Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 232

Itekisi yeBhayibhile

UOBHADIYA 1

Ukohlwaywa kwe-Edom

1Nanku umbono kaObhadiya. Ngokuphathelele kwiEdom iNkosi *uNdikhoyo itsho ukuthi:

Luvakele udaba oluvela kuNdikhoyo;

sigalelekile ezizweni isigidimi, sisithi:

“Vukani, siye kulwa naye uEdom!”

2UNdikhoyo uthi kwiEdom:

“Uyabona, ndokwenza ube mncinane phakathi kwezizwe;

uya kusuka udeleke mpela.

3Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.

Wena uhlala ezimfanteni zamawa,

wena ukhaya likweliphezulu,

xa uzithethela uman' usithi:

‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’

4Noba ungade untinge njengokhozi,

ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,

nalapho mna ndiya kukuthoba.”

Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

5“Xa ufikelwe ngamasela,

ewe, nokuba zizihange ebusuku,

aya kûba kangangoko anako,

akushiyele kodwa.

Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,

kushiyeke umkhwahlazo.

Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.

6Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,

konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.

7Oogxa bakho bokududulela emideni.

Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.

Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,

kodwa sobe uyiqonde loo nto.”

8Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:

“Mhla ndamohlwaya uEdom

ndozitshabalalisa izilumko zakhe,

kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.

9Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;

bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.

10Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,

nditsho umninawe wakho onguYakobi,

ihlazo liya kukugubungela,

utshatyalaliswe ngonaphakade.”

Isizathu sesohlwayo

11“Ngaloo mini wena wema bhuxe

ngeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.

Iintlanga zangena emasangweni,

zenza *amaqashiso ngeJerusalem,

suka wena waba njengomnye wazo.

12Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,

nditsho ngemini yakhe yelishwa.

Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJuda

ngemini yakhe yentshabalalo.

Akwaba ubungaqholosanga

mhla lalibhek' umoya kuye.

13Ngewungangenanga kumasango abantu bam

ngomhla wabo wesithwakumbe.

Ngewungabajongelanga phantsi ngenkxwaleko yabo

ngemini yentlekele yabo.

Ngewungabuxhaphazanga ubutyebi babo

ngomhla weshwangusha labo.

14Akwaba ubungemanga eziphambukeni

ukuze unqakule iimbacu zabo.

Amasalela ngewungawanikelanga elutshabeni

mhla kwakugos' okwaphukayo.”

UThixo uza kuzohlwaya izizwe

15“Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele.

Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe;

isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.

16Njengoko nina nayisezwayo ibhekile yesohlwayo entabeni yam engcwele,

ngokunjalo nezinye izizwe ziya kuyisezwa,

phofu ziyisele zingayeki.

Ewe, ziya kusela zibimbilize,

zide zibe ngathi zange zabakho.”

Ubukumkani boba bobukaNdikhoyo

17“Ke kwintaba iZiyon kuya kubakho abasindileyo;

yona yobuya ibe yindawo engcwele.

Indlu kaYakobi iya kulixhamla ilifa layo,

libe sezandleni zayo.

18Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo,

indlu kaJosefu ibe lidangatye.

Ke yona ekaEsawu ibe ngumququ,

bayintumeke umlilo itshe iphele.

Akusayi kubakho masalela kule ndlu kaEsawu mpela-mpela.”

Etshilonje *uNdikhoyo, utshilo.

19“Ke zona iintaba zakwaEsawu zomiwa ngabantu belasezantsi;

ke bona abakumazantsi eentaba beme kumhlaba wamaFilistiya.

Bowuthatha umhlaba kaEfrayim nowaseSamariya,

abakwaBhenjamin beme eGiliyadi.

20Iimbacu zamaSirayeli ziya kuyithimba iKanana ziye kutsho eZarefa,

iimbacu zaseJerusalem eziseSefaradi zithimbe iidolophu zelasezantsi.

21Abahlanguli bophuma eZiyon,

bazilawule iintaba zakwaEsawu,

ubukumkani bube bobukaNdikhoyo.”

UOBHADIYA 1:1-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 40

Iindaba zovuyo

1“Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,”

utsho kaloku uThixo wenu.

2“Thethani kakuhle neJerusalem;

dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile.

Kaloku izono zayo zixolelwe;

*uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”

3Nâlo ilizwi lidanduluka lisithi:

“UNdikhoyo mhlahleleni indlela entlango;

uThixo wethu mgeceleni uhola kwelibharhileyo.

4Zonke izigingqi mazidityelelwe,

iintaba neenduli zidilizwe zibe ngamathafa,

ke zona izixhobo zigqalwe zibe ziintili,

amageduka aletyelwe abe zizithabazi.

5Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,

lonke uluntu lububone.

Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

6Ndeva ilizwi lisithi:

“Suka udanduluke uthethe.”

Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”

“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;

ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.

7Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyambo

yakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.

Ngenene uluntu nqwa nengca.

8Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,

ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”

9Phakama unyukele entabeni, wena Ziyon,

sigidimi seendaba ezimnandi.

Danduluka umemeze, wena Jerusalem,

mvakalisi weendaba ezimnandi.

Sukoyika, danduluka umemeze.

Yithi kwiidolophu zelakwaJuda:

“Nanko ke uThixo wenu.”

10Kaloku iNkosi uNdikhoyo iza ngokomelela;

iya kutsho ngolawulo olungqongqo.

Kananjalo iphethe neziqhamo zomsebenzi wayo;

ewe, ihamba nebuyambo lemigudu yayo.

11Yona njengomalusi iyawulondoloza umhlambi;

amatakane iwaqokelela iwafunqule,

ke zona ezanyisayo izithundeze.

12Ngubani okhe alinganise amanzi ngethende lesandla,

okanye olinganisa isibhakabhaka ngesandla?

Mlinganiselo mni ongavalela uthuli lomhlaba,

isisiphi isikali sokulinganisa iinduli neentaba?

13Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,

ingubani khona omcebisayo?

14Kakade uThixo lo ubhenela kubani,

ingubani ongamfundisa okusesikweni?

Ngubani ke omphokozela ulwazi,

aze ambonise indlela yobulumko?

15Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,

nqwa nothuli azivakali nasesikalini;

neziqithi ngokukwanjalo.

16Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,

neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.

17Izizwe zonke azinto kuThixo;

yena akazazele nto konke-konke.

18Angalinganiswa nabani na uThixo?

Khona, angafanekiswa nantoni?

19Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,

uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,

uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.

20Ihlwempu elingenasiliva nagolide

lithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,

lifune ichule lomchweli,

lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.

21Ngaba anazi na?

Ngaba zange nive na?

Zange nixelelwe na kwamandulo?

Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

22Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweni

emajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;

kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.

Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,

asaneke njengentente yokuhlala.

23Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,

izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.

24Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,

ewe, zingekamili nokumila oku,

suka azibhudle ngomoya zibune,

isaqhwithi simke nazo njengomququ.

25“Ngubani ke eningandilinganisa naye,

ingubani endingade ndifane naye?”

Uyabuza uThixo onguYedwa.

26Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;

zidalwe ngubani ezi zinto?

Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkwezi

yena uyalazi nenani lazo.

Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;

ewe, akanganganto amandla akhe,

ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.

27Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,

nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:

“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;

uThixo wam akandazeleleli nganto”?

28Kanti ngaba awazi na?

Ngaba zange uve na?

UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;

yena ngumdali wehlabathi jikelele.

Yena soze adinwe atyhafe,

nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

29Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,

umomelezi wâbo bangenamandla.

30Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe,

abafana bakhubeke bawe,

31kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo

bosuka bahlaziyeke bomelele.

Bosuka bantinge baxel' ukhozi;

noba sebebaleka, soze badinwe;

ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.

UISAYA 41

Iqhaji lasempumalanga

1“Yithini cwaka niphulaphule, ziqith' ezikude;

lungelani ukuxoxa, nina zizwe.

Sondelani nizithethelele;

yizani ke sihlangane, sinik' isigwebo.

2“Ngubani lo uqhway' iqhaji empumalanga,

lo ulinik' indwe konke nje jikelele?

Nguban' olenza loyis' izizwe nezikumkani,

omkhonto wakh' uzenza zifane nothuli?

Iintolo zakhe zibatsho bathi saa,

basarhake okomququ emoyeni.

3Libasukelisa libaleqe lula nje.

Asimendu! Ntaka yakwabani!

4Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?

Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?

Mna *Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;

ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.”

5Iziqith' ezikude nazo zibonile;

ewe, iziphelo zomhlaba zitsho zarhwaqela zangcangcazela.

Nâzo ziqokelelana zisiza.

6Ziyancedana esinye nesinye;

ewe, zikhuthazana ngelithi: “Yomelelani!”

7Umchweli ukhuthaza umnyibilikisi,

nàlo ugudisa umfanekiso ukhuthaza lo uwudibanisayo.

Uthi: “Hayi, ngunonca!”

Batsho babethelele isikhonkwane, uqine nkqi umfanekiso.

Umkhuseli kaSirayeli

8“Ke wena, sicaka sam Sirayeli,

nditsho wena, ndlu kaYakobi,

wena uluhlanga endilunyulileyo,

uyinzala yesihlobo sam uAbraham.

9Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,

ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,

ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’

Andikubukulanga; ndakunyula.

10Ngoko ke ndinawe, sukoyika;

ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.

Ndiza kukomeleza ndikusize,

amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

11“Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;

ewe, abakulwayo soze babe nto.

12Iintshaba zakho uya kuzifuna,

kambe ke sobe uzifumane.

Abalwa nawe bophel' emehlweni.

13Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;

ndokugcina ndikomeleze,

ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

14“Ewe, mna Ndikhoyo ndithi:

‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi,

nimbalwa ninjalo, Sirayeli,

kodwa sukoyika, ndiza kukusiza.

Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli,

ndim okukhululayo.’

15Ndokutsh' ube ngathi usisileyi sokubhula

esinangayiway' amazinyo amatsha.

Wozicol' iintaba uzivuthulule,

iinduli uzicole zibe luthuli.

16Uya kuzijiwuza emoyeni,

ke won' umoya uzitsho ziphephetheke;

uqhwithelo lozithatha lumke nazo.

Ke wena utsho wonwatyiswe nguNdikhoyo,

undidumise mna Yedwa kaSirayeli.

17“Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame;

sebekhothekile bona lunxano.

Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo –

mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.

18Ndogqabhuz' imilambo emqwebedini,

kutsho kumpompoz' imithomb' ezintilini,

intlango ndiyijike ibe yimigxobhozo,

umqwebedu utsho unkcenkcez' amanzi.

19Entlango kokhul' imisedare,

ibe ngumngampunzi, umnquma, nemetile.

Elibharhileyo lokhula ipayini,

isipresi, nomgalagala.

20Boyibona abantu le nto baqonde,

baqaphele bazi,

bathi nguNdikhoyo lo uyenzileyo.

Ewe ngenene, botsho baqonde ukuba oku kudalwe nguYedwa kaSirayeli.”

Umngeni kwimifanekiso eqingqiweyo

21“Nina *zithixo zeentlanga, ethe ubungqina benu;” utsho *uNdikhoyo.

Ewe, uKumkani kaSirayeli uthi: “Khaniyibeke apha ingxoxo yenu, sive.

22Yizani kaloku, xelani izinto ezizayo;

chazelan' inkundla iziganeko zamandulo;

ewe, zichazeni nentsingiselo yazo.

23Khanisixelele ngekamva kaloku;

khona nathi sotsho sithi ningoothixo.

Yenzani noba yentle okanye ebuhlungu;

nathi sitsho sirhwaqele, soyike.

24Okokwenu nina niyinkunkuma,

nemisebenzi yenu yimfitshi-mfitshi.

Bangamasikizi abo banichongayo.

25“Ke mna ndixhokonxe umfo wasentla; uyeza –

ondihloniphayo nanko evela empumalanga.

Iziphathamandla uzixovula ngathi ludongwe,

ngathi ngumbumbi exonxa udongwe.

26Le nto ngubani oyazise kwantlandlolo kuni,

owasilumkisayo ukuze siningqinele?

Akukho namnye wakha wayixela,

engekho nowakha wayithi thupha.

27Ndim mna kuqala owayixelelayo iZiyon,

ndathi: ‘Nâbo besiza.’

Ndathumela isigidimi eJerusalem,

umvakalisi weendaba ezimnandi.

28Ndakuzikhangela ke izithixo ezo

zonke ndifika zisik' umlomo,

kungekho nasinye sinako ukundiphendula.

29Zonke ziyimfeketho nje.

Hayi, azinakwenza nto mpela-mpela;

ngamabhetye-bhetye nje emifanekiso.”

UISAYA 40:1-41:29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-