuya kunduluka izindlu ezikwicala langezantsi. Ngoko ke xa ixilongo lisitsho ngeziqwenga zezinqam, loba lisithi makundulukwe. 7Kodwa ke xa kufuneka uSirayeli ephela ahlangane, ixilongo liya kutsho ngomtyangampo.

8“Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.

9“Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba. 10Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”

EYASENTLANGO 7:1-10:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-