Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 179

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 10

Kobuya iqaqobana kuphela

20Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli. 21Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo. 22Nangona nje ngoku amaSirayeli ebonakala eyinyambalala enjengeenkozo zentlabathi eselunxwemeni lolwandle, kuphela yimbinana nje eya kusinda ibuye. Kaloku phezu kwawo kulenga-lenga intshabalalo – ibe ifanele ke phofu. 23UMhlekazi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke uzimisele ukuwacim' igama ehlabathi ngokomlomo wakhe.

Ama-Asiriya aza kohlwaywa

24Ngoko ke itsho iNkosi *uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Hayi nina, lusapho lwam lumi eZiyon, ze ningabi nadyudyu ngama-Asiriya la, noba angade aniphakele ingcinezelo enjengaleya nayifumana kumaJiputa. 25Kaloku kukancinane nje uphele umsindo wam ngakuni, ndandule ke ukuwavuthulula ndiwatshabalalise. 26Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa. 27Ngaloo mini luya kuxibilika uxanduva olusemagxeni enu, le dyokhwe niyinikwe ngama-Asiriya itsho ivikiveke, kuba kaloku nikhule nada nomelela.”

Izwe lifile!

28Izwe lifile, ziyanqoza eAyi;

ewe, nâlo lugqitha ngeMigron,

kanti imiphako luyishiye eMikmas.

29Kubi, nantso iqabel' enkalweni,

ngobusuku yanqumama eGebha phaya.

Abemi baseRama batsho bankwantya,

iGibheya yakuloSawule ke yona nantso igil' izicithi isaba!

30Yitsho ngentsholo, wena Galim;

ke wena, Layisha, phulaphula;

uphendule ke nawe, Anatoti.

31Kaloku abemi baseMadema bayasaba;

bona abaseGebhim bayazisindisa.

32Namhlanje nâlo luphuml' eNobhi;

ewe, nalo lutyityimbis' umnwe,

lukhomba intaba iZiyon eJerusalem.

33UMhlekazi *uNdikhoyo onamandla onke

wosuka ke abathi fohlo-fohlo

ngathi ucwaba amasebe omthi.

Izikhulu ndawonye nezikhakhamela

nazo zovikivwa ziwe bhaxa.

34Uya kuzigeca ngezembe uSomandla,

abe ngathi utshitshisa ihlathi,

loo mihalambela yemithi yaseLebhanon.

UISAYA 11

Umbuso ozolileyo

1Kwisiphunzi sikaJese kuya kuntshula ihlumelo;

kumnombo wakhe kosuka kuthi thaphu isebe.

Elo sebe ke lothwala iziqhamo.

2UMoya *kaNdikhoyo uya kubutha kuye,

amambathise ngobulumko nokuqonda,

atsho abe ligorha elimacebo,

abe nokumazi amhlonele uNdikhoyo.

3Uya kukulangazelela ukuthobela uNdikhoyo;

umfo ongagwebi ngembonakalo,

umfo ongenguye uthoba-sikutyele.

4Uya kuyilungelelanisa imicimbi yabahlelelekileyo;

abazelelele abaxakekileyo kulo mhlaba.

Uya kuthetha ngezwi, lohlwaywe eli lizwe,

afuthe batsho bagileke abakhohlakeleyo.

5Yena uya kubhinqa ngobulungisa,

aze azithandele ngokunyaniseka.

6Itakane legusha lobutha ndawonye nengcuka,

itakane lebhokhwe liphumle kunye nehlosi.

Amathole eenkomo naweengonyama aya kuvana;

ewe, wona aya kwaluswa nangumntwana.

7Edlelweni kodibana imaz' enkomo neyebhere,

aze amathole azo ahlalisane ngoxolo,

njengenkomo ingonyama nayo itye ingca.

8Nosana lodlala emngxunyeni wephimpi,

umntwana ufike exhokonxa irhamba.

9EZiyon, intaba ekhethekileyo, akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo;

njengolwandle lwambathiswe ngamanzi, ehlabathini uNdikhoyo uya kwaziwa jikelele.

Ukubuya kwabathinjiweyo

10Ke kaloku ngaloo mihla lowo ungumnombo kaJese uya kuba yimbasa yezizwe. Zona ziya kuqokelelana kuye komkhulu, lize ibhotwe lakhe libe nendili.

11Ngelo thuba ke iNkosi iya kuphinda iligqogqe xa lilonke, ifuna amasalela abantu bayo, khon' ukuze iwabuyisele ekhaya. Iya kuwathatha eAsiriya, eJiputa nasePatros, eKushe, e-Elam naseShinare, eHamati nakumazwe aselunxwemeni, ide ithi xhaxhe ngeziqithi.

12Ewe, izizwe iya kuzihlabela umkhosi,

ize iziqokelele iimbacu zikaSirayeli,

ibahlanganise abo baziintsali bakwaJuda,

ibakhulule kumagumb' omane ehlabathi.

13Losuka liphele tu ikhwele likaSirayeli,

abo balwa noJuda banqanyulwe.

USirayeli akasayi kuba sammonela uJuda,

noJuda akasayi kuba samdlakathisa uSirayeli,

14koko bosuka bahlanganisane barhawule

entshonalanga kwezo nduli zamaFilistiya,

empumalanga baxhaphaze amaxhoba bekunye.

Baya kuhlasela amaEdom namaMowabhi;

ke wona ama-Amon oba sesandleni sabo.

15*UNdikhoyo uya kubetha kome khonkqo phaya kwinyoba yoLwandle oluBomvu;

ngaloo moyakazi unolophu kunene uya kuwuphekuza utshe umEfrati,

utsho usale uziintlanjana ezisixhenxe,

wonke ubani abe nokuqakatha awele.

16Nanko uhola wendlela ephuma kwelaseAsiriya

khon' ukuze amasalela abuye ngaye;

ewe, kaloku, koba njengamhla-mnene,

mhla uSirayeli waphum' eJiputa.

UISAYA 12

Ingoma yokubulela

1Ngaloo mini ke niya kudanduluka nisithi:

“Ewe, ndiyakubulela, *Ndikhoyo,

kuba nakuba ubundiqumbele

suka wetha umsindo wakho,

wajika wena wandithuthuzela.

2Ngenene uThixo ngumsindisi wam;

ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

NgoNdikhoyo ndomelele ndide ndimemelele,

kuba kaloku nguye ondihlangulayo.

3Njengalowo ukha amanzi emthonjeni

lukwanjalo ke novuyo wakuba uluxhamla usindiso lwakhe.”

4Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:

“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;

ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.

Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;

masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.

5Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,

kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;

olu daba malufikelele ehlabathini jikelele.

6Nditsho kuni, bemi baseZiyon,

ndithi memezani nimemelele ngemihlali,

kuba yena umi phakathi kwenu;

ewe, yingangalala uYedwa kaSirayeli.”

UISAYA 13

Ukohlwaywa kweBhabheli

1Mayela neBhabheli nalu udaba olundilisekileyo awalutyhilelwayo uIsaya unyana ka-Amozi:

2Misani intshinga kwinduli ebharhileyo,

nidanduluke nihlab' umkhosi,

niwubize niwukhwebe umkhosi,

nize kungena emasangweni ezikhulu.

3Mna *Ndikhoyo ndiwagunyazisile onke amafa-nankosi;

ndithe makeze amagorha am,

abo bavuyisana noloyiso lwam,

khon' ukuze bathulule umsindo wam.

4Yaz'ba ngawani na loo mayeyeye avakalayo?

Ezintabeni phaya ngathi lugxudululu oluxokozelayo.

Ewe, izirhulumente ziyaphithizela;

nâzo izizwe zona ziqokelelana.

Ke yena uNdikhoyo uSomandla-onke selehlab' umkhosi.

5Nantso imikhosi ivela kwelikude,

iphuma eziphelweni zehlabathi.

UNdikhoy' uyaxhakazela zizixhobo;

uza kulivuthulula lonke ilizwe.

6Hlahlamba ke, utsho ngesikrakra.

Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango!

Yogaleleka ipheth' intshabalalo evela kuSomandla.

7Ke zona izandla zitsho zanomkhinkqi.

wonk' umntu wangenwa yintaka.

8Bonke ke bosuka bee nkamalala;

bosuka babhinyalaze bezibhija-bhija;

bopena-pena ngathi ngumfazi olunywayo.

Baya kukrwaqulana bethe khumnqa;

ewe, boba sebenyoshoza ziintloni.

9Ngenene imini kaNdikhoyo ifikile;

yona yimin' enzima yengqumbo,

elo lizwe loxusheka litsho libe yinkangala;

bonke abakhohlakeleyo kulo batshatyalaliswe.

10Esibhakabhakeni iinkwenkwezi namaqela azo

zosuka zifiphale zingabi nakukhanya.

Ke lona ilanga lophuma lizilile,

nenyanga ngokwayo iya kugungxa.

11Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,

ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,

ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,

ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.

12Amadoda oba njengegolide ukunqaba;

ewe, abantu bonqaba kunegolide yaseOfire.

13Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,

umhlaba utsho unyikime endaweni yawo

ngomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,

ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.

14Baya kufana nenxala elizingelwayo

neegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.

Elowo uya kubhenela kumawabo,

umntu ngamnye asabele kwelakowabo.

15Lowo ufunyenweyo uya kuhlatyaniselwa;

bonke ababanjiweyo baya kubulawa.

16Iintsana zabo ziya kuntlekezwa,

abazali bebukele ngawabo amehlo.

Imizi yabo iya kuphangwa,

nakubafazi ke kube yiloo nto.

17Ndiza kubaxhokonxela amaMedi;

wona akakhathalele nasiliva,

engenaxesha layo negolide.

18Okwakungabafana aya kubageqa ngeentolo;

wona akanalusini nasezintsaneni;

ewe, akavakalelwa nasebantwaneni.

19IBhabheli yinzwakazi phakathi kwezikumkani,

iligugu neqhayiya lamaKaledi,

kodwa yobhukuqwa ifane neSodom neGomora

mhla wazihlasela uThixo.

20Yona soze iphinde imiwe mntu.

Yoba zizizukulwana ingahlalwa mntu,

kungekho nam-Arabhu womisa ntente kuyo;

nabelusi soze babe salusela khona.

21Iya kuba likhaya lamarhamncwa;

badakase khona noodyakalashe;

iya kusala ilikhaya lezihulu-hulu,

nemigewu yeebhokhwe iqakathe khona.

22Ezingxandeni yoba sisijwili samaxhwili,

nodyakalashe atsho ngomkhulungwane kuloo mapomakazi.

Ewe, ngoku ixesha layo lisemnyango,

nemihla yayo isongekile.

UISAYA 14

Ukubuya ekuthinjweni

1Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi. 2Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.

Ukuwa kokumkani waseBhabheli

3Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima, 4niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:

Yaz'ba utshitshe njani na lo mcinezeli!

Ewe, akukho nkang' idubul' ingethi.

5UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;

yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.

6Nditsho lo ubuntlekez' abantu ngolunyakazi,

obusitsho ngezithong' ezingaphelele ndawo,

obutyakaty' izizwe ngengcwangu nengqumbo,

owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.

7Ngok' ihlabathi lixhaml' ikhefu ngenzolo,

suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.

8Kuvuya nditsho nemithi eLebhanon phaya;

ewe, imipayini nemisedare iyakugcolodela.

Ithi: “Tshotsh' uwe, kumkanindini,”

kuba kaloku nomgawuli utsho wasweleka.

9Ewe, nelabafileyo litsho lazama-zama,

lilungiselela ukuhlangabeza wena.

Noomoya babangasekhoyo baza kukukhahlela,

nditsho abo babefudula beziikumkani zezizwe

kungokunje nabo bayavusw' ezililini.

10Bonke bobhekisa kuwe, bathi:

“Ingaba nguwe na lo selelutywantsi?

Ingaba nguwe na lo ofana nathi?”

11Ubunewu-newu bakho namhla bugqunyelelwe,

ngokunjalo nengoma yezigingci ingcwatyiwe.

Ngoku umandlalo wakho ziimpethu;

kukalokunje ingubo yakho seyingamanundu.

12Khawutsho! Ukhiqwe kanjani emazulwini?

Kutheni, khwezi lomso elinguBhabheli?

Wen' owawufudul' ugeq' izizwe

ngoku uthe khalakahla bhalakaxa!

13Kaloku wawuzithuthuzel' usithi:

“Mna ndosuka ndintingel' ezulwini,

ndibe ngaphaya kweenkwenkwezi zikaThixo,

ndilimise khona ibhotwe lam,

ndingqendeve kuloo ntaba yembizo,

kwintlanganiso *yezithixo,

emalanda-lahla kweliphezulu.”

14Wawusithi: “Ndonyukela emajuku-jukwini,

ndize ndizifanise noPhezukonke.”

15Kambe ke usuke watshon' engcwabeni,

weyela enzonzobileni yomhadi.

16Abo bakubonayo ke ngoku bathe nqa!

Ewe, babamb' ongezantsi, bathi:

“Lo asinguye na owayedidizelis' ihlabathi,

intw' ibiduma zirhwaqel' izikumkani;

17intw' eyajij' ilizwe latsho labharha,

eyabhukuq' izixeko zatsho zangamabobosi,

emabanjw' angazang' akhululeka?”

18Zonk' iikumkani zezizwe ziphumle ngesihomo;

iyileyo ilele kwelayo ingcwaba.

19Kambe ke wena uyindingan' engenangcwaba;

wena uyinto esidumbu sibukulwayo.

Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,

abaphoswe emhadini ongxondorha.

Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;

20owakh' umngcwabo soz' ufane nowabo.

Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;

wababopha ngentamb' enye nabakho abantu.

Intw' ekhohlakele nesizukulwana sayo

negama layo soze libe nto!

21Iwu-u-u!

Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!

Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,

hleze bahlume, uze umvundl' uzek' indlela,

hlez' eli lizwe lizale zizixeko zabo!

22UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:

“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,

ndiyicim' igama tu,

kungabikho hlumelo nanzala.

Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.

23Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.

Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”

UISAYA 10:20-14:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-