Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 21

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 18

UJetro utyelela uMosis

1Ke kaloku uyise womka-Mosis uJetro, owayengumbingeleli waseMidiyan, weva ngezinto awayezenzelwe nguThixo uMosis kunye namaSirayeli, ukubakhupha kwakhe eJiputa. 2Wasuka weza kuMosis, ehamba noZipora umka-Mosis, 3noGershom noElizere oonyana bakhe, kuba kaloku bona wayebabuyisele ebukhweni bakhe. UMosis wathi xa ethiya omnye woonyana bakhe wathi nguGershom, kuba esithi: “Ndandingumbhaceli kwelasemzini.” 4Waza ke omnye wathi nguElizere, kuba esithi: “UThixo woobawo wandinceda wandihlangula kwikrele lokumkani waseJiputa.”

5OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo. 6Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.” 7Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.

8UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo. 9UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa. 10Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe. 11Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.” 12Ngoko ke uJetro wenzela uThixo idini elitshiswayo neminye imibingelelo. Ke uAron, ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, beza baxhamla izidlo ezo kunye noJetro umkhwe kaMosis, bekhonza uThixo.

Ukumiselwa kwabalamli

13Kwangentseni ngomhla olandelayo uMosis waba sisinxadanxada, echophele amatyala, esombulula iingxaki zamaSirayeli kwada kwahlwa.

14Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”

15UMosis waphendula wathi: “Kaloku aba bantu beza kum khon' ukuze ndibabeke emkhondweni mayela nentando kaThixo, 16kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”

17Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga. 18Ngale ndlela uqhuba ngayo uyaziqoba. Uya kuxhwaleka uphel' amandla; naba bantu baya kudinwa yile nto. Kaloku umsebenzi onje awukulingananga uwedwa. 19Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye. 20Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo. 21Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo. 22Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo. 23Ukuba wenjenje ke ngokuvuma kukaThixo, awuyi kuqobeka, futhi ke nabantu aba baya kutsho bavisisane.”

24Ngenene ke uMosis wenza ngokwecebo likaJetro, 25wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo. 26Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis. 27Ke kaloku uMosis wamkhulula uJetro, waphindela kwelakowabo.

EYEMFUDUKO 19

AmaSirayeli eSinayi

1-2Kanye ukuphela kwenyanga yesithathu amaSirayeli aphumayo eJiputa, amaSirayeli anduluka eRefidim, aya kugaleleka kwintlango yeSinayi, emisa phantsi kwentaba iSinayi. 3Ke yena uMosis wenyuka intaba, waya kuThixo. *UNdikhoyo wambiza wathi: “Thetha namaSirayeli, inzala kaYakobi, uthi: 4‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo. 5Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela, 6kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.” 7UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.

8Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.

9UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ndiza kuza kuwe ndikwilifu elingqingqwa, ukuze ndithethe nawe amaSirayeli ekho, khon' ukuze angaze akuthandabuze.” UMosis waxelela uNdikhoyo akuthethileyo amaSirayeli.

10UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yitsho bonke abantu bazenze nyulu, bacoceke ngokupheleleyo namhlanje nangomso, balungiselele ukunqula. Impahla yabo mabayihlambe 11ukuze ngomsomnye babe sebelungile. Ngaloo mini ke ndiya kuhla ndize apha eSinayi, nabantu bebukele. 12Jikeleza intaba le, wenze umda ongayi kutsitywa ngamaSirayeli. Ngokunjalo baxelele abantu ukuba mabangasondeli okanye benyuke entabeni apho. Umntu okhe wathi cakatha entabeni apho makabulawe. 13Ewe, umntu onjalo makagityiselwe ngamatye, okanye achanwe ngotolo, afe engachukunyiswanga ngasandla. Nesilwanyana esisondeleyo ke masibulawe kwangaloo ndlela. Kuya kuthi ke wakuvakala umntyangampo wokukhala kwexilongo, abantu benyuke beze entabeni.”

14UMosis wehla ke entabeni, wabaxelela abantu ukuba mabalungele ukunqula. Ngenene ke bahlamba bacoceka. 15Ngaphezu koko ke wabayala ukuba babe sebelungile ngomsomnye; ngelo thuba ke amadoda angahlangani nababhinqileyo. 16Ngentsasa yomhla wesithathu ke zavakala izabhokhwe zeendudumo, yabe yona ke imibane itshawuza, kwaza kwabonakala nelifu elingqingqwa apho entabeni. Asisathethi ke ngomtyangampo wexilongo owabetha kwathi nkxwee, kangangokuba abantu bagubha luloyiko esikhululweni. 17Ke kaloku uMosis waphuma nabo besiya kuThixo, baza ke bema emazantsi entaba. 18Yonke intaba iSinayi yambathiswa sisithokothoko somsi, kuba uNdikhoyo wehlela kuyo engathi ungumlilo. Umsi lowo ke wanyuquza ngathi uphuma eziko, yaza intaba yanyikima ngamandla. 19Kanti ke nesandi sexilongo saya sikhula ngakumbi. Waza wathetha ke uMosis, naye uThixo waphendula ngeendudumo. 20Ke kaloku uNdikhoyo wehla wathi ngcu phezu kwencochoyi yentaba iSinayi, wathi kuMosis makenyukele khona naye, 21waza ke wathuma uMosis, wathi: “Yihla ufike ubayale abantu hleze bawutsibe umda, beze kundibuka, kuba xa beyenzile loo nto luya kufa uninzi lwabo. 22Nkqu nababingeleli abasondelayo kum mabahlambuluke, hleze ndibatshabalalise.”

23UMosis waphendula wathi: “Kaloku, *Mhlekazi, abantu abanako ukunyuka beze entabeni, kuba ubusiyalile wathi intaba masiyahlule siyijikeleze ngomda, khon' ukuze kungabikho nto isondelayo kuyo.”

24UNdikhoyo wathi kuye: “Hamba uye kuthatha uAron, uze naye apha. Kodwa ke bona ababingeleli kunye nabanye abantu bangàkhe balinge bawutsibe umda, hleze ndibatshabalalise.” 25Ngenene ke uMosis wehla, wafika wabaxelela abantu into ethethwe nguNdikhoyo.

EYEMFUDUKO 20

Umnqophiso

(Hlaz 5:1-21)

1Ke kaloku uThixo wathetha wenjenje: 2“Mna *ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula eJiputa apho wawulikhoboka khona.

3“Ungaze unqule *thixo wumbi ngaphandle kwam.

4“Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. 5Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. 6Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo, beyithobela imiyalelo yam.

7“Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

8“Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. 9Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. 10Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. 11Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

12“Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

13“Musa ukuba sisibulala-mntu.

14“Musa ukukrexeza.

15“Musa ukûba.

16“Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

17“Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

UThixo uvavanya amaSirayeli

(Hlaz 5:22-33)

18Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya. 19Abhekisa kuMosis, athi: “Mayibe nguwe othetha nathi; siya kukuva. Mayingabi nguThixo ngokwakhe othetha nathi, hleze sife.”

20UMosis wathi ebantwini: “Sanukoyika, kuba uThixo uyanivavanya nje, khon' ukuze nihlale nimhlonele, ningawexulwa kukona.” 21Kambe ke abantu bona bahlala bechasele, àbavuma ukusondela, yanguMosis yedwa okufuphi kwelo lifu limnyama lingumqondiso wobukho bukaThixo.

Imithetho mayela neqonga lamadini

22*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Yithi kumaSirayeli: ‘Ngoku ke nindivile, mna Ndikhoyo, xa bendithetha nani ndisezulwini. 23Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide. 24Mna ndenzeleni iqonga lamadini ngomhlaba, nize nithathe iinkomo, iigusha, okanye iibhokhwe, nenze ngazo amadini atshiswayo ngokunjalo namadini obudlelwane. Naphi na apho ndininike khona indawo yokunqula ndiya kuza ndinithamsanqelise. 25Xa nindenzela iqonga lamadini ngamatye sanukuwaqingqa, kuba xa nisebenzisa izixhobo niwaqingqa selexabhelekile kum. 26Xa nindakhela iqonga lamadini makungayiwa ngezinyuko kulo, hleze nithi xa ninyukayo zihlubeke izambatho zenu, nibe ze.’ ”

EYEMFUDUKO 21

Ukuphathwa kwamakhoboka

1“Nantsi ke imimiselo oya kuyinika amaSirayeli: 2Umntu othe wathenga ikhoboka elingumHebhere liya kumkhonza iminyaka ibe mithandathu, lize ngowesixhenxe likhululwe lingahlawulelwanga nto. 3Ukuba langena ebukhobokeni lilisoka, liya kumka lilodwa. Kanti ke ukuba langena ebukhobokeni linomfazi, liya kukhululeka kunye naye. 4Xa lifike lingenamfazi, yaza inkosi yalo yalinika umfazi, waza wazala abantwana, abo bantwana nalo mfazi ngabenkosi yalo; xa likhululekayo liya kubashiya apho. 5Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’ 6inkosi yalo ke iya kulithatha ilise *esibingelelweni phambi kukaThixo; apho ke iya kulayamisa elucangweni okanye emgubasini, ize iligqobhoze indlebe ngenyatyhoba. Yakuba ilenjenjalo ke, liya kuba ngumkhonzi wayo bonke ubomi balo.

7“Xa umntu ethengise intombi yakhe yalikhoboka, yona ayinakukhululeka okwekhoboka eliyindoda. 8Ukuba indoda leyo ibiyithengile ukuba ibe ngumfazi wayo, ize ithi kamva inganeliseki yiyo, kufuneka ivumele abantu bakowayo ukuba bayikhulule ngokuyithenga. Akuvumelekanga ukuba isuke iyithengise kwabasemzini; kaloku izaphule izigqibo. 9Ukuba iyithengele unyana wayo, mayiyiphathe njengentombi yayo. 10Xa indoda ithatha umfazi wesibini, mayingayeki ukumondla nokumnxiba nokumenza umfazi lo wokuqala. 11Ukuba ayiwafezi la malungelo mayimkhulule angahlawulelwa.”

Imithetho ngobundlobongela

12“Umntu obethe omnye wamenzakalisa wafa, makabulawe. 13Kodwa ke ukuba umbulele ngengozi, makabalekele endaweni endiyimisele abasabi. 14Kambe ke yena umntu obulele omnye ngolunya, nokuba angade abalekele eqongeni lamadini, makasuswe apho abulawe.

15“Umntu ohlasela uyise nokuba ngunina, makabulawe.

16“Umntu oqweqwedisa omnye aze amthengise okanye abanjwe esenaye, makabulawe.

17“Umntu othuka uyise nokuba ngunina, makabulawe.

18“Ukuba amadoda amabini axabene, yaza enye yabetha ngelitye okanye ngenqindi yayenzakalisa leyo ibisilwa nayo, kwaza kwafuneka ukuba khe ilale ngandletyana-nye, 19ukuba ibuye yakwazi ukuhamba-hamba isimelela, mayingohlwaywa le yenzakalisileyo, nto nje mayihlawule eli xesha liyilahlekeleyo ngokulala igula, futhi iyinyange ide iphile.

20“Ukuba umntu ulibethe ngentonga ikhoboka lakhe eliyindoda noba libhinqile, laza lafa ngoko nangoko, makohlwaywe. 21Kambe ke ukuba ikhoboka elo life emva kosuku okanye iintsuku ezimbini, akayi kohlwaywa. Kaloku ikhoboka belilelakhe.

22“Xa ababini bethe besilwa baya kuphoseka kumfazi okhulelweyo, waza ngenxa yaloo nto akenzakala kodwa sona isisu saphuma, lo usisizekabani sale ntlekele uya kudliwa ngokubona kwendoda yaloo mfazi, yakuba icetyiswe ngabalamli. 23Kodwa ke ukuba umfazi lowo uthe wenzakala, ubomi mabubuyekezwe ngobomi, 24iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo, 25umlilo ngomlilo, uduma ngoduma, umvumbo ngomvumbo.

26“Xa umntu elibethe walityhaphaza ikhoboka lakhe, liyindoda okanye libhinqile, makalikhulule ukuhlawula elo liso. 27Kanti ke nokuba ulibethe kwapoq' izinyo wolikhulula ukuhlawula elo zinyo.”

Uxanduva lwabafuyi

28“Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala. 29Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe. 30Phofu ke ukuba kubonakala ukuba umniniyo lowo makamiselwe umdliwo ukusindisa ubomi bakhe, kofuneka akhuphe loo nto ibizwayo njengoko injalo. 31Nokuba inkomo leyo ihlabe yabulala inkwenkwe okanye intombazana, logwetywa kwangaloo ndlela elo tyala. 32Xa ke inkomo leyo ihlabe yabulala ikhoboka eliyindoda okanye elibhinqileyo, umniniyo wokhupha intlawulo yeesiliva ezingamashumi amathathu, ke yona inkomo leyo ixulutywe.

33“Ukuba umntu ushiye umngxuma uvulekile, okanye umbe umngxuma akawugquma, kwaza kweyela inkomo noba yidonki kuwo, ummbi-mngxuma lowo 34makayihlawule loo nto yeyeleyo, kodwa ke lona ixhoba elo loba lelakhe.

35“Ukuba ke iinkuzi zeenkomo zabantu ababini zenzakalisene, yaza enye yazo yafa, aba babini mabathengise le iphilayo, ize ixabiso layo bahlulelane ngalo, ngokukwanjalo bahlulelane ngayo nale ifileyo. 36Xa le nkomo ibulele enye ibe iqhelile ukwenza lo mkhwa, kodwa akayigcina umniniyo, makavuse le ifileyo ngephilayo; ke yona le ifileyo yoba yeyakhe.”

EYEMFUDUKO 18:1-21:36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-