Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 168

Itekisi yeBhayibhile

2 YOOKUMKANI 15

UAzariya ukumkani wakwaJuda

1Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uJerobhowam engukumkani kwaSirayeli, uAzariya unyana ka-Amaziya waqalisa ukulawula kwaJuda. 2Ukungena kwakhe ebukhosini wayeneminyaka elishumi elinesithandathu, walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya, intombi yaseJerusalem. 3UAzariya wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoko wenzayo uyise uAmaziya. 4Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.

5Ukumkani lowo ke wabandezelwa ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.

6Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 7UAzariya waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Endaweni yakhe kwangena uYotam unyana wakhe.

UZakariya ukumkani wakwaSirayeli

8Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu. 9Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

10Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani. 11Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZakariya nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 12Lazaliseka ke ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kuYehu lisithi: “Indlu yakho iya kumlawula uSirayeli kude kube sisizukulwana sesine.”

UShalum ukumkani wakwaSirayeli

13Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wamashumi amathathu anethoba u-Uziya engukumkani wakwaJuda, walawula inyanga yanye eSamariya. 14Kwasuka uMenahem unyana kaGadi eTirza, waya eSamariya, wafika wahlasela uShalum, unyana kaYabheshe, wambulala, waza wangena esikhundleni sakhe.

15Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaShalum, neyelenqe awaliqulunqayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

16Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.

UMenahem ukumkani wakwaSirayeli

17Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka. 18Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.

19Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe. 20Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.

21Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 22UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.

UPekaya ukumkani wakwaSirayeli

23Ngonyaka wamashumi amahlanu elawula kwaJuda uAzariya, uPekaya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, waza walawula iminyaka emibini. 24Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uPekaya. Akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo. 25Elinye lamaphakathi akhe injengele uPeka unyana kaRemaliya wamenzela iyelenqe. Wathatha amashumi amahlanu kumadoda aseGiliyadi, waza wambulala uPekaya ndawonye noArgobhi noAriye enqabeni yebhotwe lakomkhulu eSamariya. Ewe, uPeka wambulala uPekaya, waza ke wangena esikhundleni sakhe.

26Ezinye zeziganeko zolawulo lukaPekaya nayo yonke imisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

UPeka ukumkani wakwaSirayeli

27Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini. 28Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.

29Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya. 30Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.

31Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

UYotam ukumkani wakwaJuda

32Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotam unyana kaUziya wakwaJuda waqalisa ukulawula. 33Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki. 34Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo. 35Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe, abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo.

36Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 37Ngaloo mihla uNdikhoyo waxhokonxa uRezin ukumkani waseSiriya, ndawonye noPeka unyana kaRemaliya, baza bahlasela uJuda. 38UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide uyise. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

2 YOOKUMKANI 15:1-38XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 26

U-Uziya ukumkani wakwaJuda

1Ke onke amaJuda athatha u-Uziya ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. U-Uziya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe. 2Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.

3U-Uziya wangena ebukhosini eneshumi elinesithandathu leminyaka, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya intombi yaseJerusalem. 4U-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, njengoko wenzayo noyise uAmaziya. 5Wayemfuna ngenzondelelo uThixo ngemihla kaZakariya owayemluleka ngokuhlonela uThixo. Ngalo lonke ithuba emlandela uNdikhoyo, uThixo wamthi jize ngempumelelo.

6U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya. 7UThixo wamnceda ngakumaFilistiya nama-Arabhu awayehlala eGur-bhali, ndawonye namaMewun. 8Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.

9U-Uziya wakha iinqaba eJerusalem kwiSango leKona, nakwiSango leNtili, nasedolweni lodonga, waza ke waziqinisa. 10Nasentlango wakha iinqaba, wemba namaqula amaninzi njengoko wayenemfuyo eninzi emazantsi eentaba nasemathafeni. Wayenabasebenzi bamasimi nabezidiliya ezintabeni nakwimihlaba echumayo – kaloku wayewuthanda umhlaba.

11U-Uziya wayenomkhosi oqeqeshiweyo, ohleli uchophele ukuphuma ngamabutho ngokwezigaba zawo. Wawusesandleni sikaYehiyeli unobhala kunye noMaseya igosa ababephantsi koHananiya elinye lamaphakathi asebhotwe. 12Inani leenkokheli zamabutho amiselwe ngokweziduko lalingamawaka amabini namakhulu amathandathu. 13Zaziphethe umkhosi omadoda angamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka namakhulu amahlanu, izinto eziyiqeqeshelweyo imfazwe – mkhosi lowo owawungamandla okuxhasa ukumkani ezintshabeni zakhe. 14Lo mkhosi wonke ke wawuxhaswa ngu-Uziya ngamakhaka, imikhonto, iminqwazi, izikhuselo zentsimbi, izaphetha, neenkwitshi. 15EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.

16Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso. 17Ke umbingeleli uAzariya enamashumi asibhozo ababingeleli bakaNdikhoyo abangamatsha-ntliziyo bamlandela bangena naye. 18Bamxelelisa ukumkani u-Uziya bathi: “Asikokwakho, Uziya, ukuba wena wenzele uNdikhoyo isiqhumiso. Lowo ngumsebenzi wababingeleli, isizukulwana sika-Aron, abantu abakhutshelwa bucala ukuze batshise isiqhumiso. Ngoko ke phuma apha kwindawo engcwele, kuba le nto uyenzileyo kukunganyaniseki, yaye ke uNdikhoyo uThixo akasayi kukuxabisa.”

19U-Uziya wayephethe umcephe ngesandla, selelungele ukwenza isiqhumiso. Ke kaloku wasuka wacaphuka. Uthe ke esavutha njalo umsindo kubo ababingeleli abo apho phambi kweqonga endlwini kaNdikhoyo, suka iqhenqa lee tyaba ebunzini lakhe. 20Umbingeleli omkhulu uAzariya nabanye ababingeleli abo bathe bakumkhangela babona ukuba uneqhenqa ebunzi; ngoko ke bakhawuleza bamkhuphela ngaphandle. Ewe, naye ngokwakhe wayeselekungxamele ukuphuma, kuba kaloku uNdikhoyo wayemvelele ngesohlwayo.

21Ke kaloku ukumkani u-Uziya wathiwa nca lelo qhenqa, wada wasweleka. Wayehlala endlwini yakhe yedwa ngenxa yelo qhenqa, engenakungena nasendlwini kaNdikhoyo. Unyana wakhe uYotam waba libamba apho ebhotwe, yanguye obalawulayo abantu belizwe elo.

22Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaUziya, ukusukela ekuqaleni kude kuye esiphelweni, nâzo kwingcombolo yomshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi. 23U-Uziya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kufuphi nabo kumhlaba wokungcwaba owawungowookumkani, kuba abantu besithi: “Kaloku ebeneqhenqa.” Unyana wakhe uYotam wangena esikhundleni sakhe.

2 YEZIGANEKO 27

UYotam ukumkani wakwaJuda

1UYotam waqala ukulawula eneminyaka engamashumi amabini anantlanu, waza ke wangukumkani eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki. 2Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, kambe akaxelisanga uyise ngokungena endlwini kaNdikhoyo. Kambe ke bona abantu abaziyekanga iindlela zabo zokonakala. 3UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli. 4Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

5UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.

6UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.

7Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, kwakunye neemfazwe awazilwayo, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. 8Waqala ukulawula enamashumi amabini anantlanu, waza ke walawula ishumi elinesithandathu leminyaka. 9UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

2 YEZIGANEKO 26:1-27:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-