Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 25

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 30

Isitya sobhedu

17*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: 18“Yenza isitya sokuhlambela ngobhedu, usihlalise phezu kwesiseko sobhedu. Masime phakathi kwegumbi elingcwele neqonga lamadini, usigalele amanzi. 19UAron noonyana bakhe baya kuhlamba izandla neenyawo kuloo manzi 20xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi. 21Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”

Amafutha okuthambisa

22*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 23“Thatha obona bulawu bodidi: iikhilogram ezintandathu zemore engamanzi, iikhilogram ezintathu zesinamon evumba limnandi, iikhilogram ezintathu zezele elivumba limnandi, neekhilogram ezintandathu 24zekasiya; zonke mazilinganiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Xa zizonke ke zidibanise neelitha ezine zamafutha omnquma, 25wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule. 26Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso, 27itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso, 28iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso. 29Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu. 30Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam. 31Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana. 32Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe. 33Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

Isiqhumiso

34*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo. 35Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu. 36Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu. 37Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa. 38Nabani na ozenzele isiqhumiso esifana naso, okanye osebenzisa esi njengesiqholo, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

EYEMFUDUKO 31

Amagcisa okwakha isibingelelo

(Mfud 35:30 – 36:1)

1*UNdikhoyo waxelela uMosis wathi: 2“Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. 3Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa; 4ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu; 5ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa. 6Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe: 7*isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo; 8itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso, 9iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso; 10ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona; 11amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”

UMhla wokuPhumla

12*UNdikhoyo wathi uMosis 13makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana. 14Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe. 15Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe. 16AmaSirayeli makaluhlonele olu suku, lube ngumqondiso ngokomnqophiso kwizizukulwana ngezizukulwana. 17Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”

18Akukhov' ukuthetha uThixo noMosis entabeni yeSinayi, wamnikezela amacwecwe amatye amabini, apho uThixo ngenkqu wayeyibhale khona imimiselo.

EYEMFUDUKO 32

Isithixo esenziwe ngegolide

(Hlaz 9:6-29)

1AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”

2UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye. 3Bawakhulula ke amacici lawo, beza nawo kuAron. 4Wawathatha ke, wawanyibilikisa, waza igolide leyo enziwe ngayo wayibumba ngezixhobo zokubumba, wenza inkunzana yenkomo ngayo. AmaSirayeli ke athi: “Sirayeli, nanku uThixo wakho owakukhupha eJiputa!”

5Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.” 6Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.

7*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Khawuleza uhle! Aba bantu bakho wabakhupha eJiputa babhatyazile; 8sebekhawuleze bawushiya umyalelo endabanika wona. Ngoku bazibumbele inkunzana yenkomo, bayinqula; futhi banikela amadini kuyo. Bathi: ‘MaSirayeli, lo nguThixo wethu owasikhupha eJiputa.’ ” 9UNdikhoyo waqhuba wathi: “Ngoku ndiyabaqonda aba bantu inkani yabo – nqwa neyesele! 10Ngoko ke wena ndiyeke, kuba ndiza kubacim' igama, wena ndikwenze ube sisizwe esikhulu.”

11Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa? 12Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho. 13Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ” 14Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.

15UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini. 16La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.

17Akuyiva ingxolo yabantu bekhwaza, uYoshuwa wabhekisa kuMosis wathi: “Ndiva intsholo esikhululweni ngathi lifile.”

18UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”

19Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka. 20Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli. 21UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”

22UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono. 23Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’ 24Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”

25UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni. 26Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi, 27waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ” 28AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.

29UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”

30Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”

31UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula. 32Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo.

33UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa. 34Ngoko ke hamba, ukhokele aba bantu, ubase kulaa ndawo ndandithethe ngayo kuwe. Ke sona isithunywa sam siya kukukhokela. Kambe ke lakufika ixesha ndiya kubohlwaya aba bantu ngenxa yesi sono.”

35Ke kaloku uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani wesifo amaSirayeli ngenxa yokuba amnyanzelayo uAron ukuba awenzele inkunzi yenkomo yegolide.

EYEMFUDUKO 33

Ukunduluka eSinayi

1*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’ 2Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe, siwagxothe amaKanana, ama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 3Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”

4Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo. 5Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ” 6Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.

Intente yokuhlangana

7Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo. 8Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena. 9Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis. 10AmaSirayeli ayesithi akuwubona umqulu welifu usemnyango apho ententeni yokuhlangana, asuke ee guqaqa anqule. 11Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.

Isithembiso sikaNdikhoyo

12UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’ 13Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”

14UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”

15Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha. 16Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”

17UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”

18UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”

19UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo. 20Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile. 21Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa. 22Ndiya kuthi ke xa ndidlula khona ngobuqaqawuli bam, ndikufihle emfanteni yeliwa, ndize ndikugqume ngesandla ndide ndidlule. 23Ndakuba ndidlule ke, ndiya kusisusa isandla, ukuze ube nokundibona ndifulathele, hayi ebusweni.”

EYEMFUDUKO 30:17-33:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-