Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 194

Itekisi yeBhayibhile

2 YOOKUMKANI 23

35UJoyakim wayeyikhupha loo siliva naloo golide yayimiselwe ngukumkani waseJiputa. Loo mrhumo ke wawukhupha ngokurhafisa abantu belizwe lakhe, bekhupha isiliva negolide ngokwezinto abanazo.

UJoyakim ukumkani wakwaJuda

36UJoyakim waqalisa ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma. 37Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu.

2 YOOKUMKANI 24

1Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo. 2Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli. 3Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase, 4ndawonye nelo gazi limsulwa waliphalazayo. Kaloku iJerusalem wayizalisa ngegazi labamsulwa, ngoko ke uNdikhoyo wayengazimiselanga ukumxolela.

5Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, kunye nemisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 6UJoyakim waya kuphumla kooyise. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uJoyakin.

7Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.

UJoyakin ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:9-10)

8UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu. Unina yayinguNehushta intombi kaElinatan waseJerusalem. 9Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.

10Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga, 11waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe. 12Ke ukumkani wakwaJuda uJoyakin kunye nonina, nezicaka zakhe, izikhulu namagosa akhe, bebonke bazinikezela kukumkani waseBhabheli.

Ke kaloku kwathi kunyaka wesibhozo elawula ukumkani waseBhabheli wamthimba walibanjwa uJoyakin. 13Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli. 14Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.

15UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni. 16Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa. 17Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.

UZedekiya ukumkani wakwaJuda

(2 Gan 36:11-12; Jer 52:1-3a)

18Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena. 19KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo. 20Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.

Ukuwa kweJerusalem

(2 Gan 36:13-21; Jer 52:3b-11)

UZedekiya wavukelana nokumkani waseBhabheli.

2 YOOKUMKANI 25

1Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Wamisa ngaphandle kwesixeko, wasingqinga ngokusakhela udonga. 2Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.

3Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala ibhokile apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya. 4Ke kaloku wonke umkhosi watyhoboza apho eludongeni ngobusuku, wasaba uphuma ngesango eliphakathi kwezo ndonga zimbini ngakumyezo kakumkani, nakuba wona amaKaledi ayesingqingile isixeko. Wabalekela ngakwintili yeJordan. 5Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wambamba uZedekiya nomkhosi wakhe xa asezinkqantosini zaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka, 6waza yena wathinjwa. Wathathwa wasiwa eRibhela kukumkani waseBhabheli, apho wagwetywa khona. 7Oonyana bakhe uZedekiya babulawa ekhangele. Yena uZedekiya bamtyhaphaza amehlo, baza bamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, baya naye eBhabheli.

Ukudilizwa kweJerusalem

8Ke kaloku kwathi ngomhla wesixhenxe wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli yagaleleka eJerusalem. 9Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izakhiwo zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa. 10Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem. 11UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abantu ababesekhona apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebewelele ngakumaBhabheli. 12Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abantu abahleleleke kakhulu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

13AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu kwakunye neenqwelo, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli. 14Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo. 15Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha neepani zesiqhumiso, kunye nezitya zokufefa, nayo yonke into eyayenziwe ngegolide okanye isiliva.

16Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi. 17Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, intloko elubhedu iyimitha enesithathu ukuphakama. Intloko nganye yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho zinomnatha zinjalo.

Abantu bakwaJuda basiwa eBhabheli

18Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu. 19Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha umphathi womkhosi kunye nesihlanu sabacebisi basebhotwe. Yamthatha nonobhala owayeligosa eliyintloko elihlela abomkhosi, kunye namahlakani akhe angamashumi amathandathu, bantu abo babeselapho esixekweni. 20Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela. 21Khona apho eRibhela kwelaseHamati ukumkani lowo wathi mababulawe.

Ngaloo ndlela ke amaJuda afuduselwa ekuthinjweni, kude lee nelizwe lakowawo.

UGedaliya umlawuli kwaJuda

22Ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan wangumlawuli wâbo bantu wabashiyayo kwelakwaJuda. 23Ke amagosa omkhosi neqela lawo athi akuva ukuba ukumkani waseBhabheli umisele uGedaliya ukuba abe ngumlawuli, asuka aya kuye uGedaliya eMizpa: uIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan unyana kaKareya, uSeraya unyana kaTanumente umNetofa, noYazaniya unyana kaMahakati, bekunye neqela labo. 24Ke uGedaliya wawaqinisekisa loo madoda efunga esithi: “Musani ukuba naxhala niwoyike amagosa aseBhabheli. Kuphela nina hlalani phantsi nizinze kweli lizwe, nibuse ukumkani waseBhabheli; konke ke konilungela.”

25Kambe ke kwathi ngenyanga yesixhenxe wasuka uIshmayeli unyana kaNetaniya kaElishama, owayengumntwana wegazi, weza neshumi lamadoda, bambulala uGedaliya kunye namadoda akwaJuda namaBhabheli awayekunye naye eMizpa. 26Ngenxa yesi sihelegu ke bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinci bekunye namagosa omkhosi, bathi ngokoyika amaBhabheli basaba baya kwelaseJiputa.

Ukukhululwa kukaJoyakin

27Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe kwinyanga yeshumi elinambini. 28Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli. 29Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ixesha lobomi bakhe. 30Ukumkani lowo ke wathi rhoqo wamxhasa ngokutya uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.

2 YOOKUMKANI 23:35-25:30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 36

1Ke abantu belizwe bathatha unyana kaJosiya, uYowahazi bammisela esikhundleni sikayise, wangukumkani eJerusalem.

UYowahazi ukumkani wakwaJuda

2UYowahazi wangena ekulawuleni eneminyaka emashumi mabini anantathu, waza ke wangukumkani eJerusalem iinyanga ezintathu. 3Ukumkani waseJiputa wamkhiqa eJerusalem, waza uJuda wamrhafisa isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye negolide ebunzima buziikhilogram ezingamashumi amathathu anamakhulu amane. 4Ukumkani waseJiputa lowo wamisela umntakwabo-Yowahazi uEliyakim wangukumkani wakwaJuda naseJerusalem, waza waliguqula igama likaEliyakim wathi nguJoyakim. Ke yena umntakwabo uYowahazi wamthimba wamsa eJiputa.

UJoyakim ukumkani wakwaJuda

5UJoyakim waqala ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe. 6Ke kaloku uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli wamhlasela, waza wamthimba wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli. 7Kananjalo uNebhukadenezare wathatha inxenye yezitya zendlu kaNdikhoyo waya kuzibeka endlwini yothixo wakhe eBhabheli.

8Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, nezinto ezimanyumnyezi awazenzayo, nako konke okwakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. UJoyakin unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

UJoyakin ukumkani wakwaJuda

9UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu ezineshumi leentsuku. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. 10Ngentlakohlaza ukumkani uNebhukadenezare wathumela waya kuthathwa wasiwa eBhabheli kunye nezinto ezixabisekileyo zendlu kaNdikhoyo. Wathatha uyisekazi kaJoyakin uZedekiya wamenza ukumkani wakwaJuda naseJerusalem.

UZedekiya ukumkani wakwaJuda nokuwa kweJerusalem

11UZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye ezelwe ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. 12Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe; zange amthobele *nomshumayeli uJeremiya owayemxelela ilizwi likaNdikhoyo.

13UZedekiya wamvukela ukumkani uNebhukadenezare owayemfungise ngegama likaThixo. Wasuka walukhuni waneenkani, akavuma ukubuyela *kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 14Ngaphezu koko ke zonke iinkokheli zababingeleli nezabantu zasuka azanyaniseka ngakumbi, zalandela izenzo ezimasikizi zeentlanga, baza ke bayixabhela indlu kaNdikhoyo, leyo yena wayingcwalisayo eJerusalem.

15Ke kaloku uNdikhoyo uThixo wooyise waphindelela ukubalumkisa ngamazwi awawathumela ngezithunywa zakhe evelana nabantu bakhe ndawonye nendawo yakhe yokuhlala. 16Kodwa ke bona basuka baphoxisa ngazo izithunywa zakhe, bawadelela amazwi akhe, bebagxeka abashumayeli bakhe; yada ke ingqumbo kaNdikhoyo yavuseleleka mayela nabantu bakhe, ayabi sanqandeka. 17Wabaxhokonxela ukumkani wamaKaledi, owababulalayo abafana babo ngekrele, ebabulalela endaweni engcwele; ewe, akasindisanga mfana nantombi, ndoda naxhego. Xa bebonke uThixo wabanikezela esandleni sokumkani wamaKaledi. 18Yena ke wazithatha zonke izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo waya nazo eBhabheli – konke nje, ezincinci kwanezinkulu ndawonye nobutyebi bendlu kaNdikhoyo, nobukakumkani, nobamaphakathi. 19Indlu kaThixo bayintumeka umlilo, baludiliza udonga lweJerusalem, baza bazitshisa nezixeko, batshabalalisa yonke into exabisekileyo khona.

20Ke amasalela abhungcayo kwikrele wawathimba wawasa eBhabheli, aba zizicaka zakhe nezoonyana bakhe, wada ke wathwasa umbuso wasePeshiya. 21Ngale ndlela ke azaliseka amazwi kaNdikhoyo awathethwa nguJeremiya, laza ilizwe laxhamla iminyaka yalo yokuphumla. Ewe, lonke elo xesha lalingamiwanga ilizwe beliphumla, nditsho iminyaka emashumi asixhenxe.

UKoreshi ukhulula abathinjwa

22Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:

23“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi; kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye khona.’ ”

2 YEZIGANEKO 36:1-23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-