Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 333

Itekisi yeBhayibhile

KUTITO 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos osisicaka sikaThixo *nomthunywa kaYesu Krestu. Ndamiselwa ukholo lwabantu bakaThixo abanyuliweyo, nokwaziwa kwenyaniso njengoko injalo kunqulo lwethu, 2kunye nethemba lobomi obungenasiphelo. Ewe, uThixo ongasoze axoke wasithembisa ngobomi obungenasiphelo kwakwizizukulwana zamandulo. 3Ngoku ke uthe ngexesha lakhe elifanelekileyo wabutyhila ngokwakhe ngokuvakaliswa kodaba lwakhe andiphathise lona ngommiselo kaThixo onguMsindisi wethu.

4Ndibhalela uTito, unyana wam ngenene ngokwaselukholweni esidlelana ngalo. Ndithi: Kuwe makube sisisa noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, noKrestu Yesu uMsindisi wethu.

Umsebenzi kaTito eKrete

5Ndakushiya apho eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, ngakumbi ke ukuba umisele amadoda amakhulu kuzo zonke iidolophu ngokomyalelo wam kuwe. Yiyo le loo miyalelo: 6Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko. 7Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali, 8kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa. 9Kufuneka ayithande imfundiso yodaba oluthembekileyo, ukuze abanike imfundiso ephilileyo abaphulaphuli, akwazi ukubakhalimela abachasayo.

10Ngenene baninzi abavukeli abalahlekisa abanye ngemfeketho, ingakumbi abo basuka kwinkolo yobuJuda. 11Kufuneka ubavale imilomo abanjalo, kuba balukuhla imizi ngokufundisa izinto ezingafanelekanga, ngeenjongo zokuzuza imali. 12Omnye umshumayeli wamaKrete wathi ukuthetha ngamawabo: “AmaKrete ngamaxoki, ziindlobongela, ngamanqenerha nezinyolu-nyolu.” 13Ngenene loo nto yinyaniso! Ngoko ke esi sisizathu esenza kube yimfuneko ukuba ubakhalimele ngqongqo, khon' ukuze bafumane ukholo oluphilileyo, 14endaweni yokulandela iintsomi zobuJuda nemigaqo yabantu, engumsebenzi wabantu abayifulatheleyo inyaniso. 15Yonke into inyulu kwabo banyulu; kodwa ke akukho nto inyulu kwabangqondo zingcolileyo, bengakholwa. Kaloku ingqiqo nezazela zabo zingcolile. 16UThixo bayamvuma ngomlomo, kodwa bayamphika ngezenzo zabo. Iinkani zabo zenza bangabi nako mpela ukwenza umsebenzi omhle.

KUTITO 2

Imfundiso ephilileyo

1Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo. 2Amadoda amakhulu makangabi ngomanxila; makazimaseke, abe ngcathu; enokholo, nothando, nonyamezelo. 3Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa, 4ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo. 5Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.

6Kanti nabo abafana bafundise ukuziphatha ngobungcathu. 7Kuyo yonke into oyenzayo yiba ngumzekelo omhle kubo. Xa ufundisa, mababone ukuzimisela nokundiliseka kwakho. 8Yonke intetho yakho mayibe ngamazwi akhethiweyo, ukuze okuphikisayo akhohlwe kukuthetha, axakeke, angabi nandawo yakugxeka.

9Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, 10zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.

11Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. 12Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi. 13Senjenjalo sikhangele ngethemba kuloo mhla aya kuvela ngawo enobungangalala uThixo wethu omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Krestu. 14Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo. 15Zizo ke ezo iingongoma omawuzifundise, usebenzisa igunya lakho, ukhuthaza, ungxolisa. Makungabikho mntu ukudelayo.

KUTITO 3

Ihambo yomKrestu

1Bakhumbuze abantu ukuba yimfanelo yabo ukuthobela abasemagunyeni nabalawulayo, kwakunye nokwenza okulungileyo ngalo lonke ixesha. 2Baxelele ukuba mabangahambi bethetha ulwimi ngabantu, behamba besilwa, koko mababe nobulali nembeko kuye wonke ubani. 3Kaloku khumbula ukuba nathi bekhe sazizidenge, sineenkani, silahlekile. Sasibotshwe yiminqweno neziyolo zeendidi zonke. Sasihlala intlalo yasebubini, silawulwa ngumona. Sasicatshukelwa, nathi sibacaphukela abantu. 4Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu 5wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha. 6Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu. 7Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo. 8Athembekile loo mazwi.

Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu. 9Kodwa zona iingxoxo zobuhiba uze uziphephe, neenkcukacha zeminombo, iimbambano, neengxabano ngomthetho kaMosis; zizinto ezingenamsebenzi ezo. 10Umntu odala uqhekeko mlumkise kude kube kabini, ungadlelani naye emva koko. 11Umntu onjalo unengqondo engcolileyo, selezigwebe kwangezenzo zakhe.

12Bakufika apho ooArtemas noTikiko, uze wena ukhawuleze undihlangabeze eNikopoli. Ndifuna ukuchitha ubusika khona. 13Yenza unako-nako ukulungiselela igqwetha uZenas kunye noApolo kwihambo yabo. Mabangabi nanto bayiswelayo. 14Abantu bethu bona mabafunde ukuzisebenzela iintswelo zabo, bangavilaphi nje bengenamveliso.

15Bayabulisa bonke abalapha kunye nam. Ndibulisele kubahlobo bethu abakholwayo.

INkosi mayinenzele isisa.

KUTITO 1:1-3:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-