Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 365

Itekisi yeBhayibhile

ISITYHILELO 17

Ihenyukazi uBhabheli

1Esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe seza kum, sathi: “Yiza, ndiza kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elimi phezu kwemilambo. 2Kaloku izikumkani zehlabathi zirheletya nalo. Ewe, ihlabathi liphela lithe thwanga kukurheletya nalo.

3Ke kaloku ndaba semandleni kaMoya, saza isithunywa eso sandisa entlango. Apho ke ndabona umfazi ekhwele phezu kwerhamncwa elibomvu elalinemibhalo emanyumnyezi. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 4Umfazi lowo wayevathe ezimfusa nezibomvu, eyokozela ngamaso egolide, intsimbi, namatye exabiso. Ngesandla wayephethe indebe yegolide eyayizele uluchwe lokungcola nokurheletya kwakhe. 5Ebunzi kwakubhalwe igama elingaziwa mntu: “UBhabheli, unina wamahenyukazi, nazo zonke iintlondi zehlabathi.” 6Lo mfazi ndambonayo wayenxile ligazi losapho lukaThixo, ngokunjalo negazi labo babengqina ngoYesu.

Ndithe ndakumbona ndamangaliswa, kodwa isithunywa eso sabuza sathi: 7“Ngani ukuba umangaliswe? Phulaphula ke ndikuxelele ihlebo ngalo mfazi kunye nerhamncwa akhwele kulo elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 8Elo rhamncwa ulibonileyo lelo lalikho, lingasekhoyo ngoku; kambe ke lisaza kuphuma enzonzobileni, landule ke ukuya kwantshabalalo. Abo bamagama angazange abhalwe encwadini yabaphilayo, seloko lasekwayo ihlabathi, baya kumangaliswa bakulibona irhamncwa; kuba kaloku lalikhe ladla ubomi, kodwa ngoku alisekho, phofu lisaza kubuya livele.

9“Kwabo banako ukutolika nasi isitshixo. Iintloko ezisixhenxe ziinduli ezisixhenxe emi kuzo umfazi. Kwangokunjalo zimele ookumkani abasixhenxe. 10Isihlanu kubo asisekho, omnye usesezintanjeni, omnye useza, kambe naxa selefikile uya kulawula ixeshana nje. 11Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.

12“Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje. 13Kaloku boshumi injongo yabo iyafana: kukunikezela ulawulo kwirhamncwa. 14Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”

15Isithunywa saqhuba sathi: “Amanzi emilambo lawo uwabonileyo, apho limi khona ihenyukazi, luluntu, iintlanga, izizwe, neelwimi ngeelwimi. 16Iimpondo ezilishumi ozibonileyo kunye nerhamncwa zosuka zilithiye ihenyukazi. Ziya kulihluba libe ze, zilishiye lingumpha ochutyiweyo; ewe, ziya kulitya inyama, zijike zilitshise libe luthuthu. 17Kaloku uThixo ukunikele kuzo ukufezekiswa kwecebo lakhe. Ziya kuvana, amagunya azo ziwanike irhamncwa, ade afezekiswe amazwi kaThixo.

18“Umfazi lowo umbonileyo sisixekokazi esilawula bonke ookumkani behlabathi.”

ISITYHILELO 18

Ukuwa kweBhabheli

1Kamva ke ndabona esinye isithunywa sisiza siphuma ezulwini. Ke sona sasingusomagunya; futhi ukubengezela kwaso kwaqaqamba ehlabathini liphela. 2Sadanduluka samemeza sathi: “Siwile isikhulukazi uBhabheli! Ngoku sesilikhaya leendimoni. Igquba khona imimoya emibi, ngokunjalo nentaka yeshwangusha. 3Kaloku izizwe zilugongqozile uluchwe lokurheletya kwakhe. Ewe, izikumkani zehlabathi bezirheletya naye. Ngoku oosomashishini zizinhanha ngenxa yokuqhuba ngobuqili bakhe.”

4Kwaphuma elinye ilizwi ezulwini lisithi: “Bantu bam, phumani kuye, hleze nide nithelele kwizono zakhe, nibe nenxaxheba nakwizibetho zakhe. 5Kaloku izono zakhe ziyimfumba eye kufikelela ezulwini. Kambe ke uThixo akawalibalanga amatyala akhe. 6Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli! 7Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’ 8Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla.

9“Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo. 10Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!

11“Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo. 12Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile; 13iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi. 14Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’ 15Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini, 16bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi! 17Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’

“Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya, 18bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi?19Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’

20“Vuyani nimemelele, mazulu, ngenxa yokutshabalala kwakhe! Vuyani, lusapho lukaThixo, bathunywa, nani bavakalisi beendaba! Kaloku uThixo uyigwebile iBhabheli waniphindezela.”

21Kananjalo enye ingwanyalala yesithunywa yathatha ilitye elingathi lilitye lokusila, yaliphosa elwandle, yathi: “Siya kwenziwa nje ke isixekokazi iBhabheli, sintlithwe phantsi, singaze siphinde sibonwe bani. 22Abadlali behapu, neemvumi, abakhalisa ifluti nexilongo, abasoze baphinde babe khona apho kuwe. Soze kuphinde kubekho magcisa alo naluphi na udidi apho kuwe, singasoze siphinde sivakale nesandi selitye lokusila! 23Akusoze kuphinde kubonakale nalitha lesibane apho, engasoze eviwe namazwi omyeni nomtshakazi apho kwakho! Oosomashishini bakwakho bakhe bazizinhanha zehlabathi; ewe, ngemilingo yakho wazilahlekisa izizwe! 24Nangoku lilapho kwakho igazi labavakalisi beendaba ezimnandi, nelosapho lukaThixo; ewe, nditsho nelabo bonke abakhe babulawa apha emhlabeni.”

ISITYHILELO 19

1Emva koko ndeva ngathi kukho intswahla yehlokondiba ezulwini, lidanduluka lisithi: “Mayibongwe iNkosi! Uloyiso nesihomo namandla ngakaThixo wethu. 2Kaloku zinyanisekile, zilungile izigqibo zakhe. Eli henyukazi ebelifudula lidyobha ihlabathi ngoluchwe lokurheletya uligwebile. Ulohlwayile ngenxa yokuphalala kwegazi lezicaka zakhe.3Liphindile lathi kwakho ihlokondiba: “Huntshu! Nanko unyuka ngonaphakade umsi wesixeko esitshayo!” 4Iinkonde zomashumi omabini nane, nezilwanyana zozine, zathi qubudu zinqula uThixo osesihlalweni sobukhosi, zathi: “Ewe, kunjalo! Huntshu!”

Isidlo somtshato weXhwane

5Kwavakala ilizwi livela esihlalweni sobukhosi, lisithi: “Mbongeni uThixo wethu, nonke nina zicaka zakhe, nonke nina bamhlonelayo, baphakamileyo nabaphantsi!” 6Ndibuye ndeva intswahla ekwangathi yeyehlokondiba. Yaba ngathi sisandi samanzi engxangxasi, nokugqekreza kweendudumo, isithi: “Huntshu! INkosi uThixo wethu onguSomandla yiKumkani. 7Vuyani, nimemelele yimincili, nimnike imbeko. Ifikile kaloku imini yomtshato weXhwane. Umtshakazi selezilungiselele. 8Wambeswe umwunduwundu omhle womchako omhlophe welinen eqaqambileyo.” (Kaloku ilinen entle yalatha imisebenzi elungileyo yemilowo kaThixo.)

9Sithe ke kum isithunywa: “Bhala uthi: ‘Banoyolo abo bamenyelwe kwisidlo somtshato weXhwane.’ ” Satsho sisithi: “Ngamazwi kaThixo ngenkqu lawo.”

10Ndazikhahlela ngasezinyaweni zaso ndinqula. Suka sathi sona kum: “Mus' ukuyenza loo nto. Nam ndisisicaka njengawe namawenu angamangqina kaYesu. NguThixo omakanqulwe. Abo bangamangqina kaYesu banikwa ifuthe loMoya *njengabashumayeli.”

Okhwele ihashe elimhlophe

11Ndabona izulu livuleka, kwathi gqi ihashe elimhlophe. Igama lalowo wayelikhwele ihashe elo nguThembekile noNyaniso. Kaloku ugweba ngobulungisa, enze nemfazwe kwangobulungisa. 12Wayetsho ngamehlo abukhali ngathi avutha umlilo; ethe jize izithsaba ezininzi entloko. Wayenombhalo wegama elalingaziwa bani ngaphandle kwakhe. 13Wayethe wambu ingubo eyayilijaja ligazi. Igama abizwa ngalo nguLizwi kaThixo. 14Wayelandelwa yimikhosi yasezulwini, ikhwele amahashe amhlophe, yambethe iingubo ezimhlophe eziqaqambileyo zelinen. 15Kwaphuma ikrele elibukhali emlonyeni wakhe. Wayeza kuxabela iintlanga ngalo, azifake phantsi kolawulo olungqongqo. Yena wozikhama iinkani ngesohlwayo sengqumbo kaThixo uSomandla. 16Engubeni yakhe nasethangeni kwakukho umbhalo othi: “IKumkani yeekumkani neNkosi yeenkosi.”

17Ndabona isithunywa simi elangeni. Sazikhwaza zonke iintaka ezazibhabha esibhakabhakeni, sathi: “Qokelelanani nize kwisidlo esenziwe nguThixo. 18Yizani nitye inyama yeekumkani neengqwayi-ngqwayi, eyamajoni amahashe nabo bawakhweleyo, eyabantu bonke: amakhoboka nabakhululekileyo, abakhulu nabaphantsi.”

19Ndalibona irhamncwa neekumkani zehlabathi nemikhosi yazo zixhontelene. Zazize kuqubisana nalowo ukhwele ihashe elimhlophe, kunye nomkhosi wakhe. 20Lathinjwa irhamncwa, ngokunjalo *nomshumayeli oxokayo obefudula esenza imilingo phambi kwalo. (Wabalahlekisa ngemilingo abo babenophawu lwerhamncwa, benqula umfanekiso walo.) Elo rhamncwa ndawonye nomshumayeli oxokayo baphoswa edikeni lomlilo ovutha yisalfa besahleli. 21Imikhosi yabo yabulawa ngekrele elaliphuma emlonyeni walowo wayekhwele ihashe. Iintaka zonke zazitsho zabomvu izisu yinyama.

ISITYHILELO 17:1-19:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-