Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 211

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 47

Udaba malunga neFilistiya

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiya ngaphambi kokuba ukumkani waseJiputa ahlasele iGaza; 2lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla

atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba

nako konke okukuwo,

izixeko nabemi bazo.

Abantu baya kukhala,

batsho ngesijwili bonke abemi balapha.

3Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,

nokugoqoza kweenqwelo,

nokuxokozela kwamavili,

ooyise babashiye enyanyeni abantwana,

kuba izandla zabo ziwile.

4Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,

nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.

Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiya

elisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.

5IGaza iza kucheba izile,

iAshkelon yona ikhwankqiswe.

Masalelandini asemathafeni,

koda kube nini na nizicenta nimbambazela?

6“ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,

wopheza nini na?

Rhoxa ubuyele esingxotyeni,

uphumle uzole.’

7Kambe ke lingathini ukuphumla

uNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelon

nakumathafa angaselwandle?

Uthe maliye kutyakatya apho.”

UJEREMIYA 48

Udaba malunga noMowabhi

1Malunga noMowabhi *uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthi:

“Kunyembelekile!

INebho ibhukuqiwe!

Yona iKiriyatayim ihlazekile, ithinjiwe;

inqaba idiliziwe yahlazeka.

2Luphele nya udumo lwakwaMowabhi.

EHeshbhon baceba ububi ngoMowabhi,

bathi: ‘Yizani simphanzise, angabi saba luhlanga.’

Nawe Mademena, uza kucinyw' igama;

ikrele liza kukusukela.

3Yivani, naso isililo sivela eHoronayim:

‘Lubhukuqo nogonyamelo!’

4UMowabhi ubhukuqiwe!

Iimveku zakhe zivakala zikhala.

5Amadoda anyuka induli yaseLuhiti ehamba elila engaphezi.

Endleleni ehlayo eya eHoronayim ayambambazela;

atsho ngesimbonono ngenxa yobhukuqo lukaMowabhi.

6Balekani nizisindise, oku kweqwarha lasentlango.

7Ngenxa yokuba uthembele ngamandla nobutyebi bakho nawe uza kubanjwa,

aze uthixo wakho uKemoshe athinjwe,

yena kunye nababingeleli namagosa akhe.

8Umtshabalalisi uza kuzifikela zonke iidolophu,

kungasindi nanye.

Intili yoba ngumqwebedu,

ithafa lona lonakaliswe,

njengoko watshoyo uNdikhoyo.

9Lumkisani uMowabhi,

nithi uza kudilizwa.

Makasabe uMowabhi;

makaphume abaleke.

Iidolophu zakhe ziza kuba ngamabhodlo,

kungabikho mntu uhlala kuzo.

10“Uqalekisiwe owenza ngobuvila umsebenzi awuphathiswe nguNdikhoyo.

Uqalekisiwe lowo unqenayo ukuphalaza igazi ngekrele lakhe.

11“Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile;

ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi.

Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi,

naye akazange asiwe ekuthinjweni.

Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo,

nevumba lakhe alizange liguquke.”

12Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:

“Kuza imihla apho ndiya kuthumela iinjoli eziya kumthulula.

Ziya kuziqwela iibhekile, zizaphule iingqayi.

13UMowabhi uza kuhlazeka ngenxa kaKemoshe

kanye njengoSirayeli owahlazeka ngenxa yokuthembela kwiBhetele.

14“Ningatsho njani ukuthi: ‘Singamagorha;

sizizigantsontso zokulwa’?

15Ufikile umtshabalalisi wakwaMowabhi;

uza kuzibhukuqa iidolophu zakhe,

awubhubhise edabini owona mlisela mhle womkhosi wakhe,”

utsho uKumkani ogama linguNdikhoyo, uThixo onamandla onke.

16“Intlekele imfikele uMowabhi;

ishwangusha limgubungele ngephanyazo.

17Yibani novelwano nguye, nina bamngqongileyo;

nina bangqina udumo lwegama lakhe,

yithini: ‘Yehaa, yaphukile ingwanyalala yomsimelelo;

waphukile umsimbithi wodumo!’

18“Yihlani ewongeni, nina bemi baseDibhon,

nihlale phantsi kwelibharhileyo.

Unifikele umtshabalalisi weMowabhi,

wazidiliza iinqaba zenu.

19Yimani ngasendleleni, nina bemi baseArure, nikhangele.

Buzani kwindoda esabileyo nakumfazi osindileyo, nithi: ‘Ingaba kwenzekeni na?’

20UMowabhi uhlazekile kuba ubhukuqiwe.

Yenzani isijwili nikhale,

nazise abahlala ngaseArnon,

nithi: ‘UMowabhi ubhuqiwe.’

21Yithini isigwebo sifikile kuloo mathafa:

eHoloni, eJaza, naseMefati;

22eDibhon, eNebho, naseBhete-diblatayim;

23eKiriyatayim, eBhete-gamuli, naseBhete-mewon;

24eKeriyoti naseBhozera,

nakuzo zonke iidolophu zakwaMowabhi,

ezikude nezikufuphi.

25Waphulw' iimpondo uMowabhi;

amandla akhe aphanzisiwe.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

26“Mtshoni ayobe uMowabhi, kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo;

makazityikile emhlanzweni wakhe, abe sisigculelo.

27Kanene uSirayeli wayengesosigculelo senu na?

Wakha wabanjwa namasela na uSirayeli

sele nihlunguzela iintloko nje xa nithetha ngaye?

28Phumani ezidolophini zenu, nina bemi bakwaMowabhi,

niye kuhlala ezingxondorheni,

nixele ivukuthu elakhela indlwana phezulu emlonyeni womqolomba.”

29Sivile ngokukratsha kukaMowabhi.

Asilokratshi, kukuzidla nokuzingca;

ngenene, kukuzigwagwisa

nokuziqenya nokukhukhumala kwentliziyo!

30Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo:

“Ndiyakwazi ukuzidla kukaMowabhi, kodwa kungamampunge;

ukuzigwagwisa kwakhe kulilize.

31Ndiza kwenza isimbonono ngenxa kaMowabhi,

ndikhale ngenxa kaMowabhi ephela,

kuncwinwe ngenxa yamadoda aseKiriheresi.

32Wena mdiliya waseSibhema,

ndiza kukulilela ngaphezu kokulilela iYazere.

Amasebe akho anabe aya kutsho elwandle,

ada afikelela kulwandle lwaseYazere.

Umtshabalalisi uzifikele iidiliya zakho neziqhamo zakho zasehlotyeni.

33Uvuyo nolonwabo lumkile kumasimi nezitiya zeziqhamo zakwaMowabi,

newayini ndiyinqamle esixovulelweni.

Akusavakali nantswahla yabaxovuli;

naxa kukho intswahla asiyontswahla yamivuyo.

34“Isijwili saseHeshbhon sivakele nase-Elale;

siye kufikelela eYahazi.

Loo ntsholo inabele eZoware;

iye kutsho eHoronayim nase-Egelati-shelishiya;

kuba kaloku namanzi eNimrim sele atsha qoko.

35Ndiza kumnqumla kwaMowabhi osondeza amadini ezindaweni eziphakamileyo,

nalowo uqhumisela oothixo bakhe.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

36“Yiyo loo nto nditsho ngesililo ngathi ngumrhubhe wengcongolo,

ndililela iMowabhi, nditsho amadoda aseKiriheresi.

Buphelile ubutyebi bawo ababebuqwebile.

37Intloko nganye ichetyiwe,

ngokunjalo neendevu zisusiwe;

isandla ngasinye sicentiwe,

esinqeni ngasinye kwabhinqwa irhonya.

38Emaphahleni ezindlu zonke zakwaMowabhi

nasezindaweni zembutho

kusisijwili nje sodwa,

kuba uMowabhi ndimkrobozile

oku kwengqayi engafunwa bani.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

39“Hayi ukuhlazeka kwakhe;

hayi ukubhombholoza kwabo!

Hayi ukunikela kukaMowabhi ikhosi ngenxa yeentloni.

Usuke waba sisigculelo nesothuso kwabo bamngqongileyo uMowabhi.”

40Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Khangela ukhozi luyandanda,

lutweze amaphiko phezu koMowabhi.

41Iidolophu ziza kuthinjwa,

iinqaba zakhona zihluthwe.

Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi

iya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.

42UMowabhi uza kuphanziswa angabi saba sisizwe,

kuba eziphakamisile phambi koNdikhoyo.

43Ufikelwe kukunkwantya nomhadi nomgibe, wena mmi waseMowabhi.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

44“Obaleka ngenxa yokunkwantya weyela emhadini;

ophuma emhadini, ubanjiswa ngumgibe.

Konke oko ndiza kukuhlisela uMowabhi ngonyaka wokumohlwaya kwam.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

45“Iimbacu zema emathunzini eHeshbhon zityhafile,

kuba kusuke kwaqhambuka umlilo kuloo Heshbhon.

Kulenya amadangatye kwaSihon;

atshisa ibunzi labakwaMowabhi,

nokhakayi lwabaqhankqalazi abenza ingxolo.

46Yehaa kuwe, Mowabhi!

Batshabalele abantu bakaKemoshe,

kuba umlisela nomthinjana wakho usiwe ekuthinjweni.

47“Kambe ke, kwimihla ezayo ndombuyisela kundalashe uMowabi,

adle ngendebe endala.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Siyaphela apha isigwebo sesizwe sakwaMowabhi.

UJEREMIYA 49

Udaba malunga noAmon

1Malunga noAmon *uNdikhoyo utsho ukuthi:

“Akananyana na uSirayeli?

Akanandlalifa na?

Kutheni uMilikom elithimbile ilifa likaGadi?

Kutheni iidolophu zakwaGadi zimiwe ngabantu bakaMilikom?”

2Kambe ke, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:

“Niyabona, iyeza imihla

endiya kuyihlabela umkhosi iRabha yama-Amon.

Iya kuba yimfumba yamabhodlo,

iilali zayo zitshiswe ngomlilo.

Ewe, uSirayeli uya kubagxotha abo babemgxothile.”

Utsho uNdikhoyo.

3“Yenza isijwili, wena Heshbhon,

kuba iAyi ibhuqiwe.

Khalani, zilali zaseRabha;

bhinqani ezirhwexayo nizile.

Zula-zulani nididekile,

kuba uMilikom uya kuthinjwa,

nditsho yena kunye nababingeleli neziphathamandla zakhe.

4Kutheni niqhayisela ngeentili zenu,

iintili zenu ezichumileyo?

Hayi bo, bantundini abakreqayo,

abakholosa ngobutyebi babo!

Nithi: ‘Ngubani onokusihlasela?’

5Niyabona, ndiza kunihlisela unkwantyo

luvela kubantu abaningqongileyo.”

Lowo ngumlomo weNkosi uNdikhoyo onamandla onke.

“Niya kuchitha-chithwa,

elowo asabe ngeyakhe indlela,

kungabikho bani uzihlanganisayo iimbacu.

6Kambe ke, emva koko, ndiya kumbuyisela kundalashe uAmon,

adle ngendebe endala.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Udaba malunga noEdom

7Malunga noEdom *uNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi:

“Akusekho bulumko na kwaTeman?

Sezaphelelwa ngamacebo na iingqondi?

Sebutshitshile na ubulumko bazo?

8Jikani nisabe, nizimele kwimiqolomba emnyama, nina bemi bakwaDedan.

Ndiza kumhlisela ishwangusha uEsawu,

kuba lifikile ixesha lokuba ndimohlwaye.

9Andithi xa kuvunwa iidiliya ubakho umbhikico oshiyekayo?

Andithi xa kufika amasela ebusuku ayeba ade anele?

10Kodwa mna ndiya kumhluba konke anako uEsawu,

ndimkhuphulule kwezo ndawo azimele kuzo,

angabi nako tu ukufihlakala.

Uya kucinywa igama yena nenzala yakhe,

angabi saba nabo abazalwana nabamelwane.

11Zishiyeni iinkedama zenu – ndiya kuzondla;

kwanabahlolokazi benu mabakholose ngam.”

12Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Niyabona, kwanâbo bakhangeleka ngathi abakufanelanga ukohlwaywa, nabo bayayisezwa indebe yengqumbo yam. Wena ke ubuya kuthini ukuphoswa sisibetho? Inene, nawe uya kuyisela loo ndebe. 13Ndifunga iGama lam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “IBhozera iya kuba sisothuso, nehlazo, nentshabhiso, nesiqalekiso, yona needolophu zayo zonke zibe ngamanxuwa ngonaphakade.”

14Ndive udaba, luvela kuNdikhoyo,

kuthunywe isigidimi ezintlangeni ukuthi:

“Hlanganani, nilungele imfazwe;

qulani, nizimisele ukuyihlasela.”

15“Edom, ndiza kukwenza ube mncinane ezintlangeni,

udeleke ebantwini.

16Ulahlekisiwe kukoyikeka kwakho nalikratshi lakho,

wena omi ezimfanteni zeengxondorha,

wena ohleli kwiincopho zeentaba.

Nokuba uyakhe phezulu indlu yakho,

yaxela eyokhozi,

ndokuthula apho.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

17“Uya kuba sisothuso uEdom.

Bonke abadlulayo baya kuthi makatha,

baphoxise ngenxa yokubhukuqwa kwakhe.

18Nqwa nokubhukuqwa kweSodom neGomora needolophu ezingqongileyo

kuya kuba njalo ukubhukuqwa kwelamaEdom –

akuyi kuba sabakho bani uhlala khona,

kungabikho kwamphambukeli apho.”

Utsho uNdikhoyo.

19“Njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo aseJordan,

isiya emadlelweni ahlala eyokozela,

kuya kuba njalo ukumgxotha kwam ngephanyazo kwelakowabo uEdom.

Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?

Kakade ngubani na onjengam onokumelana nam,

ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?

20Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo nge-Edom,

izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekiselele kubemi bakwaTeman.

Inene, namatakane aya kuqwengwa,

umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.

21Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuwa kwabo.

Isandi sokukhala kwabo siya kuvakala de kuye kutsho kuLwandle oluBomvu.

22Khangela, ukhozi luyantinga lundande;

lutweza amaphiko phezu kweBhozera.

Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaEdom

iya kuba njengentliziyo yomfazi ophethwe yinimba.”

UJEREMIYA 47:1-49:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-