Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 238

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 57

1Amalungisa ayafa,

kungabikho mntu ukhathalayo;

abantu benene bayahamba,

kungabikho bani uqondayo –

bona bayafa ngenxa yobubi.

2Kambe ke bangena eluxolweni;

ukufa kubaphathela ukuphumla

abo bahamba ngendlela ethe ngqo.

Kugxekwa imifanekiso eqingqiweyo

3“Yizan' apha ke, nina nzala yezanusekazi,

sizukulwanandini sabakrexezi namahenyukazi!

4Ngubani lo nidlala ngaye?

Ngubani lo niphoxisa ngaye,

lo nimlencezela ulwimi?

Nzalandini yezibhoxi!

Sizukulwanandini sabakhohlisi!

5Zintondini zitshiseka emiokini,

ze zilalane phantsi kwemithi efukufuku,

nixhela abantwana ezingxingweni,

emiqolombeni phantsi kwezawana.

6Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni;

isabelo senu zezo *zithixo.

Zona nide nizithululele utywala,

niziphe nomnikelo weenkozo.

Nithi mandivelane nani kule mikhuba?

7Amadini niwenzela ezintabeni eziphakamileyo,

kanti kwalapho ninawo nomandlalo.

8Emigubasini nasemva kocango

kulapho nizizoba khona izithixo.

Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu,

suka nawuvula nangena nezithandwa zenu,

ezo nilala nazo ngokuzihlawula,

khon' ukuze nizanelise ngazo.

9Nto niyaziyo kukuziqaba nokuziqhola,

nenjenjeya ukunqula uMoleki.

Izithixo nide nizizingele,

izigidimi zenu zixananaze,

nithumele nakwelo labafileyo.

10Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo,

kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha.

Anizilibali nisomelezwa zizithixo;

yiyo le nto ngathi

anidinwa.”

11*UNdikhoyo uyabuza, uthi:

“Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka?

Ngenxa yazo nide anathembeka,

mna anabi sandikhumbula mpela.

Ngaba ndithule ndada ndagqithisa

le nto ningasandazele nto ngoku?

12Ndosuka ndibudandalazise ubulungisa benu benkohliso,

ngokunjalo nezenzo zenu;

nolu nqulo lwenu luya kulambatha.

13Xa nibhomboloza nizibika,

azinincedi ngani izithixo zenu;

kambe ke zona ziphetshethwa nangumoya lo,

nditsho nomphunga lo.

Ke bona abo bakholosa ngam

baya kuma bazinze kulo mhlaba;

ewe, intaba yam eyodwa ibe lilifa labo.”

UThixo uthembisa ngoncedo nokuphilisa

14*UNdikhoyo ke uthi:

“Shenxisani izithintelo endleleni;

bahlahleleni indlela abantu bam.”

15Utsho uThixo ophakamileyo,

uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:

“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,

kanti ndiyahlala nasebantwini –

kwabo bazinikelayo bathobekileyo –

ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,

ndibakhuthaze abo bazinikelayo.

16Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu,

ndingayi kusoloko ndisilwa nabo,

hleze umntu atyhafe,

adane lowo ndimenzileyo.

17Ndacatshukiswa sisono sabo sokunyoluka,

suka ke ndabohlwaya ndabafulathela.

Kambe ke basuke baneenkani,

babhadulela ekuthandeni kwabo.

18Ngoku ke ndikubonile ukuziphatha kwabo;

ngoko ke ndiza kubanyanga –

ndiza kubakhokela ndibasize ndibathuthuzele,

19abo banesingqala ndibaphakel' indumiso,

uxolo nenzolo kwabakufuphi nabasekudeni;

ewe, ndiza kubanyanga abantu bam,”

utsho uNdikhoyo.

20Ke zona izikhohlakali ziphithizela njengolwandle

olumaza asoloko elatyuza,

edudula ukungcola nodaka.

21Ewe, uThixo wam uthi:

“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

UISAYA 58

Ukuzila

1*UNdikhoyo uthi:

“Danduluka ubhomboloze ungathandabuzi;

khwaza umemeze njengexilongo.

Thetha uzikhombe izikreqo zabantu bam;

indlu kaYakobi yibonise izono zayo.

2Kaloku bona bafunana nam mihla le,

ngathi bayazithanda iindlela zam.

Sebengathi basisizwe esindithobelayo,

ngathi babambelele kwizimiso zoThixo wabo.

Bathi mandibanik' umtheth' onguwo

ngokwabantw' abalangazelel' uThixo wabo.”

3Ungabeva bekhalaza besithi:

“Siba ngazila awusikhathaleli!

Kudala sizibhuqa-bhuqa ngentobeko,

kodwa wena ngathi awusiboni.”

Kanti ke yena uNdikhoyo uthi:

“Ewe, ngenene ninayo imihla yokuzila,

kodwa ikwayimihla yokuzenzela unothanda –

ngayo nisuka nixhaphaze abasebenzi.

4Ngomhla wokuzila iba sisiphithi-phithi semfazwe;

nisuka nibethane ninqindane ngolunya.

Namhlanje ke olo zilo lwenu lilize;

ilizwi lenu alinakuviwa phezulu.

5Kakade, nithi olu lolu zilo lufunwa ndim,

usuku nje lokuba umntu aziqobe,

ufike nithe tyek' iintloko ngathi yingcongolo,

nide nilal' eluthuthwini ngamasaka?

Ningathi kukuzila ke eso simanga?

Ingandikholisa njani ke into enjalo?

6“Naku okona kuzila ndikufunayo:

Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;

niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,

bakhululwe bonke abacinezelwa,

niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

7Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,

amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.

Abo badlakazelayo baphen' impahla;

yekani ukusuka nifulathele amawenu.

8Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;

nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.

Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,

ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.

9Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;

nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’

“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,

nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,

nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –

10ewe, xa nithe nababela abalambileyo,

ukuba nithe nabathuthuzela abaxhwalekileyo,

notsho nibe zizibane ezigxotha ubumnyama,

ngenene yotsho ibe mhloph' indlela yenu.

11UNdikhoyo ke wonikhokela njalo-njalo,

anibonelele naxa senisenkqantosini.

Uya kunomeleza nihlale niphile qete!

Nodlamka njengomyezo onkcenkceshelwayo;

nofana nomthombo ompompoz' ungaz' utshe!

12Abanye benu baya kuwakha amabhodlo akudala;

iziseko zamandulo ziya kuvuswa.

Kothiwa ningabakhi beendonga eziwileyo,

abavusi bezitalato ukuze kumiwe kuzo.”

Umvuzo wokuhlonela uMhla wokuPhumla

13*UNdikhoyo ke uthi:

“Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla,

nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,

xa nithe nawulangazelela lo mhla,

ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,

ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,

niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,

14uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,

animise nasezintabeni,

nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”

Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

UISAYA 59

Izono zingumqobo

1Ngenene isandla *sikaNdikhoyo asisifutshane

ukuba ade angabi nako ukumhlangula umntu.

Ewe, yena akasiso isithulu

ukuba ade angeva.

2Nto nje ubugwenxa benu bungumqobo;

buthe zinzi phakathi kwenu noThixo.

Ewe, zizono zenu ezimsithayo uThixo kuni,

yiyo nale nto ngáthi akaniva.

3Izandla zenu zidyojwe ligazi,

neminwe yenu inkone kukona.

Ngemilomo yenu niyaxoka,

kananjalo nithulula inkohlakalo.

4Akukho ukhathalele ubulungisa;

xa bemangalelana bubuqhophololo bodwa.

Bakholosa ngenkohliso nobuxoki;

bakhawula inkathazo, bazale inkohlakalo.

5Baqandusela amaqanda erhamba,

batsho ngobobo lwamayelenqe.

Maqanda lawo ke ayityhefu –

lithi lingakroboka kuthi gqi irhamba.

6Amayelenqe abo akancedi mntu;

ewe, akambathwa njengengubo.

Imisebenzi yabo ngamanyondololo;

ngezandla zabo basebenza ububhoja.

7Bahamba ngezantya xa besiya kona;

bayakhawuleza xa babulala ongenatyala.

Ngeengcinga bayila inkohlakalo yodwa;

endleleni yabo yimbubho nentshabalalo.

8Ewe, indlela yoxolo abayazi;

umthetho nesiko abahambi ngawo.

Iindlela zabo bubuqili nobuqhophololo;

abahamba ngazo soze babe noxolo.

Abantu bayabula

9Abantu bathi:

“Ewe, ngenene asilungiselelwa;

ubulungisa abufikeleli kuthi.

Silindela ukukhanya, kuthi gqi ubumnyama;

silindela ilitha, suka kusibekele.

10Siyaphuthaphutha ngathi siziimfama;

siyaphampatha ngathi asinamehlo.

Sikhubeka emini ngathi kusebusuku,

kwabaphilayo ngathi singabafileyo.

11Sibhomboloza ngathi singamarhamncwa;

sitsho ngesimbonono ngathi ngamahobe.

Sibe ngafuna ukulungiselelwa, kungabikho;

sakuthalaza usindiso suka lube ziinkwenkwezi.

12“Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo;

izono zethu nâzo zisimangalela.

Ewe, ngenene singabakreqileyo;

siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.

13Sikuvukele ngobuqhetseba, wena Ndikhoyo;

suka safulathela asamlandela uThixo wethu;

suka saphul' izikeyi, sifuth' ingcinezelo,

sayil' inkohliso, satheth' ubuxoki.

14Ngoku ke umthetho urhoxile,

nobulungisa bumele qelele.

Phandle phaya inyaniso iyaphephetheka,

nokunyaniseka akungeni ndawo.

15Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela;

oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.”

UNdikhoyo uthatha amanyathelo

Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazeka

akubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.

16Akukhangela akabonanga mncedi konke,

suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli.

Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo,

ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.

17Uthe gaxa ubulungisa esifubeni,

watsho ngomnqwazi wosindiso entloko.

Ewe, kaloku uvath' impindezelo,

wada wazithándela ngekhwele.

18Abantu wobohlwaya ngokwezono abazenzileyo;

iintshaba uza kuziphakel' ingqumbo,

abalwa naye ababel' impindezelo,

ade aye kuqhina nakwabo bakude.

19Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo,

lufikelele nasempuma udumo lwakhe.

Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo,

uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.

20“UMkhululi uyeza eZiyon;

uza kukhulula abakwaYakobi abazisolayo ngezono zabo.”

Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

21UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”

UISAYA 57:1-59:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-