Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 198

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 7

Intshumayelo kaJeremiya endlwini kaNdikhoyo: Umzekelo weShilo

1Kwafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi: 2“Yiya emasangweni endlu kaNdikhoyo, ufike udanduluke uthi: Nali ilizwi likaNdikhoyo; liveni nina bantu bakwaJuda abangena ngala masango ukuza kunqula uNdikhoyo. 3Utsho uNdikhoyo onamandla onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Yilungiseni ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, khon' ukuze ndinizinzise nime kule ndawo. 4Musani ukulahlekiswa ngamazwi obuxoki athi: “Yindlu kaNdikhoyo le; yindlu kaNdikhoyo le; ewe, yindlu kaNdikhoyo le, soze kwenzeke nto kuyo!” ’

5“Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, 6ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, 7mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.

8“Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo. 9Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini. 10Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu? 11Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12“Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli. 13Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela, 14ngako oko le ndlu ibizwa ngegama lam enithembele kuyo ndiza kuyihlisela isehlo esehla eShilo, naxa ndandiyinike nina nooyihlo-mkhulu. 15Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”

Iinkani zamaSirayeli

16“Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule. 17Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem? 18Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa. 19Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

20Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”

21Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama. 22Kaloku mhla ndabakhuphayo eJiputa ookhokho benu into endayithethayo kubo ayibanga yimimiselo ngokwenza amadini kunye namadini atshiswayo. 23Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’ 24Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili. 25Kodwa ukususela mhla baphuma eJiputa, kude kube ngoku, ndisoloko ndithuma izicaka zam abashumayeli kuni imihla ngemihla. 26Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.

27“Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele. 28Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.

29“Cheba intloko yakho, Jerusalem,

ubonakalise ukuzila.

Yenza isimbonono eluqayini,

kuba uNdikhoyo usicekisile wasilahla esi sizukulwana simbange ingqumbo.”

INtili yeNtshabalalo

30“Abantu bakwaJuda benze into embi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bamise izithixo zabo ezinezothe endlwini yam, bayixabhela. 31Benze isibingelelo ekuthiwa yiTofeti kulaa ntili kaBhen-hinom, khon' ukuze apho benze amadini ngoonyana neentombi zabo, babatshise. Andizange ndibayalele njalo; andizange ndikucinge nokukucinga oku. 32Kodwa liyeza ixesha xa ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko ibizwe ngokuba yiNtili yeNtshabalalo, kuba kongcwatywa kude kuphele umhlaba, 33izidumbu zolu hlanga zibe kukutya kweentaka namarhamncwa, angagxothwa bani. 34Ndiya kuyiphelisa ezixekweni zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem intsholo yolonwabo kwanemigcobo yomyeni nomtshakazi. Elo lizwe lonke loba yinkangala.”

UJEREMIYA 8

1Nanku umlomo kaNdikhoyo: “Ngelo xesha amathambo ookumkani bakwaJuda, naweendwalutho zalapho, awababingeleli kunye nabashumayeli kwakunye nabemi baseJerusalem, aya kukhutshwa emangcwabeni. 2Aya kubhencwa elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini ababezithanda bezikhonza, bekhokelwa zizo, bebuzisa kuzo, benqula zona. Aya kuthi saa phezu komhlaba oku kwamalongwe, angafihlwa bani. 3Amasalela olu hlanga lukhohlakeleyo, endiya kuwathi saa elizweni, aya kukhetha ukufa endaweni yokudla ubomi kwezo ndawo akuzo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.

Isono nesohlwayo

4“Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela? 5Ke, ngabantu abatheni bona aba baseJerusalem bathe rhoqo ukukreqa kum? Ngabatheni aba banamathele kumampunge, besala ukubuyela kum? 6Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini. 7Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.

8“Ningatsho njani ukuthi: ‘Sihlakaniphile; siyawazi umthetho kaNdikhoyo;’ ukanti inyaniso yawo seyigqwethiwe ngababhali-mthetho! 9Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi? 10Ngoko ke abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda, ngokunjalo nemihlaba yabo ndiyinikele kwabanye abantu. Kaloku xa bebonke aba bantu, kususela koyena uphantsi kuse kophezulu, basemva kwenzuzo. Abashumayeli nababingeleli bangamamenemene athanda inzuzo ngondlela-mnyama. 11Amanxeba abantu bam baba bangawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe; akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga. 12Zizinto ezingenazo neentloni! Naxa zenze amanyundululu azibi nalo nonyungu olu. Ngoko ke baza kuwa nabawileyo, bakhubeke mhla ndibohlwayayo.” Utsho uNdikhoyo.

13“Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”

14“Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile. 15Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo. 16Amahashe eentshaba avakala ebetha ithatha phaya kwaDan. Iinkunzi zamahashe abo zikhonya kushukume umhlaba. Bayeza beze kuwutshabalalisa lo mhlaba nento yonke ekuwo, nditsho isixeko ngasinye sinabemi baso.”

17“Ndiza kunithumela iinyoka ezinobuhlungu, amarhamba angenakwenziwa mbuna, anilume.”

UJeremiya ulilela amawabo

18Umva-ndedwa undongamele;

ibuhlungu intliziyo yam.

19Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethu

sihlokoma kwelikude, sisithi:

“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?

Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”

Uthi *uNdikhoyo:

“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,

niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”

20Abantu bona bathi:

“Sekugqityiwe ukuvunwa,

nehlobo sele lidlule,

kodwa ke thina asikasindiswa.”

21Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.

Ndizilile, ndimatshekile.

22Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi?

Akusekho gqirha na khona?

Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?

UJEREMIYA 9

1Akwaba intloko yam ibiliqula lamanzi,

namehlo am engumthombo weenyembezi,

bendiya kukhala imini nobusuku, ndililele amawethu abuleweyo.

2Akwaba bekukho indawo entlango yokulalisa abahambi,

ngendiwashiya amawethu, ndimke,

bengabakreqi nje, imbutho yabangathembekanga.

3“Iilwimi zabo zitsawula ubuxoki okwesaphetha.

Ilizwe longanyelwe bubumenemene;

ayikho intembeko.

Basuka bongeze ububi phezu kobubi.

Kodwa mna abandazi.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

4“Balumkele kwa-abahlobo,

ungathembi nkqu nomntakwenu lo,

kuba bonke abantakwenu ngamamenemene,

abahlobo bayahleba xa bebonke.

5Ewe, abahlobo bayakhohlisana;

akukho uthetha inyaniso.

Baziqhelisa ukuthetha ubuxoki,

bawaqobe amandla abo ngokona.

6Inene, umi phakathi kwabantu abakhohlisayo;

ngenkohliso yabo abavumi ukundazi.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:

“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,

ndibavavanye.

Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.

8Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;

luthetha inkohliso.

Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,

ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?

Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10Mna ndiza kugixa,

ndililele iintaba, ndizile,

kuba amadlelo atshile,

akusekho bani uhamba kuwo,

akusanxakami nankomo.

Iintaka zibalekile,

neenyamakazi zimkile.

11“IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlo

nesikhundla soodyakalashe,

ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,

kungahlali bani khona.”

Utsho uNdikhoyo.

12Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?

13UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo, 14koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.” 15Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu. 16Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”

Isililo eZiyon

17Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:

“Qiqani!

Memani abafazi bokuzila,

nditsho awona amacikokazi,

bahlabele iingoma zesililo.

18Mabakhawulezise batsho ngesililo,

side sintywizise iinyembezi,

de amehlo ethu aphalale zizo.

19Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi:

‘Awu! Safa saphela!

Hayi, ihlazo esikulo!

Salishiya ilizwe lakowethu;

izindlu zethu zidiliziwe.’ ”

20Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.

Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.

Fundisani iintombi zenu isimbonono;

fundisanani ingoma yesililo.

21Ukufa kuthubeleze ngeefestile

kwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;

kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,

kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.

22Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:

“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,

njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”

23Uthi uNdikhoyo:

“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;

igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;

nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.

24Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;

kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,

nokulungileyo, nobulungisa.

Nazo ke izinto ezindikholisayo.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni. 26Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”

UJEREMIYA 7:1-9:26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-