Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 321

Itekisi yeBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 15

Isiganeko sokuvuka kukaKrestu

1Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo. 2Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje.

3Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho *kweziBhalo, 4nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo; 5waza wabonakala kuPetros, wabonwa nangabo bonke abathunywa abalishumi elinambini. 6Emva koko ubonakele ngaxesha-nye nakubalandeli bakhe abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasekhoyo nangoku abaninzi babo, nakuba babhubhayo nje abanye. 7Uphindile wabonwa nanguYakobi, wabonwa *nangabathunywa xa bebonke.

8Ke ekugqibeleni, ngokungathi mna ndizelwe emva kwexesha, wabonwa nandim. 9Ke kuba mna ndingoyena uphantsi kubo bonke abathunywa, akufanele nokuba kuthiwe ndingumthunywa, kuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. 10Kodwa ngesisa sikaThixo ndiyile nto ndiyiyo, yaye nesisa andibabala ngaso uThixo andidlalanga ngaso. Ndisuke ndasebenza ukudlula bonke abathunywa, phofu ingendim, koko inguThixo osebenza ngam ngesisa sakhe. 11Ngoko ke nokuba ndim, nokuba ngabo, sishumayela udaba olunye; ke nina nalwamkela.

Ukuvuka kwethu kwabafileyo

12Njengokuba thina sishumayela ukuba uKrestu wavuka nje ekufeni, batsho njani ke abanye benu ukuba abafileyo abavuki ekufeni? 13Ukuba alukho uvuko lwabafileyo, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. 14Ukuba ke uKrestu akavukanga ekufeni, ukushumayela kwethu ngamampunge, nokholo lwenu luphuthile. 15Ngaphezu koko ke nathi ngaba singamangqina amxokayo uThixo, kuba sathi umvusile uKrestu, nangona angamvusanga, ukuba kambe ngaba kuyinene ukuba abafileyo abavuki. 16Kuba, ukuba ngaba abafileyo abavuki, noKrestu ke akazange avuke ekufeni. 17Ukuba ke uKrestu akavuswanga ekufeni, ukholo lwenu ke luyalambatha – nisahleli ezonweni zenu. 18Loo nto ingathetha ukuthi loo makholwa afa emanyene neNkosi, akukho nto yawo, atshabalele. 19Ukuba ithemba lethu kuKrestu liphelela kobu bomi qha, singabona bantu balusizi kulo lonke ihlabathi.

20Kambe ke nantsi eyona nyaniso: evukile nje uKrestu ekufeni, ubahlahlele indlela abafileyo. 21Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu. 22Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke. 23Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe. 24Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla.

25UKrestu kaloku umelwe kukulawula lo gama uThixo amoyisela zonke iintshaba. 26Olokugqibela ke utshaba oluya kubhangiswa kukufa, 27kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu. 28Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke.

29Kwakho kukho abo babhaptizwa endaweni yabafi. Bathemba ukuzuza ntoni ke ngaloo nto? Ukuba ke banyanisile xa bathi akukho luvuko lwabafileyo, bebhaptizwa nje endaweni yabafi, kutheni? 30Khona kutheni le nto thina sizibeka emngciphekweni maxa onke? 31Ndihleli ndisemngciphekweni wokufa mihla le, mawethu! Ngenene le nto ndiyithetha ndiqhayisa ngani ngenxa yebhongo endinalo ngokumanywa kwam noYesu Krestu iNkosi yethu. 32Ukuba apha e-Efese bendisilwa namarhamncwa ngamandla obuntu nje kuphela ibingandinceda ntoni loo nto? Kodwa ke ukuba akukho kuvuka kwabafileyo “masisesisitya sisela, kuba ngomso siya kufa,” ngabula saci.

33Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.” 34Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.

Umzimba wovuko

35Mhlawumbi omnye uya kubuza athi: “Bavuka kanjani na abafileyo? Bavuka benomzimba onjani na?” 36Siyathandini, akwazi ukuba imbewu oyityalileyo ayintshuli ingakhange ife kuqala? 37Le nto uyityalayo ayisiso isithombo, kodwa yimbewu nje, nokuba yeyengqolowa okanye olunye uhlobo. 38Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe.

39Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani. 40Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo. 41Ilanga linobuqaqawuli balo lodwa, nenyanga inobuqaqawuli obubodwa, kanti neenkwenkwezi zinobuqaqawuli obahlukileyo, kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye ngokuqaqamba.

42Kukwanjalo ke nakuvuko lwabafileyo. Njengokuba umzimba ungcwatywa unako ukonakala, uvuka ungasenakonakala. 43Ungcwatywa uthobekile, uvuka unobuqaqawuli; ungcwatywa ubuthathaka, uvuka unamandla. 44Kungcwatywa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowoMoya. Njengokuba ukho nje umzimba ongowemvelo, kucacile ukuba ukho nomzimba ongowoMoya. 45Kuba *iziBhalo zithi umntu wokuqala, uAdam, waba ngumntu odla ubomi, yena ke owokugqibela uAdam waba nguMoya odlisa ubomi. 46Akuqali okoMoya, kodwa kuqala okwemvelo, kuze kulandele ke okoMoya. 47Owokuqala umntu wenziwa ngothuli lomhlaba, ungowomhlaba; yena owesibini uMntu waphuma ezulwini. 48Abasemhlabeni abantu bafana naloo mntu wenziwa ngomhlaba; kanti ke abasezulwini abantu bafana naloo Mntu wavela ezulwini. 49Njengokuba sifuze loo mntu wenziwa ngomhlaba, ngokunjalo siya kumfuza naloo Mntu weza ephuma ezulwini.

50Xa nditshoyo ke, mawethu, ndithi into eyenziwe ngenyama negazi ayinakubudla ilifa ubuncwane bokulawulwa nguThixo, kwaneyonakalayo ayinakungonakali.

51Mandinazise le nto benikade ningayazi: Asiyi kufa sonke; kodwa ngesiquphe, 52ngephanyazo, siya kwenziwa kumila kumbi sonke, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba liya kuvakala ixilongo; abafileyo baya kuvuswa sebenemo engasenakufa, senziwe kumila kumbi sonke. 53Kuba le mo sikuyo yonakalayo, imelwe kukwambatha imo engonakaliyo; le mvelo ifayo, yambathe ukungafi. 54Xa ke le mo yonakalayo seyambethe ukungonakali, naxa le mvelo ifayo seyambethe ukungafi, iya kuzalisekiswa ke le ndawo yeziBhalo ithi:

“Ukufa kubhangisiwe;

ukufa kufincelelwe eloyisweni.”

55“Kufa luphi na uloyiso lwakho?

Kufa luphi na ulwamvila lwakho?”

56Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. 57Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

58Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

1 KWABASEKORINTE 16

Umnikelo wokunceda amakholwa

1Ngokunxulumene nomnikelo wokunceda amakholwa akwaJuda, yenzani ngale ndlela ndandiwayalele ngayo amabandla aseGalati. 2NgeCawe nganye umntu ngamnye makaqokelele isixa esithile semali, ngokwengeniso ayizuzileyo, asibeke bucala, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile. 3Ndakufika ndothuma amadoda eniwakhethileyo nina ngokwenu, ayise imali leyo eJerusalem, ndiwaphathise nencwadi yokuwazisa. 4Ukuba kuyimfuneko ukuba nam ndiye aya kuselehamba nam.

Amalungiselelo kaPawulos

5Emveni kokuba ndigqithile eMakedoni, ndiya kuza kufika nalapho eKorinte. Kaloku ndiza kucanda kwelaseMakedoni. 6Kungenzeka ndihlale ixeshana; mhlawumbi ndingabuchithela apho kuni ubusika. Kofuneka nindixhase ke ukudlula apho kuni, noba ndiya phi na. 7Ukuba iNkosi iyavuma, bendingàthandi kudlula nje, bendingathanda ukukhe ndibe nethutyana ndihleli nani.

8Ndizimisele ukukhe ndihlale apha e-Efese ide idlule *iPentekoste. 9Apha kukho ithuba elihle elivulelekileyo lokusebenza, kodwa ke nenkcaso ikwankulu kangako.

10Ukuba kwenzekile uTimoti wagqitha ngapho, ze nincede nimamkele, atsho azive esekhaya. Kaloku naye usisicaka seNkosi njengam. 11Musani ukumdela, koko mncedeni ukuze alufeze uhambo lwakhe ngoxolo, eze apha kum. Nam ndimlindele apha kunye namakholwa.

12Uwethu uApolo ndandimkhuthazile ukuba anihambele kunye namanye amakholwa, kodwa ke akakafuni kuza ngoku. Phofu ke uya kuza akulifumana ithuba.

Isiphetho

13Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele! 14Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.

15Umzi wakwaStefano niyawazi ukuba ngowamaKrestu okuqala ukuguquka kweli laseAkaya, yaye bazinikele ekukhonzeni abantu bakaThixo. Ndiyanibongoza ke, mawethu, 16ukuba nibalulamele abantu abanjengabo. Ndixela nabani na osebenza abulaleke njengabo.

17Ukufika kukaStefano noFortunato noAkayiko, kuyandonwabisa; kaloku basivalile isikhewu sokungabikho kwenu, 18bandixolisa njengoko nani benixolisile. Kufuneka athathelwe ingqalelo amadoda anjengala.

19Ayabulisa amabandla ephondo laseAsiya. UAkwila noPrisila, kwakunye nebandla elingenela emzini wabo, bayabulisa ngokwabantu beNkosi. 20Ayabulisa onke amakholwa. Nani bulisanani kakuhle ngokwamakholwa.

21Ndiwubhala ngesam isandla lo mbuliso: Ndiyanibulisa mna Pawulos.

22Nabani na ongayithandiyo iNkosi uqalekisiwe!

“Marana tha” – O, Nkosi, yid' ufike!

23INkosi uYesu mayibe nobubele kuni.

24Ndinithanda xa ninonke ebudlelaneni bukaKrestu Yesu.

1 KWABASEKORINTE 15:1-16:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-